“EyeThupha 31–EyoMsintsi 6. ‘Yonke Into Ephefumlayo Mayidumise iNkosi’”: Iindumiso 102–103; 110; 116–119; 127–128; 135–139; 146–150,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala ITestamente eNdala 2026 (2026)x
“EyeThupha 31–EyoMsintsi 6. ‘Yonke Into Ephefumlayo Mayidumise iNkosi,’” Yizani, Nindilandele: ITestamente eNdala 2026
Reverential Return [Imbuyekezo Ebekekileyo], nguKelsy noJesse Lightweave
EyeThupha 31–EyoMsintsi 6: “Yonke Into Ephefumlayo Mayidumise iNkosi”
Iindumiso 102–103; 110; 116–119; 127–128; 135–139; 146–150
Igama lesithethe lamaYuda sencwadi yeeNdumiso lithi Tehillim, igama lesiHebhere elithetha “iindumiso.” Linxulumene nesikhuzo haleluya (lithetha “makadunyiswe uYehova” okanye “mayidunyiswe iNkosi”). Ukuba bekufuneka ukhethe igama elinye ukushwankathela umyalezo ophambili weeNdumiso, ukudumisa ibiya kuba lukhetho oluhle. Ezinye zeeNdumiso ziqulethe isimemo esingqalileyo esithi “dumisani iNkosi” (bona ngakumbi Iindumiso 146–50), kwaye zonke zinokuphembelela unqulo nendumiso. IiNdumiso ziyasimema ukuba siwavume amandla eNkosi, inceba yaYo, nezinto ezinkulu ezenzileyo. Asinakuze simbuyisele Yena ngayo nayiphi na kwezi zinto, kodwa Yena sinokumdumisa. Loo ndumiso inokuthatha iindidi ezahlukeneyo kubantu abohlukeneyo—isenokubandakanya ukucula, ukuthandaza, okanye ukunika ubungqina. Ihlala ikhokelela ekuzinikeleni okunzulu eNkosini nasekulandeleni iimfundiso zaYo. Nokuba “yidumise iNksoi” kuthetha ntoni na ebomini bakho, ungafumana inkuthazo yokukwenza njengoko ufunda kwaye ucingisisa ngeeNdumiso.
Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni
Iindumiso 102–3; 116
INkosi ingandithuthuzela ekuhluphekeni kwam.
Phawula indlela Indumiso 102:1–11 ichaza iimvakalelo zonxunguphalo nokuba likheswa ezidla ngokuza ngexesha lemingeni. Mhlawumbi wena okanye abanye obaziyo bakhe baneemvakalelo ezilolu hlobo. Njengoko ufunda Iindumiso 102:12–28; 103; 116, khangela amabinzana akunika ithemba lokuba “[u]nqule igama leNkosi” kwizilingo zakho (Indumiso 116:13). Ungafuna ukuphawula, ukunkqaya, okanye wabelane nabanye ngamabinzana awakunika ithemba kuYe.
Bona kananjalo UIsaya 25:8; AmaHebhere 2:17–18; Alma 7:11–13; Camille N. Johnson, “Christ Is Relief,” Liahona, UCanzibe 2023, 81–83; “Where Can I Turn for Peace?” (Hymns, inani. 129).
UCarl Heinrich Bloch (1834-1890), Christ Healing the Sick at Bethesda [UKrestu Ukuphilisa abagulayo eBethesda], 1883, 256 x 319 iisentimitha. IMyuziyam Yobugcisa yeBrigham Young Yunivesithi, ethengwe ngemali ebonelelwe nguJack R. noMary Lois Wheatley, 2001.
Iindumiso 110; 118
UYesu Krestu wazalisekisa iziprofeto ezikwiNdumiso.
IiNdumiso ziqulathe imihlathi eyalatha kubomi nakulungiselelo lukaYesu Krestu. Nantsi imizekelo embalwa:
-
Indumiso 110:1–4 (bona UMateyu 22:41–45; AmaHebhere 5:4–10; 6:20)
-
Indumiso 118:22 (bona UMateyu 21:42; Izenzo 4:10–11; 1 UPetros 2:7)
-
Indumiso 118:25-26 (bona UMateyu 21:9)
Le miqolo ikufundisa ntoni ngoYesu Krestu? Kutheni kubalulekile ukwazi oku ngaYe?
