Doctrine and Covenants 2025
EyeThupha 4–10: “Yimani Ezindaweni Ezingcwele”: IMfundiso neMinqophiso 85–87


“EyeThupha 4–10: ‘Yimani Ezindaweni Ezingcwele’: IMfundiso neMinqophiso 85–87,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)

“IMfundiso neMinqophiso 85–87,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025

usapho lusondela etempileni

EyeThupha 4–10: “Yimani Ezindaweni Ezingcwele”

IMfundiso neMinqophiso 85–87

Usuku lweKrisimesi ludla ngokuba lixesha lokucingisisa imiyalezo efana no “xolo emhlabeni” (bona Luka 2:14). Kodwa ngeyoMnga 25, 1832, ingqondo kaJoseph Smith yayigcwele sisigrogriso semfazwe. Ilizwe laseSouth Carolina e-United States lalichasana norhumulente kwaye lalilungiselela imfazwe. Kwaye iNkosi yatyhilela ukuba esi yayisisiqalo nje: “Imfazwe”, Yona yabhengeza, “iya kuthululelwa phezu kwezizwe zonke” (IMfundiso neMinqophiso 87:2). Kwakukhangeleka ngathi esi siprofeto sasinokuzalisekiswa kungekudala.

Kodwa akuzange kubenjalo. Kwiiveki ezimbalwana nje, iSouth Carolina norhulumente we-United States bafikelela kwisivumelwano, kwaye imfazwe yaphetshwa. Nangona kunjalo, isiprofeto, asisoloko sizalisekiswa ngela xesha okanye ngendlela thina esiyilindele ngayo. Phantse ibe yiminyaka engama 30 eyayisele idlulile, sekukudala emveni kokuba uJoseph Smith wabulawa, iSouth Carolina yabanovukelo-mbuso kwaye idabi lasekuhlaleni lalandela. Namhlanje, imfazwe kulo lonke ihlabathi ibangele “umhlaba [ukuba] ulile” (IMfundiso neMinqophiso 87:6). Ixabiso lesi sityhilelo libhekise kancinci ekuqikeleleni ixesha lokuza kwentlekele kwaye libhekise ingakumbi ekufundiseni ukuba makwenziwe ntoni xa ifika. Le ngcebiso iyafana ngo-1831, 1861, nango-2025: “Yimani Ezindaweni Ezingcwele, kwaye ningagungqiswa” (umqolo 8).

umfanekiso wokufunda

Iingcebiso zokuFunda eKhaya naseBandleni.

IMfundiso neMinqophiso 85:1–2

INkosi ifuna “ndigcine imbali.”

Qaphela ukuba yintoni na iNkosi eyayifuna ukuba ibandakanywe “kwimbali” kuyo IMfundiso neMinqophiso 85:1–2. Ucinga ukuba kutheni ifuna abaNgcwele baYo bagcine imbali? Yintoni onokuyibhala malunga “nendlela yokuphila, ukholo [lwakho], nemisebenzi yakho” enokuba yintsikelelo kwizizukulwana ezizayo? Ingaba ukugcina imbali yakho yobuqu ikuncede njani uze kuYesu Krestu?

3:6

Turning Hearts

IMfundiso neMinqophiso 85:6

UMoya uthetha “ngelizwi elizolileyo elincinane.”

Cingisisa ngamazwi uJoseph Smith awasebenzisayo ukucacisa uMoya kuyo IMfundiso neMinqophiso 85:6. Ilizwi loMoya “lizolile” kwaye “lincinane” ngaluphi uhlobo? Cinga ngezi ngcaciso zinikezwe ngoJoseph Smith: IMfundiso neMinqophiso 6:22–24; 8:2–3; 9:7–9; 11:12–13; 128:1. UMoya uthetha nawe njani?

Bona kananjalo Luka 24:32; Mozaya 5:2; Alma 32:28; Hilamani 5:30; IMfundiso neMinqophiso 6:22–23; 11:12–13.

