Doctrine and Covenants 2025
EyeThupha 18–24: “Umgaqo kunye nesiThembiso” IMfundiso neMinqophiso 89–92


“EyeThupha 18–24: ‘Umgaqo kunye nesiThembiso’: IMfundiso neMinqophiso 89–92,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)

“IMfundiso neMinqophiso 89–92,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025

isibini sipheka kunye

IMfundiso neMinqophiso 18–24: “Umgaqo kunye Nesithembiso”

IMfundiso neMinqophiso 89–92

KwiSikolo sabaProfeti, umprofeti uJoseph Smith wafundisa abadala bakwaSirayeli malunga nokwakhiwa kobukumnkani bukaThixo emhlabeni. Bona baye baxoxa ngeenyaniso zomoya, bathandaza kunye, bazila, kwaye balungiselela ukushumayela ivangeli. Kodwa kwakukho into ngesimo eyayingakhangeleka ingaqhelekanga kuthi namhlanje, kwaye yayingakhangeleki ilungile naku-Emma Smith. Ngelixa leentlanganiso, amadoda ayetshaya kwaye ayehlafuna icuba, nto leyo yayiqhelekile ngelo xesha, kodwa kwakungcolisa imigangatho yokhuni kwaye kwakushiya ivumba elinuka kakubi emoyeni. U-Emma waye wabelana noJoseph ngeenkxalabo zakhe, kwaye uJoseph wabuza iNkosi. Impendulo yakhe yaba sisityhilelo esidlulela ngaphaya komsi namabala ecuba. Sona sanika abaNgcwele, nezizukulwana ezizayo, “umgaqo kunye nesithembiso”—izithembiso zempilo yasenyameni, “ubulumko,” kunye “neendyebo ezinkulu zolwazi” (IMfundiso neMinqophiso 89:3, 19).

Bona kananjalo Saints, 1:166–68.

umfanekiso wokufunda

Iingcebiso zokuFunda eKhaya naseBandleni.

IMfundiso neMinqophiso 89

umfanekiso weseminari
INkosi yandinika mna ILizwi loBulumko ukundinceda ukuba ndibe sempilweni emzimbeni nakumoya.

Xa abadala eSikolweni sabaProfeti babeqala ukuva uJoseph Smith efunda iLizwi loBulumko, baye “balahla iinqawe zabo nezivalo zabo zokuhlafunela icuba emlilweni” ngokukhawulezileyo (Saints,, 1:168). Babefuna ukubonisa ukulungela kwabo ukuthobela iNkosi. Mhlawumbi “sowulahlile” ebomini bakho izinto iLizwi loBulumko elilumkisa ngazo, kodwa yeyiphi enye into ongayifunda kwesi sityhilelo? Cinga ezi ngcebiso:

  • Cinga ngesityhilelo “[ngengo] mgaqo kunye nesithembiso” (umqolo 3)—iinyaniso ezinyamezelayo ezikhokela ukwenziwa kwesigqibo. Yeyiphi imigaqo oyifumanayo enokukhokela izigqibo zakho? Zeziphi iintsikelelo ezithenjiswa yiNkosi? (bona imiqolo 18–21). Uzizalisekise Yena njani ezo zithembiso ebomini bakho?

  • Yeyiphi imizekelo oyibonileyo “yobubi nokuyila … ezintliziyweni zabantu abenza amayelenqe” enxulumene neLizwi loBulumko?(umqolo 4). Ukongeza kwesi sityhilelo, yintoni iNkosi ekunike yona ukunceda ukuba uphephe okanye woyise obu bubi?

  • Yintoni esi sityhilelo esikufundisa yona malunga neNkosi? ILizwi loBulumko linxulumana njani kuyo IMfundiso neMinqophiso 29:34–35?

  • Yintoni ochukunyiswe ukuba uyenze ukukhathelela ngcono umzimba wakho?

Usenokuba namathuba okucacisela abanye ukuba kutheni uphila iLizwi loBulumko—kwaye unokuba namathuba amaninzi kwixesha elizayo. Cinga ngendlela onokuwasebenzisa ngayo la mathuba ukungqina ngoMsindisi, ubungcwele bemizimba yethu, nezinye iinyaniso zomoya.

