“EyoMsintsi 7–13. ‘Uya Kuwalathisa UMendo Wakho’: IMizekeliso 1–4; 15–16; 22; 31; INtshumayeli 1–3; 11–12,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)
“EyoMsintsi 7–13. ‘Uya Kuwalathisa UMendo Wakho,’” Yizani, Nindilandele: ITestamente eNdala 2026
Jesus with Children [UYesu kunye nabantwana], nguDilleen Marsh
EyoMsintsi 7-13: “Uya Kuwalathisa UMendo Wakho”
IMizekeliso 1–4; 15–16; 22; 31; INtshumayeli 1–3; 11–12
Usenokucinga ngencwadi yeMizekeliso njengengqokelela yeziluleko zobulumko ezivela kubazali abanothando (bona IMizekeliso 1:8). Umyalezo wayo ongaphambili ngowokuba ukuba ufuna ubulumko—ingakumbi ubulumko bukaThixo—ubomi buya kuhamba kakuhle. Kodwa iMizekeliso ilandelwa yincwadi yeNtshumayeli, ekubonakala ngathi ithi, “Ayikho lula lonto.” UMshumayeli ocatshulwe kwiNtshumayeli waphawula ukuba “wanika intliziyo [yaKhe] ukwazi ubulumko” kodwa wafumana “ukukhathazeka emoyeni” kunye “nosizi olukhulu” (INtshumayeli 1: 17–18). Ngeendlela ezahlukeneyo, incwadi iyabuza, “Ngaba kungakho intsingiselo yokwenyani kwihlabathi apho yonke into ibonakala ililize, iyeyokwexeshana, kwaye ingaqinisekanga?”
Ukanti, ngoxa ezi ncwadi zimbini zibujonga ubomi ngokweembono ezahlukeneyo, zifundisa iinyaniso ezifanayo. INtshumayeli iyabhengeza: “Ukuhlanganiswa kwentetho, yakuba ivakele into yonke, nanku: Yoyika uThixo, ugcine imithetho yaKhe; ngokuba indawo leyo yimfanelo yoluntu lonke” (INtshumayeli 12:13). Lo ngumgaqo ofanayo ofumaneka kuyo yonke iMizekeliso: “Kholosa ngeNkosi ngentliziyo yakho yonke” (sIMizekeliso 3:5; bona kananjalo umqolo 7). Ubomi buhlala bungcono—ukuba abusoloko bugqibelele—xa sithemba kwaye silandela iNkosi uYesu Krestu.
Ngesishwankathelo sezi ncwadi, bona “Imizekeliso, incwadi ye” kunye “INtshumayeli” kuso IsiKhokelo kwiZibhalo.
Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni
IMizekeliso 1–4; 15–16; INtshumayeli 1–3; 11–12
“Sondeza indlebe yakho kubulumko”
Incwadi yeMizekeliso neyeNtshumayeli izaliswe ziingqiqo zobulumko. Cinga ukumakisha igama elithi “ubulumko” kunye namagama ahambelanayo, anje ngo “ulwazi” kunye “nokuqonda,” njengoko uwafumana kuyo IMizekeliso 1–4; 15–16; INtshumayeli 1–3; 11–12. Ingaba ezi zahluko ziyichaphazela njani indlela ocinga ngayo ngobulumko? Ngokusekwe koku ukufumanayo, ungabuchaza njani ubulumko “obuphiwe yiNkosi”? (IMizekeliso 2:6). Ziziphi iintsikelelo ezivela kubulumko bukaThixo?
Bona kananjalo UMateyu 7:24–27; 25:1–13.
Nceda abafundi babelane ngoko bakufundayo. “Nika abafundi amathuba okuba babelane nabanye ngoko bakufundayo ngoMsindisi nevangeli yaKhe. Ukwenza oku kuya kubanceda bazibethelele ngaphakathi iinyaniso abazifundiswayo kwaye bazivakalise. Kuya kubanceda kananjalo bafumane ukuzithemba ekukwazini kwabo ukwabelana ngeenyaniso kwezinye iindawo” (Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi,26). Ngokomzekelo, unokubamema abafundi ukuba babhale iimbekiselo ezithile kwiMizekeliso okanye kwiNtshumayeli apho baye bafumana ulwazi ngobulumko bukaThixo. Emva koko mema abafundi ukuba bathethe ngoko bakufundileyo.
