Yizani, Nindilandele 2024
EyeKhala 27–EyeThupha 2. “Ndenza Umsebenzi Omkhulu”: UEzra 1; 3–7; UNehemiya 2; 4–6; 8


“EyeKhala 27–EyeThupha 2. ‘Ndenza Umsebenzi Omkhulu”: UEzra 1; 3–7; UNehemiya 2; 4–6; 8,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)

“EyeKhala 27–EyeThupha 2. ‘Ndenza Umsebenzi Omkhulu’” Yizani, Nindilandele: ITestamente eNdala 2026

iindonga zeYerusalem zibuya zakhiwe

Ndinomsebenzi oMkhulu Emandiwenze, nguTyson Snow

EyeKhala 27–EyeThupha 2: “Ndenza Umsebenzi Omkhulu”

UEzra 1; 3–7; UNehemiya 2; 4–68

Abantu abangamaYuda babethinjiwe eBhabheli malunga neminyaka engama-70. Babephulukene neYerusalem netempile, kwaye abaninzi babelibele imbophelelo yabo kumthetho kaThixo. Kodwa uThixo akazange abalibale. Enyanisweni, Yena wayevakalise ngomprofeti waKhe, “Ndiya kukutyelela, ndilimise kuni ilizwi lam elilungileyo, lokunibuyisela” (UYeremiya 29:10). Inyanisekile kwesi siprofeto, iNkosi yenza indlela yokuba abantu baYo babuyele—kokubini eYerusalem kwaye, okubaluleke ngakumbi, kwiminqophiso yabo. Yaye Yona yavelisa abakhonzi abaphumeza “umsebenzi omkhulu”(UNehemiya 6:3): Irhuluneli egama linguZerubhabheli yayijongene nokwakhiwa kwakhona kwendlu yeNkosi. UEzra, umbingeleli nombhali, wanceda abantu ukuba babuyisele iintliziyo zabo kumthetho weNkosi. Yaye uNehemiya wakhokela ekwakhiweni kwakhona kweendonga ezikhuselayo ezijikeleze iYerusalem. Badibana nenkcaso, kodwa baye bafumana uncedo oluvela kwimithombo engalindelekanga. Amava abo anokwazisa kwaye avuselele awethu kuba nathi senza umsebenzi omkhulu. Kwaye njengowabo, umsebenzi wethu unento enkulu yokwenza nendlu yeNkosi, nomthetho weNkosi, nokhuselo lokomoya esilufumana kuYo.

Ngesishwankathelo seencwadi zika-Ezra noNehemiya, bona “UEzra” kunye no“UNehemiya” kwiSikhokelo seZibhalo.

umfanekiso wokufunda

Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni

UEzra 1

INkosi ikhuthaza abantu ukuba baphumeze iinjongo zaYo.

Emva kokuba iPersi yoyise iBhabhiloni, iNkosi yaphefumlela ukumkani wamaPersi, uKoreshi, ukuba athumele iqela lamaYuda eYerusalem ukuze aphinde okhe itempile. Njengoko ufunda UEzra 1, qaphela into eyenziwa nguKoreshi ukuxhasa amaYuda kulo msebenzi ubalulekileyo. Uyibona njani iNkosi isebenza ngamadoda nabafazi abakungqongileyo, kuquka nabo bangengawo amalungu eBandla laYo? Oku kuthetha ntoni kuwe ngeNkosi nangomsebenzi waYo?

Bona kananjalo UIsaya 44:24–28.

UEzra 3:8–13; 6:16–22

Indlu yeNkosi yindlu yovuyo.

