Doctrine and Covenants 2025
EyeSilimela 9–15: “Rhoqo Ndikunye nabaThembekileyo”: IMfundiso neMinqophiso 60–63


“EyeSilimela 9–15: ‘Rhoqo Ndikunye nabaThembekileyo: IMfundiso neMinqophiso 60–63,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)

“IMfundiso neMinqophiso 60–63,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025

umlilo wenkampu ngakuMlambo waseMissouri

Iinkcukacha ukusuka Campfire on the Missouri [kuMlilo wenkampu eMissouri], nguBryan Mark Taylor

EyeSilimela 9–15: “Rhoqo Ndikunye nabaThembekileyo”

IMfundiso neMinqophiso 60–63

Ekuqaleni kweyeThupha 1831, uJoseph Smith nabanye abadala beBandla babelungiselela ukubuyela eKirtland emva kotyelelo olufutshane “kwilizwe laseZiyon” (IMfundiso neMinqophiso 59:3). INkosi yayifuna ukuba bona bashumayele ivangeli ngexesha lohambo lwabo (bona IMfundiso neMinqophiso 52:10), kwaye abanye babo bakwenza oko ngenkuthalo. Kodwa abanye babethandabuza. “Bafihla italente endibanike yona,” yatsho iNkosi, “ngenxa yokoyika abantu” (IMfundiso neMinqophiso 60:2). Abaninzi kuthi bayayazi indlela ababevakalelwa ngayo aba badala. Nangona siyithanda ivangeli, uloyiko nentandabuzo inokusithintela ekwabelaneni ngayo. Kodwa iNkosi inenceba. Yona “[yazi] ubuthathaka bomntu nokuba anga[si]nceda njani” (IMfundiso neMinqophiso 62:1). Kusasazwe kuzo zonke ezi zityhilelo kubashumayeli bevangeli bamandulo ziziqinisekiso ezinokusinceda soyise uloyiko neentsilelo zethu: “Ndinako ukunenza ngcwele.” “Yonke inyama isesandleni sam.” “Rhoqo ndikunye nabathembekileyo.” Kwaye “Lowo uthembekileyo aze anyamezele uya kuloyisa ihlabathi.” (IMfundiso neMinqophiso 60:7; 61:6; 62:9; 63:47.)

umfanekiso wokufunda

Iingcebiso zokuFunda eKhaya naseBandleni.

IMfundiso neMinqophiso 60; 62

Ndingabelana ngothando lwam nobungqina bukaYesu Krestu.

Ubungqina bakho bevangeli bufana njani “netalente,” okanye ubutyebi obuvela kuThixo? Zeziphi iindlela esithi ngamanye amaxesha “sizifihle iitalente [zethu]?” (IMfundiso neMinqophiso 60:2; bona kananjalo Mateyu 25:14–30).

Yeyiphi imiyalezo ekhuthazayo ephuma kwiNkosi oyifumana kuwo amacandelo 60 no 62? Ingaba le miyalezo ikwakha njani ukuzithemba kwakho ekwabelaneni ngevangeli?

ukwabelana ngevangeli ebhasini

Ndingavuleleka ngokwabelana ngokholo lwam kuKrestu.

IMfundiso neMinqophiso 60:2–4; 61:1–2, 20, 36–38; 62:1, 6

Izibhalo zifundisa ngoYesu Krestu.

Njengoko Yena wayalela abafundisi bevangeli baKhe, iNkosi yatyhila iinyaniso ezibalulekileyo ngaYo. Khangela ezi nyaniso kuyo IMfundiso neMinqophiso 60:2–4; 61:1–2, 20, 36–38; 62:1, 6. Zeziphi iingxelo ezivela kwizibhalo ezibonisa indima neempawu zoMsindisi ozifumeneyo? (bona, ngomzekelo, Yohane 8:1–11; Etere 2:14–15).

IMfundiso neMinqophiso 62

Izigqibo zam kufuneka zilungelelanise “umgwebo nenkokhelo yoMoya.”

