Yizani, Nindilandele 2024
EyeThupha 24–30. “Ndiya Kuxela Oko Akwenzele Umphefumlo Wam”: Iindumiso 49–51; 61–66; 69–72; 77–78; 85–86


“EyeThupha 24-30. ‘Ndiya Kuxela Oko Akwenzele Umphefumlo Wam’: Iindumiso 49–51; 61–66; 69–72; 77–78; 85–86,” Yizani Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)

“EyeThupha 24-30. ‘Ndiya Kuxela Oko Akwenzele Umphefumlo Wam,’” Yizani Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026

UYesu ephethe isibane ebusuku

Ukugcina Oko Kulahlekileyo, nguMichael Malm

EyeThupha 24–30: “Ndiya Kukuxela Oko Akwenzele Umphefumlo Wam”

IiNdumiso 49–51; 61–66; 69–72; 77–78; 85–86

Ababhali beeNdumiso babelana ngeemvakalelo zabo zobuqu kwizibongo zabo. Baye babhala ngokuziva betyhafile, ngokoyika, nangokuzisola. Maxa wambi, bade baziva belahliwe nguThixo, yaye ezinye iindumiso zivakalisa unxunguphalo okanye ukuphelelwa lithemba. Ukuba wakhe wavakalelwa ngaloo ndlela, ukufunda iiNdumiso kunokukunceda wazi ukuba asinguwe wedwa. Kodwakananjalo uya kufumana iindumiso ezinokukukhuthaza xa uneemvakalelo ezinjalo, kuba abadumisi nabo bayidumisa iNkosi ngokulunga kwaYo, bemangaliswa ngamandla aKhe, yaye bevuyiswa yinceba yaKhe. Babesazi ukuba sithwele ububi nesono kodwa iNkosi “ilungile yaye ikulungele ukuxolela”(Indumiso 86:5). Baye baqonda ukuba nokholo eNkosini akuthethi ukuba awusoze ulwe nexhala, isono, okanye uloyiko. Kuthetha ukuba uyazi ukuba ungabhenela kubani xa usenza njalo.

umfanekiso wokufunda

Izimvo zokuFunda eKhaya naseBandleni

IiNdumiso 49; 62:5–12

Intlawulelo iza kuphela ngoYesu Krestu.

Indumiso 49 inomyalezo yabo “abaphantsi nabaphakamileyo, abazizityebi nabangamahlwempu” (umqolo 2). Ungathini lo myalezo? Yintoni oyiva ukuba Indumiso 62:5–12 iyongeza kuloo myalezo?

Ukufunda ezi ndumiso kungakukhuthaza ukuba ucingisise ngeendlela esihendwa ngazo ukuba sithembe into kunoThixo ngentlawule (bona Indumiso 49:6–7). Ubomi bakho buphenjelelwa njani bubungqina bakho bokuba “uThixo uya kuwukhulula umphefumlo [wakho] esandleni selabafileyo”? (Indumiso 49:15).

Iindumiso 51; 85–86

umfanekiso weseminari
Ngenxa yenceba yoMsindisi, ndinokuxolelwa.

UKumkani uDavide wabhala Indumiso 51 emva kokuba ebonile ukuba ufuna ukuxolelwa—into esiyifunayo sonke. Zeyiphi imiqolo echaza iimvakalelo oye waba nazo? Yintoni oyifumanayo kule ndumiso ekunika ithemba lokuxolelwa?

Ungaphengulula kananjalo Indumiso 51 ukuze ufumane imikhondo malunga nokuba kuthetha ukuthini ukuguquka. Yenza uluhlu loko ukufumanayo. Bona ukuba unokongeza kuluhlu lwakho ngokuphengulula umyalezo kaMongameli uRussell M. Nelson “We Can Do Better and Be Better” (Liyahona, UCanzibe 2019, 67–69).

Ungakuchaza njani ukuba kunjani ukufumana uxolelo ngoKrestu? Ukuba ufuna uncedo lokuchaza iimvakalelo zakho, unokukhangela kuyo Indumiso 51:1–2, 7–12; 85:2–9. Abanye abantu bayathanda ukuzoba okanye ukufumana imifanekiso yokuvakalisa iimvakalelo zabo; ungazama oko.

