“EyoMsintsi 1–7: ‘Usindiso lweZiyon’: IMfundiso Neminqophiso 94–97,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)
“IMfundiso neMinqophiso 94–97,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025
Kirtland Temple [ITempile yaseKirtland], ngu-Al Rounds
EyoMsintsi 1–7: “Usindiso lweZiyon”
IMfundiso neMinqophiso 94–97
Mandulo, iNkosi yayalela uMoses ukuba akhe umnquba “njengako konke ngokomfanekiso awubonise [kuye] entabeni” (AmaHebhere 8:5; bona kananjalo Eksodus 25:8–9). Umnquba kwakumele ube ngumbindi wenkampu yasentlango kaSirayeli (bona Numeri 2:1–2
Ngowe-1833, iNkosi yayalela uJoseph Smith ukuba akhe iitempile “ingekuko okohlobo lwehlabathi” kodwa “emva kohlobo endiya kulubonisa” (IMfundiso neMinqophiso 95:13–14; bona kananjalo 97:10). Njengokufana nomnquba entlango, itempile kwakumele ibe lolona phawu lusembindini eKirtland (bona IMfundiso neMinqophiso 94:1
Namhlanje, iitempile ziyafumaneka kwihlabathi jikelele. Nokuba azikho sembindini wezixeko zethu, zisikhomba kuKrestu, ofanele ukuba ngoyena ndoqo kubomi bethu. Nangona itempile nganye isahluka ngokwembonakalo, ngaphakathi kwazo sifunda indlela efanayo yobuthixo—icebo lasezulwini lokusibuyisela kubukho bukaThixo. Imimiselo engcwele neminqophiso isidibanisa noKrestu kwaye yomeleza iintsapho zethu “ingekuko okohlobo lwehlabathi” kodwa ngendlela uThixo asibonisa yona.
Iingcebiso zokuFunda eKhaya naseBandleni.
IMfundiso neMinqophiso 94; 97:10–17
“Ndinokuzinikela ngokupheleleyo eNkosini.”
Kuyo IMfundiso neMinqophiso 94, iNkosi inikeza imiyalelo malunga nokwakhiwa kwezakhiwo zolawulo eKirtland—i-ofisi nendlu yokushicilela. Yintoni ekuchukumisayo ngento ethethwa yiNkosi malunga nezi zakhiwo kuyo IMfundiso neMinqophiso 94:2–12? Ithelekiseka njani noko Yona ikutshoyo ngetempile ku 97:10–17?
Kuthetha ukuthini kuwe “ukuzinikela ngokupheleleyo eNkosini”?
INkosi yohlwaya abo Yona ibathandayo.
Xa isityhilelo kulo icandelo 95 samkelwayo, iinyanga ezintlanu zazidlulile iNkosi yayalela abaNgcwele ukuba bakhe indlu kaThixo (bona IMfundiso neMinqophiso 88:117–19)—kwaye babengekaqalisi. Qaphela indlela iNkosi eyabalungisa ngayo kwesi sityhilelo. Mhlawumbi ungenza uluhlu lwemigaqo oyifumanayo yokunika isiluleko esiphenjelelweyo. Yintoni oyifundayo ngeNkosi kwindlela eyabalungisa ngayo abaNgcwele baYo?
Bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 121:43–44; D. Todd Christofferson, “As Many as I Love, I Rebuke and Chasten,” Liyahona, UCanzibe 2011, 97-100.
God Loves His Children
IMfundiso neMinqophiso 95:8, 11–17; 97:10–17
ITempile yindlu yeNkosi.
Emveni kokuba bohlwayelwe ukungokhi indlu yeNkosi eKirtland, iinkokheli zeBandla zaye zakhetha indawo kwintsimi yengqolowa apho babeya kwakha kuyo. UHyrum Smith, umntakwabo mProfeti, waye wabaleka ngokukhawuleza wayokufumana irhengqe kwaye waqalisa ukucoca intsimi. “Silungiselela ukwakha indlu yeNkosi,” yena watsho, “kwaye ndizimisele ukuba ngowokuqala emsebenzini” (kwi Teachings of Presidents of the Church: Joseph Smith [2007], 271, 273). Kutheni ucinga ukuba uHyrum wayezimisele kangaka ukwakha itempile? Cingisisa oko njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 95:8, 11–17; 97:10–17.
Kumhla wethu, iNkosi “ikhawulezisa isantya esakha ngayo iitempile” (uRussell M. Nelson, “Focus on the Temple,” Liyahona, EyeNkanga 2022, 121). Ukuba umntu angakubuza ukuba kutheni iBandla likaYesu Krestu lisakha iitempile ezininzi, ungathini? Khangela iimpendulo ezinokuthi zibekho:
-
kwiMiyalezo kaMongameli Russell M. Nelson ebhengeza iitempile ezintsha (ezinje nge “Now Is the Time,” Liyahona, UCanzibe 2022, 126).
What Is a Temple?
