Doctrine and Covenants 2025
UTshazimpuzi 14–20: “Ndinguye Lowo Uphilayo, Ndinguye Lowo Wabulawayo”: IPasika


“UTshazimpuzi 14–20: ‘Ndinguye Lowo Uphilayo, Ndinguye Lowo Wabulawayo,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neCawe: IMfundiso Neminqophiso 2025 (2025)

“IPasika,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025

Umfanekiso oqingqiweyo kaKrestu

UTshazimpuzi 14–20: “Ndinguye Lowo Uphilayo, Ndinguye Lowo Wabulawayo”

IPasika

Umhla we-3 kuTshazimpuzi 1836 wawuyiCawa yePasika. Emva kokuncedisa ekulungiseleleni umthendeleko kwabaNgcwele kwiTempile yaseKirtland esandula ukunikezelwa, uJoseph Smith no-Oliver Cowdery bafumana indawo ezolileyo emva kwekhuselo kwaye baqubuda kumthandazo othe cwaka. Ngoko ke, ngolu suku lungcwele xa amaKrestu kuyo yonke indawo ayekhumbula uVuko lukaYesu Krestu, uMsindisi ovukileyo buqu baKhe wazibonakalisa kwitempile yaKhe, ebhengeza, “Ndinguye lowo uphilayo, ndinguye lowo wabulawayo” (IMfundiso Neminqophiso 110:4).

Kuthetha ntoni ukuthi uYesu Krestu “ungulowo uphilayo”? Ayithethi nje ukuba Yena wavuka engcwabeni waza wabonakala kubafundi baKhe eGalili. Oku kuthetha ukuba Yena nanamhlanje uyaphila. Yena namhlanje uthetha ngaprofeti. Yena namhlanje uyalikhokela iBandla laKhe. Yena namhlanje upholisa imiphefumlo eyenzakeleyo neentliziyo ezaphukileyo. Ngoko nathi singalinganisa amazwi wobungqina obunamandla bukaJoseph Smith: “Emva kobungqina obuninzi obunikiweyo ngaye, obu bubungqina …esibunika ngaye: Bokokuba uyaphila!” (IMfundiso neMinqophiso 76:22). Singaliva ilizwi laKhe kwezi zityhilelo, singqine isandla saKhe ebomini bethu, kwaye sive “uvuyo olunikelwa sesi sivakalisi: ‘Ndiyazi ukuba uMkhululi wam uyaphila!’” (Amaculo, nombolo. 136).

umfanekiso wokufunda

Izimvo zokufunda eKhaya naseBandleni

umfanekiso weseminari
UYesu Krestu uyaphila.

Uninzi lwethu aluzange lumbone uYesu Krestu njengoko umProfeti uJoseph Smith wenjenjalo. Kodwa singazi, njengokuba wenjenjalo, ukuba uMsindisi uyaphila, ukuba Yena uyazazi iimpumelelo zethu nobunzima, kwaye Yena uya kusinceda ngamaxesha eentswelo. Cinga obakho ubungqina bukaKrestu ophilayo njengoko ucingisisa nzulu ngale mibuzo ingezantsi kwaye ufunde izixhobo ehambelana nayo.

Amandla avela ekunkqayeni. Umdala uRichard G. Scott wacacisa: “Amandla amakhulu anokufumaneka ngokunkqaya izibhalo. Ukunkqaya isibhalo kukwakha ubuhlobo obutsha. Kufana nokufumanisa umntu omtsha ongakunceda ngexesha lemfuno, akuphe impembelelo nentuthuzelo, kwaye abengumnombo wenkuthazo kwinguquko edingekayo” (Richard•G. Scott, “(“The Power of Scripture,” Ensign, Nov. 2011, 6). Ukuba ufumana isibhalo esithetha ngoMsindisi esinentsingiselo ngakumbi kuwe—mhlawumbi eso esinokukunika intuthuzelo ngexesha lobunzima—cinga ukusinkqaya.

Yintoni oziva uphefumlelwe ukuba uyenze ukuze ufumane iinyaniso ezikuye “UKrestu Ophilayo” kwintliziyo nasengqondweni yakho?

2:5

Let Your Goals Be Guided by the Spirit

Ukufunda ngakumbi ngendlela uMsindisi asisikelela ngayo namhlanje. Kunokukhuthaza ukukhangela iinyaniso kweli culo ezifundiswa kananjalo kuyo IMfundiso neMinqophiso 6:34; 84:77; 98:18; 138:23.

Ngenxa kaYesu Krestu, ndiya kuvuswa kwabafileyo.

UJoseph Smith wayesazi indlela evakala ngayo ukulilela ukufa kwabathandekayo, kuquka uyise nabazalwana bakhe ababini. UJoseph no-Emma bangcwaba abantwana babo abathandathu, ngamnye engaphantsi kweminyaka emibini ubudala. Okuvela kwizityhilelo uThixo awazinikayo, uJoseph no-Emma bafumana imbono yanaphakade.

Khangela iinyaniso ngokufa necebo likaThixo lanaphakade kuyo IMfundiso neMinqophiso 29:26–27; 42:45–46; 63:49; 88:14–17, 27–31; 93:33–34. Ezi nyaniso ziyichaphazela njani indlela okujonga ngayo ukufa? Ziyichaphazela njani indlela ophila ngayo?

