“EyeKhala 14–20: ‘Ndiya Kunikhokela’: IMfundiso neMinqophiso 77–80,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)
“IMfundiso neMinqophiso 77–80,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025
Going Home [Ukuya Ekhaya], nguYongsung Kim
EyeKhala 14–20: “Ndiya Kunikhokela”
IMfundiso neMinqophiso 77–80
Ngaphantsi kweminyaka emibini emva kokuba iBandla likaYesu Krestu libuyisiwe, lalinamalungu angaphezu kwama-2,000 kwaye lalikhula ngokukhawuleza. KweyoKwindla 1832, uJoseph Smith waye wahlangana nezinye iinkokeli zeBandla ukuba “baxoxe umcimbi weBandla”: imfuneko yokupapasha izityhilelo, ukuthenga umhlaba wokuhlanganela, kwakunye nokukhathalela amahlwempu (bona IMfundiso neMinqophiso 78, isihloko secandelo). Ukuhlangabezana nezi mfuno, iNkosi yaye yabiza iqedlana leenkokeli zeBandla ukuba liseke iFemi eManyeneyo, iqela elo laliya kuhlanganisa iinzame zalo “ukuqhubela phambili injongo” yeNkosi (umqolo 4) kule mimandla. Kodwa nakule micimbi yolawulo, iNkosi yaye yagxila kwizinto zanaphakade. Ekugqibeleni, injongo yomatshini wokushicilela okanye uvimba—njengayo yonke enye into ebukumkanini bukaThixo—kukulungiselela abantwana baKhe ukuba bafumane “indawo kwihlabathi leselestiyali” kwakunye “nobutyebi banaphakade” (imiqolo 7, 18). Kwaye ukuba ezo ntsikelelo kunzima ukuba siziqonde okwangoku, ngaphakathi kokuxaxeka kobomi bemihla-ngemihla, Yena uyasiqinisekisa, “yomelelani, kuba ndiya kunikhokela” (umqolo 18).
Iingcebiso zokuFunda eKhaya naseBandleni.
UThixo unika ulwazi kubantu abalufunayo.
Njengoko uJoseph Smith noSidney Rigdon babesebenza kuguqulelo lweBhayibhile oluphefumlelweyo, babenemibuzo malunga nencwadi yesiTyhilelo, njengoko abantu abaninzi benayo. Yaye njengoko uJoseph wayesazi kakuhle, xa wayeswele ubulumko, wayenokubuza kuThixo. Iingqiqo awazizuzayo zikuyo IMfundiso neMinqophiso 77. Njengoko ufunda eli candelo, cinga ngokubhala iingqiqo zakho kwizahluko ezifanelekileyo zencwadi yeSityhilelo. Ufunda ntoni kufundo lwakho malunga nokufumana isityhilelo?
Translation of the Bible [Inguqulelo yeBhayibhile], nguLiz Lemon Swindle
Yayiyintoni iFemi eManyeneyo?
IFemi eManyeneyo yasekwa ukuba ilawule upapasho lweCawa nemicimbi yoshishino e-Ohio naseMissouri. Yona yayibandakanya uJoseph Smith, uNewel K. Whitney, kwakunye nezinye iinkokeli zeBandla ezathi zadibanisa izixhobo zazo ukuhlangabezana neemfuno zasenyameni zeBandla elalikhula. Ngelishwa, iFemi eManyeneyo yaye yangena ematyaleni yaze yachithwa ngonyaka ka-1834 xa amatyala ayengasalawuleki.
Nam ndinganceda “ukuqhubela phambili injongo” yeBandla.
INkosi yaxelela uJoseph Smith nezinye iinkokeli zeBandla ukuba ukulawula uvimba nomatshini wokushicilela kwakuya kunceda “ukuqhubela phambili injongo, eniyixhasileyo” (IMfundiso neMinqophiso 78:4). Wena ungathi yintoni “injongo” yeBandla? Cingisisa ngoku njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 78:1–7. Zeziphi ezinye zeendlela ezahlukahlukeneyo onokunceda ngazo ukuqhubela phambili lo njongo—kuquka usapho lwakho?