INkosi inika isikhokelo malunga neenyaniso zanaphakade nemigaqo, kodwa Yona rhoqo ikushiyela kuthi ukuba simisele iinkcukacha ezithile malunga nendlela yokuthatha inyathelo phezu kwale migaqo. Ingaba uwubona kanjani lo mgaqo ubonakaliswa kuyo IMfundiso neMinqophiso 62? (bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 60:5; 61:22). Ingaba lo mgaqo uwubone njani ebomini bakho? Kutheni kusilungele ukuba senze izigqibo ngaphandle kokulindela ukuba uThixo asixelele kanye oko simele sikwenze?

Bona kananjalo Etere 2:18–25; IMfundiso neMinqophiso 58:27–28.

IMfundiso neMinqophiso 63:7–12

Imiqondiso iza ngenxa yokholo nentando kaThixo.

Ekupheleni kolu lwandlalo, kukho umzekeliso wommangaliso owachukumisa ngokunzulu u-Ezra Booth: Ingalo ka-Elsa Johnson yaphiliswa ngendlela engummangaliso. Emva kokubona oko, u-Ezra wabhaptizwa ngolangazelelo. Kwaye kanti, kwiinyanga ezimbadlwana nje, u-Ezra waye waphulukana nokholo lwakhe wabangumgxeki womProfeti. Kwakungenzeka njani oku, xa ucinga ngommangaliso yena owayethe wawubona?

Cingisisa oku njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 63:7–12. Zeziphi iinyaniso ozifundayo malunga nemiqondiso kunye nokholo?

Bona kananjalo Mateyu 16:1–4; Yohane 12:37; Mormoni 9:10–21; Etere 12:12, 18.

IMfundiso neMinqophiso 63:16

umfanekiso weseminari
Ndiyakwazi ukuba nyulu kwiingcinga nakwizenzo zam.

Kuyo IMfundiso neMinqophiso 63:16, uMsindisi waphinda waqinisekisa oko Yena wakufundisayo kwiTestamente eNtsha—ukuba umthetho wobunyulu kufuneka ulawule hayi izenzo zethu kuphela kodwa neengcinga zethu (bona Mateyu 5:27–28). Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 63:16, bhala phantsi izilumkiso uMsindisi azinikayo malunga neengcinga zenkanuko. Ungacinga kananjalo ngesichasi sesilumkiso ngasinye. Ngokomzekelo, ngawaphi amagama okanye amabinzana achasene noloyiko? Ziziphi ezinye iintsikelelo ezifumaneka ngokuba neengcinga nezenzo ezinyulu?

Abantu abaninzi bacinga ukuba imilinganiselo yeNkosi yobunyulu bengcinga nesenzo iphelelwe lixesha okanye iyacinezela. Bekuya kwenza wuphi umahluko ukuba bonke abantwana bakaThixo bebezabalazela ukuphila lo mthetho?

Kwanaxa sizazi iintsikelelo zokuba nyulu kwiingcinga nakwizenzo zethu, oko akuthethi ukuba kulula. Unokuthatha ixesha lokucingisisa into eyenza kube nzima kuwe ukugcina umgangatho woMsindisi wobunyulu—kwaye nento eyenza kube lula. Ngawaphi amacebiso onokuwabelana ngawo nabanye ngezinto omawuzenze xa ulingwa ngeengcinga ezingafanelekanga?

Xhasani omnye nomnye. Enye yeentsikelelo ezinkulu zokuhlangana kunye kwiintlanganiso zeBandla neeklasi lithuba lokufumana inkxaso kwabanye abaNgcwele kwiinzame zethu zokulandela uMsindisi. Uninzi lwethu lujongene nemingeni efanayo, kwaye amava ethu aqhelekileyo anokuba namandla amakhulu. Musa ukoyika ukuvuma ukuba unemingeni. Yabelanani omnye nomnye ngento ekunceda uphile ngemithetho kaThixo kwaye unqobe isilingo.

Bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 121:45

3:58

Standards: Sexual Purity and Modesty - True Confidence

IMfundiso neMinqophiso 63:58–64

Izinto ezingcwele zifanele ziphathwe ngentlonelo.