Ungathelekisa iinzame zabaNgcwele zokwakha iTempile yaseKirtland kwiinzame zakho zokulungiselela amava anentsingiselo neNkosi etempileni. Ungabonisa njani imvakalelo yongxamiseko efanayo awathi uHyrum Smith wayiva ngakwindlu engcwele yeNkosi? Ngokomzekelo, ungenza ntoni enokufana nokucoca intsimi [idlelo], njengoko uHyrum wenzayo? Ngawaphi amadini ovakalelwa kukuba iNkosi ifuna uwenze? (bona IMfundiso neMinqophiso 97:12).
UHyrum Smith ecoca umhlaba weTempile yaseKirtland.
“Bamkelekile kum.”
Cinga ngexesha owamkelwa ngalo—okanye ungamkelwanga—kwiqela. Oko kufana njani okanye kohluke njani kwinto IMfundiso neMinqophiso 97:8–9 eyifundisayo ukuba kuthetha ukuthini ukwamkelwa yiNkosi? Ucinga ukuba iNkosi izama ukukufundisa ntoni ngesikweko esikuwo umqolo 9?
Yenza imekobume yomoya yokufunda nokufundisa. “UMoya oyiNgcwele,” owathenjiswa nguYesu , “uya kunifundisa zonke izinto” (Yohane 14:26). Ngoko ke nokuba ufunda wedwa okanye nabanye, kwenze kube yeyona nto iphambili ukumema uMoya. Umculo ongcwele, umthandazo, nentsebenziswano yothando konke kunceda ukudala indawo enoxolo yasemoyeni, apho uMoya oyiNgcwele unokufundisa inyaniso.
IMfundiso neMinqophiso 97:18–28
IZiyon “ingabahlambulukileyo entliziyweni.”
KwabaNgcwele ngoo-1830, iZiyon yayiyindawo. Kwisityhilelo kulo icandelo 97, iNkosi yandisa ingcaciso yokuchaza abantu—”abahlambulukileyo entliziyweni” (umqolo 21). Njengoko ufunda imiqolo 18–28, ungafaka endaweni yale ngcaciso xa ufunda igama elithi Ziyon. Kuthetha ukuthini kuwe ukuba nyulu entliziyweni?
Bona kananjalo Moses 7:18.
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso zokuFundisa Abantwana
IMfundiso neMinqophiso 95:8; 97:10–17
ITempile yindlu yeNkosi.
-
Abantwana bakho banokuvuyela ukwenza ngathi bayanceda ukwakha iTempile yaseKirtland (begawula iinkuni, bebethelela izikhonkwane, bepeyinta iindonga, njalo njalo). Unokubabonisa umfanekiso weTempile yaseKirtland, njengaleyo ikolu lwandlalo, ngelixa ufunda IMfundiso neMinqophiso 95:8 ukufundisa abantwana bakho ukuba kutheni iNkosi ifuna ukuba sakhe iitempile.
The Kirtland Temple
-
Emva kokufunda kunye IMfundiso neMinqophiso 97:15–16, wena nabantwana bakho ningabelana omnye nomnye ngokuba kutheni itempile ikhethekile kuni. Kutheni itempile ingcwele?
IMfundiso neMinqophiso 97:1–2, 8–9, 21
IZiyon “ingabahlambulukileyo entliziyweni.”
-
Ukunceda abantwana bakho baqonde igama nyulu lingathetha ntoni na kuyo IMfundiso neMinqophiso 97:21, ningajonga kwiglasi yamanzi acocekileyo kunye kwaye wongeze into emanzini ewenza angcole (njengobumdaka okanye ipepile). Kutheni kubalulekile ukuba amanzi acoceke? Emva koko abantwana bakho banokufunda umqolo 21 kwaye babeke umnwe wabo kwigama elithi nyulu. Kuthetha ukuthini ukuba iintliziyo zethu zibe nyulu? Imiqolo 1–2 kunye 8–9 inokubonelela izimvo ezithile. Ingaba uMsindisi unceda kanjani ekwenzeni intliziyo zethu zibe nyulu?
UBawo waseZulwini ufuna ndibe nyulu entliziyweni.
INkosi isikelela abantu abagcina iminqophiso kunye naYo.
-
Ingaba abantwana bakho bayayazi iminqophiso esiyenzayo neNkosi xa sibhaptizwa okanye etempileni. Cinga ngokuphonononga loo minqophiso kunye nabo ngokufunda Mozaya 18:9–10, 13 okanye General Handbook, 27.2. Yabelanani ngendlela enizama ngayo “ukuqwalasela iminqophiso [yenu] ngokuncama” (IMfundiso neMinqophiso 97:8).
-
Ungamema abantwana bakho ukuba bazobe imifanekiso yoko kuchazwe kuyo IMfundiso neMinqophiso 97:9 Njengoko besabelana ngemifanekiso yabo, thetha ngendlela iNkosi ekusikelela ngayo ngokugcina iminqophiso yakho. Ezo ntsikelelo zifana njani “nomthi oxakathe iziqhamo otyalwe … ngasemjelweni onyulu”?
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.