“EyeKhala 28–EyeThupha 3: ‘Amandla obuThixo’: IMfundiso neMinqophiso 84,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)
“IMfundiso neMinqophiso 84,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025
Iinkcukacha zisuka The Restoration of the Melchizedek Priesthood [UBuyiselo loBubingeleli bukaMelkitsedeke], nguWalter Rane
EyeKhala 28–EyeThupha 3: “Amandla ibuThixo”
IMfundiso neMinqophiso 84
Kusukela okoko ububingeleli babuyiselwa ngo-1829, abaNgcwele bokuqala basikelelwa ngamandla angcwalisekileyo eNkosi. Bona babhaptizwa, baqinisekiswa, kwaye babizwa ukuba bakhonze ngegunya lobubingeleli, ngokufanayo njenganamhlanje. Kodwa ukufikelela emandleni obubingeleli akuyonto efanayo nokuwaqonda ngokupheleleyo, kwaye uThixo wayenokuninzi awayefuna Yena abaNgcwele baKhe ukuba bakuqonde—ngakumbi ngobuyiselo oluzayo lwemimiselo yasetempileni. Isityhilelo sika-1832 ngobubingeleli, ngoku esiso IMfundiso neMinqophiso 84, saye sandisa umbono wabaNgcwele wokuba eneneni yintoni ububingeleli. Kwaye ingasenzela okufanayo nathi namhlanje. Emveni kwako konke, kuninzi okumele kufundiwe ngamandla obuthixo awathi abambe “isitshixo solwazi lukaThixo,” athi abonakalise “amandla obuthixo” kwaye oko kusilungiselela ukuba “sibone ubuso bukaThixo, nkqu uBawo, size siphile” (imiqolo 19–22).
Iingcebiso zokuFunda eKhaya naseBandleni.
IMfundiso neMinqophiso 84:17–32
Ndiyafikelela emandleni obubingeleli bukaThixo nakwiintsikelelo.
Xa ucinga ngegama ububingeleli, yintoni efika engqondweni yakho? Amandla obubingeleli bukaThixo abuchaphazela njani ubomi bakho?
Emva kokucingisisa ngale mibuzo, usenokufunda IMfundiso neMinqophiso 84:17–32, ukhangele oko uThixo afuna ukuba ukwazi ngamandla wobubingeleli baKhe. Cinga ngendlela onokuyisebenzisa ngayo le miqolo ukuchaza ububingeleli neenjongo zabo komnye umntu.
Inye into oya kuyifumana kukuba ngemimiselo yobubingeleli “amandla obuthixo ayabonakala” (bona imiqolo 19–21). Mhlawumbi ungadwelisa imimiselo yobubingeleli okhe wathatha inxaxheba kuyo (uluhlu kwi General Handbook, 18.1, 18.2, inokunceda). Ngaba le mimiselo—neminqhopisho enxulumene nayo—iwazise njani amandla kaThixo ebomini bakho? Bebunokuba njani ubomi bakho ngaphandle kwawo?
UMongameli uRussell M. Nelson wafundisa: “Wonke umfazi kunye nayo yonke indoda eyenza iminqophiso noThixo kwaye igcine loo minqophiso, kwaye othatha inxaxheba ngokufanelekileyo kwimimiselo yobubingeleli, inokufikelela ngokuthe ngqo kumandla kaThixo” (“Spiritual Treasures,” Liyahona, EyeNkanga 2019, 77). Cinga ngokufunda umyalezo kaMongameli uNelson, ukhangela iindlela onokuthi “utsalele amandla oMsindisi ebomini [bakho].”
Bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 25:10, 13, 15; 121:34–37, 41–46; General Handbook, 3.6, Ithala leeNcwadi zeVangeli.
IMfundiso neMinqophiso 84:31–44
Ububingeleli bufunyanwa ngesifungo nomnqophiso.
Isifungo nomnqophiso wobubingeleli (bona IMfundiso neMinqophiso 84:31–44) inesicelo esikhethekileyo soonyana bakaBawo waseZulwini abamiselwe kwi-ofisi yobubingeleli, kodwa iintsikelelo ezininzi ezithenjisiweyo kule miqolo ziyafumaneka kubo bonke abantwana bakaThixo. Ziintoni ezi zithembiso, yaye uThixo ucela ukuba senze ntoni ukuze sizifumane?
UMdala Paul B. Pieper wafundisa: “Kunikisa umdla kakhulu okokuba kwisifungo nomnqophiso wobubingeleli [bona IMfundiso neMinqophiso 84:31–44], iNkosi isebenzisa la magama ezenzi fumana no kwamkela. Akasebenzisi igama lesenzi misela. Kuse tempileni apho amadoda nabafazi —bekunye—bafumana kwaye bamkele iintsikelelo namandla wabo bobubini ububingeleli buka-Aron noMelkitsedeke” (“Revealed Realities of Mortality,” Ensign, EyoMqungu. 2016, 21).
Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 84:31–44, cingisisa ukuba kuthetha ukuthini “ukufumana” kunye “nokwamkela” ububingeleli. Oku kwahluke njani ekumiselweni kwi-ofisi yobubingleli? Yintoni enye iNkosi ekumema ukuba uyifumane kule miqolo? Uyenza njani lo nto?
Yintoni oyifumanayo ethi ikuphembelele ukuba unyaniseke ngakumbi ekwamkeleni uMsindisi, uYise waKhe, izicaka zaKhe, namandla obubingeleli baKhe?
Bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 121:36–46.
