“EyeSilimela 23–29: ‘Zixabisa … uButyebi boMhlaba Wonke”: IMfundiso neMinqophiso 67–70,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)
“IMfundiso neMinqophiso 67–70,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025
EyeSilimela 23–29: “Zixabisa … uButyebi boMhlaba Wonke”
IMfundiso neMinqophiso 67–70
Ukusukela ngo-1828 ukuya ku-1831, uMprofeti Joseph Smith wafumana izityhilelo ezininzi eNkosini, kuquka nengcebiso yobuthixo yabantu ngabanye, imiyalelo yokulawula iBandla, imiyalelo yokulawula iBandla, imibono yemihla yokugqibela, neenyaniso ezininzi eziphembelelayo zanaphakade. Kodwa uninzi lwabaNgcwele zange luyifunde. Izityhilelo zazingekapapashwa, kwaye iikopi ezimbalwa ezazifumaneka zazibhalwe ngesandla emaphepheni nje awayezihambela wodwa awayejikeleziswa emalungwini kwaye ephathwa ngabafundisi bevangeli.
Ngoko ke, kweyeNkanga 1831, uJoseph waye wabiza ibhunga leenkokeli zeBandla ukuba lixoxe malunga nokupapasha izityhilelo. Emveni kokufuna intando yeNkosi, ezi nkokeli zaye zenza izicwangciso zokupapasha iNcwadi yeMiyalelo—yona eyandulela IMfundiso neMinqophiso namhlanje. Kungekudala wonke ubani wayezakukwazi ukuzifundela ilizwi likaThixo elalityhilwe ngomprofeti ophilayo, ubungqina obucacileyo bokuba “izitshixo zeemfihlo zobukumkani boMsindisi wethu kwakhona ziphathiswe ngokuthembekileyo ebantwini.” Ngenxa yezi nezinye izizathu, abaNgcwele bangokuya nabangoku bazithathela ingqalelo ezi zityhilelo kuba “zixabisa … ubutyebi bomhlaba wonke” (IMfundiso neMinqophiso 70, isihloko secandelo).
Bona Saints,, 1:140–43.
Iingcebiso zokuFunda eKhaya naseBandleni.
IMfundiso neMinqophiso 67:1–9;68:3–6
Izicaka zeNkosi zithetha intando yaKhe xa ziqhutywa nguMoya oyiNgcwele.
Isigqibo sokupapasha izityhilelo ezazifunyenwe nguJoseph Smith sibonakala njengesilula, kodwa ezinye iinkokeli zantlandlalo zeBandla zazingaqinisekanga ukuba lowo yayingumbono olungileyo. Enye inkxalabo yayinento yokwenza nokungafezeki kolwimi uJoseph Smith awayelusebenzisa ukubhala izityhilelo. Isityhilelo kulo icandelo 67 seza njengempendulo kuloo nkxalabo. Yintoni oyifundayo malunga nabaprofeti nangesityhilelo kuyo imiqolo 1–9? Zeziphi ezinye iingqiqo ezongezelelekileyo ozizuza ezivela ku 68:3–6?
Uzazi njani ngokwakho ukuba izityhilelo uThixo azinika abakhonzi baKhe ziyinyani? Ungacingisisa kananjalo ngamava xa wawuva ukuba iNkosi ithetha nawe ngomnye wabakhonzi baKhe (bona IMfundiso neMinqophiso 68:4). Kunini apho ukhe waziva “[u]qhutywa nguMoya oyiNgcwele” (umqolo 3) ukuba uthethe into? Yayenza njani iNkosi “[ukuma nawe]”? (umqolo 6).
Ngaphambi kokuba iNcwadi yeMiyalelo ipapashwe, iinkokeli zeBandla eziliqela zaye zatyikitya ubungqina obubhaliweyo bokuba izityhilelo ezazisencwadini zaziyinyaniso.
IMfundiso neMinqophiso 67:10–14
“Qhubekekani nikumonde.”
Ingaba umona, uloyiko, negugu zisithintela kanjani ekubeni sisondele kufuphi eNkosini? Simoyisa njani “umntu wemvelo” okanye “ingqondo yenyama” ukuze “simbone [Yena] kwaye sazi ukuba [Yena ukho]”? (umqolo 12; bona kananjalo Mozaya 3:19). Yintoni esiyifumana kule miqolo ekuphembelelelayo ukuba “siqhubekeke sikumonde [side] sigqityeleliswe”? (umqolo 13
IMfundiso neMinqophiso 68:25–31
Ndinganceda ukumisa ikhaya lam kuYesu Krestu.
Amazwi eNkosi kuyo IMfundiso neMinqophiso 68:25–31 abhekisa ngokukodwa kubazali, kodwa nokuba ungumzali okanye awunguye, ungasebenzisa ingcebiso yaKhe ukwenza inxalenye yakho ukumisa ikhaya lakho kwimfundiso kaYesu Krestu. Okudweliswe ngezantsi yeminye yemigaqo iNkosi ethi mayifundiswe ekhaya. Cingisisa ngendlela onokwenza ngayo nganye kwezi zibe yinxalenye yesiseko sekhaya eligxile kuKrestu—ikhaya ohlala kulo ngoku okanye ikhaya lakho elizayo. Izixhobo nemibuzo ebonelelweyo inokunceda.
