“EyeThupha17–23. ‘UYehova nguMalusi Wam’: Iindumiso 1–2; 8; 19–33; 40; 46,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)
“EyeThupha17–23. ‘UYehova nguMalusi Wam,’” Yizani, Nindilandele: ITestamente eNdala 2026
The Lord Is My Shepherd [UYehova nguMalusi Wam], nguYongsung Kim. Umfanekiso ngoncedo lwe-havenlight.com
EyeThupha17–23: “UYehova nguMalusi Wam”
Iindumiso 1–2; 8; 19–33; 40; 46
Asazi ngokuqinisekileyo ukuba ngubani owabhala Iindumiso. Ezinye zibhekiswa kuKumkani uDavide, kodwa kuninzi lwazo, ababhali bahlala bengaziwa. Kodwa emva kokufunda iiNdumiso, siziva ngathi siyazazi iintliziyo zabadumisi, nokuba asiwazi amagama abo. Siyazi ukuba iiNdumiso zaziyinxalenye ebalulekileyo yonqulo phakathi kwamaSirayeli, kwaye siyazi ukuba uMsindisi wayezicaphula rhoqo. KwiiNdumiso, sifumana ifestile yokuphakathi emphefumlweni wabantu bakaThixo bamandulo. Sibona indlela ababeziva ngayo ngoThixo, izinto ezazibaxhalabisa, nendlela ababefumana ngayo uxolo. Njengamakholwa namhlanje, kwihlabathi liphela, sisawasebenzisa la magama kunqulo lwethu kuThixo. Kuphantse kube ngathi ababhali beeNdumiso babenefestile kweyethu imiphefumlo, kuba bavakalisa indlela esivakalelwa ngayo ngoThixo, into esixhalabisayo ngayo, nendlela esilufumana ngayo uxolo.
Ngoshwankathelo lwencwadi yeeNdumiso, bona “Iindumiso“ kuso IsiKhokelo kwiZibhalo.
Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni
Iindumiso 1; 23; 26–28; 46
“Ndithembele … ngeNkosi.”
Njengoko ufunda Iindumiso, unokuphawula indlela ababhali abasoloko bevakalisa ngayo uloyiko, usizi, okanye ukuxhalaba. Ziqhelekile iimvakalelo ezinjalo, nakubantu bokholo. Kodwa into eyenza iiNdumiso zikhuthaze kukuba zikwanika izisombululo ezikhuthazayo, kuquka ukuthembela ngokupheleleyo eNkosini. Njengoko ufunda Iindumiso 1; 23; 26-28; 46, bhala phantsi:
-
Izimemo zokuthemba iNkosi.
-
Amagama achaza Yona.
-
Amagama awachaza uxolo, nokomelela, nezinye iintsikelelo Yena abonelela ngazo.
-
Amagama achaza abo bathembe Yona.
Kwakhona jonga umfanekiso ocacileyo nemiqondiso ezisetyenziswa ziiNdumiso ukufundisa ngoMsindisi. Ngokomzekelo, kuyo Indumiso 23, asikhumbuza ntoni amabinzana afana nokuthi “lala kumadlelo aluhlaza” okanye “amanzi apholileyo” (umqolo 2)? Inokuqondisa ntoni “intonga” kunye “nomsimelelo” othuthuzelayo (umqolo 4)? Inokuthetha ntoni ukuba “indebe” yethu (umqolo 5) iyaphuphuma?
Iindumiso 2; 22
UYesu Krestu nguMesiya othenjisiweyo.
Iindumiso eziliqela zalatha kubomi basemhlabeni bukaYesu Krestu. AmaKrestu exesha leTestamente eNtsha akubona oku kunxibelelana. Cinga ngokufunda iimbekiselo zezibhalo ezilandelayo. Khangela unxulumano phakathi kwamagama akwezi ndumiso nobomi boMsindisi:
-
Indumiso 2:1–3 kunye Izenzo 4:24–28
-
Indumiso 2:7 kunye Izenzo 13:30–33
-
Indumiso 22:1 kunye UMateyu 27:45–46
-
Indumiso 22:7–8 kunye UMateyu 27:39–43
-
Indumiso 22:16 kunye ULuka 23:32–33
-
Indumiso 22:18 kunye UMateyu 27:35
-
Indumiso 31:5 kunye ULuka 23:46
Ufunda ntoni ngokufunda olu nxibelelwano? Zeziphi iziprofeto nezithembiso zezibhalo ezingekazalisekiswa? Ufumana ntoni kwezi zithembiso ezikunika ithemba ngekamva?
