Doctrine and Covenants 2025
EyeThupha 25–31: “Nifumane Ukuzaliseka kwaKhe”: IMfundiso neMinqophiso 93


“EyeThupha 25–31: ‘Nifumane Ukuzaliseka kwaKhe’: IMfundiso neMinqophiso 93,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)

“IMfundiso neMinqophiso 93,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025

UBawo waseZulwini noYesu Krestu

Inkcukacha ivela I See the Son of Man [Ndibona uNyana woMntu], nguWalter Rane

EyeThupha 25–31: “Nifumane Ukuzaliseka kwaKhe”

IMfundiso neMinqophiso 93

“Xa uqabela kwileli,” uJoseph Smith wafundisa, “kufuneka uqale ezantsi, kwaye unyukele inyathelo ngenyathelo, ude ufike phezulu; ngoko ke kunjalo nakwimigaqo yevangeli—kufuneka uqale ngowokuqala, kwaye uqhubeke ude uyifunde yonke imigaqo yokuphakanyiswa” (Teachings of Presidents of the Church: Joseph Smith [2007], 268).

Ngamanye amaxesha ileli yokuphakanyiswa ikhangeleka iphakeme kakhulu, kodwa thina sasizalelwe ukuyikhwela side sifike phezulu. Nokuba yeyiphi na imida esinokuyibona kuthi, uBawo waseZulwini noNyana waKhe babona okuthile okuzukileyo kuthi, into ebufana nothixo. Njengoko uYesu Krestu “wayekho ekuqalekeni kunye noBawo, ngoko ke nanikho” (IMfundiso neMinqophiso 93:21, 23). Njengoko Yena “waqhubeka ukusuka elubabalweni kuye elubabalweni, wade waba ufumene ukuzaliseka” ngoko ke nani “niya kufumana ubabalo ngobabalo” (imiqolo 13, 20). Ivangeli ebuyisiweyo isifundisa malunga nendalo kaThixo, kwaye isifundisa malunga nathi thina buqu kwakunye noko singaba kuko. Ungumntwana kaThixo woqobo onamandla okuba “ngexesha elifanelekileyo nifumane ukuzaliseka kwakhe” (umqolo 19).

umfanekiso wokufunda

Iingcebiso zokuFunda eKhaya naseBandleni.

IMfundiso neMinqophiso 93

NjengoYesu Krestu, ndingazukiswa ndize ndifumane “ukuzaliseka” kukaThixo.

UMprofeti Joseph Smith wafundisa, “Ukuba abantu abaqondi isimo sikaThixo, abaziqondi bona buqu (Teachings: Joseph Smith40). Njengoko ufunda ngoMsindisi ngokufunda IMfundiso neMinqophiso 93, khangela kananjalo oko ukufundayo ngawe. Ngokomzekelo, yintoni oyifunda ngaYe evela kuyo imiqolo 3, 12–13, 21, no 26? Zeziphi iinyaniso ezifanayo ozifumanayo ngawe kuyo imiqolo 20, 23, no 28–29? (bona kananjalo Yohane I 3:2; 3 Nifayi 27:27). Le mibuzo ilandelayo inokunceda uqonde kwaye usebenzise iinyaniso ezikweli candelo:

  • Kuthetha ukuthini ukufumana “ubabalo ngobabalo” kwaye nokuqhubeka “ukusuka elubabalweni kuye elubabalweni”? (imiqolo 12–13). Ukuba iyanceda, unokufunda incwadi ethi “Babalo” kwisiKhokelo kwiZibhalo (IThala leeNcwadi zeVangeli).

  • Ufumanisa ntoni kwesi sityhilelo ngendlela uThixo akunceda ngayo ukuba ukhule kwaye ufunde? Ingaba ukukwazi oku kuyichaphazela njani indlela esiphatha ngayo abanye—nesiziphatha ngayo thina?

  • Ufunda ntoni “ngokunqula, … nento oyinqulayo”? (umqolo 19; bona kananjalo IsiKhokelo kwiZibhalo, “Nqula,” Ithala Leencwadi zeVangeli).

IMfundiso neMinqophiso 93:1–39

umfanekiso weseminari
Uzuko lukaThixo lukhanyiso nenyaniso.

