Doctrine and Covenants 2025
EyeKhala 21–27: Apho “kuNikwe okuNinzi, okuNinzi kuyaFuneka”: IMfundiso neMinqophiso 81–83


“EyeKhala 21–27: Apho ‘kuNikwe okuNinzi, okuNinzi kuyaFuneka’: IMfundiso neMinqophiso 81–83,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)

“IMfundiso neMinqophiso 81–83,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025

UYesu Krestu ethetha nomfana omncinane osisityebi

Inkcukacha ivela Christ and the Rich Young Ruler [UKrestu neNkokheli eNcinane Esisityebi], nguHeinrich Hofmann

EyeKhala 21–27: Apho “kuNikwe okuNinzi, okuNinzi kuyaFuneka”

IMfundiso neMinqophiso 81–83

Kwinyanga yoKwindla 1832, iNkosi yabiza uJesse Gause ukuba abe ngumcebisi kuJoseph Smith kuBongameli boBubingeleli obuKhulu (ngoku obubizwa uBongameli BokuQala). IMfundiso neMinqophiso 81 sisityhilelo kuMzalwane Gause malunga nobizo lwakhe olutsha. Kodwa uJesse Gause akazange akhonze ngokuthembekileyo, ngoko kwabizwa uFrederick G. Williams ukuba angene endaweni yakhe. Igama likaMzalwana uWilliam lathatha indawo kaMzalwan’ uGause kwisityhilelo.

Oko kungabonakala ngathi yinkcukacha engephi, kodwa kubonakalisa inyaniso ebaluleke kakhulu: uninzi lwezityhilelo kwiMfundiso neMinqophiso lujoliswe kubantu abathile, kodwa nathi singafuna iindlela zokuzisebenzisa kuthi (bona 1 Nifayi 19:23). Xa sifunda ingcebiso yeNkosi kuFrederick G. Williams “yokomeleza amadolo ahexayo,” singacinga ngabantu esinokubomeleza (IMfundiso neMinqophiso 81:5). Xa sifunda isimemo seNkosi kumalungu eFemi eManyeneyo “yokuba nizibophelele iziqu zenu ngalo mnqophiso,” sinokucinga ngeyethu iminqophiso. Kwaye singasifunda isithembiso saKhe, “ndibophelelekile xa nenza oko ndikutshoyo,” ngokungathi uthetha nathi (IMfundiso neMinqophiso 82:10, 15). Sinokukwenza oku kuba, njengoko iNkosi yabhengeza, “Oko ndikuthetha komnye ndikuthetha kubo bonke” (umqolo 5).

umfanekiso wokufunda

Iingcebiso zokuFunda eKhaya naseBandleni.

IMfundiso neMinqophiso 81:4–5; 82:18–19

“Uya kwenza okona kulunga kugqithisileyo kubazalwana bakho.”

Kwizicatshulwa ezininzi kuyo IMfundiso neMinqophiso 81–83, iNkosi iyasimema ukuba sincede abantu abasweleyo abasingqongileyo. Cinga ngokumakisha izicatshulwa njengoko uzifumana. Omnye weyona mizekelo ichazayo kuyo IMfundiso neMinqophiso 81:4–5. Nantsi eminye imibuzo enokunceda ucingisise le miqolo.

  • Zeziphi ezinye iindlela ubani “angababuthathaka” ngazo? Kuthetha ukuthini “ukubanceda”? Inkonzo efana nekaKrestu yabanye iye yandinceda nini xa ndiziva ndibuthathaka?

  • Yintoni engabangela ukuba izandla zomntu zibe “[z]izandla eziwileyo” ngokomfuziselo? “Ndingaziphakamisa” njani ezo zandla?

  • Ingaba ibinzana “amadolo ahexayo” lithetha ukuthini? Omelezwa njani?

Ukwenzela njani ezi zinto uMsindisi?

Mhlawumbi ukufunda lo mqolo kukucingise ngomntu ongathi “umncede,” “umphakamise,” okanye “umomeleze.” Yintoni oza kuyenza ukulungiselela loo mntu?

Yintoni enye oyifundayo malunga nenkonzo kwabanye kuyo IMfundiso neMinqophiso 82:18–19?

5:1

Teachings of Thomas S. Monson: Rescuing Those in Need

Bona kananjalo Yakobi 2:17–19; Mozaya 18:8–9.

4:21

Works of God

UYesu Krestu echibini laseBhetesda

UCarl Heinrich Bloch (1834–1890), Christ Healing the Sick at Bethesda [uKrestu ePhilisa Abagulayo eBhetesda], 1883, ioli kwikanvas, 256 x 319 centimeters iMyuziyam yoBugcisa yeBrigham Young Yunivesithi, ithengwe ngemali enikezelwe nguJack R. noMary Losi Wheatley, 2001.

IMfundiso neMinqophiso 82:3

UMsindisi undinike okuninzi kwaye ufuna okuninzi kum.

