“EyeThupha 3–9. ‘Ungene … Ngenxa yeXesha Elinje’: Estere,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)
“EyeThupha 3–9. ‘Ungene … Ngenxa yeXesha Elinje’” Yizani, Nindilandele: ITestamente eNdala 2026
UKumkanikazi u-Estere Usindisa Abantu BakaYehova, nguSam Lawlor
EyeThupha 3–9: “Ungene … Ngenxa yeXesha Elinje ”
UEstere
Iziganeko ezininzi kwincwadi ka-Estere zisenokubonakala njengethamsanqa okanye zizenzekele. Uyichaza njani enye indlela intombazana yamaYuda eyinkedama eyaba ngayo ukumkanikazi wasePersi kanye ngexesha elifanelekileyo ukuze isindise abantu bayo ekubulaweni? Ngawaphi amathuba okuba umzala ka-Estere uMordekayi eve iyelenqe lokubulala ukumkani? Ngaba oku kwakusenzeka ngamabona-ndenzile, okanye ngaba kwakuyinxalenye yecebo likaThixo? Umdala uRonald A. Rasband wathi: “Oko kusenokubonakala ngathi lithuba elithile, enyanisweni, konganyelwa nguBawo onothando waseZulwini. … INkosi ikwiinkcukacha ezincinci zobomi bethu” (“By Divine Design,” Liyahona,, EyeNkanga 2017, 56). Sisenokungasoloko siyiqaphela impembelelo yeNkosi kwezi “nkcukacha zincinane.” Kodwa sifunda kumava ka-Estere ukuba unokusikhokela umendo wethu kwaye asilungiselele “ixesha elinjalo” (UEstere 4:14) xa sinokuba zizixhobo ezandleni zaKhe zokuzalisekisa iinjongo zaKhe.
Ngesishwankathelo sencwadi ka-Estere, bona “Estere, incwadi ka” kuso IsiKhokelo kwiZibhalo.
Izimvo zokuFunda eKhaya naseBandleni
UEstere
INkosi indibeka kwiimeko apho ndingasikelela abanye.
UMongameli Dieter F. Uchtdorf wafundisa ukuba umntu ngamnye wethu “umi kwindawo eyodwa kwaye unomsebenzi obalulekileyo [thina] kuphela esinokuwenza. … INkosi ikunike uxanduva lwakho ngesizathu. Kusenokubakho abantu neentliziyo kuphela onokuthi ufikelele kuzo kwaye uzichukumise. Mhlawumbi akakho omnye umntu onokukwenza ngendlela efanayo” (“Lift Where You Stand,” Liyahona, EyeNkanga 2008, 56).
Njengoko ufunda ibali lika-Estere, cinga ngendlela asebenza ngayo la mazwi kuye. Khangela iindlela iNkosi eyathi yenza kwenzeka ngazo kuye ukuba asindise amaYuda (bona, ngokomzekelo, UEstere 2:21–23; 3:10–14; 4:14–16). Emva koko ucingisise ngendlela Yona ekunike ngayo amathuba okusikelela abanye. Zeziphi ezinye iimeko okanye ubudlelwane ethe Yona yakukhokelela kubo “ngexesha elinje”? (UEstere 4:14). Ukuba unentsikelelo kasolusapho, cinga ngokuyifunda ukuze ufunde ngakumbi ngomsebenzi iNkosi enawo wakho ukuba uwenze. Yintoni onokuyenza ukuze uphumeze lo msebenzi?
For Such a Time as This
Sifunda okungakumbi ngokwenza kunokuphulaphula. Umdala uDavid A. Bednar waluleka abafundisi esithi: “Injongo yethu ayifanele ibe kukuba ‘Ndibaxelela ntoni na?’ Kunoko, imibuzo esimele sizibuze yona yile: ‘Ndinokubamema ukuba benze ntoni? Yeyiphi imibuzo ephenjelelweyo endinokuthi ndiyibuze, ukuba bazimisele ukuyiphendula, baqalise ukumema uMoya oyiNgcwele ebomini babo?’”( Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi,25). Ukuba ufundisa usapho lwakho okanye iklasi yakho ngoEstere, yintoni onokubacela ukuba bayenze eza kubanceda bafunde?
“Wabona uHaman ukuba uMordekayi akaguqi, wavutha ngumsindo uHaman” (UEstere 3:5).
UEstere 3; 5:9–14; 7
Ikratshi nomsindo zinokukhokelela ekuweni.
Kwincwadi kaEstere, sifunda ngokuthembeka kuka-Estere noMordekayi, kodwa kananjalo sifunda nakwikratshi nomsindo kaHaman. Njengoko ufunda UEstere 3; 5:9–14, phawula iimvakalelo, amazwi nezenzo zikaHaman. Zityhila ntoni ngaye neentshukumisa zakhe? Yiyiphi imiphumo awajamelana nayo? (bona UEstere 7). Ukufunda ngoHaman kusenokukwenza uhlole eyona nto ishukumisa iimvakalelo nezenzo zakho. Ngaba ukhuthazekile ukuba wenze naluphi na utshintsho? Ungabhenela njani kuBawo waseZulwini ukuze ufumane uncedo?
Bona kananjalo IMizekeliso 16:32; Alma 5:28.
UEstere 3–4; 5:2–3; 8:11–12
Ukuzila ukutya kubonisa ukuba ndiyayithemba kwaye ndithembele eNkosini.
