“EyeDwarha 13-19: ‘Ukuncama Kwakhe Kuya Kuba Nyulu Ngakumbi Kum Kunoko Kwakhe Kusisongezelelo’: IMfundiso neMinqophiso 115-120,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)
“IMfundiso neMinqophiso 115–120,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025
Far West, Missouri [Far West, eMissouri], nguAl Rounds
EyeDwarha 13–19: “Ukuncama Kwakhe Kuya Kuba Nyulu Ngakumbi Kum Kunoko Kwakhe Kusisongezelelo”
IMfundiso neMinqophiso 115–120
Kwakukho isizathu sokuba abaNgcwele babe nethemba ngeyona ndawo yabo intsha yokuhlanganisana, iFar West, eMissouri. Isixeko sasikhula ngokukhawuleza, umhlaba wawubonakala umkhulu, kwaye kufutshane kwakukho i-Adam-ondi-Ahman, indawo enentsingiselo enkulu yokomoya kwixesha elidlulileyo nakwixesha elizayo (bona IMfundiso neMinqophiso 107:53–56; 116). Nangoku, kwakumele ukuba kwakunzima kwabo baNgcwele ukungacingi ngako oko babelahlekelwe kuko. Ngaphandle kokugxothwa kwi-Independence, indawo esembindini yeZiyon, abaNgcwele kwanyanzeleka kananjalo ukuba bayishiye iKirtland, beyishiya itempile yabo ababeyithanda emva kweminyaka emibini kuphela. Kwaye ngeli xesha yayingezizo iintshaba ezingaphandle kweBandla ezidala inkathazo—amalungu amaninzi awaziwayo ayemjikele ngokuchasene noJoseph Smith, kuquka namalungu amane eQumrhu labaLishumi elineSibini.
Kunokuba banikele ingqalelo koko baphulukana nako, abathembekileyo baqhubeka besakha iZiyon, ngeli xesha eFar West. Benza izicwangciso zetempile entsha. Abane abaPostile abatsha babizwa. Babeqonda ukuba ukwenza umsebenzi kaThixo akuthethi ukuba awusoze uwe; kuthetha ukuba “uya kuphakama kwakhona.” Kwaye nangona kuya kufuneka wenze idini, loo madini aya kuba ngcwele kuThixo, kuya kuba “nyulu ngakumbi … kunoko kwa[kho] kusisongezelelo” (IMfundiso neMinqophiso 117:13).
Bona Saints, 1:296–99.
Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni
IMfundiso neMinqophiso 115:3–6
Igama leBandla libalulekile eNkosini.
UMongameli Russell M. Nelson wathi igama leBandla “ngumba obaluleke kakhulu” (“The Correct Name of the Church,” Liahona, EyeNkanga. 2018, 87). Cinga ngokuba kutheni oku kunyanisekile njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 115:4–6. Ingaba igama leBandla linokwenza ntoni nomsebenzi nobizo lwayo?
Bona kananjalo 3 Nifayi 27:1–11.
IMfundiso neMinqophiso 115:5–6
IZiyon neziteyki zayo zinikezela “[i]gwiba kwisiphango.”
Njengoko ufunda umfanekiso onamandla kuyo IMfundiso neMinqophiso 115:5–6, cinga indima iNkosi ekufunela wena, njengelungu leBandla laYo, ukuba uyifezekise. Ngokomzekelo, yintoni onokuyenza ukuze “[uphakame uze] [u]qaqambe ngaphambili” okanye “[ube] ngumlinganiselo wezizwe”? (umqolo 5). Zeziphi iziphango zomoya oziphawulayo ezikungqongileyo? Uyifumana njani “[i]gwiba” ngokuhlanganisana? (umqolo 6).
IBandla loMsindisi linokuba kukukhanya kunye negwiba kwisiphango.
Amadini am anyulu eNkosini.
Khawufane ucinge ubunguNewel K. Whitney okanye inkosikazi yakhe, uElizabeth, ababefumana ubomi obunempumelelo eKirtland emva koko ucelwe ukuba ukuhamba. Yintoni oyifumanayo kuyo Mfundiso neMinqophiso 117:1–11 engeyayinokubanceda benze elidini? Ngawaphi amadini owenzela uThixo? Le miqolo ikufundisa ntoni ngokuba ungubani uThixo kwaye nento Yena ayenzayo?
Idini elacelwa ku-Oliver Granger lalihlukile kwabakwaWhitney: iNkosi yamnika ukuba ahlale eKirtland kwaye alungise iimali zeBandla. Ngelixa wayemele iBandla ngengqibelelo, ekugqibeleni akazange aphumelele. Cingia indlela amazwi eNkosi kuyo IMfundiso neMinqophiso 117:12–15 asebenza ngayo kwizinto iNkosi Yona ethe yazicela kuwe.
Bona kananjalo “Far West and Adam-ondi-Ahman,” in Revelations in Context, 239–40.
Isishumi sam siyanceda ukwakha ubukumkani bukaThixo.
Imiyalelo kuwo amacandelo 119 kunye 120 acacisa ukuba yintoni na isishumi: sinikela “isinye eshumini” senzala yethu (okanye ingeniso) nyaka ngamnye (bona IMfundiso neMinqophiso 119:4). Kodwa ezi zityhilelo zenza okungakumbi kunokunika ingcaciso. INkosi yaxelela abaNgcwele ukuba isishumi siya “kungcwalisa umhlaba weZiyon.” Kwaye ngaphandle kwalo mthetho, Yona wathi, “ayiyi kuba … iZiyon kuni” (umqolo 6). Ngaba wakhe wacinga ngesishumi ngolu hlobo? Ukuhlawula isishumi kungakunceda njani ukuba ungcwaliswe ngakumbi, uyilungiselele ngakumbi iZiyon?
