Doctrine and Covenants 2025
Amazwi oBuyiselo: UBungqina “boMbono”


“Amazwi oBuyiselo: UBungqina ‘boMbono’,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)

“UBungqina ‘boMbono’,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025

umfanekiso wamazwi buyiselo

Amazwi oBuyiselo: UBungqina “boMbono”

Wilford Woodruff

Portrait of Wilford Woodruff.

UWilford Woodruff wazimanya neBandla kweyoMnga ngowama-1833, phantse iminyaka emibini emveni kokuba uJoseph Smith noSidney Rigdon bafumana umbono oshicilelwe kuyo IMfundiso neMinqophiso 76. Yena wayehlala eNew York ngelo xesha kwaye wafunda ngo “Mbono” kubafundisi bevangeli ababencedisa kummandla. Emveni kweminyaka, waye wathetha ngovakalelo lwakhe ngesi sityhilelo:

“Ndandifundisiwe ukusukela ebuntwaneni bam ukuba kwakukho iZulu elinye neSihogo esinye, kwaye ndaxelelwa ukuba bonke abangendawo babenesohlwayo esinye kwaye amalungisa enobuqaqawuli obunye. …

“…Xa ndandifunda lo mbono… , waye wakhanyisela ingqondo yam kwaye wandinika uvuyo olukhulu, kwabonakala kum ukuba uThixo othe watyhila loo mgaqo emntwini wayenobulumko, elungile kwaye enyanisekile, enazo zombini ezona zibalaseleyo iimpawu nengqondo elungileyo nolwazi, ndavakalelwa kokokuba Yena wayengaguqu-guquki kuthando, kwinceba, ekulungeni nasekugwebeni, kwaye ndeva ukuthanda iNkosi ngakumbi kunangaphambili ebomini bam.”

“‘Umbono’ [usiso] isityhilelo esinika ukukhanya okuthe chatha, inyaniso eyongezelekileyo nomgaqo othe chatha kunaso nasiphi na isityhilelo esiqulathwe nakweyiphi na incwadi eyenye esakhe sayifunda. Wona wenza kucace ekuqondeni kwethu imeko yethu yangoku, apho sivela khona, kutheni silapha, kwaye nokuba kuphi apho siya khona. Nawuphi na umntu angayazi ngaso esi sityhilelo ukuba eyakhe indima nemeko iza kuba yeyiphi.”

“Ngaphambili kokuba ndibone uJoseph ndathi andikhathali nokuba umdala kangakanani; okanye umsemncinane kangakanani; ndandingakhathali nokuba wayekhangeleka njani—nokuba iinwele zakhe zazinde okanye zazimfutshane; indoda eyazisa esa sityhilelo [umbono obhalwe kulo icandelo 76] yayingumprofeti kaThixo. Ndaye ndazazela ngokwam.”

Phebe Crosby Peck

Xeshikweni uPhebe Peck wayesiva uJoseph noSidney befundisa “ngombono,” yena wayehlala eMissouri kwaye ekhulisa abantwana abahlanu njengomama oyedwa. Umbono wamchukumisa ngakumbi kwaye wamphembelela kangangokuba wabhala oku kulandelayo ukwenzela ukwabelana ngoko wayekufundile nosapho lwakhe olongezelelweyo:

“INkosi ityhila iimfihlelo zoBukumkani bezulu Ebantwaneni bayo. … UJoseph Smith noSidney Ridgon bebesityelele kwintwasahlobo edlulileyo, kwaye saba neentlangano ezinovuyo xeshikweni bebelapha, kwaye saba neemfihlelo ezininzi zivulwa kwimbono yethu, ezathi zandinika intuthuzelo enkulu. Sasikubona ukuzithoba kukaThixo ekulungiseleleni abantwana bakhe iindawo zokuhlala zoxolo. Kwaye nabani ongayamkeliyo inzaliseko yevangeli kwaye ame njengamajoni akhaliphileyo kwinjongo kaKrestu akasayi kuhlala kubukho bukaBawo noNyana. Kodwa ikhona indawo elungiselelwe abo bonke bangamamkeliyo, kodwa yindawo yobuqaqawuli obuncinane kunokuhlala ebukumkanini beSelestiyali. Andisoze ndilinge ukuthetha ngakumbi ngokunxulumene nezi zinto ngokuba ngoku ziyashicelelwa kwaye ziya phambili ehlabathini. Kwaye mhlawumbi niya kubanalo ithuba lokuzifundela ngokwenu, kwaye ukuba nenza njalo, ndiyathemba ukuba niza kufunda ngononophelo nentliziyo enomthandazo, ngokuba ezi zinto zikufanele ukuqatshelwa. Kwaye ndiyanqwena ukuba ningakhangela kuzo, ngokuba ikuko oko kukhokelela kulonwabo lwethu kweli hlabathi kwaye nakwelo lizayo.”

Amanqaku

  1. “Remarks,” Deseret News, UCanzibe 27, 1857, 91.

  2. Deseret News,, EyeThupha 3, 1881, 481; bona kananjalo Teachings of Presidents of the Church: Wilford Woodruff (2004), 120–21.

  3. “Remarks,” Deseret Weekly, EyoMsintsi 5, 1891, 322.

  4. “Incwadana yembalelwano kaPhebe Crosby Peck ku-Anna Jones Pratt,” EyeThupha 10, 1832 , Ithala Lencwadi Lembali yeBandla, Isixeko saseSalt Lake; upelo nezilungiso zokubhala zifakelwe kamvanje.