-
Inguquko: Funda Alma 36:17–20, kwaye uqaphele indlela awasikelelwa ngayo u-Alma ngexesha elinzima ngenxa yokuba uyise wamfundisa ngobufundisi boMsindisi. Unganceda njani ukukhuthaza usapho lwakho ukuba luguqukele kuYesu Krestu kwaye luguquke? (bona kanjalo 2 Nifayi 25:26).
-
Ukholo kuKrestu: Funda amacebiso amahlanu kaMongameli uRussell M. Nelson okukhulisa ukholo kuwo “UKrestu Uvukile; Ukholo kuYe Luya Kususa Iintaba” (Liyahona, UCanzibe 2021, 103). Cingisisa ukuba la macebiso anokudala njani inkcubeko yokholo kusapho lwakho.
-
Ubhaptizo: Phonononga umnqophiso wobhaptizo njengoko uchaziwe ku Mozaya 18:8–10, 13. Imigudu yakho yokugcina lo mnqophiso inokulomeleza njani usapho lwakho?
-
Isipho soMoya oyiNgcwele: Funda izimemo ezikwiphepha 17–19 ye For the Strength of Youth: A Guide for Making Choices. Yintoni oziva uphefumlelwe ukuba uyenze ukuze umeme impembelelo yoMoya oyiNgcwele ekhayeni lakho?
-
Zeziphi iintsikelelo uMsindisi azithembisayo ku 3 Nifayi 18:15–21?
-
Eminye imigaqo oyifumanayo kuyo IMfundiso neMinqophiso 68:25–31:
Ungamcebisa uthini umntu onamalungu entsapho angayixhasiyo imigudu yawo yokwakha ukholo kuKrestu?
Bona kananjalo “USapho: Isibhengezo kwiHlabathi
Abahlobo “abanyanisekileyo nabathembekileyo” bandinceda ukuba ndilandele uYesu Krestu.
Kutheni ucinga ukuba “yayibubulumko [eNkosini]” ukuba umntu “onyanisekileyo nothembekileyo” ahambe no-Oliver Cowdery kwisabelo esichazwe kulo mqolo? Ingaba lo mgaqo usebenza njani kuwe?
Nceda abafundi baphakamise omnye nomnye. Umntu ngamnye eklasini okanye usapho lwakho ngumthombo otyebileyo wobungqina, ingqiqo, namava okuphila ivangeli. Bameme ukuba babelane kwaye baphakamise omnye nomnye.
Ndinoxanduva ngezityhilelo iNkosi ezinikileyo.
INkosi yanika abadala abathile ixanduva lokuba babeke iliso ukupapashwa kwezityhilelo. Nangona ungenalo olo xanduva lukhethekileyo, buyintoni ubugosa okanye uxanduva lwakho “phezu kwezityhilelo nemiyalelo”? (umqolo 3).
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso zokuFundisa Abantwana
IMfundiso neMinqophiso indifundisa ngoYesu Krestu.
-
Bancede bakhumbule ezinye zezinto ozifundileyo ngoYesu Krestu kwiMfundiso neMinqophiso ukuza kuthi ga ngoku kulo nyaka. Ninokwabelana kananjalo omnye nomnye ngemiqolo eniyithandayo kwiMfundiso neMinqophiso.
2:2Chapter 23: The Doctrine and Covenants: August–November 1831
-
Usenokubonisa abantwana bakho iBhayibhile, iNcwadi kaMormoni, IMfundiso neMinqophiso, nePerile yeXabiso eliKhulu uze uthethe nabo ngendlela ezahluke ngayo nendlela ezifana ngayo (bona ingcaciso yezi ncwadi kuso IsiKhokelo kwiZibhalo). Sinokwazi njani ukuba izibhalo ziyinyaniso? Sifunda ntoni kuyo IMfundiso neMinqophiso 67:4, 9 malunga nezityhilelo iNkosi ezinike uJoseph Smith?
IMfundiso neMinqophiso 68:25–31
Ndinako ukubhaptizwa xa ndineminyaka esibhozo ubudala.
-
Kuyo IMfundiso neMinqophiso 68:27, iNkosi yachaza ukuba umntu kufuneka abe mdala kangakanani na ukuba abhaptizwe. Nceda abantwana bakho bafumanise oko Yena wakuthethayo. Kutheni uYesu efuna ukuba thina sibhaptizwe? Ukusebenzisa imifanekiso okanye imiqolo 25–31 (okanye zombini), nceda abantwana bakho bafumanise izinto iNkosi efuna abantwana bazifunde.
-
Funda kunye nabantwana bakho malunga nomsebenzi iNkosi eyawunika u-Oliver Cowdery kwisihloko secandelo IMfundiso neMinqophiso 69. Yeyiphi ingcebiso iNkosi eyayinika kuwo umqolo 1? Kutheni kubalulekile ukuba nabantu “abaya kunyaniseka kwaye bathembeke”? Mhlawumbi abantwana bakho banokuxela ngomntu othile abamaziyo “onyanisekileyo nothembekileyo.” Culani kunye ingoma ekhuthaza abantwana ukuba banyaniseke kwaye bathembeke njengoMsindisi. Sinokuqiniseka njani ukuba sinyanisekile kwaye sithembekile eNkosini? Yena angasisebenzisa njani ukusikelela abanye xa sinyanisekile kwaye sithembekile?
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.