Doctrine and Covenants 2025
EyeSilimela 30–EyeKhala 6: “Akukho Sixhobo Esenzelwe Ukuchasa Nina Esiya Kuphumelela”: IMfundiso neMinqophiso 71–75


“EyeSilimela 30–EyeKhala 6: ‘Akukho Sixhobo Esenzelwe Ukuchasa Nina Esiya Kuphumelela’: IMfundiso neMinqophiso 71–75,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)

“IMfundiso neMinqophiso 71–75,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025

abafundisi bevangeli behamba emasimini

I Will Remember the Covenant [Ndiya Kukhumbula uMnqophiso], ngu-Enrique Manuel Garcia

EyeSilimela 30–EyeKhala 6: “Akukho Sixhobo Esenzelwe Ukuchasa Nina Esiya Kuphumelela”

IMfundiso neMinqophiso 71–75

Kwangelixa eseyinkwenkwe, uJoseph Smith wayejongene nabagxeki—nkqu neentshaba—njengoko wayezama ukwenza umsebenzi kaThixo. Kodwa kumele ukuba kwakubuhlungu ngakumbi kamva kowama-1831, xa u-Ezra Booth waqalisa esidlangalaleni ukuhlasela iBandla, ngoba kweli ilixa umgxeki wayelikholwa ngaphambili. U-Ezra wayembonile uJoseph esebenzisa amandla kaThixo ukuphilisa owasetyhini. Wayemenywe ukuba akhaphe uJoseph kuhlolo lokuqala lomhlaba waseZiyon eMissouri. Kodwa wayesele elahlekelwe lukholo lwakhe kwaye, kwinzame yakhe yokunyelisa umProfeti, waye washicilela uluhlu lweencwadi kwiphepha ndaba lase-Ohio. Kwaye iinzame zakhe zazikhangeleka zisebenza, ngokuba “iimvakalelo ezinobutshaba … zaziphuhlile ngokuchasene neBandla” (IMfundiso neMinqophiso 71, isihloko secandelo). Yintoni amakholwa amele ayenze kwimeko enje? Nangona kungekho mpendulo inye elungele zonke iimeko, kukhangeleka ukuba kumaxesha amaninzi—kuquka nale imeko yangowama-1831—inxalenye yempendulo yeNkosi kukukhusela inyaniso nokulungisa ubuxoki ngoku “bhengeza [i]vangeli yam” (umqolo 1). Ewe, umsebenzi weNkosi uya kuhlala unabo abagxeki, kodwa ekugqibeleni, “akukho sixhobo esenzelwe ukuchasa [nawo] esiya kuphumelela” (umqolo 9).

umfanekiso wokufunda

Iingcebiso zokuFunda eKhaya naseBandleni.

IMfundiso neMinqophiso 71

umfanekiso weseminari
UMoya uyakundikhokela njengoko ndibhengeza ivangeli yoMsindisi.

Kungakhathaza xa abantu begxeka okanye behlekisa ngokholo lwakho kuMsindisi, ivangeli yaKhe, okanye iBandla laKhe. Xa oko kusenzeka, wenza ntoni? Kwenzeka into efanayo e-Ohio ngo-1831 (bona icandelo elithi IMfundiso neMinqophiso 71). Yintoni iNkosi eyaxelela uJoseph Smith noSidney Rigdon ukuba benze ngayo kuyo IMfundiso neMinqophiso 71? Mhlawumbi ungadwelisa imiyalelo iNkosi eyabanika yona neentsikelelo Yona eyazithembisayo.

Ukongeza ekufundeni icandelo 71, usenokuphonononga kananjalo ukuba uMsindisi waphendula njani na kubagxeki baKhe ngexesha lobufundisi baKhe basemhlabeni. Nantsi eminye imizekelo Mateyu 22:15–22; 26:59–64; Yohane 10:37–38. Yintoni oyifundayo kuYe? Zeziphi ezinye iingqiqo ozifumanayo ku Mateyu 18:15; Kwabase-Efese 4:31–32; Timoti II 3:12; Yakobi 1:19?

Isiluleko sakhe sinokusebenza njani kwiimeko ojongene nazo namhlanje? Unokucinga ngeendlela zokulungisa ngoxolo ubuxoki ngamazwi akho. Ngokomzekelo, usenokuqalisa ngokuvakalisa intlonipho ngeembono zomnye umntu, kwaye emveni koko ungabelana ngokuthobekileyo nangobubele oko ukukholelwayo ngoYesu Krestu neemfundiso zaKhe. Ukulungiselela ezi zihlandlo, mhlawumbi unokuqhelisela le ndlela nabahlobo okanye amalungu entsapho.

IMfundiso neMinqophiso 72

INkosi iyandisikelela ngolungiselelo lweenkokeli ezinjengoobhishophu.

Xa uNewel K. Whitney wabizwa ukuba akhonze njengobhishophu, imisebenzi yakhe yayohlukile kancinane kuleyo yoobhishophu banamhlanje. Ngokomzekelo, uBhishophu Whitney wayongamele kungcwaliso lomhlaba nemvume yokuhlala eMissouri, emhlabeni waseZiyon. Kodwa njengoko ufunda ngobizo lwakhe kuyo IMfundiso neMinqophiso 72, ungaqaphela unxibelelwano kwizinto oobhishophu abazenzayo namhlanje—ubuncinci emoyeni, ukuba ayizizo ezicacileyo, zemisebenzi yabo.

