“EyeThupha 11–17: ‘Nimise … Indlu kaThixo”: IMfundiso neMinqophiso 88,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)
“IMfundiso neMinqophiso 88,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025
ISikolo sabaProfeti sasiqhutyelwa kweli gumbi.
“EyeThupha 11–17: ‘Nimise … Indlu kaThixo”
IMfundiso neMinqophiso 88
Emaxesheni amaninzi, iNkosi isinika uthsuphe kancinane kobaYo “[ubu]ngangam[sha] namandla” (IMfundiso neMinqophiso 88:47) ngezityhilelo ezimangalisayo. IMfundiso neMinqophiso 88 ilolo hlobo lwesityhilelo—esona esimalunga nokhanyiso nobuqaqawuli nobukumkani obungathi benze izinto zethu zasemhlabeni zibonakale ngathi azibalulekanga xa zithelekiswa. Nokuba asinakuyiqonda yonke loo nto, sinokuqonda ukuba kuninzi kakhulu kwiphakade kunokuba besikhe besicinga. Kakade ke, iNkosi ayabelani ngezi nyaniso zibalaseleyo ukuze isoyikise okanye isenze sizive sibancinci. Enyanisweni, Yona yathembisa, “Imini iya kuza xa niya kuqiqa nkqu uThixo” (umqolo 49; ugxininiso longeziwe). Mhlawumbi kwaku kweso sizathu sizukileyo eyathi iNkosi yayalela abaNgcwele baYo eKirtland ukuba baseke iSikolo sabaProfeti. “Lungiselelani iziqu zenu,” Yona yatsho. “Lungisani yonke into efunekayo; nize nimise …indlu kaThixo” (umqolo 119). Ngaphezu kwayo yonke enye indawo, kusendlwini engcwele kaThixo—nasemakhayeni ethu—apho Yena, angaphakamisa umbono wethu ngaphaya kweli limagada ahlabayo, “atyhile ubuso bakhe [kuthi],” kwaye asilungiselele “ukuhlala ebuqaqawulini beselestiyali” (imiqolo 68, 22).
Bona Saints,, 1:164–66.
Iingcebiso zokuFunda eKhaya naseBandleni.
UYesu Krestu undinika mna uxolo.
Iintsukwana nje ezingephi emveni kwesilumko sokuba loo mfazwe yayiya “kuthululelwa phezu kwezizwe zonke” (IMfundiso neMinqophiso 87:2), iNkosi yanika isityhilelo uJoseph Smith awasibiza ngokuba “ligqabi lomnquma” eliluphawu lwemveli loxolo (IMfundiso neMinqophiso 88, isihloko secandelo; bona kananjalo Genesis 8:11). Kuso sonke isifundo sakho secandelo 88 kule veki, khangela imiyalezo yeNkosi yoxolo kuwe.
IMfundiso neMinqophiso 88:6–67
Ukukhanya nomthetho zivela kuYesu Krestu.
Amagama ukukhanya kunye nomthetho aphinda-phindiwe amaxesha amaninzi kulo icandelo 88. Phawula okanye uqaphele imiqolo apho ufumana la mazwi kuyo imiqolo 6–67, kwaye ubhale phantsi oko ukufundayo ngokukhanya nomthetho—nangoYesu Krestu. Uziva uphefumlelwe ukuba wenze ntoni ukuze wamkele ukukhanya kwaye uphile “umthetho kaKrestu”? (umqolo 21).
Bona kananjalo Isaya 60:19; Yohane 1:1–9; 3 Nifayi 15:9.
Izibhalo ziqulathe umthetho kaKrestu.
IMfundiso neMinqophiso 88:62–64
“Sondelani Kum.”
Ngawaphi amava akubonise ukuba izithembiso ezikwezi ndinyana ziyinyaniso? Leliphi inyathelo lakho elilandelayo “lokusondela” kuKrestu?
IMfundiso neMinqophiso 88:67–76
Ndingakwazi ukucoceka ngeNtlawulelo kaYesu Krestu.
Umyalelo weNkosi othi “ngcwalisani iziqu zenu” uvela kabini kulo icandelo 88 (imiqolo 68, 74). Ucinga ukuba lithetha ukuthini eli binzana? Usenokuhlolisisa ezinye izicatshulwa eziphantsi komxholo othi “Ungcwaliso” kwisKhokelo kwiZibhalo (Ithala Leencwadi zeVangeli). Singcwaliswa njani? Vumela lo mbuzo ukukhokele ekufundeni kwakho IMfundiso neMinqophiso 88:67–76, kwaye ubhale phantsi naziphi na iingqiqo zomoya ozizuzayo.
IMfundiso neMinqophiso 88:77–80, 118–26
“Funani ukufunda, nkqu ngokufunda-nzulu nangokholo kanjalo.”