Bona kananjalo KwabaseKorinte I 15 Easter.ChurchofJesusChrist.org.

UYesu Krestu wafeza “intlawulelo egqibeleleyo” ukwenzela mna.

Enye indlela yokugxila kuMsindisi ngexesha lePasika kufunda izityhilelo kuyo IMfundiso neMinqophiso ezifundisa ngedini laKhe lentlawulelo. Ezinye zinokufumaneka kuyo IMfundiso Neminqophiso 18:10–13; 19:16–19; 45:3–5; 76:69–70. Cinga ngokwenza uluhlu lweenyaniso ozifumana kule miqolo. Ukwenza nzulu isifundo sakho, unokongeza kuluhlu lwakho ngokukhangela ULuka 22:39–44; 1 UYohane 1:7; 2 Nifayi 2:6–9; Mozaya 3:5–13, 17–18; Moronayi 10:32–33.

Nantsi eminye imibuzo engakukhokela kwisifundo sakho:

  • Yintoni iNtlawulelo kaYesu Krestu?

  • Kwakutheni ukuze uYesu Krestu akhethe ukubandezeleka aze asifele?

  • Yintoni ekufuneka ndiyenze ukuze ndifumane iintsikelelo zedini laKhe?

  • Ndiziva njani ngoYesu Krestu emva kokufunda le miqolo?

Bona kananjalo IsiKhokelo kwiziBhalo, “Ntlawulelo.”

8:48

The Savior Suffers in Gethsemane

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona kunye Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

icandelo labantwana umfanekiso 01

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

Ngenxa kaYesu Krestu, ndiya kuvuswa kwabafileyo.

  • Ukufundisa abantwana bakho ngovuko, ungaqala ngokubabonisa imifanekiso yokufa noVuko loMsindisi. Vumela abantwana bakho babelane ngoko bakwaziyo ngezi ziganeko.

  • Cinga ngesifundo sento esinokunceda abantwana bakho baqonde ukuba kwenzeka ntoni na xa sisifa (imimoya yethu nemizimba yethu iyahlukana) kwaye xa sivuswa (imimoya yethu nemizimba yethu ibuyela kunye, kwaye imizimba yethu igqibelele kwaye ayifi). Ngokomzekelo, kwenzeka ntoni xa sikhupha ibhetri kwitotshi okanye isikhongozeli se-inki kwipeni? Kwenzeka ntoni xa ziphinda zidibana? (Bona Alma 11:44–45.)

  • Ngaba abantwana bakho bayamazi umntu ongasekhoyo? Bavumele babelane kancinci malunga naba bantu, kwaye emva koko bafunde kunye IMfundiso neMinqophiso 138:17. Thetha omnye nomnye ngendlela ekuvakala ngayo ukwazi ukuba abantu esibathandayo baya kuvuswa baze babe nemizimba kwakhona.

  • Ukuba unabantwana abadala, ungabamema ukuba bajonge amabinzana abamba umyalezo wePasika kwezi zicatshulwa zilandelayo: IMfundiso neMinqophiso 63:49; 88:14–17, 27; 138:11, 14–17. Sinokwabelana njani ngawo lo myalezo nabanye ?

ukungcwatywa noVuko lukaKrestu

UmProfeti uJoseph Smith wabona uYesu Krestu.

  • Wena nabantwana bakho ninokuba nomdla wokufunda malunga namaxesha amathathu ahlukeneyo uYesu Krestu wabonakala kuJoseph Smith nakwabanye, njengoko kubhaliwe kuyo IMbali—kaJoseph Smith 1:14–17; IMfundiso neMinqophiso 76:11–24; 110:1–10. Abantwana bakho banokujonga kananjalo imifanekiso yezi ziganeko kwela le veki iphepha lomsebenzi. Sifunda ntoni ngoYesu Krestu nganye kula mava? Kutheni kuyintsikelelo ukwazi ukuba uJoseph Smith nabanye babona uMsindisi ovusiweyo?

Ngenxa kaYesu Krestu, ndinokuxolelwa izono zam.

  • Iinyaniso uJoseph Smith awazifundayo ngoxolelo ngoKrestu zinokunika abantwana bakho ithemba lokuba banokuxolelwa iimpazamo zabo nezono. Cinga ngokumema abantwana bakho ukuba benze itafile enezihloko ezifana nezi: Into uMsindisi andenzele yona kunye Nento emandiyenze ukuze ndifumane uxolelo lwaKhe. Nceda abantwana bakho baphendle ezi ndima zilandelayo ukuze bafumane izinto eziphantsi kwezi zihloko: IMfundiso neMinqophiso 18:10–13; 19:16–19; 45:3–5; 58:42–43. Yabelana omnye nomnye ngovuyo lwakho nombulelo ngento uMsindisi asenzele yona.

  • :

3:4

The Shiny Bicycle

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

uKrestu ovusiweyo ubonakala kuMariya

Christ and Mary at the Tomb [UKrestu noMariya eNgcwabeni], nguJoseph Brickey

iphepha lomsebenzi labantwana