“EyeThupha 10–16. ‘Kodwa Ndiya Kuthembela Ngaye’: Yobhi 1–3; 12–14; 19; 21–24; 38–40; 42,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)
“EyeThupha 10–16. ‘Ndiza Kuthembela Ngaye,’” Yizani, Nindilandele: ITestamente eNdala 2026
IziGwebo zikaYobhi, nguJoseph Brickey
EyeThupha10-16: “Kodwa Ndiya Kuthembela Ngaye”
UYobhi 1–3; 12–14; 19; 21–24; 38–40; 42
Kungokwemvelo ukuzibuza ukuba kutheni izinto ezimbi zisehlela abantu abalungileyo—okanye ngako oko, kutheni izinto ezintle zisenzeka kubantu abangalunganga. Kutheni le nto uThixo, onobulungisa, ekuvumela oko? Incwadi kaYobhi iphonononga imibuzo efana nale. UYobhi wayengomnye wabantu abalungileyo abehlelwa zizinto ezimbi ezininzi. Ngenxa yezilingo zikaYobhi, abahlobo bakhe babezibuza ukuba wayelungile na emveni kwako konke. UYobhi waqinisekisa ubulungisa bakhe kwaye wazibuza ukuba ingaba uThixo unobulungisa emveni kwako konke. Kodwa nangona wayehluphekile kwaye ezibuza, uYobhi wayigcina ingqibelelo yakhenokholo lwakhe kuYesu Krestu. Kwincwadi kaYobhi, ukholo luyabuzwa kwaye luyavavanywa kodwa alulahlwa ngokupheleleyo. Oko akuthethi ukuba yonke imibuzo iyaphendulwa. Kodwa incwadi kaYobhi ifundisa ukuba de ibe kanti iyaphendulwa, imibuzo inokubakho kunye nokholo. Kwaye nokuba kwenzeka ntoni na okwangoku, sinokuthi ngeNkosi yethu, “Ndiya kuthembela kuye” (UYobhi 13:15).
Ukuze ufumane amagqabantshintshi ngencwadi kaYobhi, funda “UYobhi” kwiSikhokelo SeZibhalo (IThala leencwadi zeVangeli).
Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni
UYobhi 1–3; 12–13
Ndingamthemba uThixo kuzo zonke iimeko.
Izahluko zokuqala zikaYobhi zigxininisa, ngendlela ebumbongo, indima kaSathana njengotshaba okanye ummangali wethu; aziyichazi intsebenziswano yokwenyani phakathi koThixo noSathana. Xa ufunda into eyathethwa nguSathana ngoYobhi (bona UYobhi 1:9–11; 2:4–5), usenokuzibuza, “Kutheni ndihlala ndithembekile kuThixo? ” Kutheni le nto kunokuba yingozi ukuthobela iNkosi kuphela ngenxa yesizathu esacetyiswa nguSathana?
Yintoni ekuchukumisayo ngendlela uYobhi awasabela ngayo kwizilingo zakhe? (bona UYobhi 1:20–22; 2:9–10).
Abahlobo bakaYobhi bacebisa ukuba uThixo wayemohlwaya (bona UYobhi 4–5; 8; 11). Ziziphi iingxaki ozibonayo ngalo mbono? Funda impendulo kaYobhi kuzo izahluko 12–13. Yintoni awayeyazi uYobhi ngoThixo eyamenza wakwazi ukuhlala emthembile? Yintoni oyaziyo ngoThixo ekunceda ujongane nemicelimngeni?
UYobhi 19
UYesu Krestu unguMkhululi wam.
Ngamanye amaxesha sifunda ezona nyaniso zibalulekileyo ngamaxesha anzima. Cingisisa ngezilingo ezichazwa nguYobhi ku Yobhi 19:1–22 neenyaniso azibhengezayo kuyo imiqolo 23–27. Wazi njani ukuba uMhlawuleli wakho uyaphila? Lwenza mahluko mni olu lwazi ebomini bakho?
Cinga ngokucula okanye ukumamela iculo elingoYesu Krestu, njengale “I Know That My Redeemer Lives” (Hymns, no. 136). Ngawaphi amazwi kweli culo avakalisa iimvakalelo zakho ngaYe?
Bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 121:1–12122.
UYobhi 21–24
”Xa endicikidile, ndiya kuphuma njengegolide.”
Ku Yobhi 21–24, uya kufunda ingxoxo-mpikiswano phakathi kukaYobhi nabahlobo bakhe. Oyena ndoqo wale ngxoxo ngumbuzo oye wabuzwa ngabantu abaninzi: Kutheni abantu abangamalungisa bebandezeleka maxa wambi?
Nangona singenazo zonke iimpendulo, kwivangeli ebuyisiweyo kaYesu Krestu, sineenyaniso ezithile ezingasinceda ukuba siqonde ubunzima nokubandezeleka. Ngezantsi zizibhalo zemihla yokugqibela eziqulathe ezinye zezi nyaniso. Ezi zibhalo zikufundisa ntoni ngoBawo waseZulwini necebo laKhe?
Ngokusekelwe koko ukufundileyo, unokuwuphendula njani umbuzo othi “Kutheni uThixo evumela abantu abangamalungisa ukuba babandezeleke?”
Calm and Stars [Ukuzola neeNkwenkwezi], nguYongsung Kim. Umfanekiso ngoncedo lwe-havenlight.com
UYobhi 38–40; 42
Umbono kaThixo umkhulu kunowam.
