“UCanzibe 26–EyeSilimela 1: ‘Igosa Elithembekileyo, Elilungisa, kwaye Nelilumkileyo’: IMfundiso neMinqophiso 51–57,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)
“IMfundiso neMinqophiso 51–57,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025
First Furrow [iFolo Yokuqala], nguJames Taylor Harwood
UCanzibe 26–EyeSilimela 1: “Igosa Elithembekileyo, Elilungisa, kwaye Nelilumkileyo”
IMfundiso neMinqophiso 51–57
Kumalungu eBandla eminyakeni yoo-1830, ukuhlanganisa abaNgcwele nokwakha isixeko seZiyon kwakuyimisebenzi yasemoyeni neyexeshana, kunye nemiba ebonakalayo ekwakufuneka iqwalaselwe: Umntu kwakufuneka athenge umhlaba apho abaNgcwele babenokuhlala khona. Umntu kwakufuneka ashicilele iincwadi nolunye ushicilelo. Kwaye umntu kwakufuneka avule ivenkile yokubonelela ngeempahla kwabo baseZiyon. Kwizityhilelo ezibhalwe kuyo IMfundiso neMinqophiso 51–57, iNkosi yaye yonyula kwaye yayalela abantu ukuba baphathe le misebenzi.
Kodwa xeshikweni ubuchule bezinto ezinjalo bufuneka eZiyon, ezi zityhilelo ziyafundisa kananjalo ukuba iNkosi inqwenela abaNgcwele baYo ukuba bafaneleke ngokwasemoyeni ukuba babizwe njengabantu baseZiyon—abantu baKhe. Yona iyasibiza ngamnye kuthi ukuba abe “ligosa elithembekileyo, elilungisa, kunye nelilumkileyo,” sibenomoya otyumkileyo, “sime nkqi” kuxanduva lwethu esibekelwe lona (bona IMfundiso neMinqophiso 51:19; 52:15; 54:2). Ukuba singakwenza oko—kungakhathalisekanga ngobuchule bethu bexeshana—iNkosi ingasisebenzisa ekwakheni iZiyon.
Iingcebiso zokuFunda eKhaya naseBandleni.
INkosi ifuna ndibe ligosa elithembekileyo, elililungisa, nelilumkileyo.
Ukuba wawulilungu leBandla ngonyaka ka-1831, mhlawumbi ngowawumenyiwe ukuba uphile umthetho wongcwaliso ngokunikezela ngempahla yakho eBandleni ngobhishophu. Yena ebeya kukubuyisela kuwe, kwiimeko ezininzi, oko unikele ngako, ngamanye amaxesha nangentsalela. Kodwa yayingeyonto onayo—kodwa yayibubugosa bakho.
Namhlanje iinkqubo zahlukile, kodwa imigaqo isabalulekile emsebenzini weNkosi. Njengoko ufunda icandelo 51, cinga ngoko uThixo akuphathise kona. Ingaba amagama athi “igosa” (umqolo 19) kunye “ukungcwalisela” (umqolo 5) athetha ntoni, kwaye yintoni ayibonisayo ngoko uThixo akulindele kuwe?
UMongameli Spencer W. Kimball wachaza: “KwiBandla ubugosa yintembeko engcwele yomoya okanye yethutyana apho kukho uxanduva. Ngokuba zonke izinto zezeNkosi, singamagosa phezu kwemizimba yethu, neengqondo, iintsapho, nempahla yethu. (Bona IMfundiso neMinqophiso 104:11–15.) Igosa elithembekileyo ngulowo usebenzisa ubukhosi obulungileyo, ukhathalela abakhe, kwaye ajonge kumahlwempu nabasweleyo” (“Welfare Services: The Gospel in Action,” Ensign, EyeNkanga. 1977, 78).
The Law of Consecration
IMfundiso neMinqophiso 52:9–11, 22–27
Ndingamema abanye ukuba beze kuYesu Krestu naphi na apho ndiya khona.
Xa iNkosi yathumela iinkokeli zeBandla ezininzi eMissouri, yazixelela ukuba zisebenzise ixesha ezilichitha zihambahamba zize “[zi]shumayele endleleni” (imiqolo 25–27). Ungabelana njani ngevangeli “endleleni,” okanye ngexesha leziganeko eziqhelekileyo zobomi bakho?
IMfundiso neMinqophiso 52:14–19
INkosi iyandinceda ukuba ndiphephe inkohliso.
Ngabantu abaninzi ababebanga imbonakalo yomoya, abaNgcwele bokuqala babenexhala lokukhohliswa. Sesiphi isilumkiso iNkosi eyabanika sona kuyo IMfundiso neMinqophiso 52:14? Sasiyintoni isisombululo saYo? (bona imiqolo 14–19).
Ipateni yinto ephinda rhoqo, ngendlela eqikelelwayo. Imizekelo ibandakanya ukubala ngamanani alinganayo okanye ukuphuma nokutshona kwelanga suku ngalunye. Yeyiphi eminye imizekelo onokucinga ngayo? Njengoko uphengulula IMfundiso neMinqophiso 52:14–19, chaza ipateni yeNkosi yokuphepha inkohliso. Kungakunceda ukuqaphela ukuba “ukutyumka” kuthetha imvakalelo yokuthobeka nenguquko; “ukululama” kubonisa ukuba nobulali nokuzeyisa; yaye “uhlaziya” kuthetha ukuyalela, ukuphucula, okanye ukwakha. Kutheni uziva ukuba ipateni yeNkosi ibandakanya ezi mpawu, kunye nentobeko? Unokuyisebenzisa njani le pateni ukuze uphephe inkohliso?