Xa amaBhabhiloni ahlasela iYerusalem, ayiphanga itempile aza ayitshisa yaphela (bona OoKumkani I 25:1–10; 2 IziKronike II 36:17–19). Ucinga ukuba wawunokuvakalelwa njani ukuba wawungomnye wamaYuda owakubonayo oku? (bona Iindumiso 137). Qaphela indlela awayeziva ngayo amaYuda, kumashumi eminyaka kamva, xa ayevunyelwe ukuba abuye aphinde okhe itempile (bona UEzra 3:8–13; 6:16–22). Oko kungakukhuthaza ukuba ucinge ngeemvakalelo zakho malunga neNkosi nendlu yaYo. Kutheni ukwakhiwa kwetempile kusisizathu sokubhiyoza?

ababingeleli ngaphandle kwetempile kaZerubhabheli

Itempile kaZerubhabheli; umfanekiso nguSam Lawlor

UEzra 4–7; UNehemiya 2; 46

umfanekiso weseminari
UThixo unomsebenzi afuna ukuba ndiwenze.

Umsebenzi weNkosi awufane ungachaswa. Oku kwaba njalo kwimigudu eyayikhokelwa nguZerubhabheli noNehemiya. Nantsi indlela elula enokukunceda ukuba ufunde kula mabali kwaye ucinge ngendlela onokuwenza ngayo umsebenzi weNkosi nangona uchaswa:

Umsebenzi kaThixo kuZerubhabheli (UEzra 4:3):

Umsebenzi kaThixo kuNehemiya (UNehemiya 2:17–18):

Umsebenzi kaThixo kum:

Inkcaso awajamelana nayo uZerubhabheli (UEzra 4:4–24):

Inkcaso awajamelana nayo uNehemiya (UNehemiya 2:19; 4:1–3, 7–8; 6:1–13):

Inkcaso endijongene nayo mna:

Indlela uZerubhabheli awasabela ngayo (UEzra 5:1–2):

Indlela uNehemiya awasabela ngayo (UNehemiya 2:20; 4:6, 9; 6:3–15):

Ndingasabela njani mna:

Ngoncedo lokuthelekisa amava kaNehemiya kubomi bakho, ungafunda umyalezo kaMongameli Dieter F. Uchtdorf “We Are Doing a Great Work and Cannot Come Down” (Liahona, May 2009, 59–62), ingakumbi amacandelo amabini okugqibela.

Ucinga ukuba kuthetha ukuthini ukuba “nengqondo yokusebenza” enkonzweni yoMsindisi? (UNehemiya 4:6). Kusenokuthetha ntoni ukuba “nesandla esilungileyo … sikaThixo phezu [kwakho]” njengoko usenza umsebenzi waKhe? (UNehemiya 2:8; bona kananjalo UNehemiya 2:18; UEzra 7:6, 9, 27–28). Usibone njani isandla saKhe kwiinzame zakho zokumkhonza Yena?

UNehemiya 8

Ndisikelelekile xa ndifunda izibhalo.

Kwizizukulwana ekuthinjweni, amaYuda ayenokufikelela okulinganiselweyo “kwincwadi yomthetho kaMoses” (UNehemiya 8:1). Ku Nehemiya 8, uEzra wawufundela abantu umthetho. Yintoni oyifumanayo kwesi sahluko ebonisa indlela uEzra nabantu bakhe ababevakalelwa ngayo ngoThixo nangelizwi laKhe? (bona ngakumbi imiqolo 1–12). Yintoni ebomini bakho ebonisa indlela oziva ngayo ngoThixo nangelizwi laKhe?

Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

umfanekiso wecandelo labantwana

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

UEzra 3:8–13; 6:16–22

Indlu yeNkosi yindlu yovuyo.

  • Ukuze ufundise abantwana bakho ngendlela awavuya ngayo amaYuda xa yayisakhiwa kwakhona itempile, unokubabonisa umfanekiso ofana nalo ungezantsi. Thetha ngesizathu sokuba aba bantu banokuvuyela ukuba sendlwini yeNkosi. Ungaxelela abantwana bakho ukuba kutheni itempile iyindawo yovuyo kuwe. Ikuncede njani itempile ukuba uzive usondele kuBawo waseZulwini noMsindisi?

