“EyoMsintsi 14–20. ‘UThixo Ulusindiso Lwam’: UIsaya 1–12,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)
“EyoMsintsi 14–20. ‘UThixo Ulusindiso Lwam,’” Yizani, Nindilandele: ITestamente eNdala 2026
The Prophet Isaiah Foretells Christ’s [Umprofeti uIsaya Uxela Kwangaphambili Ukuzalwa KukaKrestu], nguHarry Anderson
EyoMsintsi 14–20: “UThixo Ulusindiso Lwam”
UIsaya 1–12
Nokuba oku kungokokuqala kwakho ufunda incwadi ka-Isaya, unokufumana izicatshulwa ezivakala ngathi ziqhelekile. Kungenxa yokuba, kubo bonke abaprofeti beTestamente eNdala, u-Isaya ngoyena ucatshulwa rhoqo kwezinye iincwadi zezibhalo, kuquka noMsindisi uBuqu. Amazwi ka-Isaya ahlala evela kumaculo nakomnye umculo ongcwele.
Kutheni uIsaya ecatshulwa rhoqo? Ngokuqinisekileyo esinye sezizathu kukuba u-Isaya wayenesiphiwo sokuvakalisa ilizwi likaThixo ngolwimi olucacileyo nolungalibalekiyo. Kodwa kungaphezulu kunoko. UIsaya ukhuthaze abaprofeti kangangezizukulwana ngenxa yokuba iinyaniso awayezifundisa zazidlula isizukulwana sakhe (phakathi ko-740 no-701 BC). Wabhala ngomsebenzi omkhulu kaThixo wentlawulelo, omkhulu ngakumbi kunohlanga olunye okanye ixesha elinye. Kuye uIsaya, uNifayi wafunda ukuba yena nabantu bakhe, nangona babohlukene namanye amaSirayeli, babeseyinxalenye yabantu bomnqophiso bakaThixo. Ku uIsaya, ababhali beTestamente eNtsha bafumana iziprofeto ezingoMesiya ezazaliseka phambi kwamehlo abo. Kwaye ku Isaya, uJoseph Smith wafumana inkuthazo ngomsebenzi wemihla yokugqibela wokuhlanganisa uSirayeli nokwakha iZiyon. Xa ufunda uIsaya, uza kufumana ntoni?
Ngokumbi malunga no-Isaya nemibhalo yakhe, bona “UIsaya” kuso Isikhokelo kwiZibhalo. Ukuze ufumane ulwazi malunga nexesha awayephila ngalo uIsaya, bona OoKumkani II 15–20 kunye IziKronike II 26–32.
Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni
UIsaya 1–12
Amazwi kaIsaya aya kuzaliseka onke.
UMsindisi, ethetha ngo- [Isaya], wathi, “zonke izinto awazithethayo zibekho kwaye zisaya kubakho, kwanangokunxulumene namazwi awayewathethile” (3 Nifayi 23:3). Njengoko ufunda incwadi kaIsaya, cinga ngokwenza itshati yeziprofeto enezihloko ezifana nezi: Umhla kaIsaya, Ubulungiseleli basemhlabeni boMsindisi, kunye Nemihla yokugqibela. Phawula ukuba iziprofeto ezininzi zikaIsaya zizaliseka ngeendlela ezininzi (bona IsiKhokelo kwiZibhalo, “Isaya”).
UMongameli Dallin H. Oaks wafundisa: “Incwadi ka-Isaya iqulethe intaphane yeziprofeto ezibonakala zinenzaliseko ezininzi. Omnye ubonakala ebandakanya abantu bomhla kaIsaya okanye iimeko zesizukulwana esilandelayo. Enye intsingiselo, edla ngobangumqondiso, ibonakala ibhekisa kwiziganeko zexesha eliphakathi, xa iYerusalem yatshatyalaliswayo baza abantu bayo bathi saa emva kokubethelelwa koNyana kaThixo. Enye intsingiselo okanye inzaliseko yesi siprofeto sinye ibonakala inxulumene neziganeko zokuza kweSibini koMsindisi. Inyaniso yokuba uninzi lwezi ziprofeto zinokuba neentsingiselo ezininzi igxininisa ukubaluleka kokufuna kwethu isityhilelo kuMoya oyiNgcwele ukuze asincede sizitolike” (“Scripture Reading and Revelation,” Ensign, EyoMqungu1995, 8).