Ungaqaphela ukuba amagama afana nozuko, ukukhanya, kunye nenyaniso avela rhoqo kwesi sityhilelo. Njengoko ufunda imiqolo 20–39 ngokukodwa, dwelisa iinyaniso ozifundayo malunga nezi ngcamango. Ukwenza itafile efana nale kunokunceda:

Umqolo

Oko ndikufundayo

Imibuzo yokucingisisa

Umqolo

24

Oko ndikufundayo

Imibuzo yokucingisisa

Kukho iinkohliso ezininzi ehlabathini. Ndinokuyazi njani inyaniso? (bona kananjalo Yakobi 4:13).

Umqolo

28

Oko ndikufundayo

Imibuzo yokucingisisa

Umqolo

36

Oko ndikufundayo

UThixo ungumntu wokukhanya nenyaniso.

Imibuzo yokucingisisa

Umqolo

37

Oko ndikufundayo

Imibuzo yokucingisisa

Ngubani endimaziyo obonakala ekwazi ukumelana neempembelelo ezimbi? Kutheni bekwazi ukwenza oku?

Umqolo

Oko ndikufundayo

Imibuzo yokucingisisa

Umqolo

Oko ndikufundayo

Imibuzo yokucingisisa

Umqolo

Bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 50:24

Oko ndikufundayo

Imibuzo yokucingisisa

Ufumana ntoni kule miqolo ekuphembelela ukuba ufune ukukhanya okukhulu nenyaniso? Kutheni ukukhanya nayo inyaniso izizibizo ezilungileyo kuYesu Krestu? (bona Yohane 8:12; 14:6). Ezi nyaniso zibuchaphazela njani ubomi bakho?

Usenokuqaphela kananjalo izithembiso malunga nekamva lakho lanaphakade imiqolo 20, 22, 28, 33–35. Yintoni ubudlelwane phakathi kwezi zithembiso nokufumana ukukhanya?

6:40

Light and Truth, Part 1

6:52

Light and Truth, Part 2

ifestile etempileni

“Uzuko lukaThixo lukhanyiso nenyaniso.”

IMfundiso neMinqophiso 93:40–50

“Lungisa indlu eyiyeyakho.”

Umyalelo othi “Lungisa indlu eyiyeyakho” (umqolo 43) awukho ngokulungelelanisa iikhabhathi negunjana lokugcina izinto kodwa ungowokufundisa—nokufunda—“ukukhanya nenyaniso” (umqolo 42). Cinga indlela ozama ukusithobela ngayo esi siluleko. Zeziphi iingxaki ojamelana nazo? Zeziphi iinyaniso kuyo IMfundiso neMinqophiso 93 ezinokunceda?

Zeziphi iingqiqo ozifumana kwezi mfundiso nguMdala uDavid A. Bednar?

“E-ofisini yam kukho umzobo omhle wentsimi yengqolowa. Umzobo yingqokelela enkulu yemivumbo yebrashi zomntu ngamnye—akukho nanye kuzo eyodwa enomdla kakhulu okanye enomtsalane. Enyanisweni, ukuba ume kufuphi neseyile, yonke into oyibonayo bubuninzi bemigca ebonakala ingahambelani kwaye ingathandeki yepeyinti emthubi negolide nemdaka. Nangona kunjalo, njengoko usiya ngokuthe ngcembe ukusuka kwiseyile, yonke imivumbo yebrashi zomntu ngamnye ziyadibana kwaye zivelise imbonakalo entle yentsimi yengqolowa. Uninzi oluqhelekileyo, lwemimvumbo yebrashi zomntu ngamnye zisebenza kunye ukwenza umzobo onomtsalane nomhle.

“Umthandazo ngamnye wosapho, isiqendu ngasinye sofundo lwezibhalo zosapho, kwaye … umhlangano wangokuhlwa ngamnye kwikhaya ziligalelo kumphefumlo wethu. Akukho siganeko sinye sinokubonakala sinomtsalane kakhulu okanye sikhumbuleke. Kodwa kanye njengokuba imivumbo etyheli negolide nemdaka yepeyinti incedisana kwaye ivelisa umsebenzi wobugcisa omangalisayo, ukungaguqu‑guquki kwethu ekwenzeni izinto ezibonakala ngathi zincinci kunokukhokelela kwiziphumo ezincomekayo zomoya. ‘Ngako oko, musani ukudinwa kukwenza okulungileyo, kuba nibeka isiseko somsembenzi omkhulu. Kwaye kwizinto ezincinane kophuma oko kukhulu’ [IMfundiso neMinqophiso 64:33]. Ukungaguquguquki ngumgaqo ongundoqo njengoko sibeka isiseko somsebenzi omkhulu kubomi bethu bomntu ngamnye kwaye njengoko sikhuthele ngakumbi kwaye sixhalabile kumakhaya ethu” (“More Diligent and Concerned at Home, Liyahona,, EyeNkanga. 2009, 19–20).

usapho luthandaza kunye

INkosi iyalela abazali ukuba “[bakhulise] abantwana benu ekukhanyeni nasenyanisweni.”

