“EyeDwarha 20–26: ‘Owu Thixo, Uphina na Wena?’: IMfundiso neMinqophiso 121-123,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)
“IMfundiso neMinqophiso 121–123,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025
Liberty Jail [Intolongo yaseLiberty], nguWelden Andersen
EyeDwarha 20–26: “Owu Thixo, Uphina Wena?”
IMfundiso neMinqophiso 121–123
Inqanaba elisezantsi lentolongo yaseLiberty, eMissouri, lalisaziwa ngokuba “ngumhadi.” Iindonga zazingqindilili, umgangatho wamatye ubanda yaye umdaka, ukutya kwakunqongophele yaye kubolile, yaye iifestile ezimbini ezicutheneyo ezinemivalo yentsimbi kufuphi nesilingi zazivumela ukukhanya okuncinane kakhulu. Kulapho uJoseph Smith nabanye abambalwa bachitha khona iinyanga ezine ezibandayo ebusika bowe-1838–39. Ngeli lixa, uJoseph wayesoloko efumana iindaba ngentlupheko yabaNgcwele. Uxolo nethemba elaviwa eFar West lahlala iinyanga ezimbalwa kuphela, kwaye ngoku abaNgcwele babengenakhaya kwakhona, babeqhutyelwe entlango bekhangela enye indawo abanokuqala kuyo—ngeli xesha noMprofeti wabo esentolongweni.
Ukanti, nakuloo ntolongo ilusizi, “ulwazi oluphuma ezulwini” lweza “luthululwa” (IMfundiso neMinqophiso 121:33). Umbuzo kaJoseph othi, “Owu Thixo, uphi na?” waphendulwa ngokucacileyo nangokunamandla: “Musa ukoyika … , ngokuba uThixo uya kuba nawe ngonaphakade kanaphakade” (IMfundiso neMinqophiso 121:1; 122:9).
Bona Saints, 1:323–96; “Within the Walls of Liberty Jail,” in Revelations in Context, 256–63.
Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni
IMfundiso neMinqophiso 121:1–10, 23–33; 122
Kunye noThixo, ubunzima “[buya] kuba [lu]ncedo [lwam].”
Xa thina okanye abantu esibathandayo bebandezeleka, kuyinto eqhelekileyo ukuzibuza inoba uThixo uyasazi kusini na. Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 121:1–6cinga ngamaxesha xa wawunemibuzo okanye iimvakalelo ezifana nezikaJoseph Smith. Ufumana ntoni kwimpendulo yeNkosi enokukunceda xa unale mibuzo okanye iimvakalelo? Ngokomzekelo, kuyo imiqolo 7–10, 26–33, qaphela iintsikelelo Yona ezithembisayo. Ucinga ukuba kuthetha ukuthini “ukunyamezela … kakuhle”? Ukunceda njani uMsindisi ukuba wenze oku?
Njengoko ufunda icandelo 122, cinga ngokuba iNkosi ifuna wena ububone njani ubunzima bakho. Unokucingisisa ngamava avele kwizilingo zakho kwaye nokuba “[ziya] kuba [ngo]ncedo [lwakho]” njani (umqolo 7).
IMfundiso neMinqophiso 121:34–46
Amandla nempembelelo yokwenene zisekelwe “kwimigaqo yobulungisa.”
Amandla ehlabathi anyanzela abaNgcwele ukuba baphume eMissouri noJoseph Smith aye entolongweni. Kodwa xa uJoseph wayelapho, iNkosi yamfundisa ngohlobo olwahlukileyo lwamandla: amandla waKhe, “amandla ezulu.” Ukufunda ngaloo mandla kuyo IMfundiso neMinqophiso 121:34–46 ingakunceda ufunde ukuba ungawafumana njani na loo mandla—kwaye nendlela yokuwasebenzisa ukusikelela abanye. Mhlawumbi ungabhala oko ukufundayo kwitafile eneekholamu ezibhalwe Amandla eZulu kunye Amandla Ehlabathi. Zahluke njani ezi ndidi zimbini zamandla? Ezi nkcazelo zamandla eNkosi zikufundisa ntoni ngaYe?
