“EyeDwarha 5–11. UIsaya 50–57: ‘Uzithabathele Phezu Kwakhe Izifo Zethu, Wathwala Umvandedwa Wethu,’” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)
“EyeDwarha 5–11. ‘Wazithwala Iintlungu Zethu, Wazithwala Iintsizi Zethu,’” Yizani, Nindilandele: ITestamente eNdala 2026
UKuhlekiswa ngoKrestu, nguCarl Heinrich Bloch
EyeDwarha 5–11: “Uzithabathele Phezu Kwakhe Izifo Zethu, Wathwala Umvandedwa Wethu”
UIsaya 50–57
Kubo bonke ubulungiseleli bakhe, uIsaya wathetha ngomhlanguli onamandla. Ezi ziprofeto zaziya kuxabiseka ngakumbi kumaSirayeli ezinkulungwaneni zeminyaka kamva xa asethinjiwe eBhabheli. Umntu owayengawisa iindonga zaseBhabheli wayeya kuba ngumoyisi onamandla ngokwenene. Kodwa olo asilohlobo lukaMesiya awamchazayo uIsaya izahluko 52–53: “Udeliwe, ushiyiwe ngabantu; yindoda enomvandedwa, eqhelene nomvandedwa, eqhelene nesifo: wanga ngulowo kusitheliswa kuye ubuso. … Ke thina besiba ungobandezelwayo nguThixo, ungocinezelwa nguye” (UIsaya 53:3–4).
Ngokuthumela umkhululi ongalindelekanga ngolohlobo, uThixo wasifundisa ngenkululeko yokwenene. Ukusisindisa engcinezelweni nakwimbandezelo, uThixo waye wathumela oYena Buqu “wakhandaniswa, … kwaye wabandezelwa.” Nangona abanye babelindele ingonyama, Yena waye wathumela imvana (bona UIsaya 53:7). Ngokuqinisekileyo, iindlela zikaThixo ayizondlela zethu (bona UIsaya 55:8–9). UYesu Krestu uyasikhulula hayi nje ngokuvula intolongo kodwa ngokuthatha indawo yethu khona apho. Yena uyasikhulula kumatyathanga ethu entlungu nosizi ngokuzithwala ngokwakhe (bona UIsaya 53:4–5, 12). Yena akasisindisi emgama. Yena ubandezeleka kunye nathi, ngezenzo ”zobubele obungunaphakade” ”obungayi kumka kuwe” (UIsaya 54:8, 10).
Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni
UIsaya 50–52
Ixesha elizayo liqaqambile ebantwini beNkosi.
Nangona amaSirayeli aye achitha iminyaka emininzi ekuthinjweni—kwaye nangona oko kuthinjwa kwakusisiphumo sokhetho lwawo olugwenxa—iNkosi yayifuna ona ajonge kwixesha elizayo ngethemba. Yintoni oyifumanayo kwisigidimi sikaIsaya ekunika ithemba? Itshati efana nale ingakunceda ufunde:
|
Oko ndikufundayo ngoThixo (bona, ngokomzekelo, UIsaya 50:2, 5–9; 51:3–8, 15–16; 52:3, 9–10) | |
|
Imiyalezo yethemba (bona, ngokomzekelo, UIsaya 50:9; 51:3–5, 11–12, 22–23; 52:9–10) | |
|
Into endinokuyenza ukwenza ithemba libe yinyani (bona, ngokomzekelo, UIsaya 50:10; 51:1–2, 6–9; 52:1–3, 9–11) |
Bona kanjalo Mozaya 12:20–24; 15:13–18; 3 Nifayi 20:29–46; IMfundiso neMinqophiso 113:7–10; Russell M. Nelson, “Embrace the Future with Faith,” Liahona, EyeNkanga 2020, 73–76.
Ngenxa yoThando, ngu-Angela Johnson
Nceda abafundi zeze kuYesu Krestu. “Akukho nto uyenzayo njengotitshala eya kusikelela abafundi ngaphezu kokubanceda ukuba bazi uBawo waseZulwini noYesu Krestu kwaye bave uthando lwaBo” (Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi,8). Njengokuba ulungiselela ukufundisa UIsaya 50–57 kwabanye, cinga ukuba ungabanceda njani babone unxulumano phakathi kwemingeni kaSirayeli, iziprofeto zika-Isaya ezingoKrestu, nokufumana uncedo lobuthixo ngemizabalazo yabo.