Ukuguquka, sifuna ukholo hayi nje kuphela ukuba uYesu Krestu unako ukusihlambulula kodwa kwanokuba Yena uya kwenza oko. Yintoni oyifumanayo kuyo Indumiso 86:5, 13, 15 ekuncedayo ukuba wazi ukuba uMsindisi uyakwazi kwaye ukulungele ukuxolela?

Bona kananjalo Alma 36; Peter F. Meurs, “He could Heal Me!,” Liyahona, UCanzibe 2023, 39–41.

IiNdumiso 51:13–15; 66:5–20; 71:15–24

Ubungqina bam bukaYesu Krestu bunokunceda abanye beze kuYe.

Cingisisa ukuba wabuzuza njani ubungqina bakho ngoYesu Krestu namandla aKhe ahlawulelayo. Emva koko, njengokuba ufunda Iindumiso 51:13–15; 66:5–20; 71:15–24, cinga ngendlela onokubamema ngayo abanye ukuba “beze babone imisebenzi kaThixo” (Indumiso 66:5). Ukuba “ubuya kuxela oko [iNkosi] ikwenzele umphefumlo wakho” (Indumiso 66:16), ubuya kuvakalisa ntoni?

Kuthetha ukuthini kuwe “ukuxela ubulungisa [baKhe] imini yonke”? (Indumiso 71:24).

Bona kananjalo Alma 26.

umfana wabelana nabanye ngezibhalo

“Yizani nive, … kwaye ndiya kuxela [uThixo] akwenzele umphefumlo wam” (Indumiso 66:16).

Iindumiso 63; 69; 77–78

INkosi iya kundinceda ngexesha lokuswela kwam.

Iindumiso ezininzi zichaza ukuba kunjani ukuziva ukude kuThixo kwaye ulufuna ngamandla uncedo lwaKhe (bona Iindumiso 63:1, 8; 69:1-8; 77:1-9). Kuzo Iindumiso 63;69; 77–78, yintoni oyifumanayo eyanika abadumisi isiqinisekiso?

Xa ubandezelekile, ikunceda njani “ukukhumbula imisebenzi yeNkosi” “nemimangaliso yaKhe yamandulo”? (Indumiso 77:11). Eminye yaloo mimangaliso ichazwe kuyo Indumiso 78. Njengoko ufunda ngayo, cingisisa ngoko kukunceda [woyame] ngoThixo” (umqolo 7).

Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomelela uLutsha.

umfanekiso wecandelo labantwana

Izimvo zokuFundisa Abantwana

Ngenxa yokuba le Cawa yiCawe yesihlanu enyangeni, ootitshala basePrayimari bayakhuthazwa ukuba basebenzise imisebenzi yokufunda “kwiSihlomelo B: Ukulungiselela Abantwana Ubomi Bonke KwiNdlela Yomnqophiso kaThixo.”

IiNdumiso 51; 86:5, 13, 15

Xa ndenze ukhetho olungalunganga, uYesu angandinceda nditshintshe.

  • Ukunceda abantwana bakho bafumanise iinyaniso ngenguquko kuyo Indumiso 51, unokuzoba intliziyo enkulu. Emva koko unokunceda abantwana bakho babhale entliziyweni izinto ezimbi uSathana asihenda ukuba sizenze. Sizikhupha njani ezi zinto ezintliziyweni zethu? Cela abantwana bakho bakhangele igama elithi “intliziyo” kuyo Indumiso 51:10, 17. Thetha ngokuba le miqolo ifundisa ntoni ngenguquko. Vumela abantwana bakho bawacime amagama entliziyweni baze babhale amagama amatsha achaza iindlela uYesu anokusitshintsha ngazo xa siguquka.

  • Usenokufuna ukunceda abantwana bakho bafunde oko kuthethwa kukuba “nentliziyo eyaphukileyo netyumkileyo” (Indumiso 51:17). Basenokutshintshana ngokuqhekeza into eneqokobhe eliqinileyo, njengeqanda okanye indongomane. Ungabanceda bathelekise iqokobhe nezinto ezisithintela ukuba siluve uthando lukaBawo waseZulwini. Sinokuzivulela njani iintliziyo zethu kuYe?