Sebenzisa izifundo zento. Abantu bakhumbula isifundo sevangeli ngcono xa bebona okanye bethatha inxaxheba kwisifundo sento esinxulumene noko bakufundayo. Umzekelo, xa ufundisa ngelizwi elizolileyo, elincinane loMoya, mhalwumbi ungadlala ushicilelo oluthambileyo, umculo ongcwele, kwaye abafundi banokuthetha ngendlela umculo ubenza bazive ngayo kwaye bekuya kuba nzima kangakanani ukuva ukuba kukho ingxolo ephazamisayo. Oku kungakhokelela kwingxoxo emalunga neziphazamiso kubomi bethu ezinokusithintela ekuveni ilizwi elizolileyo, elincinane.

intombi encinane ifunda izibhalo

Izibhalo zichaza ilizwi loMoya njengelizwi elizolileyo, nelincinane.

IMfundiso neMinqophiso 86

Amalungisa ahlanganiselwa kuKrestu ngemihla yokugqibela.

IMfundiso neMinqophiso 68 iqulethe ingcaciso yomzekeliso wengqolowa nomdiza, ofumaneka ku Mateyu 13:24–30, 37–43. Njengoko ufunda ngentsingiselo yalo mzekeliso, cinga ngokugcwalisa itshati efana nale:

Iimpawu

Iintsingeselo ezinokwenzeka

Imibuzo yokucingisisa

Iimpawu

Abahlwayeli bembewu

Iintsingeselo ezinokwenzeka

AbaProfeti kunyeNabaPostile

Imibuzo yokucingisisa

Luhlobo olunjani “lwembewu” olwahlwayelwa ngabaprofeti nabapostile?

Iimpawu

Utshaba

Iintsingeselo ezinokwenzeka

uSathana

Imibuzo yokucingisisa

Utshaba luzama njani ukuwumisa umsebenzi weNkosi?

Iimpawu

Iintsingeselo ezinokwenzeka

Imibuzo yokucingisisa

Iimpawu

Iintsingeselo ezinokwenzeka

Imibuzo yokucingisisa

Nantsi imibuzo embalwa eyongezelweyo ongayiqwalaselayo:

  • Emva kokuwutolika lo mzekeliso, iNkosi yathetha ngobubingeleli, ukubuyiselwa, nosindiso lwabantu baKhe (bona imiqolo 8–11). Loluphi uqhagamshelwano olubonayo phakathi kwale mixholo nomzekeliso wengqolowa nomdiza?

  • Iyintoni indima yakho ekubeni “lukhanyiselo eziNtlangeni” naye “umsindisi ebantwini [beNkosi]”? (umqolo 11).

IMfundiso neMinqophiso 87

umfanekiso weseminari
Uxolo lufunyanwa “ezindaweni ezingcwele.”

Isiprofeto esikulo icandelo 87 silumkisa ngeengozi zenyama eziphathelele kwimfazwe ngemihla yokugqibela. Kodwa isoluleko esi kwesi sityhilelo sikwasebenza nakwiingozi zokomoya. Cingisisa ngemibuzo efana nale ilandelayo:

  • Isiprofeto sisityhilelo esivela kuThixo esiya kumprofeti, rhoqo malunga nekamva. Yeyiphi eminye imizekelo yeziprofeto eyathi yanikelwa ngabaprofeti bamandulo nabanamhlanje? (bona Yohane 3:14; Mozaya 3:5; Hilamani 14:2–6). Zazaliseka njani? (bona Luka 23:33; Mateyu 15:30–31; 3 Nifayi 1:15–21).

  • Zeziphi iintsikelelo zokwamkela iziprofeto zabaprofeti bakaThixo?

Ucinga ngezo ngcinga, funda icandelo 87. (Ngokwembali ethile, usenokufuna kananjalo ukufunda intshayelelo yolu lwandlalo.) Yintoni oyifundayo ngesi siprofeto nendlela esazaliseka ngayo? Ungathini kumntu osithandabuzayo isiprofeto ngenxa yokuba singazaliseki ngoko nangoko?

