“EyeSilimela 16–22: ‘INkosi Ifuna Intliziyo neNgqondo Ezithandelayo’: IMfundiso neMinqophiso 64–66,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)
“IMfundiso neMinqophiso 64–66,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025
Daviess County, Missouri
EyeSilimela 16–22: “INkosi Ifuna Intliziyo Nengqondo Ezithandelayo”
IMfundiso neMinqophiso 64–66
Ebushushwini obunganyamezelekiyo kweyeThupha ka-1831, abadala abaliqela babebuyela eKirtland besuka kumhlaba waseZiyon eMissouri. Abahambi babeshushu kwaye bediniwe, kwaye uxinzelelo lwakhawuleza lwajika lwaba ziingxabano. Kwakubonakala ngathi ukwakhiwa kweZiyon, isixeko sothando, somanyano, noxolo, kwakuza kuthatha ixesha elide.
Ngethamsanqa, ukwakhiwa kweZiyon—eMissouri ngo-1831 okanye ezintliziyweni zethu, neewadi namhlanje—akusinyanzelisi ukuba sigqibeleleke. Endaweni yoko, “kodwa okwenu kufuneka nixolele bonke abantu,” yatsho iNkosi (IMfundiso neMinqophiso 64:10). Yona ifuna “intliziyo kunye nengqondo ezithandelayo” (umqolo 34). Kwaye Yona ifuna umonde nenyameko, kuba iZiyon yakhelwa kwisiseko “sezinto ezincinane”, ezifezekiswa ngabo “bangadinwa kukwenza okulungileyo” (umqolo 33).
Bona kananjalo Saints, 1:133–34, 136–37.
Iingcebiso zokuFunda eKhaya naseBandleni.
IMfundiso neMinqophiso 64:1–11
“Xolelanani omnye nomnye.”
Cinga ngoku kulandelayo njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 64:1–11:
-
Cinga ngexesha apho iNkosi yakhe yakuxolela ngalo. Waziva njani?
-
Ngaba ukho umntu ofanele umxolele? Kutheni kusenokuba nzima kangaka ukuxolela abanye? Yintoni ekuncedayo ukoyisa obu bunzima?
-
Zeziphi iinyaniso malunga noxolelo kuyo IMfundiso neMinqophiso 64:1–11 ezibonakala zibalulekile kuwe? Ucinga ukuba kutheni iNkosi isiyalela ukuba “sixolele bonke abantu”? (umqolo 10).
Yintoni oyifunda malunga nendlela uKrestu anokukunceda uxolele?
Ubudlelwane beentsapho bunokusinika amathuba amaninzi okuxolela. Cinga ngamalungu osapho lwakho. Ngubani ofanele umxolele? Ingaba “sibandezeleka” njani (umqolo 8) xa singaxolelani? Ukuxolela kuya kuluchaphazela njani ulwalamano lwentsapho yakho?
Forgiveness: My Burden Was Made Light
“Nina nimele ukuxolelana omnye nomnye” (IMfundiso neMinqophiso 64:9).
IMfundiso neMinqophiso 64:31–34
INkosi icela eyam “intliziyo nengqondo ezithandelayo.”
Ingaba wawukhe waziva “unokudinwa” kuko konke “ukwenza okulungileyo” ozama ukukuphumeza? Khangela umyalezo weNkosi obhekiswe kuwe kuyo IMfundiso neMinqophiso 64:31–34. Yintoni iNkosi efuna uyenze ukuzisa “umsebenzi waKhe omkhulu”?
Cinga ngesifundo sento esinokubonisa umqolo 33—into enkulu eyenziwe ngezinto ezincinane, njengomfanekiso oqingqiweyo okanye isakhiwo sezitena. Zeziphi “izinto ezincinane” onokuthi uzenze mihla le ukuze “[ubeke] isiseko” somsebenzi omkhulu kaThixo? Yeyiphi eminye imizekelo “yomsebenzi omkhulu” iNkosi ekunike yona?