  • Ungajonga kananjalo umfanekiso woMsindisi kwaye ubuze abantwana bakho ukuba ngawaphi amagama abanokuthi bawasebenzise ukumchaza Yena. Bameme ukuba bafumane amagama amchazayo Yena kuyo Indumiso 86:5, 13, 15. Kutheni kubalulekile ukwazi ezi zinto ngaYe?

Indumiso 61:2–3

UYesu Krestu liliwa lam.

  • Abantwana bakho banokukonwabela ukuzoba imifanekiso yemiqondiso kuyo Indumiso 61:2–3. UYesu Krestu ufana njani “neliwa” eliphakamileyo (umqolo 2), “ikhusi,” “nenqaba eyomeleleyo”? (umqolo 3).

imboniselo eyakhiwe ngamatye

“Ulihlathi lam, uyinqaba ende eliqele” (Indumiso 61:3).

Indumiso 66:16; 77: 11; 78; 6– 7

“Ndiya kuyikhumbula imisebenzi yeNkosi.”

  • Cela abantwana bakho ukuba babelane ngamanye amabali ezibhalo abawathandayo (imifanekiso ekwi Incwadi yoMsebenzi woBugcisa beVangeli inokunceda). La mabali asifundisa ntoni ngeNkosi? Nisenokufunda kunye Indumiso 66:16 nize nitshintshisane ngokuphendula umbuzo othi, “Yintoni na iNkosi ayenzele umphefumlo wam”?

  • Njengoko ufunda Iindumiso 77:11; 78:6–7 kunye, ningabelana omnye nomnye ngendlela enizama ngayo “ukukhumbula imisebenzi yeNkosi” (Indumiso 77:11), kuquka nemisebenzi yaKhe ebomini bakho. Umthendeleko usinceda njani ukuba “sisoloko sikhumbula”? (Moronayi 4:3; 5:2).

Indumiso 71:8

Ndiyakwazi ukuxelela abanye ngoYesu Krestu.

  • Emva kokuba Indumiso 71:8 nabantwana bakho, bacele ukuba bazobe umlomo omkhulu. Bacele ukuba bakuncede “ukugcwalisa” umlomo ngemifanekiso okanye amagama amele izinto esinokuzixelela abanye ngoYesu Krestu.

  • Ungadlulisa umfanekiso kaYesu Krestu. Umntu obambe umfanekiso unokuthetha into enye aaziyo ngaYe. Sinokubanceda njani abanye abantu bazi ezi zinto?

Abantwana banokuninzi abanokwabelana ngako. “Xa abantwana befunda into entsha, ngokwemvelo bafuna ukwabelana ngayo nabanye. Khuthaza lo mnqweno ngokunika abantwana amathuba okufundisa imigaqo yevangeli omnye komnye, amalungu osapho lwabo, nabahlobo babo. Kananjalo bacele ukuba babelane nawe ngeengcinga zabo, iimvakalelo zabo, namava anxulumene nemigaqo oyifundisayo. Uyakufumanisa ukuba banemibono elula, enyulu, kwaye enamandla” (Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi32).

Indumiso 86:7

UBawo waseZulwini uyayiva kwaye uyayiphendula imithandazo yam.

  • Iindumiso ezininzi zifana nemithandazo eya kuThixo. Njengoko ufunda Iindumiso nabantwana bakho, usenokubabonisa izinto esinokuzisebenzisa xa sinxibelelana nabantu abakude, njengefowuni okanye ileta. Emva koko funda Indumiso 86:7. “Simbiza” njani uBawo waseZulwini? Usiphendula njani Yena?

  • Nisenokucula kunye ingoma engomthandazo, enjengethi ”A Child’s Prayer” (Children’s Songbook, 12–13; bona kananjalo Susan H. Porter, “Pray, He Is There,” Liyahona, UCanzibe 2024, 77–79). Xelelanani ngamaxesha apho uThixo wayiphendulayo imithandazo yenu.

Ngokungambi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi UMhlobo.

umfanekiso kaYesu

Come unto Christ [Yiza kuKrestu], nguCasey Childs

iphepha lomsebenzi wePrayimari: Xa ndisenza ukhetho olungalunganga, uYesu angandinceda nditshintshe