Yeyiphi ingcebiso iNkosi eyayinika kuwo umqolo 8? Zeziphi ezakho “iindawo ezingcwele” apho ufumana uxolo nokhuseleko? Yintoni eyenza indawo ibengcwele? Ekongezeni kwiindawo ezibonakalayo, mhlawumbi kukho amaxesha angcwele, iizenzo ezingcwele, okanye iingcinga ezingcwele ezinokubonelela ngoxolo. Ngokomzekelo, amazwi abaprofeti bakaThixo anokuba yindawo engcwele njani kuwe? Kuthetha ukuthini “ukuma” kwaye “ukungasuswa” kuzo ezi ndawo?

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

umfanekiso wecandelo labantwana 03

Iingcebiso zokuFundisa Abantwana

IMfundiso neMinqophiso 85:6

UMoya uthetha “ngelizwi elizolileyo elincinane.”

  • Bangathini abantwana bakho ukuba umntu othile uyababuza ukuba bazi njani xa uMoya oyiNgcwele uthethe kubo? Bameme ukuba bafunde ngendlela enye uJoseph Smith awachaza ngayo ilizwi loMoya kuyo IMfundiso neMinqophiso 85:6. Banokuziqhelanisa nokuphulaphula nokuthetha ngelizwi elincinane. Ungabelana ngamava kananjalo xa uMoya wathetha nawe ngelizwi elizolileyo, nelincinane.

IMfundiso neMinqophiso 86

Ndinganceda ekuhlanganiseni abantu bakaThixo.

  • Ukunceda abantwana bakho baqonde umzekeliso ochazwe kulo icandelo 86, unokwenza imifanekiso emincinane okanye imizobo yengqolwa uze uyifihle kumacala onke egumbi. Chazela abantwana bakho umzekeliso wengqolowa nomdiza (bona Mateyu 13:24–30), kwaye nifunde kunye amagqabantshintshi eNkosi kuyo IMfundiso neMinqophiso 86:1–7. Abantwana bakho banokuqokolela imifanekiso efihliweyo yengqolowa baze babhale kuyo igama lomntu abanokuthi “bamhlanganisele” kuYesu Krestu. Kuthetha ukuthini ukuhlanganisela abantu kuYesu Krestu? Zeziphi ezinye iindlela esinokukwenza ngazo oku?

IMfundiso neMinqophiso 86:11

Ndinokuba njengokukhanya kwabanye.

  • Nantsi eminye imibuzo onokuthi uyibuze abantwana bakho njengoko nixoxa ngayo IMfundiso neMinqophiso 86:11: Kusisikelela njani ukukhanya? Kuba njani xa singenako ukukhanya? Sinokuba lukhanyiso njani kwabanye abantu? Nceda abantwana bakho bacinge ngeendlela “esinokuqhubeka ngazo ekulungeni [kukaYesu]” kwaye sabelane ngako nabanye.

IMfundiso neMinqophiso 87:6, 8

Ndinako “ukuma … kwiindawo ezingcwele”.

  • Fundani kunye IMfundiso neMinqophiso 87:6 ukuze nifunde ngezinto iNkosi eyathi ziya kwenzeka ngemihla yokugqibela. Emva koko ungathetha ngezinye zeengxaki ojamelene nazo wena nabantwana bakho. Kuwo umqolo 8, yintoni iNkosi eyathi masiyenze ngamaxesha anzima?

  • Nceda abantwana bakho benze uluhlu lweendawo ezingcwele, iingcinga ezingcwele, nezenzo ezingcwele ezinokubanceda bajamelane nengozi yokomoya.

    5:36

    Standing in Holy Places

    4:36

    Stand Ye in Holy Places - Bloom Where You’re Planted

umama ebonisa usana lwakhe itempile

Itempile yindawo engcwele.

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

ingqolowa entsimini

INkosi ibahlanganisa abantu baYo njengengqolowa.

iphepha lomsebenzi labantwana