Yizani, Nindilandele 2024
EyeDwarha 12–18. “UMkhululi Uya Kuza eZiyon”: Isaya 58–66


“EyeDwarha 12–18. UIsaya 58–66: “UMkhululi Uya Kuza eZiyon” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)

“EyeDwarha 12–18. ‘UMhlawuleli Uya Kuza eZiyon,’” Yizani, Nindilandele: ITestamente eNdala 2026

UYesu ufundela abantu umsongo kwindlu yesikhungu

UYesu Kwindlu yesiKhungu eNazarete, nguGreg Olsen

EyeDwarha 12–18: “UMhlawuleli Uya Kuza eZiyon”

UIsaya 58–66

Ekuqaleni kobulungiseleli baKhe, uYesu Krestu watyelela indlu yesikhungu eNazarete, apho Yena wakhulela khona. Yena wema apho ukuze afunde izibhalo, wavula incwadi ka-Isaya, kwaye wafunda into ngoku esiyazi ngokuba Isaya 61:1–2. Emva koko wathi, “Namhlanje esi sibhalo sizalisekile ezindlebeni zenu.” Esi yayisesinye sezibhengezo ezithe ngqo zoMsindisi zokuba wayenguMthanjiswa, owayeza “[kuphilisa] abantliziyo ityumkileyo” kwaye “ndivakalise inkululeko kubathinjwa” (bona Uluka 4:16–21). Esi sibhalo sazaliseka ngokwenene ngalo mhla. Kwaye, njengezinye iziprofeto zika-Isaya, siyaqhubeka ukuzaliseka kumhla wethu. UMsindisi uyaqhubeka ukuphilisa bonke abantliziyo zityumkileyo abeza kuYe. Basebaninzi abathinjwa abasafuna ukuhlangulwa. Kwaye kukho ikamva eliqaqambileyo ekufuneka sililungiselele—ixesha xa iNkosi iya “kudala amazulu amatsha nehlabathi elitsha” (UIsaya 65:17) kwaye “ibangele ukuntshulisa ubulungisa nendumiso phambi kweentlanga zonke ” (UIsaya 61:11). Ukufunda u-Isaya kuvula amehlo ethu kwinto esele yenziwe yiNkosi, into Yona eyenzayo, nento asaza kuyenzela abantu baKhe.

umfanekiso wokufunda

Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni

UIsaya 58:3–12

umfanekiso weseminari
Ukuzila ukutya kwakha amandla omoya kwaye kusikelele abantu abasweleyo.

Kutheni umntu enokuthi ngokuzithandela ahambe ngaphandle kokutya xa ukutya kukho? Njengokuba ufunda UIsaya 58:3–12, usenokucinga ngezizathu zakho zokuzila ukutya—nezizathu zeNkosi zokunikela lomthetho. Nantsi eminye imibuzo ongayicingisisa:

  • Kutheni ukuzila ukutya ngamanye amaxesha kunokubonwa ngakumbi njengomthwalo kunentsikelelo? (bona UIsaya 58:3–5). Iimfundiso zeNkosi kwesi sahluko ziyitshintsha njani loo mbono kuwe?

  • Kungathetha ntoni “ukukhulula izitrophu zeedyokhwe” kwaye “naphule zonke iidyokhwe”? (Isaya 58:6). Ukuzila ukutya kunokubasikelela njani abanye? (bona umqolo 7).

  • Ukuzila kukuzisele njani iintsikelelo ezichazwe ku Isaya 58:8–12?

Kumyalezo wakhe “Is Not This the Fast That I Have Chosen?” (Liahona, UCanzibe 2015, 22–25), uMongameli Henry B. Eyring wabelane ngemizekelo emininzi yendlela abantu abasikelelwe ngayo ngokuzila ukutya kunye neminikelo yokuzila. Uzibone njani ezi ntsikelelo zinje ebomini bakho?

