“EyeKhala 7–13: ‘Uya Kuba Mkhulu Umvuzo Wabo kwaye Uzuko Lwabo Luya Kuba Lolwanaphakade’: IMfundiso neMinqophiso 76,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)
“IMfundiso neMinqophiso 76,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025
Refuge [Igwiba],, nguShaelynn Abel
EyeKhala 7–13: “Uya Kuba Mkhulu Umvuzo Wabo kwaye Uzuko Lwabo Luya Kuba Lolwanaphakade”
IMfundiso neMinqophiso 76
“Yintoni eya kwenzeka kum emveni kokuba ndifile?” Phantse wonke umntu ubuza lo mbuzo ngendlela ethile okanye enye. Kangangeenkulungwane, amasiko amaninzi amaKrestu, engqiyame kwiimfundiso zeBhayibhile, afundisile ngezulu nesihogo, ngeparadesi kwabo balungileyo kwaye nentuthumbo kwabo bangendawo. Kodwa ingaba lulonke usapho lomntu ngokwenene lungehlulwa ngokungqongqo? NgeyoMdumba 1832, uJoseph Smith noSidney Rigdon babezibuza ukuba lwalungekho ulwazi olungaphaya malunga nalo mxholo (bona IMfundiso neMinqophiso 76, isihloko secandelo).
Eneneni lwalukhona. Ngelixa uJoseph noSidney babecinga ngezi zinto, iNkosi “yachukumisa amehlo okuqonda [kwabo] aze avuleka” (umqolo 19). UJoseph noSidney bafumana isityhilelo esona sasimangalisa, esona sasithe kratya, esona sasicacisa gca, bade abaNgcwele basibiza nje ngokulula “Umbono.” Wona waye wavula ngokugibiseleka iingcango zezulu kwaye wanika abantwana bakaThixo umbono owolula ingqondo kanaphakade. Lo mbono watyhila ukuba izulu likhulu kwaye libanzi kwaye liyaquka ngaphezulu kwendlela abantu babeqonda ngayo kunangaphambili. UThixo unenceba ngakumbi nokulunga ukwegqitha indlela thina esinokuqonda ngayo. Kwaye abantwana bakaThixo banesiphelo sanaphakade esinobuqaqawuli obukhulu obogqitha thina oko siba nomfanekiso-ngqondweni wako.
Iingcebiso zokuFunda eKhaya naseBandleni.
Usindiso luza ngoYesu Krestu, uNyana kaThixo.
Icandelo 76 lityhila iinyaniso ezibalulekileyo malunga nekamva lethu lanaphakade, kodwa bekuya kuba kukungapheleli ukuthi esi sityhilelo simalunga nezikumkani ezintathu zozuko okanye nje ngecebo losindiso. Ngokuchaneka ngakumbi, icandelo 76 lithetha ngoYesu Krestu, owenza icebo likaThixo losindiso lwethu nozuko lwanaphakade lwenzeke. Njengokuba ufunda, ungakhangela amagama okanye amabinzana achaza unxulumano phakathi kukaYesu Krestu nabantu abadla ilifa izikumkani ezahlukeneyo zozuko. Mhlawumbi itafile efana nale ilandelayo ingakunceda ubhale oko ukufumeneyo.
|
Ubukumkani bozuko |
Ubudlelwane noYesu Krestu |
Iintsikelelo zanaphakade |
|---|---|---|
Ubukumkani bozuko Selestiyali (imiqolo 50–70, 92–96) | Ubudlelwane noYesu Krestu
| Iintsikelelo zanaphakade
|
Ubukumkani bozuko Therestiyali (imiqolo 71–79, 97) | Ubudlelwane noYesu Krestu | Iintsikelelo zanaphakade |
Ubukumkani bozuko Thelestiyali (imiqolo 81–90, 98–106, 109–12) | Ubudlelwane noYesu Krestu | Iintsikelelo zanaphakade |
Yintoni oziva uphefumlelwe ukuba uyenze ukomeleza ubudlelwane bakho noMsindisi?
Xa uWilford Woodruff wayefunda umbono, yena wathi, “Ndava ukuba ndiyithande iNkosi ngakumbi kunakuqala ebomini bam” (bona “Amazwi okuBuyiselwa: Ubungqina ‘boMbono’”). Ufunda ntoni ngoYesu Krestu kuyo imiqolo 1–5, 20–24, 39–43, 107–8 ebangela ukuba umthande Yena ngakumbi?
Bona kananjalo Petros I 3:18–19; Dallin H. Oaks, “Yintoni uMsindisi Wethu Asenzele Yona?,” Liyahona, UCanzibe 2021, 75–77.
Gxila kuBawo waseZulwini, uYesu Krestu, nakwimfundiso Yabo. Kuyo yonke into esinokuyifunda kwizibhalo, ezona nyaniso zibalulekileyo zisinceda sakhe ukholo kuBawo waseZulwini noYesu Krestu, siguquke, senze kwaye sigcine iminqophiso kunye Nabo, kwaye samkele uMoya oyiNgcwele. Nangona kunokuba nomdla ukuthelekisa okanye ukuhlalutya izimo zengqondo okanye ukuziphatha kwabantu abazakufumana izikumkani ezahlukeneyo zozuko, kubaluleke kakhulu ukugxila kuBawo waseZulwini noMsindisi. Yonke into Bona abayenzayo ukusilungiselela olo zuko iya kusijikela ngaKubo.
