Yizani, Nindilandele 2024
EyoMsintsi 28–EyeDwarha 4. “Bathuthuzeleni Abantu Bam”: UIsaya 40–49


“EyoMsintsi 28–EyeDwarha 4. ‘Bathuthuzeleni Abantu Bam’: Isaya 40–49,” Yizani, Nindilandeleni—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)

“EyoMsintsi 28–EyeDwarha 4. ‘Bathuthuzeleni Abantu Bam”,’” Yizani, Nindilandele: ITestamente eNdala 2026

UKrestu ephilisa indoda engaboniyo

Healing the Blind Man [Ukuphilisa indoda eyimfama], nguCarl Heinrich Bloch, kwiMyuziyam yaseFrederiksborg yeMbali yeSizwe

EyoMsintsi 28–EyeDwarha 4: “Bathuthuzeleni Abantu Bam”

UIsaya 40–49

“Thuthuzelani” ligama lokuqala lika Isaya isahluko 40. Liphawula ukuqala kwesandi esahlukileyo, ugxininiso olwahlukileyo emyalezweni womprofeti. Imibhalo ka-Isaya yangaphambili yalumkisa uSirayeli noYuda ngentshabalalo nokuthinjwa okwakuya kuza ngenxa yezono zabo. Kodwa ezi ziprofeto zakamva zaziza kuthuthuzela amaYuda kwiminyaka engaphezu kwe-150 kwixesha elizayo—emva kokuba iYerusalem netempile zitshatyalalisiwe baza abantu bathinjwa yiBhabhiloni. Kodwa ezi ziprofeto zigqithela kude kwixesha elizayo elingaphaya kwamaSirayeli awoyisiweyo nawayetyhafile. Zthetha nathi, esithi nathi ngamanye amaxesha sizive soyisiwe, sityhafile, kwaye silahlekile.

Umyalezo ka-Isaya kubantu bakhe nakuthi ulula: “Musa ukoyika” (UIsaya 43:1). Akulahlekanga konke. INkosi ayikulibelanga, kwaye Yona inamandla awegqitha iimeko ezibonakala zingaphaya kolawulo lwakho. Ngaba uYehova, “owadala amazulu” (Isaya 42:5), akanamandla ngaphezu kweBhabhiloni, kunesono, ngaphezu kwayo nantoni na enithimbileyo? “Buyela kum,” Yona iyabongoza, “ngokuba ndikukhulule ngokukuhlawulela”(UIsaya 44:22). Yona ingaphilisa, ibuyisele, yomeleze, ixolele, kwaye ithuthuzele—nantoni na efunekayo kuwe, kwindawo yakho, ukhululwe.

umfanekiso wokufunda

Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni

UIsaya 40–49

umfanekiso weseminari
UYesu Krestu angandithuthuzela kwaye angandinika ithemba.

Xa amaSirayeli ayesekuthinjweni eBhabhiloni, abaninzi basenokuba babezibuza ukuba babephulukene ngonaphakade na nendawo yabo njengabantu bakaThixo abanyuliweyo, bomnqophiso. Njengoko ufunda UIsaya 40–49, khangela imihlathi esenokuthi ibonelele ngentuthuzelo nangethemba. Kumhlathi ngamnye owufumanayo, cingisisa kwaye ubhale oko iNkosi kusenokuthi iyakuthetha kuwe kule miqolo. Nantsi embalwa onokuthi uqale ngayo:

  • 40:11, 29–31:

  • 41:10–13, 17–18:

  • 42:6–7:

  • 43:1– 7, 25:

  • 44:1–4, 21–24:

  • 46:3–4:

  • 49:7–16:

Yintoni ocinga ukuba iNkosi ifuna uyazi ngaYo?

Usenokuphawula ukuba iculo elithi “How Firm a Foundation” (Amaculo, no. 85 ) litsalela kumazwi kaIsaya ku Isaya 41:10; 43:2–5; 46:4. Cingisisa ngokucula okanye ukuphulaphula eli culo, ujonge ukufana phakathi kwamazwi nemiqolo ka-Isaya. INkosi izizalisekise njani izithembiso kule miqolo ebomini bakho?

Bona kananjalo uPatrick Kearon, “He Is Risen with Healing in His Wings: We Can Be More Than Conquerors,” Liyahona, UCanzibe 2022, 37–40.

