“EyoMsintsi 21–27. ‘Umsebenzi Omangalisayo kwanonguMmangaliso’: Isaya 13–14; 22; 24–30; 35,” Yizani ndilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)
“EyoMsintsi 21–27. ‘Umsebenzi Omangalisayo kwanonguMmangaliso,’” Yizani, Nindilandele: 2026
Sacred Grove [Hlathi eliNgcwele], nguBrent Borup
EyoKwindla 11–17: “Umsebenzi Omangalisayo kwanonguMmangaliso”
UIsaya 13-14; 22; 24–30; 35
Inye into iNkosi ecela ukuba abaprofeti bayenze kukulumkisa ngemiphumo yesono. Kubaprofeti beTestamente eNdala, oku kwakusoloko kuthetha ukuxelela abalawuli bezikumkani ezinamandla ukuba kufuneka baguquke. Kwakungumsebenzi onobungozi, kodwa u-Isaya wayengoyiki, kwaye izilumkiso zakhe kwizikumkani zemihla yakhe—kuquka uSirayeli, uYuda, nezizwe ezazimngqongile—zazingqindilili (bona UIsaya 13–23).
Nangona kunjalo, u-Isaya wayenomyalezo wethemba. Nangona intshabalalo kwakuprofetiwe ngayo yazifikela ezi zikumkani, u-Isaya wabona kwangaphambili ithuba lokubuyiselwa nokuhlaziywa. INkosi yayiza kumema abantu baYo ukuba babuyele kuYo. Wayeza kwenza “isanga … sibe lidike, neendawo ezinxaniweyo zimpompoze amanzi” (UIsaya 35:7). Yona yayiza kwenza “umsebenzi omangalisayo kwanongummangaliso” (UIsaya 29:14), ibuyisele uSirayeli iintsikelelo awayebathembise zona. Akukho namnye okanye no-Isaya owayephila ngeloo xesha owaye waphilela ukubona lo msebenzi omangalisayo. Kodwa siyawubona namhlanje. Enyanisweni, siyinxalenye yawo.
Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni
UIsaya 13:1–11, 19–22; 14:1–20
Ikratshi nokuthanda ihlabathi kuya kusilela.
Ngomhla ka-Isaya, iBhabhiloni yayibubukumkani obunamandla obunomlawuli onamandla. Ngoku iBhabhiloni iyimbali yamandulo. Ngoko kutheni umyalezo ka-Isaya oya eBhabheli ku UIsaya 13–14, ubalulekile kuthi namhlanje? Kungenxa yokuba iBhabhiloni ifuzisela ikratshi, ukubawa nesono, zinto ezo ezisasingqongileyo namhlanje. Cinga malunga nalo mqondiso njengoko ufunda UIsaya 13:1–11, 19–22; 14:1–20 Usenokuqwalasela imibuzo efana nale:
-
Zintoni ezifanayo ozibonayo phakathi kwekratshi likakumkani waseBhabheli nekratshi likaSathane? (bona UIsaya 14:4–20; Moses 4:1–4). Zeziphi izilumkiso ozifumanela zona kule miqolo?
-
Ingaba uMsindisi uyakukubonelela kanjani “ngokuphumla ekwaphukeni kwenu, nasekugungqeni kwenu”? (UIsaya 14:3).
“Uya kuginya ukufa ngoloyiso” (UIsaya 25:8).
UIsaya 22:22–23; 24:21–23; 25:6–8; 26:19; 28:16
UYesu Krestu nguMesiya othenjisiweyo.
Iimfundiso zika-Isaya zibhekisa rhoqo kumsebenzi woMsindisi, kuquka nedini laKhe lentlawulelo, nokuVuka kwabafileyo, nokuBuya okweSibini. Yeyiphi imiba yomsebenzi waKhe ethi qatha engqondweni xa ufunda le miqolo: UIsaya 22:22–23; 24:21–23; 25:6–8; 26:19; 28:16? Yeyiphi eminye imihlathi oyifumanayo ekukhumbuza ngoMsindisi?