Ungaphinda ucinge ngegama elithi impembelelo kuwo umqolo 41. Zeziphi ezinye iimeko apho ufuna ukuba yimpembelelo entle—mhlawumbi kubudlelwane bosapho, esikolweni, emsebenzini, okanye kwisabelo saseCaweni? Yintoni oyifunda kuyo imiqolo 41–46 malunga nendlela uThixo abaphembelela ngayo abantwana baKhe? Unokushwankathela oko ukufundayo ngokugqibezela isivakalisi esifana nesi: “Ukuba nempembelelo okulungileyo, ndiyaku .”
"The Powers of Heaven"
Khetha ibinzana kwaye ulifunde nzulu. Ukufunda ngakumbi ngeentsikelelo ezimangalisayo ezichazwe kwimiqolo 45–46, ungakhetha ibinzana elibaluleke kakhulu kuwe kwaye ulifundisise nzulu. Ngokomzekelo, lithetha ukuthini igama elithi masinonge, yaye isidima singanonga njani iingcinga zakho? Okanye usenokufumana umfanekiso wombethe uze ufunde ngendlela obakho ngayo umbethe kwizityalo. Oku kufana njani nendlela iNkosi efundisa ngayo imfundiso yaYo? Yabelana ngento oyifumeneyo nosapho okanye abahlobo bakho, kuquka nabahlobo bakho basecaweni.
UYesu Krestu wehlele ngezantsi kubo bonke ukuze andiphakamise.
Ucinga ukuba kuthetha ukuthini ukuthi uYesu Krestu “wehle ngaphantsi … [kwezinto] zonke”? Nantsi eminye imiqolo eyongezelelweyo enokukunceda uqonde eli binzana: uIsaya 53:3–4; AmaHebhere 2:17–18; 1 Nifayi 11:16–33; Alma 7:11–13. Ngokusekelwe koko ukufundayo, cinga ukuphinda kwakhona IMfundiso neMinqophiso 122:8 ngamazwi akho. Ungawubonisa njani umbulelo wakho kuYesu Krestu ngokuhlela ngaphantsi kwezinto zonke?
Ingaba le ngqiqo evela kuMongameli Dallin H. Oaks ikuchaphazela njani ukuqonda kwakho? “Sisenokutsho ukuba ekubeni ehlele ngezantsi kwako konke, [uYesu Krestu] umi ngokugqibeleleyo ukuze asiphakamise aze asinike amandla esiwadingayo ukuze sinyamezele iinkxwaleko zethu.” (“Strengthened by the Atonement of Jesus Christ,” Liahona, Nov. 2015, 64).
Inkcukacha ivela Not My Will But Thine [Hayi Intando Yam Kodwa eyaKho], nguWalter Rane
“Masenzeni izinto zonke ngokuchwayita ezilele emandleni ethu.”
Kuyo IMfundiso neMinqophiso 123:7–8, uJoseph Smith wayebhekiselele kwiinkolelo zobuxoki ezakhokelela ekubandezelekeni, kuquka ukutshutshiswa kwabaNgcwele. KweyoKwindla 1839, kwakunokubonakala ngathi akukho nto ingako abaNgcwele ababenokuyenza ngaloo nto. Kodwa kwiileta zakhe awayezibhale ekwintolongo yaseLiberty, uJoseph wabaxelela into ababenokuyenza: “[aahlanganise] ulwazi lwawo onke amanqaku” baze “beme ngokuzolileyo, ngokuqiniseka kokugqibela, ekuboneni usindiso lukaThixo.” (IMfundiso neMinqophiso 123:1, 17). Njengoko ucinga iingxaki zehlabathi namhlanje, cinga ngeendlela zokucombulula ezo “zilele emandleni [akho]” (imiqolo 12, 17). Kwaye musa ukungayihoyi izinto ezibonakala ngathi “zincinane” (umqolo 15). Kutheni kubalulekile ukwenza ezi izinto “ngokuchwayita? (umqolo 17).
