Doctrine and Covenants 2025
EyeDwarha 6–12: “Ndiya Kuyalela Zonke Izinto Ngokulungele Nina”: IMfundiso neMinqophiso 111–114


“EyeDwarha 6–12: ‘Ndiya Kuyalela Zonke Izinto Ngokulungele Nina’: IMfundiso neMinqophiso 111–114,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)

“IMfundiso neMinqophiso 111–114,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025

UJoseph Smith efundisa kwiTempile yaseKirtland

EyeDwarha 6–12: “Ndiya Kuyalela Zonke Izinto Ngokulungele Nina”

IMfundiso neMinqophiso 111–114

Ingaba wawukhe wabanawo amava asemoyeni awathi akwenza waziva uzithemba kwaye ukhuselekile elukholweni lwakho kuKrestu—kodwa ngoko ke iimbandezelo zobomi ziluvavanyile ukholo lwakho, kwaye wazifumana usokola ukubuyisela uxolo owawuluva ngaphambili? Into efanayo yaye yenzeka kwabaNgcwele eKirtland. Ngaphantsi konyaka emveni kokuba uthululeko lokomoya olwalunxulumene nongcwaliso lweTempile yaseKirtland, iinkathazo zaye zavela. Intlekele yezezimali, ingxabano kwiQumrhu labaPostile Abalishumi Elinambini, nezinye izilingo zabangela ukuba abanye abaNgcwele babhexe elukholweni lwabo nangona babenamava angaphambili.

Asinakuziphepha izilingo, ke singazinqanda njani ukuba zingaloyikisi ukholo lwethu nobungqina bethu? Mhlawumbi inxalenye yempendulo ingafunyanwa kwingcebiso yeNkosi kuyo IMfundiso neMinqophiso 112, eyayinikwe xeshikweni ubunzima eKirtland babusanda. INkosi yathi, “Yenzani nyulu iintliziyo zenu phambi kwam” (umqolo 28), “Ningasivukeli” (umqolo 15), “Bhinqa isinqe sakho usebenze” (umqolo 7), kwaye “Yiba ngothobekileyo” (umqolo 10). Njengoko silandela le ngcebiso, iNkosi iya “kukhokela [thina] ngesandla” ebunzimeni kwaye isise ekuphileni naseluxolweni (bona imiqolo 10, 13).

umfanekiso wokufunda

Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni

IMfundiso neMinqophiso 111

INkosi “ingayalela zonke izinto ngokulungele [mna].”

Ngo-1836, iBandla lalisele liqokelele imfumba yamatyala anzima ekwenzeni umsebenzi weNkosi. UJoseph Smith nabanye babenexhala malunga nala matyala kwaye baqwalasela iindlela zokuwahlawula (bona isihloko secandelo kuyo IMfundiso neMinqophiso 111).

Njengoko ufunda icandelo 111, qwalasela indlela amazwi eNkosi kuJoseph anokusebenza ngayo kuwe—nezinto ozikhathazayo ngazo. Ngokomzekelo, ukhe waluva nini uthando lukaThixo “nangona [unee]mpazamo zakho” (umqolo 1)? Ingaba iNkosi ikuncede kanjani ukuba ufumane “ubutyebi” obungalindelekanga (umqolo 10)? Cinga ngoko Yona ithe yakwenza “ukuyalela zonke izinto ngokulungele [wena]” (umqolo 11)? Yintoni ibinzana “ngokukhawuleza njengoko ninako ukuzamkela” elikufundisa yona malunga noBawo waseZulwini?

Bona kananjalo UMateyu 6:19–21, 33; “More Treasures Than One,” in Revelations in Context, 229–34.

IMfundiso neMinqophiso 112:3–15, 22

umfanekiso weseminari
INkosi iya kundikhokela njengoko ndifuna ngokuthobekileyo intando yaYo.

