“UTshazimpuzi 21–27: ‘Ukuba Anikho Banye Aningabo Abam’: IMfundiso neMinqophiso 37–40,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)
“IMfundiso neMinqophiso 37–40,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025
Inkcukacha ivela Saints Move to Kirtland [AbaNgcwele Baya eKirtland], nguSam Lawlor
UTshazimpuzi 21–27 “Ukuba Anikho Banye Aningabo Abam”
IMfundiso neMinqophiso 37–40
Kubo abaNgcwele bamandulo, iBandla yayiyindawo engaphezulu nje yokuva intshumayelo ngeCawa. Izityhilelo zisebenzise amagama afana nala unobangela, ubukumkani, iZiyon, kwaye rhoqo, umsebenzi. Oko kusenokuba yinxalenye yezinto ezatsalela abantu kwiBandla elibuyisiweyo. Njengokuba babeyithanda imfundiso, abaninzi kananjalo babefuna into engcwele ababenokuthi banikezele kuyo ubomi babo. Nangona kunjalo, ukuthobela umyalelo weNkosi wango-1830 wokuhlanganisana eOhio kwakungelula. Kwabaninzi, oko kwakuthetha ukushiya amakhaya atofotofo ukuya kumda ongaziwayo (bona “Amazwi oBuyiselo: Ukuhlanganela e-Ohio”). Namhlanje siyakubona ngokucacileyo oko abo baNgcwele babekubona ngeliso lokholo: iNkosi yayineentsikelelo ezinkulu ezazibalindele e-Ohio.
Imfuneko yokuhlanganela e-Ohio seyagqitha kudala, kodwa nanamhlanje aBangcwele basamanyanela injongo efanayo: “wokuzisa ngaphambili iZiyon” (IMfundiso Neminqophiso 39:13). Njengokufana nabo Bangcwele bamandulo, simenywa ukuba sishiye “izinto ezikhathalelwe lihlabathi” (IMfundiso Neminqophiso 40:2) sithembe isithembiso seNkosi; “Uya kwamkela …intsikelelo enkulu ngendlela ongazanga wayazi” (IMfundiso Neminqophiso 39:10).
Bona kananjalo Abangcwele, 1:109–11.
Izimvo zokufunda eKhaya naseBandleni
UThixo uyasihlanganisa ukuze asisikelele.
Amalungu eBandla eFayette, eNew York, kwafuneka enze idini elinzima lokufudukela eOhio (ngaphezu kwama-250 eemayile kude) ebusika bowe-1831. Njengoko ufunda ngomyalelo weNkosi kwiMfundiso neMinqophiso 37:3–4, Uze ucinge ngamadini awawabizayo uYehova kuwe. Emva koko, njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 38:1–33, khangela iinyaniso ngoMsindisi ezikunika ukholo lokulandela ingcebiso yaKhe. Yintoni oyifunda kuyo imiqolo 11–33 ngeentsikelelo zokuhlanganisana njengabalandeli bakaYesu Krestu?
“Yivani ilizwi lam nindilandele.”
Singamenza njani uYesu Krestu owethu “ummisi-mthetho”? Ukulandela imithetho Yakhe kukwenza njani ukuba ube “ngabantu abakhululekileyo”?
Bona kananjalo 2 Nifayi 2:26–27.
Ukuba ndizilungiselele, akuyomfuneko ukuba ndoyike.
Ukhe wanamava nini ngomgaqo iNkosi ewutyhile kuyo IMfundiso neMinqophiso 38:30: “Ukuba nilungile anisayi koyika”? Njengokuba ufunda icandelo 38, qaphela ukuba iNkosi ibalungiselela njani abaNgcwele baYo ukuze babe nokujongana nekamva ngenkalipho. Ufuna ukuba uyilungiselele njani imingeni ukuze ungoyiki?
IMfundiso neMinqophiso 38:24–27
UThixo ufuna sibe “banye.”
AbaNgcwele ababehlanganisene eOhio babevela kwiimeko ezahlukeneyo. Kukwanjalo nangabantu abakwiwadi yakho. Kodwa iNkosi uyalela abantu baKhe ukuba “babe banye” (umqolo 27). Sinokulufeza njani olu hlobo lomanyano? Zeziphi izimvo ezifika engqondweni xa ufunda IMfundiso neMinqophiso 38:24–27? Kutheni kufuneka simanyane ukuze sibe ngabantu bakaThixo?
Ukufunda le miqolo kungakukhuthaza ukuba ucinge ngobudlelwane bakho—ngokomzekelo, namalungu osapho, amalungu ewadi, nequmrhu okanye amalungu eklasi. Yintoni enokuthintela ekumanyeni kuKrestu? UMsindisi anganinceda njani ukuba nibe “banye”?
A Friend to All
Love in Our Hearts
Ungawanceda njani la maqela ukuba amanyane ngakumbi? Ngokomzekelo, cinga ngokuthumela okanye ukuthumela inqaku lobubele kumalungu equmrhu, iklasi, okanye usapho lwakho. Ngubani oziva uphefumlelwe ukuba ufikelele kuye?