Ufunda ntoni kwezi zityhilelo malunga nendlela abakhonzi beNkosi abayisebenzisa ngayo imali yesishumi? Yintoni enentsingeselo kuwe ngeli binzana “nangelizwi lam kubo” kuyo IMfundiso neMinqophiso 120?
Umdala uDavid A. Bednar unike ingcaciso eluncedo yendlela isishumi esisetyenziswa ngayo kunye neentsikelelo ezivela ekuthobeleni lo mthetho “The Windows of Heaven” (Liahona, EyeNkanga. 2013, 19–20). Le mibuzo ilandelayo inokukunceda njengoko ufunda umyalezo wakhe:
The Windows of Heaven
-
Ngubani omisela indlela isishumi esisetyenziswa ngayo emva kokuba sihlawulwe eBandleni?
-
Isishumi sisetyenziselwa ntoni?
-
Ziziphi iintsikelelo eziza ngenxa yokuhlawula isishumi? Ngokomzekelo, ingaba ukubhatala isishumi komeleza njani ubudlelwane bakho noBawo waseZulwini noYesu Krestu?
-
Unokufunda ntoni kwisimemo sika Mdala Bednar?
-
Ungabanceda njani abanye bakhulise ukholo lwabo kumthetho weNkosi wesishumi?
Bona kananjalo uMalaki 3:8–12“The Tithing of My People,” in Revelations in Context, 250–55.
Nceda abanye bakusebenzise oko bakufundayo. Naxa umntu efuna ukuhlawula isishumi, ngamanye amaxesha akazi ukuba njani. Ukuba ufundisa usapho lwakho okanye iklasi, cinga ukuthatha ixesha lokuchaza ukuba usihlawula njani isishumi, nokuba kukwi-intanethi okanye ngesiliphu seSishumi neminye iMinikelo. (Bona Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi, 27.)
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
IMfundiso neMinqophiso 115:4–5
Mna ndingoweBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela.
-
Ukunceda abantwana bakho bafunde igama leBandla kwaye baqonde ukuba kutheni libalulekile, cinga ngokubuza ukuba kukho nabani na kubo onokulibiza igama elipheleleyo leBandla. Emva koko ungababonisa igama elivela kuyo IMfundiso neMinqophiso 115:4 kwaye ubacele bayiphinde kunye nawe. Njengoko usenza, cinga ngokukhomba amagama abalulekileyo kwaye kutheni ebalulekile.
Chapter 43: Jesus Christ Names His Church: April 1838
IMfundiso neMinqophiso 115:4–6
Umzekelo wam unganceda abanye beze kuKrestu kwaye bafumane ukhuseleko.
-
Abantwana bakho basenokuba babazi abantu abatsala nzima nabafuna “igwiba” “kwiziphango zobomi” (umqolo 6). Banokubanceda njani aba bantu? Cinga ngokumema abantwana bakho ukuba beme xa ufunda igama vuka IMfundiso neMinqophiso 115:5. Banokolula iminwe yabo njengemitha yelanga xa ufunda qaqambe ngaphambili. Khumbuza abantwana bakho ukuba ukukhanya kwethu kuvela kuYesu Krestu, kwaye bancede bacinge ngeendlela abano “[ba]qaqambe ngaphambili” njengokuba Yena esenza.
-
Abantwana bakho bangazoba umfanekiso obonisa IMfundiso neMinqophiso 115:6. Ngokomzekelo, banokuzoba isiphango nabantu abathatha igwiba kwisakhiwo seBandla. Sinokumela ntoni isiphango? IBandla loMsindisi libonelela njani ngoncedo? Nceda abantwana bakho bacinge ngomhlobo, ilungu lentsapho, okanye ummelwane osweleyo. Singabamema njani ukuba bafumane uncedo kwiBandla likaYesu Krestu?
Amadini am anyulu eNkosini.
-
Mema abantwana bakho ukuba benze ngathi bangu Newel K. Whitney. Bebeya kuvakalelwa njani ukuba iNkosi ibacele ukuba bawushiye umsebenzi wabo onempumelelo baye kwindawo entsha? Njengoko nifunda kunye IMfundiso neMinqophiso 117:1–11, cela abantwana bakho bakumise xa besiva into eza kubanceda babe nokholo lokuthobela iNkosi. Ngawaphi amadini esiwenzayo ukuze sithobele iNkosi? Yena usisikelela njani?
Chapter 41: Trouble in Kirtland: 1837–1838
UBawo waseZulwini usebenzisa isishumi ukusikelela abantwana baKhe.
-
Uninzi lwabantwana obafundisayo basenokuba bancinci kakhulu ukuba bangafumana imali kwaye babhatale isishumi, kodwa kuhle ukuba baqonde ukuba isishumi sinegalelo njani kumsebenzi weNkosi kwihlabathi jikelele. Cinga ngokusebenzisa imifanekiso nalo iphepha lomsebenzi ekupheleni kwesi sishwankathelo ukubanceda baqonde ukuba yintoni isishumi. UBawo waseZulwini usisebenzisa njani isishumi ukusikelela abantwana baKhe? Yabelana ngeemvakalelo zakho malunga nomthetho wesishumi nendlela okusikelele ngayo.
Chapter 44: Tithing: July 1838
Xa sihlawula isishumi, sibonisa ukholo lwethu kuYesu Krestu.
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.