2010–2019
Ukubulela Nakweziphi Na Iimeko
UTshazimpunzi 2014


Ukubulela Nakweziphi Na Iimeko

UMongameli Dieter F. Uchtdorf

Asinaso na isizathu sokuba sizaliswe ngumbulelo, nokuba zeziphi iimeko esizifumana sikuzo?

Kule minyaka idlulileyo, ndibenethuba elingcwele lokudibana nabantu abaninzi ezathi iintsizi zabo zabonakala zifikelela kubunzulu bomphefumlo wabo. Ngala mathuba, ndimamele abantakwethu noodade bethu abathandekayo kwaye ndeva ubuhlungu kunye nabo ngenxa yemithwalo yabo. Ndiye ndacinga ukuba ndizakuthini kubo, kwaye bendisokola ukwazi ukuba ndingabathuthuzela njani kwaye ndibaxhase njani ezilingweni zabo.

Amaxesha amaninzi intlungu yabo ibangelwa koko kubonakala ngathi kusisiphelo. Abanye bajongene nokuphela kobudlelwane obuxabisekileyo, njengokufa komntu omthandayo okanye ukwahlukana nelungu losapho. Abanye baziva bejamelene nokuphela kwethemba—ithemba lokutshata okanye ukuba nabantwana okanye ukoyisa isigulo. Abanye banokuba bajongene nokuphela kokholo lwabo, njengoko amazwi adidayo naphikisanayo emhlabeni ebalinga ukuba babuze, bade bayeke, into ababekade beyazi ukuba iyinyani.

Kungekudala okanye kamva, ndiyakholelwa ukuba sonke siba namaxesha apho elona kanye ihlabathi lethu likhala khona, isishiya siziva sisodwa, sikhathazekile kwaye siphambuka.

Yona ingenzeka nakubani na. Akukho mntu ukhuselekileyo.

Singabulela

Imeko yomntu wonke yahlukile, kwaye iinkcukacha zobomi ngabunye zahlukile. Nangona kunjalo, ndifundile ukuba ikhona into enokususa ubukrakra obunokuza ebomini bethu. Inye kuphela into esinokuyenza ukwenza ubomi bube mnandi, sonwabe ngakumbi, kwaye sibe nozuko.

Singabulela!

Kusenokuvakala kuchasene nobulumko behlabathi ukucebisa ukuba umntu osindwa lusizi kufuneka abulele kuThixo. Kodwa abo babeka bucala ibhotile yobukrakra kwaye baphakamise endaweni yayo ingqayi yombulelo banokufumana isiselo esihlambululayo sokuphilisa, soxolo kunye nokuqonda.

Njengabafundi bakaKrestu, siyalelwe ukuba “sibulele iNkosi uThixo [wethu] ngayo yonke into,” “ukucula kwiNkosi unombulelo,” kwaye “sivumele intliziyo [yethu] izaliswe ngumbulelo kuThixo.”

Kutheni uThixo esiyalela ukuba sibulele?

Yonke imiyalelo yaKhe inikwe ukwenzela ukuba iintsikelelo zifumaneke kuthi. Imiyalelo ingamathuba okusebenzisa ukukhetha kwethu kwaye sifumane iintsikelelo. UBawo wethu oseZulwini onothando uyazi ukuba ukukhetha ukuphuhlisa umoya wombulelo kuya kusizisela uvuyo lwenene kunye nolonwabo olukhulu.

Ukuba Nombulelo weZinto

Kodwa abanye basenokuthi, “Yintoni endinokuba nombulelo ngayo xa ihlabathi lam liphasalaka?”

Mhlawumbi ukugxila kwinto esinombulelo kuyo yindlela engeyiyo. Kunzima ukuphuhlisa umoya wombulelo ukuba umbulelo wethu ulingana kuphela nenani leentsikelelo esinokuzibala. Kuyinyani, kubalulekile ukuba sihlale “sibala iintsikelelo zethu”—kwaye nabani na okhe wazama oku uyazi ukuba zininzi—kodwa andikholelwa ukuba iNkosi ilindele ukuba singabi nambulelo kangako ngexesha lesilingo kunangexesha lobuninzi kunye nokukhululeka. Enyanisweni, uninzi lwezalathiso zezibhalo ezingcwele azithethi ngokuba nombulelo wezinto kodwa zichaza umoya ngokubanzi okanye indlela yokuba nombulelo.