Ekhathazekile zizityholo zabahlobo bakhe (bona UYobhi 16:1–5; 19:1–3), UYobhi wambuza ngokuphindaphindiweyo uThixo isizathu sokuba abandezeleke kangaka (bona UYobhi 19:6–7; 23:1–9; 31). INkosi ayizange inike isizathu esicacileyo kwincwadi kaYobhi. Kodwa Yona yafundisa umyalezo obalulekileyo kuzo izahluko 38–40. Ungawushwankathela njani lo myalezo? Ngokomzekelo, ufunda ntoni kwimibuzo yeNkosi ku Yobhi 38:1–7, 18–24?
Uyakuqaphela ukuba iNkosi yathetha noYobhi ngezinye zendalo zaYo neminye imisebenzi yamandla (bona UYobhi 38–39). Usenokujonga ezinye zezo ndalo (okanye imifanekiso yayo). Zikunceda njani ezi zinto ukuba ucinge ngendlela eyahlukileyo ngoThixo? malunga nezilingo zakho? Zayitshintsha njani imbono kaYobhi? (bona UYobhi 42:1–6; bona kananjalo Moses 1:8–10).
Nantsi imiyalezo emibini yekomfa yajikelele enokunceda ukutshintsha imbono yethu: uTamaraW. Runia, “Seeing God’s Family through the Overview Lens” (Liahona, Nov. 2023, 62–69); Russell M. Nelson, “Cinga Selestiyali!” (Liyahona, EyeNkanga 2023, 117–20). Kuwo nawuphi na umyalezo, khangela into oza kufuna ukuyikhumbula kwixesha elizayo xa izilingo zakho zibonakala zisongamela. Uza kuzikhumbuza njani ngoko ukufundileyo?
Yiba nobuchule. Ukufunda akuphelelanga ekubandakanyeni ukufunda, ukucinga, nokuthetha kuphela. Ngamanye amaxesha okona kufunda kungalibalekiyo kuza ngeendlela ezisebenzisa amandla ngokwasemzimbeni. Ngokomzekelo, xa ufunda ngendlela iNkosi eyayitshintsha ngayo imbono ka Yobhi ku Yobhi 38–40, unokuthatha uhambo kwaye ujonge enye yendalo yeNkosi, enkulu nencinci. Okanye usenokujonga into ngeendlela ezahlukeneyo—ukusuka phezulu, ngezantsi, kufutshane, kude, njalo njalo.
Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
UYobhi 1–2; 12; 19
Ukholo kuYesu Krestu luya kundinceda ngamaxesha anzima.
-
Khuthaza abantwana bakho ukuba bakuxelele oko bakwaziyo ngoYobhi. Ukuba bafuna uncedo, unokubabonisa UYobhi 1:1, 13–22; 2:7–10 okanye ku“UYobhi” (kuwo Amabali eTestamente eNdala, 145–47). Wasabela njani uYobhi kwimingeni? (bona UYobhi 1:21; 2:10).
1:55Job
-
UYobhi wayethembekile kwiingxaki zakhe ngenxa yoko wayesazi ngeNkosi. Mhlawumbi wena nabantwana bakho ningajonga imifanekiso kaYesu Krestu esebenzisana nabanye (njengalo ungezantsi okanye kuyo Incwadi yoMsebenzi woBugcisa beVangeli). Thetha ngezinto ozaziyo ngaYe nokuba Yena unjani na. Nantsi eminye imiqolo ebonisa oko uYobhi wayekwazi ngeNkosi: UYobhi 12:10, 13, 16; 19:25–27. Kutheni kubalulekile ukwazi ezi zinto ngaYo?
He Healed Them All [Yena Wabaphilisa Bonke], nguMichael Malm
UYobhi 14:14
Ngenxa kaYesu Krestu, siyakuphila kwakhona emva kokuba sifile.
-
UYobhi wabuza umbuzo obalulekileyo ku Yobhi 14:14. Mhlawumbi wena nabantwana bakho ningatshintshana nisabelana ngendlela ebeninokumphendula ngayo uYobhi. Unokukhangela amacebo kwi Alma 11:42–44 (Ithala leeNcwadi zeVangeli).
#BECAUSEofHIM: An Easter Message of Hope and Triumph
UYobhi 16:1–5; 22:5
Abahlobo abalungileyo bayaphakamisana kwaye bayakhuthazana.
-
Xa uYobhi wayebuhlungu, abahlobo bakhe bathi uThixo uyamohlwaya ngenxa yokona kwakhe (bona UYobhi 22:5). Ukuba besingabahlobo bakaYobhi, besiya kuzama njani ukumnceda? Amazwi ethu anokubomeleza njani abanye xa belusizi? (bona UYobhi 16:5). Cinga ngokubonisa umfanekiso omnye okanye ngaphezulu kolu lwandlalo njengoko nixoxa ngale mibuzo.
-
Cinga ngokucela abantwana bakho badwelise iimpawu zomhlobo wokwenene baze bachaze nomhlobo onezi mpawu. Emva koko unokujonga umfanekiso kaYesu Krestu. UYesu ungumhlobo wokwenene kuthi ngamnye wethu ngaziphi iindlela? Unokucinga ngomntu otyhubela ixesha elinzima. Ceba indlela onokuba ngumhlobo onjengoKrestu kubo.
UYobhi 19:23–27
UYesu Krestu unguMkhululi wam.
-
Emva kokufunda UYobhi 19:23–27, wena nabantwana bakho ningathetha ngendlela eniyazi ngayo ukuba uMhlawuleli wethu uyaphila. Ningasebenza kunye ukubeka ubungqina benu (okanye imizobo yoMsindisi) encwadini (bona umqolo 23).
-
Yabelana ngamabinzana asuka kwiculo elomeleza ukholo lwakho kuYe. Kutheni kubalulekile ukwazi ukuba uYesu Krestu uyaphila?
Ngokungambi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.