UThomas B. Marsh, uMongameli weQumrhu labaPostile abaLishumi elineSibini, wayecatshukiswa kukuba uJoseph Smith, engakhange adibane naye, wabiza amalungu amabini equmrhu lakhe ukuba ashumayele ivangeli eNgilane. Wadibana noMprofeti, owafumana isityhilelo esanceda uThomas ukuba abeke ecaleni iimvakalelo zakhe ezibuhlungu. Eso sityhilelo sibhalwe kuyo IMfundiso neMinqophiso 112.

Gcina lo mxholo engqondweni njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 112. Yintoni oyifumanayo engeyayiphilise iimvakalelo ezibuhlungu zikaThomas? Kuyo imiqolo 3–15 kunye 22, unokukhangela iimpendulo kwimibuzo enjengale: Yintoni ukuthobeka? Kuthetha ukuthini ukuthi iNkosi ikukhokele “ngesandla”? Kutheni ucinga ukuba ukuthobeka kukunceda ufumane inkokhelo yeNkosi? Ungafumana iimpendulo ezongezelelweyo kwi “Pattern of Humility” kumyalezo kaMdala Joseph W. Sitati “Patterns of Discipleship” (Liyahona, EyeNkanga. 2022, 87–88).

Cinga ngomntu omaziyo othobekileyo. Wenza ntoni lo mntu ukubonisa ukuthobeka? Ufunda ntoni kuMsindisi malunga nokuthobeka? Mhlawumbi ungafumana imifanekiso yamaxesha ebomini baKhe xa Yena wabonakalisa ukuthobeka.

Kunini waziva ukhokelwa yiNkosi njengoko wawuzithoba?

Bona kananjalo Ulisses Soares, “Be Meek and Lowly of Heart,” Liahona, Nov. 2013, 9–11; “The Faith and Fall of Thomas Marsh,” in Revelations in Context, 54–60; Topics and Questions, “Humility,”

Bandakanya abafundi. Cinga ngendlela onokunceda ngayo abantu obafundisayo ukuba babe nenxaxheba ngokukhutheleyo ekufundeni iinyaniso kwizibhalo. Ngokomzekelo, ukubanceda baqonde oko iNkosi yakuthethayo kuyo IMfundiso neMinqophiso 112:10, usenokumvala amehlo umntu uze umkhokele yena ngokucokisekileyo ngesandla ujikeleze umqobo omncinci wezitulo okanye ezinye izinto. Sinokufunda ntoni ngokuthobeka kulo mboniso?

IMfundiso neMinqophiso 112:12–26, 28, 33–34

Abo baguquke ngokwenene baye bamazi uYesu Krestu.

Inyaniso yokuba abanye abaPostile ngo-1837 bamjikela uMprofeti sisikhumbuzo esihle sokuba kungakhathaliseki ubizo lwethu lweBandla okanye ukuba sazi kangakanani na ngevangeli, kufuneka ngamnye aqinisekise ukuba siyayondla inguquko yethu kuYesu Krestu. Mhlawumbi unokufunda IMfundiso neMinqophiso 112:12–26, 28, 33–34 kwaye ujonge iinyaniso ezinokukunceda woyise isilingo sokholo okanye uguqukele ngokupheleleyo eNkosini. Ungaziva uphefumlelwe ukwabelana ngoko ukufumeneyo ukunceda omnye umntu omeleze inguquko yakhe kuKrestu.

IMfundiso neMinqophiso 113

UJoseph Smith “wayesisicaka ezandleni zikaKrestu.”