Bona kananjalo KwabaseKorinte I 6:19–20.

4:40

Principles and Promises

Funda kwaye ufundise ngemigaqo. Kunokuba senze uluhlu lwezinto omele uzenze nezingangenziwa, singaphila ngemigaqo ukuze sisebenzise igunya lethu nokholo kuKrestu. Ngokomzekelo, qwalasela imibuzo esekelwe kumgaqo efana nale emalunga neLizwi loBulumko: Yeyiphi imigaqo enokunika inkuthazo kumntu ozama ukuthobela iLizwi loBulumko? Yeyiphi imigaqo enokundithuthuzela xa ndineengxaki zempilo nangona ndiphila iLizwi loBulumko?

umfazi owenza i-yoga

UBawo waseZulwini ufuna ukuba siyikhathalele imizimba yethu.

IMfundiso neMinqophiso 90:1–17

UBongameli BokuQala bubamba “izitshixo zobukumkani.”

Kulo icandelo 90, iNkosi yanika imiyalelo “ngobufundisi nobongameli” (umqolo 12) bukaJoseph Smith, Sidney Rigdon, noFrederick G. Williams—amalungu woko sikubiza ngoku njengoBongameli BokuQala. Yintoni oyifundayo ngoBongameli BokuQala evela kuyo imiqolo 1–17? Cinga ngokuphonononga imiyalezo yakutsha nje evela kumalungu oBongameli BokuQala. Yintoni abayenzayo “[uku]yilungisa yonke imicimbi yeli bandla nobukumkani”? (umqolo 16). Ungabonisa njani ukuba aziyo “nto yobuyatha” kuwe? (umqolo 5).

Ikuncede njani inkonzo yoBongameli BokuQala ukuba wazi uBawo waseZulwini noYesu Krestu?

IMfundiso neMinqophiso 90:24

“Zonke izinto ziya kusebenzela kunye ukulunga [kwam].”

Cingisisa nangawaphi na amava owakhe wawafumana angqina ngezithembiso zeNkosi kuyo IMfundiso neMinqophiso 90:24. Cinga ngokubhala amava akho kwaye wabelane ngawo nelungu losapho lwakho okanye omthandayo—mhlawumbi umntu odinga isiqinisekiso okanye inkuthazo. Ukuba kukhona iintsikelelo osazilindeleyo, cingisisa ngoko ongakwenza ukuhlala unyanisekile ngenjoko ulindele ukubona ukuba “zonke izinto ziya kusebenzela kunye ukulunga kwenu” njani.

IMfundiso neMinqophiso 90:28–31

Yayingubani uVienna Jacques?

UVienna Jacques wayezelwe kweyeSilimela 10, 1787 eMassachusetts. Ibhinqa lokholo elalifumile kwezemali, uVienna waqala ukudibana nabafundisi bevangeli ngo-1831. Emveni kokufumana ubungqina ngokwasemoyeni wokuba umyalezo wabo wawuyinyaniso, yena wahamba ukuyodibana nomprofeti eKirtland, e-Ohio, apho wabhaptizelwa khona.

UVienna wawuthobela umyalelo weNkosi kuye kuyo IMfundiso neMinqophiso 90:28–31. Ukungcwaliseka kwakhe eNkosini, kuquka neminikelo yakhe awayenzayo ngaphambili eKirtland, yeza ngexesha elalibalulekile kakhulu eBandleni, xa iinkokeli zazizama ukuthenga umhlaba apho iTempile yaseKirtland yayiyakwakhelwa khona. UVienna “wayethembekile, kwaye …engonqeni” ebomini bakhe bonke kwaye waze wakwazi “ukuhlala phantsi eluxolweni” (umqolo 31) eSalt Lake Valley, apho wasweleka eneminyaka engama-96.

IMfundiso neMinqophiso 91

“Kuba uMoya uyabonakalisa inyaniso.”