Understanding Isaiah [Ukuqonda UIsaya]. UMsindisi wathi, “Niphengululeni ezi zinto ngenkuthalo; kuba abulekile amazwi kaIsaya” (3 Nifayi 23:1; bona kananjalo imiqolo 2–3). Ukanti kwabaninzi, uIsaya kunokuba nzima ukumqonda. Ezi ngcebiso zilandelayo zinganceda:
-
Cingisisa ngemiqondiso nezikweko awazisebenzisayo uIsaya.
-
Zibuze, “Yintoni endiyifundayo ngoYesu Krestu?” (bona 1 Nifayi 19:23).
-
Khangela imixholo ovakalelwa kukuba ifanelekile kwixesha lethu.
-
Sebenzisa uncedo lwezifundo, njengesichazi-magama, imibhalo esemazantsi, izihloko zesahluko, kunye naso IsiKhokelo kwiZibhalo.
UIsaya 1; 3–5
Abaprofeti balumkisa ngesono kwaye bathembisa ithemba ngenguquko.
Njengabaprofeti kumaxesha onke, uIsaya waqhubeka ebalumkisa abantu ngemeko yabo yokomoya. Njengoko ufunda UIsaya 1; 3, 5, khangela amabinzana achaza indlela abantu ababeqhuba ngayo ngokomoya (bona, ngokomzekelo, UIsaya 1:2–4, 21–23; 3:9, 16–17; 5:11–12, 20–23). Ziziphi iingxaki ezifanayo ozibonayo kwixesha lethu? Unokukhangela kananjalo imiqolo ezilumkisa ngemiphumo yemeko yokomoya yamaSirayeli (ezifana no Isaya 1:7; 3:17–26; 5:5– 7, 13–15).
Ukongeza kwizilumkiso, uIsaya wanika imiyalezo yethemba lentlawulelo ngoMsindisi (bona, ngomzekelo UIsaya 1:16–19, 25–27; 3:10; 4). Yintoni oyifundayo malunga neNkosi kule miyalezo? Wahluke njani umyalezo weNkosi kule miqolo kulo uSathana afuna ukuba siwukholelwe?
NjengoIsaya, abaprofeti namhlanje bayasilumkisa ngesono nemiphumo yaso, yaye banikela imiyalezo yethemba ngoYesu Krestu. Yeyiphi eminye imizekelo onokucinga ngayo? Ungafuna ukuphonononga umyalezo osuka kwikomfa yajikelele edlulileyo, ujonge ezo zilumkiso nezithembiso.
UIsaya 2; 4; 11–12
UThixo uya kwenza umsebenzi omkhulu kwimihla yokugqibela.
Uninzi lweziprofeto zikaIsaya lunentsingiselo ekhethekileyo kumhla wethu. Ukuze uzifumane, khangela izenzi zexesha elizayo (ezifana no “iyakuba” okanye “uya kuhamba”). Ngokomzekelo, khangela ezi zenzi njengoko ufunda UIsaya 2; 4; 11-12. Ungazama ukuzitshintsha ngezenzi zexesha langoku (ezifana no i okanye uyahamba). Ziziphi iziprofeto ezikukhuthazayo ngokukhethekileyo? Ufunda ntoni kwezi ziprofeto ngeZiyon, ukwakha iitempile, nokuhlanganisa uSirayeli?
UIsaya 2:2–3 ubaluleke kakhulu kwabaNgcwele beMihla yokuGqibela. Zizaliseka njani ezi ziprofeto? Ufunda ntoni “ngeendlela” zeNkosi endlwini yaYo? (umqolo 3).
Bona kananjalo UIsaya 5:26; “High on the Mountain Top,” Hymns, no. 5.
UIsaya 6
Abaprofeti babizwa nguThixo.
Ku isahluko 6, uIsaya ubalise ngobizo lwakhe lokuba ngumprofeti. Njengoko ufunda esi sahluko, yintoni ekuchukumisayo ngoko kwenzeka kuIsaya? Esi sahluko siyiphembelela njani indlela ocinga ngayo ngeNkosi, ngabaprofeti baYo, nangomsebenzi ebabizelwe wona?
“Ngokuba sizalelwe umntwana, sinikwe unyana” (UIsaya 9:6).
UIsaya 7–9
UThixo wathembisa ukuthumela uYesu Krestu ukuba abe nguMsindisi wam.
Ngexesha lobulungiseleli bukaIsaya, uSirayeli wazimanya neSiriya ukuze azikhusele kwi-Asiriya. USirayeli neSiriya zazifuna ukunyanzela uAhazi, ukumkani wakwaYuda, ukuba azimanye nabo. Kodwa uIsaya waprofeta ukuba olo manyano lwaluya kusilela waza wamcebisa uAhazi ukuba akholose ngeNkosi (UIsaya 7:7–9; 8:12–13).