Umprofeti uIsaya wabhekisela komnye wenzala kaYese njenge “igatya” kunye “ihlumelo” (Isaya 11:1, 10). Kulo icandelo 113, INkosi yacacisa ukuba le nzala, umkhonzi kaKrestu, uya kuba sisixhobo ekuhlanganiseni abantu beNkosi ngemihla yokugqibela (bona IMfundiso neMinqophiso 113:4, 6). Esi siprofeto sichaza uMprofeti uJoseph Smith kakuhle. Ingaba oku nezinye iinyaniso kulo icandelo 113 zibakhuthaze abaNgcwele ngelixa lesiphithiphithi abadibana nazo eKirtland? Yintoni oyifumanayo kwesi sityhilelo ekuphembelela ukuba uhlale womelele kwaye uqhubeke uthatha inxaxheba emsebenzini weNkosi namhlanje?

Bona kananjalo IsiKhokelo kwiZibhalo, “Yese,” Ithala leeNcwadi zeVangeli; 2 Nifayi 21:10–12; IMbali—kaJoseph Smith 1:40.

umzekeliso ka-Isaya 11:1

U-Isaya wabhala ‘[nge]gatya’ kunye ‘nehlumelo’ eziphuma “esiphunzini sikaYese” (Isaya 11:1).

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona kunye Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

umfanekiso wecandelo labantwana 01

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

IMfundiso neMinqophiso 111:2, 10–11

Izinto zikaThixo zingabubutyebi kum.

  • Wena nabantwana bakho ninokuzoba oko kuthi qatha engqondweni xa nisiva ilizwi ubutyebi. Emva koko ninokufunda kunye IMfundiso neMinqophiso 111:2, 10–11 nize nithelekise ubutyebi basemhlabeni nezinto iNkosi ezixabisekileyo. (Bona elale veki iphepha lomsebenzi.) Sinokuzixabisa ngakumbi njani izinto zikaThixo?

IMfundiso neMinqophiso 112:10

INkosi iya kundikhokela ngesandla kwaye iphendule imithandazo yam.

  • Emva kokufunda iMfundiso neMinqophiso 112:10 kunye, nisenokudlala umdlalo oquka ukukhokela omnye komnye “ngesandla” (njengomdlalo womqobo). INkosi isikhokela njani “ngesandla,” nangona ingekho ngokwenyama kuthi? Kutheni sifuna ukuba iNkosi isikhokele? Siyive nini iNkosi isikhokela?

  • Wena okanye abantwana bakho ningabhala amazwi ayo IMfundiso neMinqophiso 112:10 kwaye nikrwelele umgca ngaphantsi kweentsikelelo iNkosi esinika zona xa siguqukela kuYo ngokuzithoba. Khuthaza abantwana bakho ukuba babelane ngamaxesha apho bathi ngokuzithoba bacela uncedo lweNkosi kwaye bafumana iimpendulo kwimithandazo yabo okanye bakhokelelwa ukwenza into elungileyo (bona Moronayi 7:13, 16).

UYesu ephilisa umntwana

Inkcukacha ivela Arise and Walk [Vuka Uhambe], nguSimon Dewey

IMfundiso neMinqophiso 112:11

UYesu ufuna ndithande wonke umntu.

  • Wena nabantwana bakho ningatshintshana ngokufunda “Chapter 41: Trouble in Kirtland” (in Doctrine and Covenants Stories, 158–60). Ngubani osebalini owenza iingxaki zaseKirtland zaba mbi kakhulu? Ngubani owayezama ukuzenza ngcono? Emva koko unokufunda IMfundiso neMinqophiso 112:11 kwaye nithethe ngokuba kutheni uMsindisi efuna ukuba sithande wonke umntu. Walubonakalisa nini uthando kubantu ababengenabubele kuYe? (ngokomzekelo, bona Luka 23:34). Usenokucula ingoma ngokuthanda abanye.

2:20

Chapter 41: Trouble in Kirtland: 1837–1838

IMfundiso neMinqophiso 112:11–14, 24–26

Abo baguquke ngokwenene baye bamazi uYesu Krestu.

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

UThomas B. Marsh ubhala isityhilelo asinikiweyo ngoJoseph Smith.

Be Thou Humble [Zithobe], nguJulie Rogers

iphepha lomsebenzi labantwana