Doctrine and Covenants 2025
Amazwi eMbuyiselo: Iimbonakaliso zoMoya neTempile yaseKirtland


“Amazwi eMbuyiselo: Iimbonakaliso zoMoya neTempile yaseKirtland,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)

“Iimbonakaliso zoMoya neTempile yaseKirtland,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025

umfanekiso wamazwi eMbuyiselo

Amazwi eMbuyiselo

Iimbonakaliso zoMoya neTempile yaseKirtland

umzobo weTempile yaseKirtland

Ngezantsi ngamazwi wabaNgcwele beMihla yokuGqibela ababekhona kwiTempile yaseKirtland ngelixa longcwaliso lwayo nakwezinye iintlanganiso ezathi zalandela. Abaninzi baye bathelekisa amava wabo noko abaNgcwele bamandulo bakuvayo xa “babembathiswe amandla aphuma enyangweni” ngomhla wePentekoste (Luka 24:49; bona kananjalo Izenzo 2:1–4; IMfundiso neMinqophiso 109:36–37).

U-Eliza R. Snow

Portrait photograph of Eliza R. Snow seated in a chair.

“Imisitho yoloo ngcwaliso isenokuphindwa ibaliswe, kodwa akukho lwimi lwasemhlabeni olungachaza iimbonakaliso zasezulwini zaloo mhla ukhumbulekayo. Iingelosi zavela kwabanye, xeshikweni ifuthe lobukho bobuthixo lalibonwa ngabo bonke abo babekhona, kwaye intliziyo nganye yayizele ‘luvuyo olwalungenakuvakaliswa kunye nenzaliseko yobuqaqawuli.’”

USylvia Cutler Webb

“Enye yeenkumbulo zam zakwangoko yayilungcwaliso lweTempile. Utata wam waye wasithatha wasibeka phezu kwethanga lakhe kwaye wasixelela ngokuba kutheni sasisiya yaye nokuba kwakuthetha ukuthini ukungcwalisa indlu kaThixo. Kwaye nangona ndandimncinane kakhulu ngeloo xesha, ndiyawukhumbula loo msitho ngokucacileyo. Ndingajonga ngasemva kuloo minyaka yagqithayo kwaye ndibona njengoko ndandibona ngoko uJoseph umProfeti, emile ngezandla zakhe ziphakanyiselwe phezulu ezulwini, ubuso bakhe buluthuthu okwamalahle, iinyembezi ziqengqeleka ezidleleni zakhe njengoko wayethetha ngaloo mhla ukhumbulekayo. Phantse bonke babebonakala bekwiinyembezi. Indlu yayixinene kakhulu abantwana uninzi lwabo lwaluhleli phezu kwamathanga abantu abadala; udade wam wayehleli phezu kwethanga likatata, mna ndihleli phezu kwethanga likamama. Ndisakhumbula neelokhwe esasizinxibile. Ingqondo yam yayisencinane kakhulu ngeloo xesha ukubamba intsingiselo ezeleyo yako konke, kodwa njengoko ixesha lalihamba kwaye kwaqabuka kum ngakumbi nangakumbi, kwaye ndiyabulela kakhulu ngokuba ndabanenyhweba yokuba khona apho.”

U-Oliver Cowdery

Head and shoulder portrait of Oliver Cowdery in suit and tie.

“Ngoloo rhatya ndaye ndadibana namagosa webandla endlwini yeNkosi. UMoya waye wathululwa—ndabona ubuqaqawuli bukaThixo, obufana nelifu elikhulu, busehlela ezantsi kwaye baphumla phezu kwendlu, kwaye bagcwala ngokufana nomoya omkhulu ovuthuzayo. Ndaye ndabona neelwimi ezabekayo, ngathi zezomlilo zizinza phezu kwabaninzi, … xeshikweni babethetha ngezinye iilwimi kwaye beprofeta.”

UBenjamin Brown

“Imibono emininzi [yaye] yabonwa. Omnye wabona umqamelo okanye ilifu lisehlela phezu kwendlu, likhazimla okungathi lilanga xa likhazimla kwilifu njengegolide. Abanye ababini babona iziqu ezithathu zitshitshiliza egumbini nezitshixo ezikhazimlayo ezandleni zazo, kwaye kananjalo nekhonkco elikhazimlayo ezandleni zazo.”

U-Orson Pratt

Portrait engraving of Orson Pratt

“UThixo wayekhona apho, iingelosi zakhe zazikhona, uMoya oyiNgcwele wawusembindini wabantu … kwaye babezaliswe ukusukela kwisithsaba seentloko zabo ukuya kwiintende zeenyawo zabo ngamandla nempembelelo yoMoya oyiNgcwele.”

UNancy Naomi Alexander Tracy

“[Xa] iTempile yayigqityiwe kwaye ingcwalisiwe … ezo yayiziintsuku ezimbini zolonwabo ebomini bam. Iculo elalifanele oko elaliqanjelwe umsitho lalisithi ‘The Spirit of God Like a Fire is Burning.’ Kwakuyinyaniso ngokwenene okokuba iMpembelelo yeZulu yayehlele ezantsi phezu kwaloo ndlu. … Ndeva ingathi yayilizulu emhlabeni.”

Amanqaku

  1. Ku-Edward W. Tullidge, The Women of Mormondom (1877), 95.

  2. Ku-Karl Ricks Anderson, Joseph Smith’s Kirtland: Eyewitness Accounts (1996), 182–83.

  3. Oliver Cowdery diary, Mar. 27, 1836, Church History Library, Salt Lake City.

  4. Incwadi yembalelwano kaBenjamin Brown isiya kwinkosikazi yakhe, uSarah, malunga noTshazimpuzi 1836, ingqokelela yosapho lukaBenjamin Brown, iThala leeNcwadi zeMbali yeBandla, kwisiXeko saseSalt Lake; iziphumlisi nokufakwa koonobumba abakhulu ziphuculwe.

  5. Orson Pratt, “Remarks,” Deseret News,Jan. 12, 1876, 788.

  6. Ku-Richard E. Turley Jr. and Brittany A. Chapman, eds., Women of Faith in the Latter Days (2011), 1:442.