Ukufunda lo mqolo kunokukwenza uphonononge ntoni uThixo akunike yona—iintsikelelo zokwenyama nezomoya. Gcina oku engqondweni njengoko ufunda lonke liphela icandelo 82. Ucinga ukuba uThixo ufuna ntoni kuwe?

IMfundiso neMinqophiso 82:8–10

umfanekiso weseminari
Imithetho bubungqina bothando lukaThixo kuthi.

Ukuba wena okanye omnye umntu omaziyo wakhe wazibuza ukuba kutheni iNkosi inika imithetho emininzi kangaka, IMfundiso neMinqophiso 82:8–10 ingakunceda. Zeziphi iingqiqo eziphuma kule miqolo ezinokunceda uchazele omnye umntu ukuba kutheni ukhetha ukulandela imithetho yeNkosi? Yintoni onokuyithelekisa nayo imithetho enokunceda? Ungafumana ulwazi olongezelelweyo kuyo IMfundiso neMinqophiso 1:37–38; 130:20–21 . Ngawaphi amava akufundise ukubona imithetho njengeentsikelelo?

5:41

Blessed and Happy Are Those Who Keep the Commandments of God

Cinga ngeminye yemithetho uThixo akunike yona. Le mithetho ikufundise ntoni ngaYe nentando yaKhe? (bona umqolo 8). Buchatshazelwe njani ubomi bakho ngokugcina le mithetho?

Yintoni oyifundayo malunga neNkosi kuwo umqolo 10? Ucinga ukuba kuthetha ukuthini ukuthi iNkosi “ibophelelekile”? (Bona kananjalo umqolo 15).

INkosi izigcina njani izithembiso zayo ebomini bakho? Ungathini kumntu oziva engakhuthazekanga ukuba agcine imithetho ngenxa yokuba engazifumananga iintsikelelo ebenethemba lazo?

IMfundiso neMinqophiso 82:10

INkosi iyasisikelela ngeendlela zaYo ezimangalisayo.

UDade uVirginia H. Pearce, owayesakuba lilungu loBongameli Jikelele baMantombazana Amancinane, wathetha ngowasetyhini owayenexhala ngabantwana bakhe ababesenza ukhetho olungalunganga. Ephakuzele, wazama yonke into awayecinga ngayo ukufuna iintsikelelo zeNkosi egameni labo. Ukongeza kumthandazo osuk’ entliziyweni, wazibekela usukelo olunamabhongo lokwanda kokuya etempileni kwaye waziva eqinisekile ukuba iNkosi yayiza kulihlonela eli dini libalulekileyo ngokuguqula iintliziyo zabantwana bakhe. UMfazi waxela:

“Emva kweminyaka elishumi yokwanda ukuya etempileni nokuthandaza ngokuzingisileyo, ndilusizi ukuthi ukhetho lwabantwana bam alukatshintshi. …

“Kodwa nditshintshile mna. Ndingumfazi owahlukileyo. … Ndinentliziyo ethambileyo. Ndizele yimfesane. Ngenene ndingenza ngakumbi kwaye ndikhululekile kuloyiko, ukuxhalaba, ukuziva ndinetyala, ukusola, kunye noloyiko. Ndiwancamile amaxesha am kwaye ndiyakwazi ukulindela eNkosini. Kwaye ndifumana ukuxhaphaka kwezibonakaliso zamandla eNkosi. Uthumela iinceba ezinemfesane, imiyalezo emincinane evuma uthando lwakhe kum nabantwana bam. Ulindelo lwam lutshintshile. Endaweni yokulindela ukuba abantwana bam batshintshe, ndilindele ezi nceba zinemfesane zithe rhoqo kwaye ndizele ngumbulelo ngazo. …

“Imithandazo yam itshintshile. Ndibonakalisa uthando olungakumbi kwaye ndinombulelo ngakumbi. … Inkosi isebenza ngeendlela ezimangalisayo, kwaye ngokwenene ndizaliswe luxolo olugqithisele kuko konke ukuqonda” (ku “Prayer: A Small and Simple Thing,” At the Pulpit [2017], 288–89).

IMfundiso neMinqophiso 83

“Abahlolokazi neenkedama baya kubonelelwa.”

Kwinyanga kaTshazimpuzi 1832, njengoko kwakuyalelwe yiNkosi, uJoseph Smith waye wahamba umgama ongangeemayile ezingama-800 ekuyondwendwela abaNgcwele ababehlanganele eMissouri (bona IMfundiso neMinqophiso 78:9). Ngelixa wayelapho, watyelela olunye uluntu olwaluquka abahlolokazi ababezikhulisela abantwana babo bodwa. Ngaphakathi kwabo kwakukho uPhebe Peck no-Anna Rogers, ababesaziwa ngqo nguMprofeti. EMissouri kwiminyaka yo-1830, imithetho yelizwe yayinika abahlolokazi amalungelo aqingqiweyo kwiimpahla zabayeni babo abaswelekileyo. Yintoni oyifunda kuyo icandelo 83 emalunga nokuba iNkosi iziva kanjani ngabahlolokazi neenkedama? Ingaba ukhona umntu omaziyo okule meko ongathi azuze kuthando lwakho okanye kwinkathalo yakho? Zeziphi ezinye iindlela onokwabelana ngazo nabahlolokazi, iinkedama, oomama abangenamaqabane, kunye nabanye abasweleyo?