IMfundiso neMinqophiso 64:31–34
“Intliziyo nengqondo ezithandelayo”
UMdala uDonald L. Hallstrom ucebise le ntsingiselo kwibinzana elithi “intliziyo nengqondo ezithandelayo”:
“Intliziyo ingumfuziselo wothando nokuzibophelela. Senza imibingelelo kwaye sithwalela imithwalo yabo thina sibathandayo yona besingayi kuyinyamezela ngenxa yaso nasiphi na esinye isizathu. Ukuba uthando alukho, ukuzibophelela kwethu kuyehla. …
“Ukuba ‘nenqondo ezithandelayo’ kuthetha ukwenza eyona mimgudu ibalaseleyo yethu nokucinga okucolekileyo nokufuna ubulumko bukaThixo. Kucebisa ukuba olona lufundo luzinikelayo ebomini bethu lumele ukuba lube lolwezinto ezingunaphakade ngokwendalo. Kuthetha ukuba kumele kubekho ubudlelwane obungenakwahlulwa phakathi kokuva ilizwi likaThixo nokulithobela” (“The Heart and a Willing Mind,” Ensign, EyeSilimela 2011, 31–32).
IMfundiso neMinqophiso 64:41–43
IZiyon iya kuba “yibhanile ebantwini.”
Ibhanile “yiflegi okanye umgangatho apho abantu bahlanganela khona bemanyane ngenjongo okanye ubuni” (IsiKhokelo kwiZibhalo,“Ensign,” IThala leVangeli). IZiyon–okanye iBandla leNkosi–libe yibhanile njani kuwe? Qwalasela leminye imizekelo yezinto ezibanjelwa phezulu, njengebhanile, ukusikelela abantu: Numeri 21:6–9; Mateyu 5:14–16; Alma 46:11–20. Khangela ezinye iindlela iNkosi echaza iZiyon ngazo kuyo IMfundiso neMinqophiso 64:41–43.
Ubukumkani bukaThixo emhlabeni bulungiselela ihlabathi ukubuya koMsindisi.
IMfundiso neMinqophiso 65 inika impembelelo yengcaciso yenjongo yeBandla leNkosi kwimihla yokugqibela. Cinga ngokuphendla eli candelo, ukhangela iimpendulo kule mibuzo efana nale: Yintoni iNkosi efuna ukuba ubukumkani baYo buyifezekise emhlabeni? Yintoni Yena afuna ndiyenze ukunceda?
Prepare Today for the Second Coming
INkosi iyazazi iingcinga zentliziyo yam.
Kungekudala emveni kokuzimanya neBandla, uWilliam E. McLellin waye wacela uJoseph Smith amtyhilele intando kaThixo ngaye. UJoseph wayengayazi, kodwa uWilliam wayenemibuzo emihlanu yobuqu awayenqwenela iNkosi iyiphendule ngoMprofeti waKhe. Thina asazi ukuba imibuzo kaWilliam yayisithini, kodwa isityhilelo esasibhekiswe kuye, ngoku IMfundiso neMinqophiso 66, saye saphendula umbuzo ngamnye “ngolwaneliseko olupheleleyo” kuWilliam (“William McLellin’s Five Questions,” ku Revelations in Context, 138).
Njengoko ufunda icandelo 66, cinga ngoko kwakusaziwa yiNkosi ngoWilliam McLellin neenkxalabo neenjongo zentliziyo yakhe. Ingaba iNkosi Ikutyhilele njani ukuba iyakwazi wena? Ukuba unayo intsikelelo kasolusapho, cingisisa ngokuyifunda. Njengoko usenza oko, yintoni uMoya oyiNgcwele akunceda uyiqonde malunga nentando kaThixo ngawe?
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso zokuFundisa Abantwana
IMfundiso neMinqophiso 64:7–10
UYesu Krestu ufuna ukuba ndixolele wonke umntu.