Sonke sidibana nemiyalezo equlathe “izinto ezininzi … eziyinyani” kwaye “nezinto ezininzi … ezingeyiyo inyani” (IMfundiso neMinqophiso 91:1–2). Sesiphi isiluleko osifumana kulo icandelo 91 esinokukunceda ukuba uqonde inyaniso kwimiyalezo odibana nayo? Ukuncede njani uMoya ukuba uqonde inyaniso ebuxokini?

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

umfanekiso wecandelo labantwana 02

Iingcebiso zokuFundisa Abantwana

IMfundiso neMinqophiso 89

ILizwi loBulumko liyandinceda ukuba ndiphile emzimbeni nasemoyeni.

  • Ukuze utshayelele icandelo 89, mhlawumbi wena nabantwana bakho ninokukhangela umfanekiso wetempile okanye nicule ingoma ethetha ngempilo yomzimba. Nceda abantwana bakho balinganise iindlela zokukhathalela imizimba yabo.

  • Ukufunda ngemiyalelo yeNkosi kuyo IMfundiso neMinqophiso 89:10–17, wena nabantwana bakho ningazoba okanye nijonge imifanekiso yezinto ezilungileyo esinokuzitya okanye sizenze ukugcina imizimba yethu isempilweni (bona umfanekiso nephepha lomsebenzi ekupheleni kolu lwandlalo). Yintoni iNkosi esilumkise ukuba singayisebenzisi? Kutheni Yena efuna ukuba siyikhathalele imizimba yethu?

  • UMdala uGary E. Stevenson wacebisa abantu abaselula ukuba bacebe kwangaphambili oko baya kukwenza xa behendwa ngotywala okanye ngeziyobisi. Yena wafundisa: “Uya kufumanisa ukuba isilingo sinolawulo oluphantsi kuwe. Uya kuba sele usenzile isigqibo sendlela oya kusabela ngayo nento oya kuyenza. Akusayi kufuneka ugqibe ngalo lonke ixesha (“Your Priesthood Playbook,” Liyahona, UCanzibe 2019, 48). Emva kokufunda kunye IMfundiso neMinqophiso 89:4 nengxelo kaMdala uStevenson, cebisana nabantwana bakho malunga nokuba bangagqiba njani ngoku—ubomi babo bonke—ukuphila iLizwi loBulumko. Ungade ulinganise indlela abanokusabela ngayo ukuba umntu, nokuba ngumhlobo, ubapha into echasene neLizwi loBulumko. INkosi isisikelela njani xa sithobela iLizwi loBulumko? (bona imiqolo 18–21).

abantwana abadlala elunxwemeni

Imizimba yethu sisipho esivela kuThixo.

IMfundiso neMinqophiso 90:5

UThixo undinika abaprofeti bokundikhokela nokundikhusela.

  • Unokujonga imifanekiso yabaprofeti bamandulo. UThixo ubasikelele njani abantwana baKhe ngabaprofeti baKhe? Kutheni sifanele sibaphulaphule abaprofeti bakaThixo? (bona IMfundiso neMinqophiso 90:5). Emveni koko wena nabantwana bakho ningajonga umfanekiso womprofeti ophilayo kwaye nabelane ngezinye izinto iNkosi esifundise yona okanye esilumkise ngazo ngaye. Sinokumlandela njani umprofeti?

IMfundiso neMinqophiso 91

UMoya unokundinceda ndiyazi into eyinyani.

  • Ungashwankathela isihloko secandelo sayo IMfundiso neMinqophiso 91 ukunceda abantwana bakho baqonde ukuba kutheni esi sityhilelo sasinikeziwe. Bona banokuthi emveni koko bacinge ngeendawo, njengakumajelo eendaba, apho sifumana “izinto ezininzi … eziyinyani” kwaye “nezinto ezininzi … ezingeyiyo inyani” (imiqolo 1–2). Isifundisa ntoni imiqolo 4–6 ngoMoya oyiNgcwele? Usinceda njani uMoya oyiNgcwele ukuba sazi into elungileyo?

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

isiqhamo

“Zonke iinkozo zilungele ukutya kwabantu; kanjalo njengesiqhamo sesidiliya.”

iphepha lomsebenzi labantwana