Kulula ukuba nombulelo wezinto xa ubomi bubonakala ngathi buhamba ngendlela yethu. Kodwa kuthekani ke ngalo maxesha xa le nto siyinqwenelayo ibonakala ingenakufikeleleka?

Ingaba ndingacebisa ukuba sijonge umbulelo njengesimo, indlela yokuphila engaxhomekekanga kule meko sikuyo ngoku? Ngamanye amagama, ndicebisa ukuba endaweni yokuba nombulelo wezinto , sijolise ekubeni nombulelo kwiimeko zethu—nokuba zingayintoni na.

Kukho ibali elidala umnikezi kutya owabuza umthengi ukuba ukonwabele na ukutya. Undwendwe lwaphendula ngelithi yonke into yayihamba kakuhle, kodwa ngekungcono ukuba babephene ngesonka esongezelelweyo. Ngosuku olulandelayo, xa ibuyayo le ndoda, umnikezi kutya wawuphinda-phinda umyinge wesonka, emnika iziqwenga ezine endaweni yezimbini, kodwa le ndoda yayingonwabanga. Ngosuku olulandelayo, umnikezi kutya waphinda-phinda isonka kwakhona, ngaphandle kwempumelelo.

Ngosuku lwesine, umnikezi kutya wayezimisele ngokwenene ukuyonwabisa le ndoda. Wathabatha isonka esiziimitha ezintathu (3-m) ubude, wasisika phakathi, ngoncumo wasinika umthengi lowo. Umnikezi kutya wayeyilindele ngomdla impendulo yalendoda.

Emva kwesidlo, le ndoda yajonga phezulu yathi, “Kulungile njengesiqhelo. Kodwa ndiyabona ukuba ubuyele ekunikeni izilayi ezibini kuphela zesonka.”

Ukuba Nombulelo kwiiMeko Zethu

Bazalwane noodade bam abathandekayo, ukhetho lolwethu. Singakhetha ukubeka umda kumbulelo wethu, ngokusekelwe kwiintsikelelo esivakalelwa kukuba siyaziswela. Okanye sinokukhetha ukuba njengoNifayi, owayenentliziyo enombulelo engazange igungqe. Xa abantakwabo bambophelela enqanaweni—awayeyakhile ukubasa kwilizwe lesithembiso—amaqatha nezihlahla zakhe zazibuhlungu kakhulu “ayedumbe kakhulu,” kwaye isaqhwithi esinamandla sasongela ukumginya enzulwini yolwandle. “Nangona kunjalo,” watsho uNifayi, “Ndaye ndakhangela kuThixo wam, ndaza ndamdumisa ebudeni bemini yonke; kwaye andizange ndimbombozele ngakuyo iNkosi ngenxa yeembandezelo zam.”

Sinokukhetha ukufana noYobhi, owayebonakala enayo yonke into kodwa emva koko waphulukana nayo yonke. Kanti waphendula uYobhi ngokuthi, “Ndaphuma ndize esizalweni sikama, ndiya kubuya ze … : INkosi yanika, ikwayiNkosi ethabathileyo; malibongwe igama leNkosi.”

Singakhetha ukuba njengoovulindlela bamaMormoni, abagcina umoya wombulelo ngexesha labo elicothayo nelibuhlungu besinge kwiGreat Salt Lake, bade bacule kwaye badanise kwaye baqhayise ngokulunga kukaThixo. Uninzi lwethu ngebelukekelele ekuzirhoxiseni, lukhalaze, kwaye lusokole malunga nobunzima bohambo.

Singakhetha ukuba njengomprofeti uJoseph Smith, owathi, ngexa wayelibanjwa kwiimeko ezibuhlungu kwiNtolongo yaseLiberty, wabhala la mazwi aphefumlelweyo: “Bazalwana abathandekayo, masenze ngovuyo zonke izinto ezisemandleni ethu; kwaye emva koko singama ngxi, siqiniseke ngokupheleleyo, silubone usindiso lukaThixo, nengalo yakhe ityhiliwe.”