Qaphela: Njengoko ufundisa abantwana bakho ngomyalelo weNkosi “ukuxolela bonke,” usenokufuna ukucacisa ukuba ukuxolela akuthethi ukuvumela abantu basenze buhlungu. Bakhuthaze ukuba baxelele umntu omdala othembekileyo ukuba kukho umntu obenza buhlungu okanye obabamba ngendlela engafanelekanga.
-
Emva kokufunda IMfundiso neMinqophiso 64:10 nabantwana bakho, thetha nabo malunga nokuba kuthetha ukuthini ukuxolela umntu. Ungabelana ngemizekelo embalwa elula. Mhlawumbi bangalinganisa le mizekelo ukuze baziqhelanise nokuxolela.
-
Usenokucela abantwana bakho ukuba bacebe indlela abaya kufundisa ngayo umntu othile—njengomntakwabo omncinane—malunga nokuxolela abanye. Bancede bafumane amabinzana kuyo IMfundiso neMinqophiso 64:7–10 abanokuwasebenzisa njengoko befundisa.
-
Cula iculo elithetha ngoxolelo. Le ngoma isifundisa ntoni ngokuxolela abanye?
“Umsebenzi omkhulu” kaThixo wakhelwe “kwizinto ezincinane.”
-
Ungabonisa abantwana bakho izinto ezenziwe ngezinto ezincinane, njengephazili okanye iragi. Emva koko ningafunda kunye IMfundiso neMinqophiso 64:33. Yintoni “umsebenzi omkhulu” kaThixo? Zeziphi “izinto ezincinane” esinokuzenza eziya kuthi zincede?
Ndinakho ukumlandela uYesu Krestu ngentliziyo yam nengqondo.
-
Njengokuba ufundela abantwana bakho kuyo IMfundiso neMinqophiso 64:34, ungakhomba entliziyweni nasentloko njengoko ufunda “intliziyo” nayo “nengqondo,” kwaye umeme abantwana ukuba bakwenze nawe. Singazinikela njani iintliziyo zethu (iminqweno) neengqondo (iingcamango) kuMsindisi?
Gxininisa uMzekelo kaYesu Krestu. Cinga ngendlela onokuwugxininisa ngayo umzekelo woMsindisi xa ufunda okanye ufundisa. Ngokomzekelo, xa ufundisa ngayo IMfundiso neMinqophiso 64:34, ungathetha nabantwana bakho malunga nendlela uMsindisi awayinikela ngayo intliziyo yaKhe (iminqweno) nengqondo (iingcamango) kuYise waKhe waseZulwini. (Bona Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi, 6.)
INkosi iyandazi ukuba ndingubani na kwaye iyandithanda.
-
Nceda abantwana bakho baqonde ukuba uWilliam E. McLellin wayenemibuzo emihlanu ngeNkosi. UJoseph Smith wafumana iimpendulo kule mibuzo nangona nje wayengayazi ukuba yintoni na imibuzo kaWilliam. Xelela abantwana bakho ngexesha iNkosi eyabonisa ngalo ukuba ifuna wena wenze ntoni, kwaye uthethe ngeentsikelelo zokulandela ulwalathiso lwaYo. Nisenokufunda emva koko IMfundiso neMinqophiso 66:4 kunye kwaye umeme abantwana bakho ukuba bakhangele amathuba okuqonda into iNkosi efuna bayenze.
Inkcukacha ivela The Second Coming [UkuBuya kweSibini], nguKevin Keele
Ndingancedisa ekulungiseleleni ihlabathi ukuba lamkele uYesu Krestu.
-
Njengokuba abantwana bakho bejonge umfanekiso wokuBuya kweSibini koMsindisi, bacele ukuba bachaze into abayibonayo okanye into abayaziyo ngesi siganeko. Usenokunika abantwana bakho amagama namabinzana malunga nokuBuya kweSibini onokuwafumana kuyo IMfundiso neMinqophiso 65. Asifundisa ntoni la magama namabinzana? Singakulungiselela njani ukubuya koMsindisi?
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.