Bona kanjalo General Handbook, 1.2.
IMfundiso neMinqophiso 78:17–18
INkosi iya kundikhokela.
Ucinga ukuba kutheni iNkosi ibiza abalandeli baYo “abantwana abancinane”? (IMfundiso neMinqophiso 78:17). Ukhe waziva nini njengomntwana omncinane, mhlawumbi ngenxa yento ethile onayo “awukathi uqonde” okanye “awunako ukuthwala”? (imiqolo 17–18). Ufumana ntoni kule miqolo enokunceda “[womelele]” (umqolo 18) ngamaxesha anjalo? Cinga ngokufumana umfanekiso wakho xa wawusengumntwana, kwaye ucingisise ngendlela okhule ngayo ngokomoya ukusukela ngoko. Okanye cinga ngento eyayinzima kuwe xa wawuselula kodwa elula ngoku. Zeziphi iindlela uBawo waseZulwini asafuna ukuba ube njengomntwana? (bona Mozaya 3:19). Yena “[uku]khokela” njani?
Ndinokwamkela zonke izinto ngombulelo.
Ukulungiselela ukufunda IMfundiso neMinqophiso 78:19, ungenza uluhlu lwezinto ezilungileyo ezenzekileyo kuwe namhlanje. Emveni koko yenza uluhlu lwezinto ezingabonakali njengentsikelelo kuwe. Cingisisa ngolu luhlu njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 78:19. Kwenza wuphi umahluko kubomi bakho ukuba wamkela “zonke izinto” ngombulelo—kwanezinto ezisenokungabonakali njengeentsikelelo?
Ukuze ufunde okungakumbi ngendlela umbulelo kuThixo onokubuchaphazela ngayo ubomi bakho, hlolisisa ezi zibhalo uze wenze uluhlu lweenyaniso ozifumanayo: Indumiso 107:8–9; Luka 17:11–19; KwabaseFilipi 4:6–7; Mozaya 2:19–24; Alma 34:38; 37:37; IMfundiso neMinqophiso 46:32; 59:7, 15–21.
Cingisisa ngokuphendla umyalezo kaMongameli Dieter F. Uchtdorf othi “Grateful in Any Circumstances” (Liyahona, UCanzibe 2014, 70–77) ngengcebiso malunga nokuba nombulelo. Umbulelo ubuchaphazela njani ubudlelwane bakho noYesu Krestu?
President Russell M. Nelson on the Healing Power of Gratitude
Khangela kwaye wabelane. Ukuba wabelwe ukufundisa, khangela iindlela zokunceda abantu baphengulule izibhalo okanye amazwi abaprofeti—bebodwa okanye bengamaqela amancinane—kwaye babelane ngoko bakufundayo. Ngokomzekelo, kulo msebenzi unganika umntu ngamnye okanye iqela ngalinye icandelo lomyalezo kaMongameli Uchtdorf kwaye ubacele ukuba babelane ngebinzana okanye isivakalisi abavakalelwa kukuba sishwankathela oko wayekufundisa.
Ubizo lokukhonza uThixo lubaluleke okwegqitha indawo apho ndikhonza khona.
Malunga nayo IMfundiso neMinqophiso 80, uMdala David A. Bednar wafundisa, “Mhlawumbi esinye sezifundo uMsindisi asifundisa sona kwesi sityhilelo sesokuba isabelo somsebenzi kwindawo ethile sibalulekile kodwa sihamba kwindawo yesibini kubizo lomsebenzi” (“Called to the Work,” Liyahona, UCanzibe 2017, 68). Ngawaphi amava athe akunceda ufunde ukuba amazwi kaMdala Bednar ayinyani? Zeziphi ezinye izifundo ezongezelelweyo ongazifumana kuyo IMfundiso neMinqophiso 79–80 ezingathi zincede nabani na othe wafumana ubizo olutsha kutshanje?