Indumiso 119
Ilizwi likaThixo liya kundigcina endleleni yaKhe.
Indumiso 119 iqulathe amabinzana amaninzi athelekisa ubomi bethu nohambo olubuyela kuBawo waseZulwini. Njengoko ufunda, khangela amagama awafana nala “hamba,” “umkhondo,” “indlela,” “iinyawo,” kunye “nobhadula.” Cingisisa ngohambo lobomi bakho—apho ubukade ukhona, apho ukhoyo ngoku, nalapho ubhekise khona. Ufunda ntoni kule ndumiso ngohambo lwakho lokubuyela ekhaya? Ufunde ntoni ngokujonga iindlela zabanye? Ngokwale ndumiso, yintoni ayilungiseleleyo uThixo ukukunceda uhlale endleleni yaKhe?
Cinga ngexesha apho ukulandela indlela okanye imephu kukuncede uhambe kwindawo ethile ngempumelelo. Loo mava akufundisa ntoni ngokulandela indlela kaThixo?
Kwezinye izibhalo ezininzi, iNkosi nabaprofeti baYo bathetha ngendlela. Apha ngezantsi kukho imizekelo. Cingisisa ngokuphengulula le miqolo kwaye ubhale phantsi okanye wabelane nabanye ngezinto ozifundileyo.
|
Isibhalo |
Oko ndikufundayo kwindlela eya kuThixo |
|---|---|
Isibhalo IMizekeliso 4:11–19 | |
Isibhalo UMateyu 7:13–14 | |
Isibhalo | |
Isibhalo | |
Isibhalo | |
Isibhalo |
Zinokukunceda njani ezi nyaniso ukuba uhlale endleleni kaThixo?
Zeziphi iingqiqo ezongezelelweyo onokuzifunda kwesi siluleko silandelayo sivela kuMongameli Russell M. Nelson?
“Ukuba uhambo lwethu ebomini luza kuphumelela, kufuneka silandele ulwalathiso lobuthixo. INkosi yathi, ‘Khangelani kum kuyo yonke ingcinga; ningathandabuzi, ningoyiki.’ [IMfundiso neMinqophiso 6:36]. Yaye uMdumisi wabhala wathi, ‘Lisisibane seenyawo zam ilizwi lakho, likukukhanya emendweni wam’ [Indumiso 119:105]. …
“Kuhambo lwakho ebomini, udibana nemiqobo emininzi kwaye wenze iimpazamo. Ukhokelo lwezibhalo lukunceda ubone impazamo uze wenze isiluleko esiyimfuneko. Uyayeka ukuya kwicala elingelilo. Uyifunda ngononophelo imephu yendlela yezibhalo. Emva koko uqhubeleka nenguquko nembuyekezo efunekayo ukuze ungene ‘kwindlela emxinwa, esa ebomini obungunaphakade‘ [2 Nifayi 31:18]” (“Living by Scriptural Guidance,” Ensign, Nov. 2000, 17).
Bona kanjalo uDieter F. Uchtdorf, “The Prodigal and the Road That Leads Home,” Liyahona, EyeNkanga 2023, 86–88.
IiNdumiso 134–36
INkosi inamandla ngaphezu kwaso nasiphi na isithixo.
Qaphela izizathu ezinikwe kuyo Indumiso 135:15–18, kububudenge ukukholosa ngoothixo bobuxoki. Yintoni onokuhendwa ukuba uyithembe efana nesithixo? Usenokwenza uluhlu lwezinto ezinamandla ezinokuzenziwa yiNkosi, njengoko uMdumisi wenza kuzo Iindumiso 134–36. Zeziphi izinto ezinamandla Yona ekwenzele zona?
Indumiso 139
iNkosi iyayazi intliziyo yam.