Bona kananjalo Isaya 1:17; Yakobi 1:27.

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

umfanekiso wecandelo labantwana 01

Iingcebiso zokuFundisa Abantwana

IMfundiso neMinqophiso 81:3

Ndinokuthandaza kuThixo “uvakalisa nasentliziyweni [yam].”

  • Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 81:3 nabantwana bakho, bancede bacinge ngendawo “yasesidlangalaleni” “neyabucala” apho banokuthandaza khona. Ungamamela okanye ucule nabo iculo malunga nomthandazo. Yabelana omnye nomnye ngento ekwiculo efundisa inyaniso ebalulekileyo ngomthandazo. Usenokuthetha nangokuthetha ngentlonipho kuBawo waseZulwini.

  • Ukukhuthaza abantwana bakho ukuba bathandaze ezintliziyweni zabo, ungabanika iintliziyo zephepha kwaye ubameme ukuba bazobe okanye babhale into abafuna ukuzithandazela kuBawo waseZulwini. Ngqina ukuba uBawo waseZulwini uyayazi into esiyicingayo neemvakalelo kwaye Yena uyakwazi ukuyiva imithandazo yethu nokuba asiyithethi ngokuvakalayo. Ungabelana nabo ngamava xa wawuthandaza entliziyweni yakho kwaye uBawo waseZulwini wakuva.

IMfundiso neMinqophiso 81:5

INkosi ifuna ukuba ndincede abantu abasweleyo.

  • Nabantwana bakho, zoba imifanekiso yezandla namadolo, kwaye ucele abantwana bakho ukuba bafumane la malungu omzimba kuyo IMfundiso neMinqophiso 81: 5. Yintoni le iNkosi icela ukuba siyenze kulo mqolo? Ninokwabelana omnye nomnye ngeendlela abantu abanomeleze ngazo xa nisiva “ubuthathaka” okanye “ubuhexa.” Cinga ngokunceda abantwana bakho benze icebo lokunceda umntu omnye kule veki.

    2:18

    Pass It On

  • Ungasebenzisa imifanekiso ukubalisa amabali alula kaYesu Krestu ekhonza abanye (bona imifanekiso kolu lwandlalo; INcwadi yoMsebenzi woBugcisa yeVangeli, amanani 41, 42, 46, 47, 55. Singawulandela njani umzekelo woMsindisi wokunceda abanye?

    Christ raising the daughter of Jairus
UYesu Krestu kunye nomfazi Yena awamphilisayo

Singafikelela ebantwini abasweleyo njengokuba uMsindisi wenzayo.

Nceda abantwana bakho bafumane impembelelo yabo. Ukufundisa kuthetha okungaphezulu kunokwabelana ngenyaniso—kuthetha ukunceda abanye abantu ukuba babe ngabafundi abazimeleyo. Kunokuba uxelele abantwana bakho indlela abanokukhonza ngayo abanye, ngokomzekelo, bakhuthaze ukuba bafune inkokhelo yeNkosi ukuze bazi ukuba banokunceda bani na.

IMfundiso neMinqophiso 82:10

UBawo waseZulwini uthembisa iintsikelelo njengokuba ndizama ukumthobela Yena.

  • Wena nabantwana bakho ningajonga kuyo IMfundiso neMinqophiso 82:8–10 ukufumana iimpendulo kumbuzo othi “Kutheni uBawo waseZulwini esinika imiyalelo?” Ungafuna ukunceda abantwana bakho bacinge ngemizekelo yemithetho yaKhe (bona, ngokomzekelo, Eksodus 20:4–17; Mateyu 22:37–39; IMfundiso neMinqophiso 89:5–17). Inokukunceda ukuba wena nabantwana bakho nifumane okanye nizobe imifanekiso ebonisa eminye yayo. Imiyalelo kaBawo waseZulwini ilubonisa njani uthando lwaKhe kuthi?

  • Mhlawumbi umdlalo olula nje unganceda abantwana bakho babone imiyalelo kaThixo njengeentsikelelo, hayi umthwalo. Omnye umntu unokunika imiyalelo yokunceda omnye umntu, ogqunywe amehlo, enza into efana nesonka okanye ukuzoba umfanekiso. Cingani ngento eyonwabisayo nesebenzisa ubugcisa! Emva koko nixoxe ngokuba imithetho kaThixo ifana kanjani nemiyalelo ekulo mdlalo.

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

UYesu Krestu kunye nendoda awayiphilisayo

Umzekeliso kaYesu ephilisa indoda, nguDan Burr

iphepha lomsebenzi labantwana