INkosi yaxelela abaNgcwele ukuba bamise “isikolo sabaprofeti” eKirtland (IMfundiso neMinqophiso 88:137). Uninzi lwemiyalelo kulo icandelo 88 yabafundisa indlela yokwenza oku. Lo myalelo unokukunceda kananjalo wena “[u]mise … indlu yokufunda” (umqolo 119) kubomi bakho. Enyanisweni, unokujonga imiqolo 77–80 kwaye 118–26 njengeeplani “ukuhlengahlengisa ikhaya lakho [okanye ubomi bakho] libe sisazulu semfundo yevangeli” kwaye “nendawo engcwele yokholo” (Russell M. Nelson, “Becoming Exemplary Latter-day Saints,” Liyahona, EyeNkanga 2018, 113). Kunganika umdla ukuzoba ukuba “uhlengahlengiso” lwakho lobuqu lunokujongeka njani, kubandakanya amabinzana asuka kule miqolo ovakalelwa kukuba ufuna ukuyisebenzisa.
Kusenokukunceda kananjalo ukuphonononga le mibuzo: Kutheni ukufunda nemfundo zibalulekile eNkosini? Yintoni Yena afuna ndiyifunde? Ufuna ndifunde njani? Khangela iimpendulo zale mibuzo kuyo imiqolo 77–80.
Ucinga ukuba kuthetha ukuthini ukufunda “ngokufunda nzulu nangokholo”? (umqolo 118).
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso zokuFundisa Abantwana
UBawo waseZulwini unikeza izipho ezilungileyo.
-
Ningaqala ingxoxo malunga nayo IMfundiso neMinqophiso 88:33 ngokucela abantwana bakho ukuba bathethe ngezipho abazinikiweyo—ezo zombini bazifumene ngovuyo nezinye abangazifumananga. Mhlawumbi babenokwenza umboniso wokufumana isipho ngovuyo. Emveni koko unokuthetha ngezipho uBawo waseZulwini asinika zona (ezifana nesipho soMoya oyiNgcwele). Sizifumana njani ngovuyo ezi zipho?
Ukuba ndifuna uMsindisi, ndiya kumfumana.
-
IMfundiso neMinqophiso 88:63 iqulathe amazwi esenzo anokukhuthaza imisebenzi eyonwabisayo ukukhuthaza abantwana bakho ukuba bafune ubukho beNkosi ebomini babo. Ngokomzekelo, ngaba wena nabantwana bakho ninokucinga ngomdlalo eninokuxoxa ngawo ngebinzana elithi “ndifuneni ngenkuthalo kwaye niya kundifumana mna” (ugxininiso longeziweyo) okanye “nkqonkqozani, kwaye niya kuvulelwa”?
Abantwana bafuna ukwahluka. “Uninzi lwabantwana lufunda ngcono xa kubandakanyeka izivo ezininzi. Fumana iindlela zokunceda abantwana basebenzise izivo zabo zokubona, zokuva nezokuchukumisa njengoko befunda. Kwezinye iimeko, unokufumana iindlela zokuquka izivo zabo zokunukisa nokungcamla!” (Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi, 32).
-
Ukugxininisa isimemo soMsindisi “sondelani kum,” ungacela umntwana abe mnye ukuba abambe umfanekiso kaYesu (njengomfanekiso osekupheleni kolu lwandlalo) kwelinye icala legumbi ngelixa abanye abantwana beme kwelinye icala. Njengokuba abantwana bakho becinga ngezinto abanokuzenza ukuze basondele kuMsindisi, banokuthabatha inyathelo eliya emfanekisweni, kwaye umntwana ophethe umfanekiso unokuthatha inyathelo eliya kwabanye abantwana. Thetha nabantwana bakho malunga nendlela osondela ngayo kuMsindisi nendlela Yena asondela ngayo kuwe. Usenokucula kananjalo nabo ingoma ethetha ngalo mxholo.
IMfundiso neMinqophiso 88:77–80, 118
UBawo waseZulwini ufuna ndifunde.
-
Cela abantwana bakho bakuxelele ngezinto abazifunda esikolweni okanye ePrayimari. Ungabelana kananjalo nabanye ngezinto ozifundileyo. Emveni koko unokubonisa abantwana bakho amagama athi yintoni, ngoba, kwaye njani. Bancede baphendle IMfundiso neMinqophiso 88:77–79 ukufumanisa ukuba yintoni na iNkosi efuna sifunde ngayo. Emveni koko khangelani kunye kuwo umqolo 80 ukuze nifumanise ukuba kutheni Yona ifuna sifunde kwaye kuwo umqolo 118 sifumanise ukuba kufuneka sifunde njani.
“Funani ukufunda … nkqu ngokufunda-nzulu nangokholo kanjalo.”
Ikhaya lethu linokuba ngcwele njengetempile.
-
Xa ufunda IMfundiso neMinqophiso 88:119 ebantwaneni bakho, bona banokwenza isijikelezi-langa setempile ngeengalo zabo ngalo lonke ixesha besiva igama elithi “indlu.” Cacisa ukuba uBawo waseZulwini wayefuna uJoseph Smith nabaNgcwele bakhe itempile, okanye “indlu kaThixo.”
-
Usenokucela abantwana bakho bakhethe amagama asixhenxe achaza ikhaya labo. Emveni koko bancede bafumane, kuyo IMfundiso neMinqophiso 88:119, amagama asixhenxe iNkosi ewasebenzisayo ukuchaza indlu yaYo. Sinokulenza njani ikhaya lethu libe “yindlu kaThixo”?
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.