Singakhetha ukuba nombulelo, nokuba kunjani.

Olu hlobo lombulelo luyoyisa yonke into eyenzekayo kuthi esingqongileyo. Kudlula ukudana, ukuphelelwa yinkuthazo, nokuphelelwa lithemba. Iqhakaza nje ngobuhle kwindawo ebandayo yobusika njengoko isenza kubushushu obumnandi basehlotyeni.

Xa sinombulelo kuThixo kwiimeko zethu, singava uxolo olupholileyo phakathi kwimbandezelo. Ezintsizini, sisenokuziphakamisa iintliziyo zethu simdumise. Kwiintlungu, sinokuqhayisa ngeNtlawulelo kaKrestu. Kwingqele yentlungu ekrakra, sinako ukuva ukusondela kunye nokufudumala kokwanga kwezulu.

Ngamanye amaxesha sicinga okokuba ukuba nombulelo yinto esiyenzayo emva kokuba iingxaki zethu zisonjululwe, kodwa indlela engenangqwanalasela ngayo loo nto. Kokungakanani okobomi esikuphosayo ngokulinda ukubona umnyama ngaphambi kokubulela uThixo ngemvula?

Ukuba nombulelo ngamaxesha okubandezeleka akuthethi ukuba sikholisiwe ziimeko zethu. Ithetha ukuba ngamehlo okholo sijonga ngaphaya kwemicelimngeni yethu yale mihla.

Lo ayingombulelo wemilebe kodwa ngowomphefumlo. Ngumbulelo ophilisa intliziyo kwaye wandise ingqondo.

Umbulelo njengeSenzo soKholo

Ukuba nombulelo kwiimeko zethu sisenzo sokholo kuThixo. Ufuna ukuba sithembe uThixo kwaye sibe nethemba lezinto esingaziboniyo kodwa eziyinyani. Ngokuba nombulelo, silandela umzekelo woMsindisi wethu othandekayo, owathi, “Hayi intando yam, kodwa eyakho, mayenziwe.”

Umbulelo wenene yimbonakaliso yethemba kunye nobungqina. Uvela ekwamkeleni ukuba asihlali siziqonda izilingo zobomi kodwa sithembele kukuba ngenye imini siya kuziqonda.

Kuyo nayiphi na imeko, uvakalelo lwethu lombulelo luyondliwa zinyaniso ezininzi ezingcwele esizaziyo: ukuba uBawo wethu unike abantwana baKhe icebo elikhulu lolonwabo; ukuba ngeNtlawulelo yoNyana waKhe, uYesu Krestu, singaphila ngonaphakade kunye nabantu esibathandayo; ukuba ekugqibeleni, siya kuba nemizimba ezukileyo, egqibeleleyo, nengafiyo, engathwaliswanga kukugula okanye ukukhubazeka; kwaye iinyembezi zethu zosizi kunye nelahleko ziya kuthathelwa indawo lulonwabo novuyo, “umlinganiso olungileyo, ucinezelwe, kwaye washukunyiswa kunye, kwaye uphuphuma.”

Inokuba yayilolu hlobo lobungqina olwaguqula abaPostile boMsindisi ekubeni ngamadoda awoyikayo, nawathandabuzayo ukuba abe ngabathunywa abangoyikiyo, abonwabileyo beNkosi. Kwiiyure ezilandela ukubethelelwa kwakhe emnqamlezweni, babefunyenwe kukuphela kwethemba kunye nentlungu, bengakwazi ukuqonda okwenzekileyo. Kodwa isiganeko esinye sayitshintsha yonke loo nto. INkosi yabo yabonakala kubo yathi, “Khangelani izandla zam neenyawo zam, ngokuba ndim kanye.”