  • Njengoko ufunda UEzra 3:10–13 kunye nabantwana bakho, bancede bafumane amagama abonisa indlela amaYuda aziva ngayo xa itempile yayisakhiwa kwakhona. Xa ufika esiphelweni somqolo 13, mhlawumbi ningakhwaza ngovuyo kunye. Nceda abantwana bakho bacinge ngezizathu zokuvuya kuba iNkosi isinike iitempile. Singalubonisa njani olo vuyo?

  • Emva komgca ngamnye, unganqumama ukuze ucele umntwana abelane ngento ayithandayo ngetempile. Ningajonga kananjalo imifanekiso yeetempile ngelixa nicula.

usapho oluncumileyo luhamba kufutshane netempile

UNehemiya 2:17–20; 6:1–9

iNkosi iya kundinceda ndenze “umsebenzi Wayo omkhulu.”

  • Yabelana nabantwana bakho ngebali likaNehemiya (bona UNehemiya 2:17–20; 6:1–9; okanye “UNehemiya” kuwo Amabali eTestamente eNdala, 173–74). Njengoko ufunda UNehemiya 2:20, wena nabantwana bakho “ninokuphaka” nizenze ngathi nincedisa ekwakheni iindonga zeYerusalem. Okanye abantwana bakho banokukonwabela ukwakha udonga ngeebhloko okanye ezinye izinto. Xa besenjenjalo, ungabanceda bacinge ngezinto ezibalulekileyo uBawo waseZulwini afuna sizenze.

    1:38

    Nehemiah

  • Njengoko ufunda UNehemiya 6:9, mema abantwana bakho ukuba baphakamise izandla zabo xa bekuva usithi “yomeleza izandla zam.” Xelela abantwana ngexesha apho wamva uThixo esomeleza izandla zakho ukwenza umsebenzi waKhe.

UNehemiya 8:1–12

Izibhalo zibubutyebi obukhulu.

  • Funda ngokuvakalayo amabinzana athile ku Nehemiya 8:2–3, 5–6, 8–9, 12 achaza into eyenziwa ngabantu xa beva uEzra efunda izibhalo. Njengokuba ufunda, abantwana bakho banokulinganisa la mabinzana. Emva koko ninokwabelana omnye nomnye ngendlela enivakalelwa ngayo xa nifunda okanye nisiva izibhalo.

  • Njengokuba nifunda kunye UNehemiya 8:8, unokubuza abantwana bakho ukuba yintoni ebanceda baqonde izibhalo. Babonise indlela yokusebenzisa iincwadi zokufunda izibhalo ezifana IsiKhokelo kwiZibhalo (Ithala leeNcwadi zeVangeli). Mema abantwana bakho ukuba babelane ngento abayifundileyo ngoMsindisi kwizibhalo.

Khangela inyaniso yanaphakade kwizibhalo. “Izibhalo, … zizele ziinyaniso zevangeli, kodwa ngamanye amaxesha kuthatha umzamo osezingqondweni ukuzifumana. Njengoko nifunda kunye ngokuvela kwizibhalo, yima ubuze abo ubafundisayo ukuba zeziphi iinyaniso zevangeli abaziqaphelayo. Bancede babone ukuba ezinyaniso zinxulumana njani necebo losindiso likaBawo waseZulwini. Ngamanye amaxesha iinyaniso zanaphakade zichazwa kwizibhalo, kwaye ngamanye amaxesha ziboniswa kumabali nakubomi babantu esifunda ngabo. Kunokuba luncedo kananjalo ukuphonononga kunye imvelaphi yembali yemiqolo eniyifundayo, kunye nentsingiselo yemiqolonendlela esebenza ngayo kuthi namhlanje” (Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi22).

Ngokungambi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

UEzra ufunda umsongo

UEzra kwiSango laManzi, © Providence Collection/licensed from goodsalt.com

iphepha lomsebenzi wePrayimari: Izibhalo ziyintsikelelo