Bazi abantu obafundisayo. Ukuba ngutitshala onjengoKrestu kuquka ukubazi abantu obafundisayo kwaye uzame ukuqonda ukuba yintoni esezintliziyweni zabo. … Ungafumanisa indlela abafunda ngcono ngayo. Ungabuza imibuzo, umamele ngenyameko, kwaye uqwalasele. Ngaphezu kwako konke, ungathandazela ukuqiqa okunokunikezelwa nguMoya kuphela. Okukhona umazi ngcono umntu, kokukhona ukwazi ngcono ukumnceda yena afumane intsingiselo yobuqu namandla kwivangeli kaYesu Krestu. Xa uluqonda unxano lomntu, uMoya unokukufundisa ukuba ungakunceda njani ukulicima ngamanzi aphilileyo oMsindisi” (Ukufundisa Ngendlela yoMsindisi,13).

UIsaya 58:13–14

Ukubeka iNkosi ngeSabatha kuzisa uvuyo.

Ngaba usuku lweSabatha “luyolo” kuwe? Njengoko ufunda UIsaya 58:13–14, cinga ngendlela onokufumana ngayo uyolo olungakumbi kwimini yeNkosi. Ngokomzekelo, kusenokuthetha ntoni “ukuyeka ukwenza ukuthanda kwakho ngomhla [waKhe] ongcwele“? Uyintoni umahluko phakathi “[kokuziyolisa] eNkosini” “nokwenza iindlela zakho”?

Bona kananjalo uRussell M. Nelson, “The Sabbath Is a Delight,” Liahona, UCanzibe 2015, 129–32.

UIsaya 59:9–21; 61:1–3; 63:7–9

UYesu Krestu nguMsindisi noMhlanguli wam.

UIsaya 58–66 uneembekiselo ezininzi kubuthunywa bentlawulelo kaYesu Krestu. Zikhangele njengoko ufunda. Ngokukodwa, qaphela izihloko namagama asetyenziswa ukuchaza uMsindisi. Ngokomzekelo:

  • Yintoni ekuchukumisayo ngenkcazelo “yomthetheleli” ku Isaya 59:16–21? Uzoyisa njani uMsindisi iimeko ezichazwe ku mqolo 9–15?

  • Xa UYesu Krestu wazisa abantu baseNazarete ukuba unguMesiya, Yena wacaphula ku Isaya 61:1–3 (bona ULuka 4:16–21. Ukusikelele njani uYesu Krestu ngeendlela ezichazwe kule miqolo? Ubunike njani Yena ubuhle endaweni yothuthu?

    3:24

    Jesus Declares He Is the Messiah

  • Bubuphi “ububele bothando beNkosi” onokuthi ” ubukhankanye” ? (bona UIsaya 63:7–9).

  • Zeziphi ezinye iimbekiselo zoMsindisi ozifumanayo ku Isaya 58–66?

Bona kananjalo Mozaya 3:7; IMfundiso neMinqophiso 133:46–53.

izandla zendoda efikelela ngesibane seoli ukukhanyisa isibane somfazi

Isipho sokuKhanya, nguEva Timothy

UIsaya 60; 62

“INkosi iya kuba sisikhanyiso esingunaphakade kuwe.”

UIsaya 60 no 62 bathetha ngokukhanya nobumnyama, amehlo nokubona ukufundisa ngendlela ivangeli kaYesu Krestu eya kulisikelela ngayo ihlabathi kwimihla yokugqibela. Bona ezi iingqiqo ngakumbi ku Isaya 60:1–5, 19–20; 62:1–2. Njengoko ufunda ezi zahluko, cingisisa ngendlela uThixo abahlanganisa ngayo abantwana baKhe baphume ebumnyameni baye ekukhanyeni kwaKhe. Yintoni indima yakho kulo msebenzi?

Bona kanjalo 1 Nifayi 22:3–12; 3 Nifayi 18:24; IMfundiso neMinqophiso 14:9; Bonnie H. Cordon, “That They May See,” Liyahona, UCanzibe 2020, 78–80.

UIsaya 64:1–5; 65:17–2566

UKrestu uyakulawula emhlabeni ngexesha leWaka leminyaka.