Iindumiso 8; 19; 33
“Lizele ihlabathi yinceba kaYehovai.”
Ukufunda Iindumiso ; 19; 33 kunokukuphembelela ukuba uqwalasele indalo eninzi emangalisayo yeNkosi. Nika ingqalelo kwiingcinga neemvakalelo zakho njengoko usenza. Ungafuna kananjaloukucula okanye ucingisise amazwi engoma anxulumene nezi ndumiso, njengo “How Great Thou Art” (Hymns, 86). Ingaba indalo yeNkosi “ilibalisa njani uzuko lukaThixo” kuwe? (Iindumiso 19:1).
Nanga amanye amaculo aphefumlelwe ziiNdumiso:
-
Indumiso 23: “The Lord Is My Shepherd” (Hymns, inani 108)
-
Iindumiso 23:6; 150: “Praise to the Lord, the Almighty” (Hymns, inani 72)
-
Indumiso 26:8: “We Love Thy House, O God” (Hymns, inani 247)
-
Indumiso 27:1: “The Lord Is My Light” (Hymns, inani 89)
-
Iindumiso 33:1–6; 95:1–6: “For the Beauty of the Earth” (Hymns, inani 92)
-
Indumiso 37:3–9: “Be Still, My Soul” (Hymns, inani 124)
-
Indumiso 148: “All Creatures of Our God and King” (Hymns, inani 62)
Sebenzisa umculo. UMongameli Dallin H. Oaks wathi: “Ukucula amaculo yenye yeendlela ezilungileyo zokuzihlanganisa noMoya weNkosi. … Umculo ongcwele unamandla awodwa okunxibelelana ngeemvakalelo zethu zothando ngeNkosi. Olu hlobo lonxibelelwano luncedo olumangalisayo kunqulo lwethu. … Amaculo ethu aqulathe iintshumayelo zemfundiso ezingenakuthelekiswa nanto, zodlulwa kuphela zizibhalo kwinyaniso yazo nefuthe lombongo” (“Worship through Music,” Ensign, EyeNkanga 1994, 10, 11). Ngawaphi amaculo anxulumene neeNdumiso onokuthi uwamamele okanye uwacule ukomeleza unqulo lwakho kule veki?
Iindumiso 19:7–11; 29
Ilizwi leNkosi linamandla, “livuyisa intliziyo.”
KwiiNdumiso, amagama afana nathi ubungqina, imimiselo, umyalelo, kunye nemigwebo angabhekisa kwilizwi leNkosi. Gcina oko engqondweni njengoko ufunda Indumiso 19:7–11. Le miqolo icebisa ntoni kuwe ngelizwi leNkosi? Ingaba Indumiso 29 ikufundisa malunga nelizwi laYo? Kumava akho, ingaba izwi okanye ilizwi leNkosi lingqamane njani nezi nkcazelo?
Iindumiso 24; 26–27
UMsindisi angandinceda ndibe nyulu ukuze ndingene kubukho bukaThixo.
Ngenxa yokuba itempile yaseYerusalem yayakhiwe phezu kwenduli, ibinzana elithi “intaba yeNkosi” (Indumiso 24:3) linokubhekisa kwitempile okanye kubukho bukaThixo. Yongeza ntoni le nto ekuqondeni kwakho Indumiso 24? Kuthetha ukuthini kuwe ukuba “nezandla ezimsulwa, [ne]ntliziyo enyulu”? (umqolo 4). Njengokuba ufunda Iindumiso 26–27, yintoni enye oyifundayo ngendlu yeNkosi?