Nika abafundi amathuba okunika ubungqina ngoYesu Krestu. “Ukuba ngumfundisi wevangeli kaYesu Krestu kuthetha ukunceda abanye baqonde kwaye bathembele kwiimfundiso zaKhe, amandla akhululayo, nothando olugqibeleleyo” (Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi,8). Enye indlela elula yokwenza oko ngalo lonke ixesha ufundisa kukubuza umbuzo ofana nombuzo othi “Yintoni oyifumeneyo kwizibhalo kule veki ekufundise into ngoMsindisi?” Emva koko vumela abafundi babelane ngamava abo kwaye bomeleze ukholo lomnye nomnye.
UIsaya 24:1–12; 28:1–8; 29:7–13; 30:8–14
Ukuphambuka eNkosini kuzisa ingozi yokomoya.
Ngenceba yaYo, iNkosi yathumela u-Isaya ukuba alumkise abantu bomnqophiso ukuba bayaphambuka kuYe. Bona ukuba unokuyifumana kusini na imiqondiso elumkisayo yokomoya yoku ku UIsaya 24:5; 29:13; 30:8–12. Kutheni ezi zimo zengqondo nezenzo ziyingozi ngokomoya?
Ukuze alumkise ngemiphumo yokuphambuka kwiNkosi, u-Isaya wasebenzisa uthelekiso olukhumbulekayo. Njengoko uyifunda, zibuze ukuba kufana njani nokuphambuka eNkosini:
-
Umhlaba olusizi, ongenanto (UIsaya 24:1–12).
-
Ukunxila (UIsaya 28:7–8.).
-
Indlala nokunxanwa (UIsaya 29:7–10).
-
Udonga oluqhekekileyo okanye isitya (UIsaya 30:13–14).
Kutheni kubalulekile kuwe ukuba uhlale usondele eNkosini?
UIsaya 29; 30:18–26; 35
INkosi inokubuyisela oko kulahlekileyo okanye okophukileyo.
Ngaba wakhE walahlekelwa yinto obucinga ukuba awusokuze uyifumane kwakhona? Okanye mhlawumbi kukho into eyaphukileyo, kwaye unexhala lokuba ayinakuze ilungiswe. Xa siyifulathela iNkosi, uSathana ufuna sicinge ukuba asinakubuyela okanye siphiliswe. Nangona kunjalo, u-Isaya wachaza ezinye zezinto ezimangalisayo iNkosi eya kuzenza ukuze isincede sibuyele kuYo. Ufunda ntoni ku Isaya 29:13–24; 30:18–26; 35 ngeNkosi, nothando lwaYo, namandla aYo? Mhlawumbi ungafumana ibinzana kwezi ndima elikunika ithemba xa ufuna ukuphiliswa. Ungajonga kwakhona kananjalo kumyalezo kaDade Amy A. Wright “Christ Heals That Which Is Broken” (Liyahona, UCanzibe 2022, 81–84).
Enye indlela iNkosi ebonakalisa ngayo amandlanenceba yaYo kungoBuyiselo lwevangeli yaYo. UIsaya 29 uqulathe izicatshulwa ezininzi ezinongqamaniso neziganeko zoBuyiselo. Ngokomzekelo:
-
Thelekisa UIsaya 29:11–12 kunye no 2 Nifayi 27:6–26 kunye nayo IMbali—kaJoseph Smith 1:63–65.
-
Thelekisa UIsaya 29:13–14 kunye ne IMfundiso neMinqophiso 4 kunye nayo IMbali—kaJoseph Smith 1:17–19.
-
Thelekisa UIsaya 29:18–24 kunye nalo igama lephepha leNcwadi kaMormoni.
Ngokoluvo lwakho, kutheni “imimangaliso” kunye “nemimangaliso” (UIsaya 29:14) ingamagama alungileyo ukuchaza iNkosi ebuyisela ivangeli yaYo? Unganceda njani ukuzalisekisa iziprofeto ezimalunga noBuyiselo? Ngezimvo, jonga kumyalezo kaMdala uGerrit W. Gong “All Nations, Kindreds, and Tongues” (Liahona, EyeNkanga 2020, 38–41).