UIsaya 53
UYesu Krestu wazithabathela kuYe izono zam neentsizi zam.
Izahluko ezimbalwa kwizibhalo ezichaza umsebenzi okhululayo kaYesu Krestu kakuhle kakhulu kuno Isaya 53. Qwalasela imisebenzi efana nale ukuze uqonde ngcono kwaye usebenzise ezi mfundiso zinamandla:
-
Cingisisa okanye uxoxe ngendlela amabali neemuvi ezihlala zibonisa ngayo amaqhawe ahlangula abantu. Thelekisa loo mizobo neenkcazelo zoMsindisi ku Isaya 53.
-
Emva kokufunda umqolo ngamnye, yima kancinci ucinge oko wabandezeleka ngako uMsindisi—“iintlungu,” “iintsizi,” kunye “nokreqo” Yena awakuthwala—esenzela bonke abantu kwaye ngakumbi wena. Usenokufaka endaweni yamagama awafana nala “thina” kunye “yethu” no “mna” kunye “yam” njengoko ufunda. Zezipho iimvakalelo okanye iingcinga le miqolo ethi iziphembelele kuwe?
-
Qwalasela ukubukela ividiyo ethi, “My Kingdom Is Not of This World” (Ithala leeNcwadi zeVangeli), uze ucingisise ngendlela iziprofeto eziku Isaya 53 ezazaliseka ngayo. Zeziphi ezinye zeentlungu neentsizi uMsindisi akuthwalela zona?
5:25My Kingdom Is Not of This World
-
Fumana imifanekiso yeziganeko ezingqonge iNtlawulelo kaYesu Krestu (bona Incwadi yoBugcisa beVangeli, amanani 56–60). Ungafumana amabinzana ku Isaya 53 achaza iziganeko ezisemifanekisweni. Ezi mfundiso zikukhuthaza ukuba wenze ntoni?
UIsaya 54; 57:15–19
UYesu Krestu ufuna ukuba ndibuyele kuYe.
Sonke sinamaxesha apho siziva siqelele eNkosini ngenxa yezono zethu okanye ubuthathaka bethu. Abanye bade banikezela ithemba lokuba Yena uya kuze abaxolele. UIsaya 54 kunye no 57 zizahluko ezinkulu zokufundelwa ingqinisekiso nenkuthazo ngamaxesha awanjalo. Ingakumbi ku Isaya 54:4–10; 57:15–19, ngawaphi amazwi akufundisayo indlela uMsindisi aziva ngayo ngawe? Yintoni umehluko ewenzayo ebomini bakho ukwazi ezi zinto ngaYe?
UMongameli Dieter F. Uchtdorf wafundisa:
“Akukhathalisekanga nokuba ubomi bethu bungabonakala bonakele kangakanani. Akukhathalisekanga nokuba izono zethu zingaba bomvu kangakanani, nokuba ubukrakra bethu bunzulu kangakanani, nokuba zibulolo kangakanani, zilahlwe kangakanani, okanye zophuke kangakanani iintliziyo zethu. Nkqu nabo bangenathemba, baphila ngaphandle kwethemba, abo bangcatshe ukuthemba, banikele ngengqibelelo yabo, okanye baphambuka kuThixo bangokhiwa kwakhona. …
“Iindaba ezivuyisayo zevangeli zezi: ngenxa yecebo lanaphakade lolonwabo esilinikwa nguBawo wethu waseZulwini osithandayo nangedini elingenasiphelo likaYesu uKrestu, asinakukhululwa kuphela kwimeko yethu yokuwa kwaye sibuyiselwe kubunyulu, kodwa sinako kanjalo ukogqitha intelekelelo yasemhlabeni kwaye sibe ziindlalifa zobomi obungunaphakade kunye nabathathinxaxheba bozuko lukaThixo olungenakuchazwa.” (“He Will Place You on His Shoulders and Carry You Home,” Liahona, UCanzibe 2016, 102).
Bona kananjalo noPatrick Kearon, “God’s Intent Is to Bring You Home,” Liahona, UCanzibe 2024, 87–89.
UIsaya 55–56
INkosi imema bonke ukuba “babambele emnqophisweni wam.”