Sebenzisa isibhalo esongezelelekileyo. Ngamanye amaxesha sinokuyiqonda ngcono iTestamente eNdala ukuba songezelela isifundo sethu ngemiqolo evela kwiNcwadi kaMormoni. Ngokomzekelo, abaprofeti beNcwadi kaMormoni uNifayi noYakobi babefikelela kwimibhalo ka-Isaya kumacwecwe obhedu (bona 1 Nifayi 19:22–23), kwaye basebenzisa ezi ziprofeto ukufundisa ngoMsindisi. Ukufunda ngendlela uNifayi noYakobi bamfanisa ngayo UIsaya 48–49 nabantu babo, bona 1 Nifayi 22. Oko kusenokukunceda ufanise ezi zahluko nobomi bakho.

Umlambo obanzi, ongekho nzulu

Ngokuthobela iNkosi, singabanalo “uxolo … njengomlambo” (UIsaya 48:18).

UIsaya 40–49

“Ungumkhonzi wam wena.”

Kuye wonke UIsaya 40–49 iNkosi ithetha “ngomkhonzi” waYo kunye “nangamangqina” waYo. La magm anokubhekisa kuYesu Krestu (bona UIsaya 42:1–7), kwindlu kaSirayeli (bona uIsaya 45:4), nakuKumkani uKoreshi, owavumela abantu bamaYuda ukuba babuyele eYerusalem baze bakhe kwakhona itempile (bona. UIsaya 44:26–28; 45:1–4). Usenokuqwalasela indlela ezisebenza ngayo kuwe njengesicaka nengqina leNkosi. Ngokmzekelo, cingisisa ngemibuzo efana nale:

UIsaya 40:1–3, 9–11; 43:9–12. Yeyiphi indlela olingqina likaYesu Krestu ngayo? Zeziphi “iindaba ezilungileyo” onokuthi wabelane ngazo njengengqina laKhe? Unokucinga ukuba ubizelwe kwinkundla yamatyala. Kweli tyala, uYesu Krestu ubekwe ityala ngokwenza ibango elibhalwe ku Isaya 43:11. Bubuphi ubungqina obunokunikela ukuxhasa ibango likaYesu? Bubuphi ubungqina obuvela kubomi bakho obuya kuthi ububonise?

UIsaya 41:8–13; 42:6; 44:21. Ingaba yintoni iNkosi ekubizele ukuba uyenze? Cinga ngobizo leBandla namanye amathuba okukhonza Yena. “Ukubumbe” okanye ukulungiselele njani ukuba ube ngumkhonzi waKhe? Yena ukuxhasa njani wena njengoko ukhonza?

UIsaya 49:1–9 Yeyiphi imiyalezo oyifumanayo kule miqolo engakunceda xa imizamo yakho nenkonzo yakho zibonakala “nangento engento”? (umqolo 4).

UIsaya 40:3–8, 15–23; 42:15–16; 47:7–11

Amandla kaThixo makhulu ukwegqitha amandla asemhlabeni.

UIsaya wayephinda-phinda ekhumbuza abantu bakhe ngamandla kaThixo awangenakulinganiswa, nokuba ethelekiswa namandla asemhlabeni acinezelayo awayebangqongile. Khangela lo myalezo njengoko ufunda UIsaya 40:3–8, 15–23; 42:15–16; kunye no 47:7–11 (qaphela ukuba isahluko 47 sibhekiswe kumthimbi kaSirayeli, iBhabheli). Ingaba ikufundisa ntoni le mihlathi malunga nezinto zomhlaba? Ikufundisa ntoni malunga noThixo? Cinga nzulu ngokuba kutheni lo myalezo wawunokuxabiseka kumaYuda awayethinjiwe. Kutheni uxabisekile kuwe?

UIsaya 48:10; 49:13–16

INkosi inokundisulungekisa kwiimbandezelo zam.

Njengoko ufunda UIsaya 48:10, cinga “ngeziko lakho lenkxwaleko.” “Ikusulungekisa” njani iNkosi? Ukunceda njani UIsaya 49:13–16 xa usebunzimeni?