Imigaqo kuyo IMfundiso neMinqophiso 63:58–64 idlulela ngaphaya kokuliphatha ngelize igama leNkosi. Ingaba zeziphi ezinye izinto ezingcwele “[ezi]vela ngasentla” okanye kuThixo? Kuthetha ukuthini kuwe ukuthetha ngezi zinto “ngenkathalo”?

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

umfanekiso wecandelo labantwana 03

Iingcebiso zokuFundisa Abantwana

IMfundiso neMinqophiso 60:4; 61:1–2, 36; 62:1

Izibhalo zifundisa ngoYesu Krestu.

  • Mhlawumbi ungabhala ezinye iingxelo ngoMsindisi ezifumaneka kuyo IMfundiso neMinqophiso 60–62 kumaphetshana amancinane. Abantwana bakho ke bangathelekisa ezi nkcazelo nemifanekiso kaYesu ephuma kubulungiseleli baKhe basemhlabeni (bona INcwadi yoMsebenzi yoBugcisa yeVangeli, amanani. 34–61) ebonisa ezi mpawu. Yena uzenza njani Buqu ukuba thina simazi namhlanje?

    Jesus Christ at age twelve in the temple at Jerusalem during the Feast of the Passover. A group of learned Jewish doctors are gathered around Christ. The doctors are expressing astonishment at the wisdom and understanding of the young Christ. (Luke 2:41-50)
uYesu Krestu ovusiweyo

Inkcukacha ivela For This Purpose [Ngale Njongo], nguYongsung Kim

IMfundiso neMinqophiso 60:7; 61:1–2; 62:1

INkosi iya kundixolela ukuba ndiyaguquka.

  • Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 60:7; 61:2 kunye nabantwana bakho, bancede bafumane amagama afanayo kule miqolo. Bakhumbuze ukuba ezi zityhilelo zanikwa uJoseph Smith nezinye iinkokeli zeBandla. Yintoni iNkosi eyayifuna ukuba bona bayazi? Unokuthetha kananjalo ngendlela uMsindisi aziva ngayo ngathi xa sisenza iimpazamo kwaye nokuba kuthetha ukuthini ukuguquka. Ngokwayo IMfundiso neMinqophiso 62:1, angasinceda njani uYesu xa silingwa?

IMfundiso neMinqophiso 62:3, 9

UYesu Krestu ufuna ndabelane ngevangeli yaKhe.

  • Ungababuza abantwana bakho ukuba bangathini xa umntu ebabuza into abayithandayo ngoYesu Krestu neBandla laKhe. Unokufunda emveni koko IMfundiso neMinqophiso 62:3 kwaye ucele abantwana bakho bamamele ukuba kwenzeka ntoni na xa sisabelana ngobungqina bethu. Isithembiso kuwo umqolo 9 sinokunceda njani xa sisoyika?

IMfundiso neMinqophiso 63:64

Mna ndingakwazi ukuba nentlonelo.

  • Ukwazisa IMfundiso neMinqophiso 63:64, ungacula ingoma emalunga nentlonelo nabantwana bakho. Emva koko ungathetha ngeendlela ezahlukeneyo zokubonisa intlonelo kuBawo waseZulwini noYesu Krestu.

  • Unokunceda abantwana bakho baqonde oko kuyiyo intlonelo ngokuthetha nabo ngento ethile ekhethekileyo kubo, njengento yokudlala abayithandayo, incwadi okanye ingubo. Babuze ukuba bazinyamekela kwaye bazikhusela njani na izinto ezikhethekileyo kubo. Ningafunda emveni koko kunye IMfundiso neMinqophiso 63:64. Zeziphi izinto ezikhethekileyo—okanye ezingcwele—kuBawo waseZulwini? (bona, ngokomzekelo, umqolo 61 nela leveki iphepha lomsebenzi). Sifanele siziphathe njani ezi zinto—ngamazwi nangezenzo zethu?

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

ukuphilisa u-Elsa Johnson

Healing of Elsa Johnson’s Shoulder [Ukuphiliswa kweGxalaba lika-Elsa Johnson], nguSam Lawlor

iphepha lomsebenzi labantwana