IMfundiso neMinqophiso 84:43–61
Ukuphila ngelizwi likaThixo kuzisa ukukhanya nenyaniso ebomini bam.
Ziinyaniso zini ozifumana kuyo IMfundiso neMinqophiso 84:43–61 ezithi zikuncede uqonde ukuba kutheni kufuneka uhlale ufunda ilizwi likaThixo? Phawula umahluko phakathi kokukhanya nobumnyama kule miqolo; ingaba “ukunika ngenkuthalo inyameko amazwi obomi obungunaphakade” kukuzise kanjani ukukhanya, nenyaniso, “noMoya kaYesu Krestu” ebomini bakho? (imiqolo 43, 45).
Bona kananjalo 2 Nifayi 32:3.
Thelekisa imigaqo yevangeli nezinto eziqhelekileyo. Ngaba unokucinga ngomzekeliso obonisa iinyaniso ezikuyo imiqolo 43–44? Umzekelo, ukulandela onke amanyathelo eresiphi kufana njani nokuphila “ngawo onke amazwi … kaThixo”?
“Nika ngenkuthalo inyameko kumazwi obomi obungunaphakade.”
IMfundiso neMinqophiso 84:62–91
INkosi iya kuba nam xa ndikwinkonzo yaYo.
Njengoko ufunda le miqolo, ubungachonga iindlela iNkosi etsho ngazo ukuba iyakubaxhasa abakhonzi baYo. Ingaba ezi zithembiso zingasebenza kanjani kumsebenzi Yona ekucele ukuba uwenze? Ngokomzekelo, ingaba izithembiso ezikuwo umqolo 88 zizalisekiswe kanjani ebomini bakho?
IMfundiso neMinqophiso 84:106–110
Wonke umntu unokufaka isandla emsebenzini kaThixo.
Yintoni endiyifundayo kule miqolo malunga nendlela iNkosi ewuphumeza ngayo umsebenzi waYo? Sisiphi isiluleko neentsikelelo ozifumanayo? Unokucinga kwakhona ngendlela oye waba “nokuhlaziyeka kubo bonke ubulali” ngenxa yokuba ukhonza nomntu “omelele eMoyeni,” kuquka nabantu bosapho lwakho.
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso zokuFundisa Abantwana
Imimiselo yasetempileni iyandinceda ukuba ndilungiselele ukuhlala noBawo waseZulwini kwakhona.
-
Ukunceda abantwana bakho babenomdla wokuya etempileni, unokwenza iphazili ngomfanekiso wetempile. Ngemva kwesiqwenga ngasinye, ungabhala into esiyenzayo etempileni, njengokubhaptizelwa izinyanya, ukutywinelwa kwiintsapho zethu, kwaye nokwenza iminqophiso noThixo. Funda IMfundiso neMinqophiso 84:4–5 kunye nabantwana bakho, kwaye ubacele ukuba baphulaphule oko iNkosi yakuyalela abaNgcwele ukuba bakwakhe. Njengoko wena nabantwana bakho nidibanisa iphazili, yabelanani omnye nomnye ngezinto esinokuzenza ukuze singene etempileni.
IMfundiso neMinqophiso 84:19–22
Ndinokufumana amandla kaBawo waseZulwini ngemimiselo yobubingeleli.
-
Ukunceda abantwana bakho baqonde ukuba yintoni na ummiselo, cinga ngokujonga imifanekiso yemimiselo emininzi yobubingeleli kunye nabo, efana nayo INcwadi yoMsebenzi woBugcisa yeVangeli, amanani 103–8, okanye elale veki iphepha lomsebenzi. Bacele ukuba bachaze okwenzekayo kumfanekiso ngamnye. Emva koko ningafunda kunye IMfundiso neMinqophiso 84:19–22. Kutheni uBawo waseZulwini efuna ukuba sifumane le mimiselo? Xelela abantwana bakho ngendlela oye wawava ngayo amandla kaThixo ngenxa yemimiselo owayifumanayo neminqophiso oyenzileyo. (Bona kananjalo “Priesthood Power, Authority, and Keys” in appendix A okanye appendix B.)
Ndingumhlobo kaYesu njengoko ndimlandela Yena.
-
Emva kokufunda IMfundiso neMinqophiso 84:77 kunye, buza abantwana bakho ukuba kuthetha ukuthini ukuba ngumhlobo. Usenokuthetha ngabahlobo abalungileyo onabo. UYesu usibonisa njani ukuba ufuna sibe ngabahlobo baKhe? Sinokubonisa njani ukuba nathi siyayifuna loo nto?
UBawo waseZulwini unceda abakhonzi baKhe.
-
Abantwana bakho banokukonwabela ukuva ukuba abafundisi bevangeli bakunceda wena, usapho lwakho, okanye izinyanya zakho zamkele ivangeli. Emva koko ungafunda ngesithembiso esikhethekileyo iNkosi eyasenza kubafundisi bevangeli kuyo IMfundiso neMinqophiso 84:88. Mhlawumbi abantwana bakho banokucinga ngezenzo ezihamba nalo mqolo. Cinga ngokwabelana ngexesha xa ubukhonza ngalo iNkosi kwaye waziva ukuba Yona ikunye nawe, njengoko kuchazwe kuwo umqolo 88. Unokunceda kananjalo abantwana bakho bacinge ngeendlela abanokuthi babengabafundisi bevangeli ngoku. Ngqina ukuba uBawo waseZulwini uyasinceda ukuba sazi ukuba masithini xa sithetha nabanye ngoYesu Krestu.
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.