Ngokomzekelo, ngeziphi iindlela “onika ingxelo” ngazo kuBhishopu wakho? (umqolo 5). Kumhla wethu, “uvimba weNkosi” unokuquka iminikelo, inkonzo, neetalente zamalungu ewadi (bona imiqolo 10, 12). Unokufak’ isandla njani kuloo vimba?

Ikusikelele njani iNkosi wena nosapho lwakho ngenkonzo kabhishophu?

IMfundiso neMinqophiso 73

Ndinamathuba amaninzi okwabelana ngevangeli yoMsindisi.

Xa uJoseph Smith noSidney Rigdon babuya kwisabelo sabo sobufundisi (bona IMfundiso neMinqophiso 71), iNkosi yabaxelela ukuba baqhubeke ngenguqulelo yeBhayibhile (bona IsiKhokelo kwiZibhalo, “Uguqulelo luka Joseph Smith” IThala leeNcwadi zeVangeli). Kodwa oko kwakungathethi ukuba Yena wayefuna bayeke ukwabelana ngevangeli. Ngapha koko, yinxalenye yobomi bomfundi.

Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 73, cinga ungenza njani intshumayelo yevangeli ibe yeqhubekayo, “kunokwenzeka” (umqolo 4)—okanye enyanisekileyo—inxalenye yobomi bakho phakathi kolunye uxanduva lwakho.

abahlobo bethetha ngevangeli

Ukwabelana ngevangeli likaYesu Krestu kunokuba yinto eqhelekileyo kwaye yendalo.

IMfundiso neMinqophiso 75:1–16

“Sebenzani ngamandlakazi enu … nibhengeza inyaniso.”

Isityhilelo kulo icandelo 75 sasibhekiswa kubantu “[ababe]nikele amagama [abo] ekuyeni kubhengeza ivangeli [yoMsindisi]” (umqolo 2). Enye indlela yokufunda esi sityhilelo kukwenza uluhlu olubini: (1) indlela yokwabelana ngevangeli ngempumelelo kwaye (2) indlela iNkosi esisikelela ngayo kwaye isixhasa njengoko sisenjenjalo.

Ucinga ukuba kuthetha ukuthini “ukuhlala” okanye “ukonqena” ekwabeleni ivangeli? Kukhangeleka njani “ukusebenza ngamandlakazi enu”? (umqolo 3).

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

umfanekiso wecandelo labantwana 02

Iingcebiso zokuFundisa Abantwana

IMfundiso neMinqophiso 71

Ndiyakwazi ukuyimela inyaniso ngokwabelana nabanye ngobungqina bam.

  • Ungasebenzisa isihloko secandelo le Mfundiso neMinqophiso 71. Emveni koko bancede bafumanise kuwo umqolo 1 ukuba iNkosi yayifuna ukuba uJoseph noSidney benze ntoni “ngeemvakalelo ezinobutshaba” ngakwiBandla. Wathi Yena uya kubanceda Yena njani? Sinokufana njani noJoseph noSidney?

    0:45

    Chapter 25: Joseph Smith and Sidney Rigdon Go on a Mission: December 1831–January 1832

  • Nceda abantwana bakho baziqhelanise nendlela yokwabelana nabanye ngoko bakwaziyo ngoYesu Krestu.

IMfundiso neMinqophiso 72:2

INkosi ibize ubhishophu ukuba andincede.

  • Ukufunda IMfundiso neMinqophiso 72:2 kunye kungadala ithuba lokuxoxa ngokuba kutheni iNkosi isinika oobhishophu. Wena nabantwana bakho ninokufumana imifanekiso okanye izinto ezimele uxanduva lukabhishophu. Umfanekiso nephepha lomsebenzi ekupheleni kolu lwandlalo linika iingcebiso ezithile. Emveni koko ningathetha kunye malunga noobhishophu enibaziyo kwaye nokuba iNkosi ilusikelele njani usapho lwakho ngenkonzo yabo.

    1:45

    Chapter 17: The First Bishops of the Church: February and December 1831

Hlala ufundisa ngoYesu Krestu. “Nokuba ufundisa ntoni na, khumbula ukuba ngokwenene ufundisa ngoYesu Krestu kwaye indlela yokuba njengaYe (Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi, 6). Ngokomzekelo, xa ufundisa abantwana bakho ngoobhishophu, gxininisa ukuba bangabameli bakaYesu Krestu, ababizwe nguYe ukuba benze umsebenzi waKhe (bona Petros I 2:25).

ukutya nezinto ezikuvimba weNkosi

INkosi icela oobhishophu ukuba bakhathalele abantu abasweleyo.

IMfundiso neMinqophiso 75:3

Ndinganikela kangangoko ndinako eNkosini.

  • Ukuthetha ngomahluko phakathi “[koko]nqena” kwaye “[nokusebenza] ngamandlakazi [ethu]”, mhlawumbi usenokukhetha imisebenzi ethile yenkonzo okanye yasekhaya uze umeme abantwana bakho ukuba babonise beyenza ngokonqena emveni koko ngamandlakazi abo. Njengokuba ufunda “nakunqena” kuyo IMfundiso neMinqophiso 75:3, abantwana bakho bangabonisa indlela abaya kuyenza ngayo imisebenzi yasekhaya ngokonqena. Xa ufunda “kodwa sebenzani ngamandlakazi enu,” banokubonisa indlela abasebenza nzima ngayo. Kutheni le nto kubalulekile ukuba senze konke okusemandleni ethu xa sikhonza iNkosi?

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

ubhishophu ecebisa umfana

Recognizing the Tender Mercies in Your Life [Ukuqaphela iiNceba zoBubele kuBomi Bakho], nguKeith Larson

iphepha lomsebenzi labantwana