5:2

The Refiner's Fire

Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomelela uLutsha.

umfanekiso wecandelo labantwana

Izimvo zokuFundisa Abantwana

Isaya 40:3–5

Ndinganceda ukulungisa “indlela yeNkosi.”

  • Cinga ngezinye iindlela zokubonisa ukuba kuthetha ukuthini “ukulungisa … indlela yeNkosi,” njengoko ichazwe kuye UIsaya 40:3–5. Ngokomzekelo, wena nabantwana bakho ninokolula into egoso, nicoce umgangatho ophithizelayo, okanye nenze indlela ecacileyo kumhlaba onamatye. Ninokubonisa kannjalo imifanekiso kaYohane uMbhaptizi noJoseph Smith (bona Incwadi yoMsebenzi yoBugcisa beVangeli, amanani. 35,87). Ingaba iyilungiselela kanjani indlela yokubuya kweNkosi? (bona ULuka 3:2–18; IMfundiso neMinqophiso 135:3). Singanceda njani? Eli inokuba lithuba lokuthetha ngendlela abaphathi boBubingeleli buka-Aron bancedisa ngayo ukulungisa indlela yeNkosi (bona IMfundiso neMinqophiso 84:26–28).

UIsaya 43:10

Ndinokuba lingqina leNkosi.

  • Emva kokuba nifunde UIsaya 43:10 kunye, ninokuthetha ngoko kuthethwa kukuba lingqina. Yabelanani ngezinto enithe nazifumana eninokuba “lingqina” lazo—ngokomzekelo, ukutya enikungcamlileyo, indawo eniye nayityelela, okanye umntu enimaziyo. Kuthetha ukuthini ukuba lingqina leNkosi? Yintoni esinokuyixelela abanye abantu ngaYe?

UIsaya 44:3–4; 45:8

INkosi iya “kugalela” iintsikelelo zayo phezu kwam.

  • Emva kokufunda le miqolo, abantwana bakho banokunkcenkceshela isityalo kwaye bathethe ngeentsikelelo iNkosi ezithululele phezu kwabo. Yintoni eyenzeka kwisityalo xa sisinkcenkceshela? Iintsikelelo zeNkosi zisincede njani ukuba sikhule?

iliza elikhulu lolwandle

“Ubulungisa bethu [bunokuba] njengamaza olwandle” (UIsaya 48:18).

UIsaya 48:17–18

Ukugcina imiyalelo kaThixo kuzisa uxolo.

  • Imifanekiso okanye iividiyo zemilambo namaza olwandle zinokunceda abantwana bakho babe nomfanekiso-ngqondweni UIsaya 48:18 (njengemifanekiso ekolu lwandlalo). Abantwana bakho banokukonwabela ukuhambisa izandla neengalo njengomlambo namaza olwandle. Ingaba uxolo lungafana kanjani nomlambo? Ubulungisa bungafana kanjani namaza? Thetha ngendlela ekuncede ngayo ukugcina imiyalelo kaThixo ukuba uzive useluxolweni njengomlambo okanye womelele njengamaza.

  • Culani kunye ingoma emalunga nemiyalelo, efana nethi “Keep the Commandments” (Children’s Songbook, 146–47). Le ngoma isifundisa ntoni ngokuba kutheni sifanele sigcine imiyalelo kaThixo?

UIsaya 49:14–16

INkosi soze indilibale.

  • UIsaya 49:14–16 unokuba yintuthuzelo enkulu ebantwaneni bakho kwiminyaka ezayo. Njengoko ufunda umqolo 14, unokuthetha ngento enokwenza abantu bazive belityelwe okanye belahliwe. Sazi njani ukuba iNkosi ayisilibalanga?

  • Ukwazisa imiqolo 15–16, ungabuza abantwana bakho ngomntu abangasokuze bamlibale, njengelungu losapho okanye umhlobo. Ngoku ka Isaya 49:15–16, kutheni iNkosi ingasokuze isilibale? Emva koko ninokwabelana omnye nomnye ngeemvakalelo zenu ngoYesu Krestu.

Ngokungambi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi UMhlobo.

UYesu nendoda nentombazana

Balm of Gilead [Ibhalm yaseGiliyadi], nguAnnie Henrie Nader

iphepha lomsebenzi wePrayimari: Ndingalingqina leNkosi