Kwizizukulwana ngezizukulwana, uSirayeli wayesaziwa njengabantu bomnqophiso kaThixo. Nangona kunjalo, icebo likaThixo belisoloko liquka ngaphaya kwesizwe esinye, kuba “bonke bona banxaniweyo” bayamenywa ukuba “beze emanzini” (UIsaya 55:1). Gcina oku engqondweni njengoko ufunda UIsaya 55 kunye no 56, kwaye ucingisise ngokuba kuthetha ukuthini ukuba ngabantu bakaThixo. Yintoni umyalezo kaThixo kwabo baziva “bohluliwe kanye” kuYe? (UIsaya 56:3). Cingisisa ngokuphawula imiqolo echaza izimo nezenzo zabo “babambelela emnqophisweni wam” (bona UIsaya 56:4–7).
Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
UIsaya 51–52
INkosi iyandimema ukuba “ndambathe amandla [am].”
-
Kusenokuba mnandi kubantwana bakho ukufumanisa amabinzana afana nathi “vuka,” “phakama,” nelithi “yambatha amandla akho” ku Isaya 51:9, 17; 52:1–2, 9 baze balinganise loo mabinzana. Emva kokwenza oko, usenokuthetha malunga nokuthe ukuthini uvuka, ukuma, nokomelela ngokomoya. Yintoni le iNkosi icela ukuba siyenze kule miqolo?
-
Abantwana bakho banokufunda kananjalo UIsaya 51:1, 4, 7 kwaye bachonge ukuba iNkosi ithetha kubani na nokuba yintoni na efuna bayenze. Kuthetha ukuthini “ukuphulaphula” iNkosi? Sinokuyibonisa njani iNkosi ukuba “simamela” Yona?
UIsaya 53:3–9
UYesu Krestu wazithabathela kuYe izono zam neentsizi zam.
-
Wena nabantwana bakho ningajonga imifanekiso eliqela ebonisa ukuhlupheka nokufa kukaYesu Krestu (bona, umzekelo, Incwadi yoBugcisa beVangeli, amanani. 56, 57, 58). Emva koko ninokufunda kunye UIsaya 53:3–6, 9 nize nikhangele amagama achaza okwenzekayo emifanekisweni. Nceda abantwana bakho baqonde ukuba uIsaya wathetha ngezi nyaniso kumakhulu eminyaka ngaphambi kokuba zenzeke. Kutheni le nto bekuya kubaluleka ukuba abantu bazazi ezi zinto kwiminyaka emininzi kangaka ngaphambili? (bona Alma 39:15–19).
-
Emva kokufunda ku Isaya 53:4, “Uzithabathele phezu kwakhe izifo zethu, wathwala umvandedwa wethu,” abantwana bakho banokuzama ukuphakamisa into enzima (okanye benze ngathi bayayiphakamisa). Thetha malunga nendlela ”intlungu” kunye ”nosizi” okanye ukukhathazeka olunokuvakala ngathi lunzima kwaye kunzima ukuluthwala. Kwakutheni ukuze uYesu athwale “iintlungu,” “iintsizi,” “iinkathazo” okanye izono zethu? (bona kanjalo Alma 7:11–12).
UIsaya 55:6
Ndingayikhangela iNkosi kwaye ndibizele kuYo.
-
Ufundisa abantwana bakho ngo Isaya 55:6, unokuwufihla ndaweni ithile umfanekiso kaYesu kwigumbi. Ungamema abantwana bakho ukuba bafumane umfanekiso kwaye uchaze enye indlela “abanokuthi bayifune ngayo … iNkosi ngoxa isenokufunyanwa.” Emva koko unokuvumela omnye waBantwana afihle umfanekiso aze aphinde umsebenzi.
UIsaya 55:8–9
Iindlela zeNkosi ziphakamile kunezam.
-
Emva kokufunda UIsaya 55:9, kusenokuba mnandi kubantwana bakho ukuma esitulweni baze bathethe ngendlela izinto ezibonakala zahluke ngayo xa “uphakame kakhulu.” Okanye banokuzoba umfanekiso wento ethethwa ku Isaya 55:9 kubo. Ungaxoxa emveni koko ngezinye iindlela zeNkosi eziphezulu kunezethu. Ngokomzekelo, ithini indlela yaKhe yokuphatha aboni? (bona UMarko 2:15–17). Ithini indlela yakhe yokukhokela abanye? (bona Mateyu 20:25–28). Yabelana nabantwana bakho ngendlela ofunde ngayo ukuthemba iindlela eziphezulu zeNkosi neengcinga.
Ngokungambi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.