Ufumana ntoni kuyo Indumiso 139 ekuncedayo ukuba uqonde ukuba iNkosi iyakwazi—iingcinga nezenzo zakho, ukomelela nobuthathaka bakho? Ingaba le nyaniso ibuchaphazela njani ubomi bakho nokhetho lwakho?
Iindumiso 146–50
“Mdumise uYehova.”
Njengoko ufunda ezi ndumiso zokugqibela zokudumisa, cinga ngezizathu onazo zokudumisa iNkosi. Kutheni le nto kubalulekile ukuba siyidumise Yona? Zeziphi iindlela onokudumisa Yona ngazo?
Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
Indumiso 102:1–2
INkosi iyandithuthuzela kwaye indinika ithemba.
-
Wena okanye omnye waBantwana bakho ningafunda Indumiso 102:1–2, nijonga indlela iNkosi esinceda ngayo ngexesha lobunzima. Singalufumana njani uncedo lwaYo? Ninokwabelana omnye nomnye ngamaxesha xa nifuna uncedo kwaye nave ukuba uThixo wayiva imithandazo yenu.
Indumiso 119:105
Ilizwi likaThixo lifana nokukhanya.
-
Abantwana bakho basenokonwabela ukuthetha ngendlela ekuvakala ngayo ukuba sebumnyameni. Okanye basenokuthetha ngezinto ekunzima ukuzenza ebumnyameni. Usenokubamema ukuba benze into ethile bevale amehlo, njengokuzoba umfanekiso. Sifunda ntoni kuyo Indumiso 119:105 ngokukhanya nelizwi likaThixo?
-
Khangela into uBawo waseZulwini asinike yona ukusinceda sihlale endleleni yaKhe kule miqolo ilandelayo: Iindumiso 119:47–48; 119:105; 1 Nifayi 11:25; 2 Nifayi 31:20. Yintoni esinokuyenza ukuze sihlale endleleni kaThixo?
-
Abantwana bakho banokukonwabela ukujonga imifanekiso yezinto ezikhankanywe kuyo Indumiso 119:105. Banokubeka imifanekiso ngokulandelelana kwayo njengoko befunda umqolo.
Indumiso 139:1–3, 23–24
UBawo waseZulwini noYesu Krestu bayandazi kwaye bayandithanda.
-
Cinga ngokwenza uluhlu olufutshane lwezinto ozaziyo ngomntwana wakho ngamnye. Njengoko ufunda uluhlu ngalunye ngexesha, cela abantwana ukuba baqashele ukuba uchaza bani. Emva koko, emva kokufunda Indumiso 139:1–3 kunye, ningadwelisa izinto uBawo waseZulwini noYesu abazaziyo ngathi.
-
Bhala amazwi ayo Indumiso 139:23–24 ephepheni okanye ebhodini. Mema abantwana bakho ukuba bakrwelele amagama achaza izinto uThixo anokusenzela zona. Kutheni sinokufuna ukuba uThixo azenze ezi zinto?
Indumiso 146:1–5; 9
Ndingayidumisa iNkosi.
-
Mhlawumbi abantwana bakho banokubalisa amava xa umntu wabancoma okanye wabaxelela ukuba benze umsebenzi omhle. Yabelana ngezinto ezilungileyo kuyo Indumiso 146:6–9 ezenziwe yiNkosi (nceda abantwana bakho baqonde amagama angaqhelekanga). Mema abantwana bakho ukuba bathethe ngezinye izinto Yona esenzela zona. Sinokuyidumisa njani Yona ngezo zinto?
Funda ekhaya; yabelana nabanye. UMongameli uRussell M. Nelson ufundise ukuba ikhaya kufuneka libe “sisazulu semfundo yevangeli” (“Becoming Exemplary Latter-day Saints,” Liyahona; EyeNkanga 2018, 13). Yintoni onokuyenza kule veki ukuze wenze nzulu ufundo lwakho lobuqu okanye lwentsapho lweeNdumiso? Emva kokufunda kwakho, cinga ukwabelana nabanye ngoko ukufundileyo nokuvileyo. Ungakwenza oku kwincoko, ngomyalezo okanye kwimidiya yoluntu, okanye ecaweni.
Ngokungambi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.