Njengoko uIsaya wacebisa uAhazi, wenza iziprofeto ezininzi ezaziwayo, ezinjengezo zifumaneka ku Isaya 7:14; 8:13–14; 9:2, 6–7. Nokuba ezi ziprofeto zazithetha ukuthini kuAhazi, ngokucacileyo zisebenza kuYesu Krestu (bona kananjalo UMateyu 1:21–23; 4:16; 21:44; ULuka 1:31–33). Kutheni igama elithi “Imanuweli” lisisibizo esilungileyo soMsindisi? (bona UMateyu 1:23). Ube “Ngumcebisi” okanye “iNkosana Yoxolo” njani kuwe? (UIsaya 9:7). Yintoni oyifundayo ngoMsindisi kule miqolo?
Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
UIsaya 1:2–4, 16–19
Ngenxa kaYesu Krestu, ndiyakwazi ukuguquka kwaye ndicoceke.
-
Ku Isaya 1:2–4, wena nabantwana bakho ninokufumana izizathu zokuba iNkosi yayonwabali ngabantu. Phawula uthelekiso kunye nezilwanyana ku mqolo 3—ngubani “inkosi” yethu? Sibonisa njani ukuba siyamazi Yena?
-
Ukuze ube nomfanekiso-ngqondweni ka Isaya 1:16–18, wena nabantwana bakho ningajonga into ebomvu eqaqambileyo nento emhlophe qhwa. Okanye ninokusebenza kunye ukuze nihlambe into ethile. Siba ngabangacocekanga njani ngokomoya? UYesu usinceda njani ukuba sicoceke? Yintoni esiiyifundayo ngoMsindisi kule miqolo? Yabelana nabantwana bakho ngendlela oziva ngayo ngYye kwaye noko akwenzele kona.
UIsaya 2:2–4
Etempileni, ndifunda ngoYesu Krestu.
-
UIsaya wabona kwangaphambili ixesha xa “intaba yendlu yeNkosi” iya kutsala abantu bazo “zonke iintlanga” (UIsaya 2:2). Ungabanceda njani abantwana bakho bazive benemincili ngokuya endlwini yeNkosi? Unokubamema ukuba bazobe umfanekiso wekhaya labo. Emva koko fundani kunye UIsaya 2:2, kwaye ubameme ukuba bazobe umfanekiso “wendlu yeNkosi,” oyitempile. Fundani UIsaya 2:3 kunye. Bameme ukuba bongeze kwimifanekiso yabo abantu abaninzi abeza etempileni, kuquka neentsapho zabo.
-
Ningafunda kananjalo UIsaya 2:2–3 kunye kwaye nichonge into enikhuthazayo nabantwana bakho ukuba niye etempileni. Emva koko, emva kokufunda UIsaya 2:4 kunye, ningaxoxa ngendlela itempile ebazisela ngayo uxolo. Ngokomzekelo, phambi kokuba ucule iculo elingeetempile, ungacela abantwana ukuba baphakamise izandla ukuba bayibonile itempile. Nceda abantwana bakho bafumane amagama kwingoma afundisa ukuba itempile iyintoni na kwaye yintoni esiyenzayo kuyo.
ITempile yaseSalt Lake
UIsaya 7:14; 9:6–7
UYesu Krestu weza emhlabeni ukuze abe nguMsindisi wam.
-
Ukwazisa iziprofeto zikaIsaya ezingoKrestu, wena nabantwana bakho ninokuthetha ngezibizo zabantu, njengomongameli, ubhishophu, okanye utitshala. Ezi zibizo zisixelela ntoni ngaba bantu? Nceda abantwana bakho bafumane izihloko zikaYesu Krestu UIsaya 7:14 kunye 9:6–7 (bona kananjalo iphepha lomisebenzi wale veki). Isihloko ngasinye kwezi zifundisa ntoni ngaYe? Yintoni esiyifundayo malunga noYesu Krestu kule miqolo?
-
Ungabelana nabantwana bakho “U-Isaya uMprofeti” (kuwo Amabali eTestamente eNdala, 150–51). Yima ngamaxesha athile ukuze ubuze ngoko uIsaya wayekwazi ngoYesu Krestu kwiminyaka emininzi ngaphambi kokuba Yena azalwe. Unokusebenzisa emva koko UMateyu 1:21–23; ULuka 1:31–33 ukuze uthethe ngendlela iziprofeto zikaIsaya eziku Isaya 7:14; 9:6–7 zazaliseka ngayo.
1:18Isaiah the Prophet
Ngokungambi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.