IMizekeliso 1:7; 2:5; 3:7; 15:33; 16:6; 31:30; INtshumayeli 12:13
“Musa ukuba sisilumko kwawakho amehlo; yoyika iNkosi.”
Omnye umxholo ofumaneka kwiMizekeliso neNtshumayeli yonke ngowokuba “ukoyika iNkosi.” Jonga eli binzana njengoko ufunda. Ucinga ukuba kuthetha ntoni na ukoyika iNkosi? Khangela iingqiqo kumyalezo kaMdala David A. Bednar “Therefore They Hushed Their Fears” (Liyahona, UCanzibe 2015, 46–49). Ukoyika iNkosi kwahluke njani kwezinye iintlobo zoloyiko?
Bona kananjalo IMizekeliso 8:13.
IMizekeliso 3:5–7; 4
“Kholosa ngeNkosi ngayo yonke intliziyo yakho.”
Ungazama njani ukucenge umntu ukuba kungcono “ukuthembela ENkosini” kunoku “ngqiyama [kokwethu] ukuqonda”? (IMizekeliso 3:5). Loluphi uthelekiso okanye izifundo onokuthi uzisebenzise? Njengoko uyicingisisa IMizekeliso 3:5–7, cinga ngeendlela onokuthi ugqibezele ngazo izivakalisi ezifana nezi: Ukuthembela ngeNkosi kufana … Ukwayama kokwethu ukuqonda kufana …
Kutheni kungebobulumko ukwayama kokwethu ukuqonda? Ufumanise njani ukuba iNkosi ithembekile?
Nangona kunjalo, sisenokukufumanisa kunzima ukuthembela eNkosini ngamanye amaxesha. Kutheni kunjalo?? Umdala uGerrit W. Gong ucebisa ezinye izizathu, kunye nengcebiso eluncedo, ku “Trust Againa” (Liyahona, EyeNkanga 2021, 97–99). Ngawaphi amabali okanye iimfundiso ozifumana kulo myalezo ezinokunceda umntu abuyisele ukuthembela kwakhe eNkosini?
Yomibini IMizekeliso 3:6 kunye neMizekeliso 4 ithelekisa ubomi “nendlela” okanye “indletyana.” Ucinga ukuba kuthetha ukuthini ukuvumela iNkosi “[ilungelelanise] umendo [wakho]”? (IMizekeliso 3:6). Ufumana ntoni kuso isahluko 4 ekuncedayo “uphonononge indlela yeenyawo [zakho]”? (umqolo 26). Ngokomzekelo, ifundisa ntoni imiqolo 11–12 kunye 18–19 malunga neentsikelelo zokulandela umkhondo olungileyo? Ithetha ntoni imiqolo 26–27 kuwe?
Bona kananjalo 2 Nifayi 31:18–21; “Lord, I Would Follow Thee, “ Amaculo, inani. 220.
IMizekeliso 15; 16:24–32
“Impendulo ethambileyo ibuyisa ingqumbo:”
Ezinye zezimvo kuyo IMizekeliso 15–16 inokukukhuthaza ukuba uphucule indlela onxibelelana ngayo nabanye, ingakumbi abo ubathandayo. Ngokomzekelo, cinga ngamaxesha athile apho “impendulo ethambileyo” yanceda “[yasusa] ingqumbo” (IMizekeliso 15:1).
Usenokucingakananjalo ngamaxesha apho uMsindisi wazekelisa iimfundiso kuyo IMizekeliso 15:1–4, 18 (bona UMarko 12:13–17; UYohane 8:1– 11). Ungawulandela njani umzekelo waKhe xa usebenzisana nabanye?
Isiluleko esikuyo IMizekeliso 15; 16:24–32 singasebenza njani kunxibelelwano lwanamhlanje oludijithali? Jonga ukuba ungawufumana na umqolo kwezi zahluko onokuthi uwuchaze ngokutsha njengengcebiso malunga nokusebenzisana kumajelo asekuhlaleni okanye ngomyalezo.
Bona kananjalo uNeil L. Andersen, “Following Jesus: Being a Peacemaker, “ Liahona, May 2022, 17–20; Ronald A. Rasband, “Words Matter,“ Liyahona, UCanzibe 2024, 70–77; For the Strength of Youth: A Guide for Making Choices (2022), 11–12.