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso zokuFundisa Abantwana
UThixo wadala zonke izidalwa ezisemhlabeni.
-
Njengokuba wena nabantwana bakho nifunda IMfundiso neMinqophiso 77:2 kunye, ningajonga imifanekiso yezilwanyana, kuquka izinambuzane neentaka. Abantwana bakho banokwalatha emifanekisweni xa ufunda amagama athi “amarhamncwa,” “[i]zinto ezirhubuluzayo,” kunye “[ii]ntaka zezulu.” Yabelanani omnye nomnye ngendlela indalo kaThixo ekunceda ngayo ukuba uve uthando lwakhe.
UThixo wadala zonke izidalwa ezisemhlabeni.
Nam ndinganceda “ukuqhubela phambili injongo” kaYesu Krestu.
-
Ukunceda abantwana bakho bacinge ngeendima zabo emsebenzini weNkosi, cinga ngokufunda kunye nabo IMfundiso neMinqophiso 78:4 ukuchonga “injongo” “esiyixhasileyo” (sayamkela okanye esakhetha ukuyixhasa) xa sasibhaptizwa. Bancede bajonge kwizibhalo ezifana nezi ukuze bafumane iimpendulo ezinokwenzeka: Mozaya 18:8–10; IMfundiso neMinqophiso 20:37; Moses 1:39. Abantwana bakho banokukonwabela ukudlala indima ethile kwindlela abanokunceda ngayo emsebenzini weNkosi. Ngokomzekelo, kukhangeleka njani “ukuthwalisana imithwalo yenu” okanye “ukuthabathela [kuthi] igama likaYesu Krestu”? Ingaba “iyiqhubela phambili [njani] injongo” kaKrestu?
Ndinokwabelana oko ndinako nabanye.
-
Ukufundisa oko kuthethwa “[ukulingana] kwizinto zomhlaba” (umqolo 6), usenokunika abantwana bakho imifanekiso yabantu abasweleyo (abalambileyo, abonzakeleyo okanye abagodolayo) nezinto ezinokuba luncedo (njengokutya, ibhandeji, okanye ingubo). Emva koko abantwana bakho banokutshatisa imifanekiso kunye nezinto. Yintoni esinokwbelana ngayo ukuze sincede abantu abasweleyo?
-
Ukufumana umxholo wecandelo 78, funda kunye nabantwana bakho izivakalisi phantsi kwemifanekiso emibini yokuqala ye “Isahluko 28: UMprofeti uJoseph Uya eMissouri Kwakhona” Emveni koko abantwana bakho banokwenza ngathi bancedisa omnye umntu ukwakha indlu, ukwabelana ngokutya, okanye ukukhonza ngenye indlela.
2:39Chapter 28: The Prophet Joseph Goes to Missouri Again: March–May 1832
UYesu Krestu- uya kundikhokela.
-
Kusenokuba mnandi kubantwana bakho ukuthetha malunga nokuba kuthetha ukuthini ukuba yinkokeli kwaye ukhokele umsebenzi othile. Emva kokufunda kunye IMfundiso neMinqophiso 78:18, ningaxoxa ngamaxesha apho sifuna ukuba uYesu asikhokele.
Mna “[ndinga]mkela zonke izinto ngombulelo.”
-
Funda kunye nabantwana bakho IMfundiso neMinqophiso 78:19 ukuze ufumane oko iNkosi ikuthembisayo kubantu abanombulelo. Nceda abantwana bakho baqonde intsingiselo yegama elithi “kalikhulu”, mhlawumbi ngokubabonisa into encinane uze koko ubabonise u-100 waloo nto inye. Mhlawumbi banokuzoba imifanekiso yezinto abazifumene kuThixo “ngombulelo.”
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.