Bona kananjalo “Ubuyiselo Olupheleleyo lweVangeli kaYesu Krestu: Isibhengezo Esisemthethweni Sesikhumbuzo Seminyaka Engamakhulu Amabini KwiHlabathi ” (Ithala leeNcwadi zeVangeli); “The Morning Breaks,” Amaculo, no 1.
Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomelela uLutsha.
Izimvo zokuFundisa Abantwana
Isaya 14:3; 25:8–9; 28:16
UYesu Krestu unokundihlangula esonweni nasekufeni.
-
Uya kubanceda njani abantwana bakho babone uMsindisi kwimibhalo ka-Isaya? Usenokubanceda bafumane amabinzana abakhumbuza ngaYe ku UIsaya 14:3; 25:8; okanye 28:16. Basenokuthi kananjalo batshatise le miqolo kaIsaya neminye imiqolo efundisa ngoMsindisi, enjengo ngo Mateyu 11:28–30; KwabaseKorinte I 15:53–57; Hilamani 5:12. Zeziphi izinto ezinkulu isenzele zona iNkosi?
-
Emva kokufunda UIsaya 25:8–9 kunye, ningajonga imifanekiso yoMsindisi eGetsemane, emnqamlezweni, kwaye nasemva koVuko lwaKhe. Vumela abantwana bakho bathethe ngoko kwenzekayo emifanekisweni nesizathu sokuba bathande uYesu baze “babe nemihlali ngosindiso lwakhe”(umqolo 9).
-
Usenokukhetha ukuxelela abantwana bakho ngentlungu oye waba nayo xa umntu omthandayo eswelekile. Ngqina ngentuthuzelo oyifumanayo ngenxa kaYesu Krestu. Mhlawumbi abantwana bakho banokuzola ubuso obulilayo baze bosule iinyembezi njengoko nifunda kunye UIsaya 25:8.
Intando yaKho Mayenziwe, nguKen Spencer
UIsaya 25:4–6
UYesu undinika “indawo yokusabela esiphangweni.”
-
Ngaba wena nabantwana bakho nikhe nayifumana intsikelelo yekhusi elikhuselekileyo ngexesha lesiphango okanye umthunzi ngemini eshushu yehlobo? Okanye ngaba uye wakunandipha ukutya okumnandi xa ulambile? Thetha ngala mava njengoko ufunda UIsaya 25:4–6. UYesu ufana njani nezi zinto?
UIsaya 29:11–18, 24
UBuyiselo lwevangeli “ngumsebenzi omangalisayo.”
-
Njengoko wena nabantwana bakho nifunda UIsaya 29:14, yabelana nabo ngamanye amagama athetha into enye nelithi “imimangaliso” “nemangalisayo.” Bavumele bakuncede ufumane izinto okanye imifanekiso emele eminye yemisebenzi emangalisayo yeNkosi kule mihla yokugqibela. Ezi zinokubandakanya ikopi yeNcwadi kaMormoni, umfanekiso wetempile, okanye umfanekiso woMbono wokuQala (kukho omnye osekuqaleni kwesi sishwankathelo). Emva koko abantwana bakho banokukhetha into ethile baze babelane nabanye ngesizathu sokuba ibangela umdla kubo.
-
Ingoma emalunga noBuyiselo lwevangeli inokuhamba kakuhle no Isaya 29, efana nethi “On a Golden Springtime” (IChildren’s Songbook, 88). Kwaye mhlawumbi amava obuqu anokunceda abantwana baqonde ukuba luthetha ukuthini ubuyiselo . Ngokomzekelo, wena nabantwana bakho ninokuthetha ngento eniphulukene nayo nendlela eniyifumene ngayo. Nceda abantwana bakho bathelekise oku noBuyiselo lwevangeli. Ngoku ka Isaya 29:13–15, kutheni sifuna uBuyiselo? Yeyiphi imisebenzi emangalisayo eyenziwa yiNkosi ukubuyisela ivangeli yaYo? (jonga iphepha lomsebenzi wale veki).
Ngokungambi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi UMhlobo.