Ngamanye amaxesha, sinokudimazeka kukuva ukuba kufuneka sibe nyulu ukuze singene kubukho bukaThixo. Emveni kwakho konke, sonke siyasokola, yaye akukho namnye kuthi ofezekileyo. Leliphi ithemba olifumanayo kumyalezo kaMdala David A. Bednar“Clean Hands and a Pure Heart”? (Liyahona, EyeNkanga 2007, 80–83). Unokuwusebenzisa njani umyalezo wakhe ukuze uncede umntu oziva esoyisakala ukufuna ukugqibelela? Cinga ngendlela onokulufumana ngayo uncedo loMsindisi kwiinzame zakho zokuba “nezandla ezimsulwa, [ne]ntliziyo enyulu.”
Bona kananjalo Dieter F. Uchtdorf, “Worthiness Is Not Flawlessness,” Liahona, EyeNkanga 2021, 61–67.
Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
Iindumiso 23; 27; 32–28; 46
INkosi indinika uxolo, amandla, nesikhokelo.
-
Cinga ngokubhala INkosi i… Mema abantwana bakho ukuba bajonge iindlela zokugqibezela eso sivakalisi besebenzisa izibhalo ezifana nezi: Indumiso 23:1; 27:1; 28:1; 28:7; 32:7; 46:1. Le miqolo isifundisa ntoni ngendlela iNkosi enokusinceda ngayo?
-
Usenokuxoxa nabantwana bakho ngoko itakane legusha eliyidingayo ukuze likhuseleke yaye libe sempilweni. Emva koko, njengokuba nifunda kunye Indumiso 23, nceda abantwana bakho bathelekise into umalusi ayenzelaitakane legusha noko uYesu asenzela kona. Yintoni esiyidingayo ukuze sikhuseleke yaye sibe sempilweni ngokomoya? Culani kunye ingoma enokuthi ibanike izimvo, ezifana no “I Feel My Savior’s Love” (Children’s Songbook, 74–75).
Itempile yaseConcepción eChile
Indumiso 24:3–4
Ukuze singene etempileni, sidinga “izandla ezimsulwa, nentliziyo enyulu.”
-
Njengoko nifunda Indumiso 24:3 kunye, abantwana bakho banokukhangela amagama abakhumbuza ngetempile. Babenokujonga kananjalo umfanekiso wetempile. Emva koko ningafunda kunye umqolo 4 ukuze nifunde ukuba ngubani na onokungena etempileni. Unokuthetha ngendlela izandla ezingcola ngayo nendlela esizicoca ngayo. Singcoliseka njani ngokomoya? Ingaba uMsindisi usinceda kanjani?
Indumiso 30:5
UYesu Krestu unokujika usizi lube luvuyo.
-
Ukuba unabantwana abancinane, unokubamema ukuba benze ngathi bayalila ngoxa ufunda kwincwadi yayo Indumiso 30:5, “Ngokuhlwa kulalisa ukulila.” Emva koko bacele ukuba bavakalise ngovuyo njengoko ufunda, “Kodwa uvuyo luza kusasa.” Phinda eli binzana amaxesha ambalwa.
-
Bonisa umfanekiso woMsindisi, kwaye uxelele abantwana bakho oko akwenzele kona okukuzisela uvuyo. Unganika kananjaloumntwana ngamnye ithuba lokubamba umfanekiso baze babelane ngoko kwenziwe nguYesu okubazisela uvuyo.
Indumiso 46:10
“Yekani, nazi ukuba ndinguThixo mna.”
-
Nceda abantwana bakho bankqaye umgca wokuqala ophuma kuyo Indumiso 46:10: othi: “Yekani, nazi ukuba ndinguThixo mna.” Kuthetha ukuthini “yekani”? Mhlawumbi unokuchitha ixesha elithile uqhelisela ukuthi cwaka. Ninokwabelana omnye nomnye ngamava xa “[wayeka]” kwalomeleza ulwalamano lwakho noThixo. Nceda abantwana bakho bacinge ngamaxesha emini xa banothi “[bayeke]” ukuze bazive besondele kuBawo waseZulwini.
Ngokungambi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.