Uninzi lweengxelo ezazicelwe nguJoseph kule leta zazithunyelwe kurhulumente kwaye zapapashwa njengecandelo le-11 kwiphephandaba laseNauvoo., Amaxesha naMaxesha Onyaka (bona “A History, of the Persecution, of the Church of Jesus Christ, of Latter Day Saints in Missouri, December 1839–October 1840,” [josephsmithpapers.org]).
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
IMfundiso neMinqophiso 121:1–9; 122:7–9
NoThixo, izilingo zam zinokuba luncedo kum.
-
Ukunceda abantwana bakho bacinge ukuba bekuya kuba njani kuJoseph Smith nabahlobo bakhe kwintolongo yaseLiberty, ninokufunda kunye “Chapter 46: Joseph Smith in Liberty Jail” (in Doctrine and Covenants Stories, 172–74) . Emva koko, njengoko nifunda kunye IMfundiso neMinqophiso 121:1–9, ningathetha ngendlela uMsindisi awamnceda ngayo uJoseph ukuba ave uxolo. Silufumana njani uxolo kuMsindisi, nangamaxesha anzima?
1:51Chapter 46: Joseph Smith in Liberty Jail: November 1838–April 1839
62:4Joseph Smith: The Prophet of the Restoration
-
Ukunceda abantwana bakho baqonde ukuba izilingo zethu “[zi]ya kuba [zelo]ncedo [lwethu]” (IMfundiso neMinqophiso 122:7), unokuthetha nabo ngendlela ezikhula ngayo izihlunu xa sithwele into enzima. Usenokude ubacele ukuba baphakamise into enzima. Emva koko ungathetha malunga nokuba ukuhamba kumaxesha anzima kunokunceda njani imimoya yethu ukuba ikhule—njengoko siphendukela eNkosini sifuna uncedo. Yabelana ngemizekelo evela kubomi bakho.
IMfundiso neMinqophiso 121:34–46
Ubulungisa buzisa “amandla ezulu.”
-
Mhlawumbi umzekeliso unokunceda abantwana bakho baqonde “amandla ezulu.” Ngokomzekelo, unokuthelekisa amandla kaThixo namandla ombane. Yintoni enokuthintela isixhobo sombane ekubeni sifumane amandla? Yintoni enciphisa amandla ethu omoya? Yintoni eyandisayo? (Khangela amagama namabinzana kuyo IMfundiso neMinqophiso 121:34–46; bona kananjalo General Handbook, 3.5, 3.6, Ithala leeNcwadi zeVangeli.)
IMfundiso neMinqophiso 122:7–9
UYesu Krestu uyayazi imeko endikuyo.
-
Emva kokufunda IMfundiso neMinqophiso 122:7–9 kunye nabantwana bakho, ninokwabelana ngamava xa wawuva ukuba uMsindisi enawe ngexesha lesilingo esinzima. Ningakwazi kananjalo ukucula kunye ingoma ngoYesu Krestu kwaye ningqine ukuba uYesu Krestu angasinceda kuba Yena uyayazi indlela esiziva ngayo.
IMfundiso neMinqophiso 123:15–17
Kwanezinto ezincinane zinokwenza umahluko omkhulu kwinkonzo kaThixo.
-
Ukunceda abantwana bakho baqonde IMfundiso neMinqophiso 123:15–17, unokwabelana nabo ngomfanekiso wenqanawe enkulu nenqanawa encinane, okanye wabelane nabo ngengcaciso kaMdala uDavid A. Bednar “The Principles of My Gospel” (Liahona, May 2021, 125–26). Emva koko ninokuthetha ngeendlela ezincinane ngokuchwayita sikhonze usapho nabahlobo bethu.
“The Principles of My Gospel”
Njengomphathi omncinane wenqanawa enkulu, imigudu yethu emincinane inokwenza umahluko omkhulu.
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.