Qaphela ukuba kutheni u-Estere namanye amaYuda agqiba ekubeni azile ukutya (bona UEstere 3:13; 4:1–3, 10–17). Ukuzila ukutya kwabasikelela njani? (bona UEstere 5:2–3; 8:11–12). Kutheni iNkosi isicela ukuba sizile ukutya? Cingisisa ngendlela onokwenza ngayo ukuzila ukutya kube yintsikelelo enkulu ebomini bakho.
Fasting: Young Single Adult Ward, Amanda
UEstere 3:1–11; 4:10–17; 5:1–4; 9:17–19
Ukwenza into elungileyo kufuna inkalipho enkulu.
Xa uMordekayi no-Estere bamela iinkolelo zabo nabantu babo, babeka ubomi babo esichengeni. Ukhetho lwethu lunokuba neziphumo ezibi kakhulu, kodwa ukwenza into elungileyo kusenokufuna inkalipho. Ufunda ntoni ku Estere 3:1–4; 4:10–17 ngokuba nesibindi sokwenza into elungileyo? Qaphela iziphumo ezahlukeneyo uMordekayi no-Estere abazifumana emva kokubonakalisa inkalipho (bona UEstere 3:5–11; 5:1–4). Yintoni ekwakufuneka bayazi u-Estere noMordekayi ngoThixo ukuze benze ukhetho abalwenzayo?
Cinga ngeemeko apho kufuneka ube nesibindi sokumela into elungileyo. Yintoni oyifundayo ku-Estere noMordekayi enokukunceda ufumane inkalipho eNkosini?
Ubukroti bukaEstere bakhokelela “kwimini yovuyo” (bona UEstere 9:17–19) Inkalipho efana nekaKrestu ikunikeze njani “imini yovuyo”?
Courage
Dare to Stand Alone
Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomelela uLutsha.
Izimvo zokuFundisa Abantwana
UEstere 2:5–7
Ndingakhonza usapho lwam.
-
Unokuphefumlelwa ukuba usebenzise UEstere 2:7 ukuze ufundise abantwana bakho ngokunceda amalungu entsapho asweleyo, njengoko uMordekayi wenzayo ku-Estere. Nisenokuwufunda kunye umqolo okanye niwushwankathele ngawenu amazwi. Emva koko wena nabantwana bakho ninokucinga ngamalungu entsapho anokufuna uncedo lwenu. Yenza isicwangciso sokubanceda.
UEstere 3:1 - 11; 4:10-17
INkosi ingandinceda ndibe nesibindi.
-
Imizekelo ka-Estere noMordekayi inokunceda abantwana bakho baqonde ukuba ubukroti buthetha ukwenza okulungileyo naxa usoyika. Cingisisa ngokubhala la mabinzana UMordekayi waba nesibindi xa … kwaye U-Estere waba nesibindi xa wa … Njengoko nifunda kunye ibali lika-Estere, abantwana bakho banokucebisa iindlela zokugqibezela izivakalisi. Unokufunda UEstere 3:1 - 11; 4:10-17. Emva koko bhala Ndiza kuba nesibindi nge …, kwaye umeme abantwana bakho ukuba badwelise izinto uBawo waseZulwini afuna ukuba bazenze ezifuna inkalipho. Ingoma ethetha ngenkalipho, efana nethi “Dare to Do Right” (Children’s Songbook, 158), inokunceda.
2:45Queen Esther
-
Usenokufunda nangamaxesha apho uYesu Krestu wayekhaliphile—umzekelo, xa Yena wabandezeleka ngenxa yezono zethu eGetsemane nasemnqamlezweni (bona UMateyu 26:36–39; 27:33-35). Cela abantwana bakho ukuba babelane ngexesha ababekhaliphile ngalo, kwaye wabelane ngamava akho nawe.
UEstere 4:1–3, 10–17
Ukuzila ukutya kuzisa iintsikelelo zeNkosi.
-
Ukufunda UEstere 4:1–3, 10–17 kunokukunceda ufundise abantwana bakho ngokuzila ukutya. Kwakutheni ukuze u-Estere namaYuda azile ukutya? Baxelele abantwana bakho ukuba kutheni uzila ukutya. Unokubabuza kananjalo banokumcacisela njani umhlobo ongazange akwenze oko ngaphambili. Sinokubanceda njani abahlobo bethu baqonde iintsikelelo ezifumaneka ngokuzila ukutya?
-
Khuthaza abantwana bakho ukuba bacinge ngento abanokufuna uncedo lweNkosi ngayo. Cebisa ukuba benze loo nxalenye yokuzila kwabo ngeCawa elandelayo yokuzila ukutya.
Ngenxa yokuba u-Estere wayekhaliphile, wakwazi ukusindisa abantu beNkosi.
UEstere 4:14
Ndinokuba sisixhobo ezandleni zikaThixo.
-
Nceda abantwana bakho baqonde ukuba xa u-Estere wayesoyika, uMordekayi wamkhuthaza ngokumchazela ukuba iNkosi yamnceda waba ngukumkanikazi “ngexesha elinje” (UEstere 4:14). Wayethetha ukuthini uMordekayi ngale nto? Thethani omnye nomnye ngendlela u-Estere awabasisixhobo seNkosi ngayo. Sinokuba zizixhobo zeNkosi njani?
-
Ungabanceda njani abantwana bakho baqonde ukuba yintoni isixhobo? Mhlawumbi unokumema umntu ukuba adlale ingoma kwisixhobo somculo okanye abonise umfanekiso womntu osebenzisa isixhobo. Usenokuthetha ngoko kuthethwa kukuba sisixhobo ezandleni zikaThixo.
Ngokungambi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi UMhlobo.