Xa abaPostile babemazi uKrestu ovukileyo kwabafileyo—xa babenamava oVuko oluzukileyo loMsindisi wabo abamthandayo—baba ngamadoda ahlukileyo. Akukho nto inokubenza bangawuzalisekisi umsebenzi wabo. Bakwamkela ngenkalipho nangokuzimisela ukungcungcuthekiswa, ukuthotywa isidima kwanokufa okwakuza kubafikela ngenxa yobungqina babo. Zange bathintelwe ekudumiseni nasekukhonzeni iNkosi yabo. Batshintsha ubomi babantu kuyo yonke indawo. Batshintsha umhlaba.

Awudingi kubona uMsindisi, njengoko abaPostile benzayo, ukuze ufumane amava otshintsho afanayo. Ubungqina bakho bukaKrestu, obuzalwa ngoMoya oyiNgcwele, bunokukunceda ujonge ngaphaya kweziphelo ezidanisayo emhlabeni kwaye ubone ikamva eliqaqambileyo elilungiselelwe nguMhlawuleli wehlabathi.

Asenzelwanga Iziphelo

Ekukhanyeni koko sikwaziyo ngekamva lethu likanaphakade, ayothusi na into yokuba nanini na sijamelana neziphelo ezibuhlungu zobomi, zibonakala zingamkelekanga kuthi? Kubonakala ngathi ikhona into ngaphakathi kwethu esichasayo isiphelo.

Kutheni kunjalo? Ngenxa yokuba senziwe ngezinto ezingunaphakade. Singabantu banaphakade, singabantwana bakaThixo uSomandla, ogama lakhe linguNgenasiphelo kwaye othembisa ngeentsikelelo ezingunaphakade ezingekubalwa. Iziphelo azililo ikamva lethu.

Okukhona sifunda ngakumbi ngevangeli kaYesu Krestu, kokukhona siyasiqonda ngakumbi ukuba iziphelo apha emhlabeni azizoziphelo kwaphela. Ziziphazamiso nje ezo—ukunqumama kwethutyana okuya kuthi ngenye imini kubonakale kukuncinci xa kuthelekiswa novuyo olungunaphakade olulindele abathembekileyo.

Ndinombulelo ongazenzisiyo kuBawo wam waseZulwini ukuba kwicebo laKhe azikho iziphelo eziyinyani, kukhona qha iziqalo ezingunaphakade.

Abo Banombulelo Baya Kuzukiswa

Bazalwane noodade, asinaso na isizathu sokuba sizaliswe ngumbulelo, nokuba sithini na kwezi meko sizifumana sikuzo?

Ingaba sisafuna esinye isizathu esikhulu sokuba iintliziyo zethu “zizaliswe ngumbulelo kuThixo”?

“Asinasizathu sokugcoba na?”

Sisikelelekile ukuba siyawuqonda umsebenzi wezandla zikaThixo kumbhalo omangalisayo wobomi. Umbulelo kuBawo wethu oseZulwini wandisa ukuqonda kwethu kwaye ucacisa umbono wethu. Ukhuthaza ukuthobeka kwaye ukhuthaza uvelwano kwabanye abantu nakwindalo yonke kaThixo. Umbulelo ngunobangela wazo zonke iimpawu ezifana nezikaKrestu! Intliziyo enombulelo ngumzali wazo zonke izinto ezintle.

INkosi isinike isithembiso saYo sokuba abo “[bamkela] zonke izinto ngombulelo baya kwenziwa babenozuko; kwaye izinto zalo mhlaba ziya kongezelelwa [kubo], nkqu nekhulu, ewe, nangaphezulu.”

Yanga “singaphila ngokubulela yonke imihla”—ngakumbi ngexesha leziphelo ezingacacisekiyo eziyinxalenye yobomi bokufa. Yanga singavumela imiphefumlo yethu ukuba ikhule ngombulelo kuBawo wethu waseZulwini onenceba. Yanga singasoloko siphakamisa amazwi ethu rhoqo kwaye sibonise ngelizwi nangezenzo umbulelo wethu kuBawo wethu waseZulwini nakuNyana waKhe oyiNtanda, uYesu Krestu. Oku ndiyakuthandazela, kwaye ndinishiya nobungqina bam kunye nentsikelelo yam, egameni leNkosi yethu, uYesu Krestu, amen.