Kweli gumbi, uJoseph Smith wabona umbono obhalwe kwiMfundiso neMinqophiso 76.
IMfundiso neMinqophiso 76:5–10, 114–18
Ndingayiqonda intando kaThixo “ngamandla oMoya oyiNgcwele.”
Ayingawo onke amalungu eBandla awamkela ngokulula isityhilelo kulo icandelo 76, kuba lalifundisa ukuba phantse wonke umntu uyakusindiswa kwaye afumane iqondo elithile lozuko. Ngokomzekelo, uBrigham Young wathi: “Izithethe zam zazinjalo, kangangokuba xa uMbono weza kuqala kum, wawuchasene ngokungqalileyo nemfundo yam yangaphambili. Ndathi, Yima kancinci. Andiwalanga; kodwa andizange ndiwuqonde.” Wachaza ukuba kwakufuneka “acinge aze athandaze, afunde yaye acinge, de ndazi yaye ndiwuqonde ngokupheleleyo” (in “The Vision,” in Revelations in Context, 150). Yintoni oyifundayo kumava akhe enokunceda xa uThixo etyhila izinto ezahlukileyo kwezo uziqondayo ngoku? Ufunda ntoni ngoThixo kuyo IMfundiso neMinqophiso 76:5–10, 114–18? Le miqolo isifundisa ntoni ngendlela onokuqonda ngayo “ubuncwane obulungileyo bentando [kaThixo]”? (umqolo 7).
IMfundiso neMinqophiso 76:39–44, 50–70
Ukuphakanyiswa yeyona ndlela iphakamileyo yosindiso.
IMfundiso neMinqophiso 76:39–44 ichaza usindiso ngokubanzi. Imiqolo 50–70 ichaza ukuphakanyiswa, uhlobo oluthile losindiso. Ungawuchaza njani umahluko phakathi kosindiso nokuphakanyiswa? Yintoni indima yoMsindisi kuzo zombini? Yintoni oyifumanayo kule miqolo ekuphembelela ukuba ufune ukuphakanyiswa?
Bona kananjalo Yohane 3:16–17; IMfundiso neMinqophiso 132:20–25.
IMfundiso neMinqophiso 76:50–70, 92–95
UBawo wam waseZulwini ufuna ndifumane ubomi obungunaphakade ebukumkanini beselestiyali.
Ngaba wakha wazibuza—okanye wanexhala—ngokuba ungaba luhlobo lomntu oluya kufumana uzuko lweselestiyali, njengoko kuchaziwe kuyo IMfundiso neMinqophiso 76:50–70, 92–95? Nangona kubalulekile ukwazi ukuba uThixo ulindele ntoni kuthi, cinga kananjalo ngokujonga kule miqolo oko uThixo asenzele kona—kwaye akwenzayo—ukusinceda ukuba sifane naYe. Kutheni uziva iinzame zakho zibalulekile kuYe?
Lo mbono wobuqaqawuli besilestiyali uyichaphazela njani indlela ofuna ukuphila ngayo ubomi bakho bemihla ngemihla?
Bona kananjalo Moses 1:39; J. Devn Cornish, “Am I Good Enough?
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso zokuFundisa Abantwana
Sonke singabantwana bakaThixo.
-
Ukunceda abantwana bakho baqonde amandla abo obuthixo, unokubabonisa imifanekiso yabantwana neyabazali babo. Ningafunda emveni koko IMfundiso neMinqophiso 76:24 kwaye nabelane ngokuba kutheni nivuya ukwazi ukuba sonke “singoonyana neentombi ezizelweyo kuThixo.”
IMfundiso neMinqophiso 76:5, 41–42, 69
UYesu Krestu nguMsindisi wam.
-
Cinga ngokudlala indima ethile nabantwana bakho kwimeko apho umntu ekubuza, “Yintoni uYesu Krestu andenzele yona?” Wena nabantwana bakho ninokukhangela iimpendulo ezinokufumaneka kuyo imiqolo 5, 41–42, okanye 69 kulo icandelo 76. Singawubonisa njani umbulelo wethu ngento asenzele yona uMsindisi?
Inkcukacha ivela Suffer the Children [Bavumele aBantwana], nguJ. Kirk Richards
UBawo waseZulwini ufuna ndibuyele ndizohlala naYe ngonaphakade.
-
Vumela abantwana bakho babelane ngeengcinga zabo neemvakalelo zabo malunga nokuba kungabanjani ukuhlala noBawo waseZulwini kubukumkani beselestiyali.
4:7Chapter 26: The Three Kingdoms of Heaven: 16•February 1832
-
Kananjalo usenokufunda IMfundiso neMinqophiso 76:62 kwaye umeme abantwana bakho ukuba bazobe imifanekiso yabo kunye noBawo waseZulwini noYesu Krestu kubukumkani beselestiyali (bona elale iveki iphepha lomsebenzi).
IMfundiso neMinqophiso 76:12, 15–19, 114–16
Ukufunda izibhalo kunokundinceda “ndiziqonde izinto zikaThixo.”
-
Ungamema abantwana bakho ukuba bafunde imiqolo 15–19 ukufumanisa ukuba uJoseph Smith noSidney Rigdon babesenza ntoni xa babebona umbono IMfundiso neMinqophiso 76. Xelela abantwana bakho malunga nexesha apho wafumana impembelelo xa wawufunda izibhalo, kwaye ubuze abantwana bakho ukuba bakhe banamava afanayo na.
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.