Who Can Find a Virtuous Woman? [Umfazi Onesidima Ngubani na Ongamfumanayo?] II, nguLouise Parker
IMizekeliso 31: 10–31
“Ngumfazi owoyika uYehova yedwa oya kudunyiswa.”
IMizekeliso 31:10–31 ichaza “umfazi onesidima,” okanye umfazi onamandla amakhulu okomoya, amandla, kunye nefuthe. Ungazama ukushwankathela ngawakho amazwi ukuba ithini le miqolo ngabafazi abanesidima. Zeziphi kwezi mpawu onokuzixelisa?
INtshumayeli 1–3; 12
Ubomi bokufa bubomi bethutyana.
Kutheni le nto kubalulekile ukuba ukhumbule ukuba okuninzi kweli hlabathi, njengoko INtshumayeli 1–2 ikungqina, “ngamampunge” (okanye okwethutyana kwaye amaxesha amaninzi akubalulekanga)? Ufumana ntoni kuyo INtshumayeli 12 oko enika ubomi ixabiso elingunaphakade?
Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
IMizekeliso 1:7; 2:5; 15:33; 16:6; INtshumayeli 12:13
“Ukoyika uhixo” kuthetha ukumthanda nokumthobela Yena.
-
Ukuze uncede abantwana bakho baqonde iindinyana ezingokoyika uThixo, unokufakela igama elithi “ukoyika” endaweni yamagama afano nayo” intlonipho, uthando, okanye ukuthobela (bona kananjalo AmaHebhere 12:28). Oku kuyichaphazela njani indlela esicinga ngayo ngale miqolo? Sikubonisa njani ukuba siyayoyika iNkosi?
IMizekeliso 3:5–7
Ndingakholosa eNkosini ngentliziyo yam yonke.
-
Wena nabantwana bakho ninokwenza izinto ezinokuhamba nayo IMizekeliso 3:5–7, njengokwenza intliziyo ngezandla zakho, ukungqiyama kwelinye icala, ukuhamba endaweni, nokwalatha emehlweni akho. Singabonisa njani ukuba siyamthemba uYesu Krestu ngeentliziyo zethu zonke?
-
Ukubonisa ukuba kuthetha ukuthini “ungayami okwakho ukuqonda” (IMizekeliso 3:5), cinga ngokumema abantwana bakho ukuba bayame ngento eyomeleleyo nezinzileyo, njengodonga. Emva koko bangazama ukoyama kwinto engomelelanga, njengomtshayelo. Okanye basenokuzama ukweyamisa intonga okanye boyamise ipensile kwizinto eziqinileyo, njengencwadi okanye isiqwenga sephepha. Kutheni kubalulekile “ukuthembela eNkosini” (umqolo 5) hayi “[okwethu] ukuqonda”?
Learning to Trust the Lord [Ukufunda Ukuthemba iNkosi], nguKathleen Peterson
IMizekeliso 15:1–18
Ndingasebenzisa amazwi obubele.
-
Mhlawumbi wena nabantwana bakho ninokucinga ngeemeko apho nina okanye bona basenokuba nomsindo. Fundani IMizekeliso 15:1 kunye, uze uncede abantwana bakho basebenzise lo mqolo kwiimeko ababecinge ngazo. Mhlawumbi banokuqhelisela “iimpendulo ezilula” ezithile. Ingoma engobubele, efana nethi “Love Is Spoken Here” (Children’s Songbook, 190–91), 190–91), inokuwubethelela lo mgaqo.
-
Ukuze ufunde oko kuthethwa “kukuzeka kade umsindo” (IMizekeliso 15:18), wena nabantwana bakho ninokwabelana ngamaxesha apho wena (okanye umntu omaziyo) waziva ecaphuka kodwa wakhetha ukuba nobubele. Nceda abantwana bakho bacinge ngezinto esinokuthi sikhawuleze kuzo ukuba “siyazeka kade ukuqumba.” Ngkomzekelo, singakhawuleza ukucinga ngoYesu, sicele uncedo kuBawo waseZulwini, sicinge ngengoma yePrayimari, okanye, ukuba kuyenzeka, sihambe simke.
Ngokungambi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.