Yintoni ekukhuthazayo ngomzekelo woMsindisi ku Kwabase-Efese 2:14, 18–22; 2 Nifayi 26:24–28?
IMfundiso neMinqophiso 38:39; 39–40
UBawo waseZulwini ufuna ukundinika ubutyebi banaphakade.
Ngokoluvo lwakho, yintoni umahluko phakathi “kobutyebi bomhlaba” “nobutyebi banaphakade”? (IMfundiso neMinqophiso 38:39). Ngawaphi amava akufundise ukuxabisa ubutyebi banaphakade?
Gcina oku engqondweni njengoko ufunda ngoJames Covel kulo icandelo 39–40 (kuquka imvelaphi yembali kwizihloko zamacandelo). Cinga indlela amava akhe anokusebenza ngayo kuwe. Ngokomzekelo, cinga ngamaxesha xa “intliziyo yakho…yayilungile phambi [koThixo]” (IMfundiso neMinqophiso 40:1). Wawusikeleleke kanjani ngenxa yokunyaniseka kwakho? Kwakhona cinga “ngamaxhala ehlabathi” ojamelene nawo. Akuthintela njani ekwamkeleni ilizwi likaThixo “ngochulumanco”? (IMfundiso neMinqophiso 39:9; 40:2). Yintoni oyifumanayo kula macandelo ekukhuthaza ukuba uhlale uthobela uThixo?
Bona kananjalo Mateyu 13:3–23.
Ukusebenzisa izibhalo ebomini bakho. “Enye indlela onokunceda ngayo abafundi babone okuphathelele kuzo [izibhalo] kukubuza imibuzo efana nale ‘Ingakunceda njani le nto kwinto onjengene nayo ngoku?’ ‘Kutheni kubalulekile kuwe ukuba wazi oku?’ ‘Ngowuphi umahluko oku kunokuwenza ebomini bakho?’ (Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi, 23). Imibuzo kulo msebenzi ngayo IMfundiso neMinqophiso 39–40 yeminye imizekelo yemibuzo enokusinceda ukuba sisebenzise ezi zityhilelo ebomini bethu.
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona kunye Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
IMfundiso neMinqophiso 37; 38:31–33
UThixo uyasihlanganisa ukuze asisikelele.
-
Yona imephu kwaye nephepha lomsebenzi ekupheleni kolu lwandlalo zinganceda abantwana bakho baqonde into eyalelwe nguThixo IMfundiso neMinqophiso 37:3. Mhlawumbi unokubanceda bafumane iindawo ezikhankanywe kwezi zityhilelo. Ungabanceda kananjalo ukuba bafumane ibinzana elivela kuyo IMfundiso neMinqophiso 38:31–33 elichaza isizathu sokuba uThixo afune abantu baKhe bahlanganisane kunye.
IMfundiso neMinqophiso 38:24–27
UThixo ufuna sibe “banye.”
-
Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 38:24–25 kunye nabantwana bakho, thethani malunga nokuba kuthetha ukuthini ukuhlonipha umntakwenu okanye udadewenu njengawe (bona kananjalo Mateyu 7:12). Bancede baphinde isibhalo, endaweni ethi “umntakwabo” babize amagama omnye komnye.
-
Ukuze ufundise abantwana bakho ukuba kuthetha ukuthini “ukuba banye” (IMfundiso neMinqophiso 38:27), ungabanceda bazobe inani elikhulu 1 kwaye ulihombise ngamagama nemizobo okanye imifanekiso yomntu ngamnye kusapho lwakho okanye kwiklasi yakho. Ecaleni kwenani 1, ungabhala izinto oza kuzenza ukuze ube nomanyano ngakumbi.
-
Cinga ngokwabelana ngesifundo sento esibonisa indlela izinto ezinokudityaniswa ngayo okanye zidityaniswe ukuze zibe yinto enye, njengamaqhekeza elaphu elenza iqhiya enye okanye izithako ezenza ilofu yesonka esinye. Le mizekelo isifundisa ntoni ngokuba banye njengabantu bakaThixo?
Ukuba ndizilungiselele, akuyomfuneko ukuba ndoyike.
-
Njengoko nifunda kunye IMfundiso neMinqophiso 38:30, wena nabantwana bakho ningathetha ngamava akutshanje afuna ukulungiselelwa. Emva koko ungabuza abantwana bakho ngezinto uBawo waseZulwini afuna sizilungiselele. Yabelana nabantwana bakho ngamava apho ukuzilungiselela kuye kwakunceda ukuba ungoyiki.
Men's Hearts Shall Fail Them
IMfundiso neMinqophiso 39:6, 23
Ndifumana isipho soMoya oyiNgcwele xa ndiqinisekisiwe.
-
Cinga ngokubonisa umfanekiso womntu oqinisekisiweyo. Cela abantwana bakho bachaze ukuba kwenzeka ntoni emfanekisweni. Ungabamema kananjalo ukuba balathe emfanekisweni ngalo lonke ixesha besiva amagama uMoya oyiNgcwele kuyo IMfundiso neMinqophiso 39:6, 23. Yabelanani omnye nomnye ngendlela isipho soMoya oyiNgcwele esinisikelele ngayo.
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.