Chaza amagama anzima. Kusetyenziso leThala leeNcwadi zeVangeli, unokucofa kwaye ubambe igama uze ukhethe “Chaza.” Uya kuthi ke usiwe kwinkcazelo yelo gama. Zama oku xa udibana namagama angaqhelekanga—okanye amagama abonakala eqhelekile ongathanda ukuwaqonda ngcono.
Yeyiphi eminye imizekelo yeenkohliso kumhla wethu? Sinokwazi njani xa sikhohliswa?
Ndingajikela eNkosini xa ndilinyazwa lukhetho lwabanye.
Ngaba wakhe wadana xa umntu obuxhomekeke kuye engazigcinanga izibophelelo zakhe? Oku kwenzeka kwabaNgcwele abavela eColesville, eNew York, ababelindele ukuhlala kumhlaba kaLeman Copley eOhio. Ukuba ubunomhlobo phakathi kwabaNgcwele baseColesville, yeyiphi ingcebiso onokuyifumana kulo icandelo 54 ukuze wabelane nabo?
Ifama kaLeman Copley
IMfundiso neMinqophiso 56:14–20
Basikelelekile abahlambulukileyo entliziyweni.
Kule miqolo, iNkosi yathetha nabo ngokubini abazizityebi nabangamahlwempu; kungakunika umdla ukuthelekisa ingcebiso yaYo kula maqela amabini. Yintoni ekule miqolo evakala ikufanele wena buqu?
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso zokuFundisa Abantwana
Ndinokunyaniseka.
-
Ukunceda abantwana bakho bafunde ukuba kuthetha ukuthini ukunyaniseka, ninokufunda kunye IMfundiso neMinqophiso 51:9 kwaye nabelane ngamabali abantwana abajongene nezigqibo malunga nokunyaniseka. Ungasebenzisa imifanekiso, oonodoli bekawusi, okanye oonodoli bephepha ukwenza amabali abe nomdla ngakumbi. INkosi isisikelela njani njengokuba sizama ukunyaniseka?
-
Cinga ngokudlala umdlalo nabantwana bakho. Emva koko, nithethe malunga nokuba umdlalo ubuza kwehluka kanjani ukuba omnye ebedlale ngamaqhinga. Kutheni kubalulekile “ukusebenza ngokunyanisekileyo” nabanye?
IMfundiso neMinqophiso 52:10; 53:3; 55:1
Ndifumana isipho soMoya oyiNgcwele ngokubekwa kwezandla.
-
Ukwamkela uMoya oyiNgcwele ngokubekwa kwezandla kukhankanyiwe izihlandlo ezininzi kuyo IMfundiso neMinqophiso 51–57. Eli inokuba lithuba elihle lokufundisa abantwana bakho ngalo mmiselo. Ngokomzekelo, banokujonga umfanekiso womntwana oqinisekiswayo kwaye bachaze okwenzekayo emfanekisweni. Bacele ukuba baqhwabe izandla xa besiva “ukubekwa izandla” okanye “ukubekwa kwezandla” ngelixa ufunda IMfundiso neMinqophiso 52:10; 53:3; 55:1.
-
Nceda abantwana bakho bafunde amazwi nemihlathi kwingoma efundisa ngesipho soMoya oyiNgcwele.
IMfundiso neMinqophiso 52:14–19
UThixo unepateni yokundinceda ndingakhohliswa.
-
Ukufundisa ngepateni yeNkosi yokuphepha inkohliso, ungaqala ngokunceda abantwana bafumane imizekelo yeepateni—kwindalo, kwiingubo ezimibalabala okanye impahla, okanye kubomi bemihla ngemihla. Bancede bafumane ipateni iNkosi eyayinika kuyo IMfundiso neMinqophiso 52:14–15. Qinisekisa ukuba bayawaqonda nawaphi na amagama angaqhelekanga kule miqolo. Unokuyisebenzisa njani le pateni ukuze uphephe inkohliso?
Ndimele ukusoloko ndiyigcina iminqophiso yam.
-
Ngawakho amazwi, yabelana nabantwana bakho ngokwenzeka kwabaNgcwele abeza kuhlala emhlabeni kaLeman Copley. (bona isihloko kulo icandelo 54). Abantwana bakho banokuzenza ilungu leBandla elifike e-Ohio. Babeza kuvakalelwa njani emva kokuba uLeman ewaphule umnqophiso wakhe? Isifundisa ntoni le malunga nokugcina iminqophiso yethu okanye izithembiso? Fundani kunye IMfundiso neMinqophiso 54:6 ukufumana iintsikelelo zabantu abagcina iminqophiso yabo.
Ndingasebenzisa iintsikelelo endizinikwe nguThixo ukuze ndisikelele abanye.
-
Ukwazisa icandelo 55, ungafuna ukucacisa ukuba uWilliam W. Phelps wayengumpapashi wephephandaba owafunda ngevangeli kwaye wazimanya neBandla. Funda nabantwana bakho IMfundiso neMinqophiso 55:1–4, uze ubancede bafumanise oko uThixo wayefuna uWilliam akwenze. Yena waceba ukuzisebenzisa njani iitalente zikaWilliam? Oku kunokukhokelela kwingxoxo malunga nendlela uThixo anokusimema ngayo ukuba sisebenzise iitalente zethu ukusikelela abantwana baKhe.
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.