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

umfanekiso wecandelo labantwana 01

Iingcebiso zokuFundisa Abantwana

IMfundiso neMinqophiso 93:2–21

UYesu Krestu ukukuKhanya noBomi beHlabathi.

  • Cinga ngokubonisa umfanekiso woMsindisi kwaye ubuze abantwana bakho ukuba kutheni kubalulekile ukufunda malunga nokulandela uYesu Krestu. Emveni koko ningafunda kunye IMfundiso neMinqophiso 93:19 ukufumana isizathu esinye esibalulekileyo.

  • Ungafuna ukukhetha iinyaniso ezininzi ngoKrestu kulo icandelo 93 ezikhuthazayo kuwe kwaye uncede abantwana bakho bazifumane kwaye baziqonde. Ngenyani nganye oyikhethayo, unganika abantwana bakho igama okanye ibinzana abanokuthi baliphulaphule njengoko nifunda umqolo kunye. Ngokomzekelo, uYesu Krestu:

    1:18

    Chapter 33: A Revelation about Jesus Christ: May 1833

umzobo kaKrestu

Inkcukacha ivela Light of the World [ukuKhanya kweHlabathi], nguHoward Lyon

IMfundiso neMinqophiso 93:23, 29, 38

Ndandihlala noBawo waseZulwini phambi kokuba ndize emhlabeni.

  • UMsindisi wagxininisa izihlandlo ezithathu kulo icandelo 93 ukuba sasiphila noThixo “ekuqalekeni” (imiqolo 23, 29, 38). Ukunceda abantwana bakho bakufumanise oku, ungabamema ukuba bafunde IMfundiso neMinqophiso 93:23, 29, 38 kwaye bakhangele inyaniso malunga nabo ephindwaphindwa kule miqolo. Kutheni uBawo waseZulwini efuna ukuba siyazi le nyaniso? Ungabuza kananjalo abantwana bakho ukuba yintoni abayaziyo ngobomi bethu noBawo waseZulwini phambi kokuba sizalwe. Ukubanceda bafunde ngakumbi, funda kunye nabo isicatshulwa esinye okanye ezingaphezulu kwezi zilandelayo: Yeremira 1:5; IMfundiso 138:53–56; Moses 3:5; Abraham 3:22–26.

IMfundiso neMinqophiso 93:24–39

Ndifumana ukukhanya nenyaniso njengoko ndithobela uThixo.

  • Ukunceda abantwana bakho basebenzise iinyaniso malunga nokuthobela kuyo IMfundiso neMinqophiso 93, cinga ngokubhala iimbekiselo zezibhalo ezimbalwa kweli candelo kwiziqwenga zephepha. Kwiziqwenga zephepha ezahlukeneyo, bhala iinyaniso ezifundiswa nganye kule miqolo. Abantwana bakho banokusebenza kunye ukufunda imiqolo kwaye batshatise iinyaniso neembekiselo zezibhalo. Imizekelo inokuquka:

    • Umqolo 24: Inyaniso kukwazi izinto zokwenene kwixesha elidluleyo, elikhoyo, nakwixesha elizayo.

    • Umqolo 28: Ndinokwamkela ukukhanya nenyaniso njengoko ndigcina imiyalelo.

    • Umqolo 37: Xa ndinokukhanya nenyaniso, ndiyakwazi ukuchasa ububi.

    • Umqolo 39: Ndilahlekelwa kukukhanya nenyaniso xa ndingathobeli.

    Ungafuna ukwabelana ngemizekelo yeenyaniso othe wazazi njengokuba uthe wayigcina imiyalelo yeNkosi.

Ziqhelanise neminyaka yabantwana bakho. Uyazazi iimfuno nobuchule babantwana bakho; zive ukhululekile ukuziqhelanisa nezimvo zomsebenzi ukuze zihlangabezane neemfuno zabo. Ngokomzekelo, kulo msebenzi, ukuba ufundisa abantwana abancinane, kusenokuba ngcono ukugxininisa kwinyaniso enye elula kulo icandelo 93.

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

umzobo kaKrestu eshumayela kwiTorah

Light and Truth [UkuKhanya neNyaniso], nguSimon Dewey

iphepha lomsebenzi labantwana