UIsaya wathetha ngomhla xa ziyakube “zilityelwe iimbandezelo zangaphambili” (UIsaya 65:16). Ngoxa esi siprofeto sineenzaliseko eziliqela, ngengqiqo epheleleyo, loo mini iseza kufika—xa uYesu Krestu eya kubuya. UIsaya waluchaza olu suku luzayo ku Isaya 64:1–5; 65:17–2566. Phawula indlela awayesoloko ewasebenzisa ngayo amazwi anjengo “vuyani” no “bevuya.” Kutheni ukubuya koMsindisi kuyakuba ngumhla wovuyo kuwe? Ungenza ntoni ukulungiselela ukuza kwakhe?

Bona kananjalo IziVumo zoKholo 1:10; Russell M. Nelson, “The Future of the Church: Preparing the World for the Savior’s Second Coming,” Ensign, Tshazimpuzi. 2020, 13–17.

Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

umfanekiso wecandelo labantwana

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

UIsaya 58:6–11

Ukuzila ukutya kuyandisikelela nabanye abasweleyo.

  • Mhlawumbi eyona ndlela ilungileyo yokukhuthaza abantwana bakho ukuba bazile ukutya—xa sele bekulungele—kukubanceda baqonde iinjongo zeNkosi zalo mthetho. Cinga ngokufunda kunye UIsaya 58:6–11 ukufumana iimpendulo kule mibuzo: Kutheni sizila ukutya nje? Sizila njani ukutya? Ungajonga kananjalo ”Inzila, Zila” kwiSikhokelo seZibhalo.

  • Ukuba uye wafumana amava anentsingiselo ngenzila, yabelana ngawo nabantwana bakho. Usenokubabuza kananjalo ukuba bangacacisa njani kumhlobo ukuba kutheni iNkosi yasinika lo mthetho.

UIsaya 58:13–14

ISabatha inokuba luvuyo kum.

  • Emva kokufunda UIsaya 58:13–14, unokwalatha kwiintsuku zeveki kwikhalenda uze umeme abantwana bakho ukuba bachaze iintsuku kunye nawe. Xa ufika kwiSabatha, bacele ukuba babize loo mhla “luyolo.” Baxelele ukuba kutheni isabatha iba luyolo kuwe.

  • Yabelanani ngeendlela eninokuthi “niziyolise ngayo eNkosini” ngeSabatha. Mhlawumbi abantwana bakho banokuzoba iingcamango zabo baze bazifake “kwibhokisi yolonwabo lweSabatha.” Emva koko, xa befuna amacebiso ngezinto abaza kuzenza ngeSabatha, banokukhupha ingcamango ethile ebhokisini.

umfanekiso kaYesu

Ukukhanya Kwethu, nguDan Wilson

UIsaya 60:1–3

UMsindisi ufana nokukhanya kum.

  • Ungamema abantwana bakho ukuba bavale amehlo abo njengoko ufunda UIsaya 60:1–3. Bacele ukuba bavule amehlo abo xa besiva igama elithi “ukukhanya” baze bawavale kwakhona xa besiva igama elithi “ubumnyama.” Cacisa ukuba uYesu Krestu nevangeli yaKhe zifana nokukhanya okusinceda ukuba sibone indlela yethu ebuyela kuBawo waseZulwini.

UIsaya 65:17–25

Xa uYesu ebuya kwakhona, uya kuzisa uxolo novuyo.

  • UIsaya 65:17–25 uchaza ukuba umhlaba uya kuba njani xa uMsindisi ebuya kwakhona. Njengoko ufunda le miqolo nabantwana bakho, bancede bajonge indlela ubomi obuya kwahluka ngayo ”kumhlaba omtsha” uIsaya athetha ngawo. Kutheni eli liya kuba lixesha ”lokuvuya nokugcoba ngonaphakade”? (umqolo 18).

  • Yabelanani omnye nomnye ngento enijonge phambili kuyo malunga nokubuya koMsindisi. Yintoni esinokuyenza ukuze silungiselele esi siganeko sivuyisayo?

Ngokungambi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

UYesu Krestu usesibhakabhakeni, ukukhanya okuphumayo

“Sukume ukhanye, kuba kufikile ukukhanya kwakho, nobuqaqawuli beNkosi buthe chapha kuwe” (Isaya 60:1). UkuKhanya noBomi, nguMark Mabry

iphepha lomsebenzi wePrayimari: ISabatha inokuba luvuyo kum