Doctrine and Covenants 2025
Amazwi eMbuyiselo: INkampu yeZiyon


“Amazwi eMbuyiselo: INkampu yeZiyon,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)

“INkampu yeZiyon,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025

umfanekiso wamazwi buyiselo

Amazwi eMbuyiselo

INkampu yeZiyon

Ngenxa yokuba iNkampu yeZiyon yayingazange ibuyisele abaNgcwele kwimihlaba yabo eJackson Khawunti, abantu abaninzi beva ukuba imizamo yabo yayingeyompumelelo. Nangona kunjalo, abathathi nxaxheba abaninzi beNkampu yeZiyon bajonga ngasemva kumava abo kwaye babona ukuba iNkosi yayizalisekise njani injongo ephezulu ebomini babo nakubukumkani baYo. Nabu obunye bobungqina babo.

UJoseph Smith

One drawing in pencil, charcoal and ink on paper.  A left profile, head/shoulders portrait of Joseph Smith; drawn basically in charcoal, highlighted with white paint and black ink.  titled at bottom "Jospeh Smith the Prophet."  Signed at left shoulder "Drawn from the most authentic sources by Dan Weggeland"  A drawn border surrounds it.  No date apparent.

Ngapha kweminyaka engama-40 emva kweNkampu yeZiyon, uJoseph Young, owayelilungu leNkampu, wenza ingxelo yokuba uJoseph Smith wathetha oku kulandelayo:

“Bazalwane, abanye benu banomsindo ngakum, ngokuba anilwanga eMissouri; kodwa makhe ndinixelele, uThixo ebengafuni ukuba nilwe. Ebengenako ukubuseka ubukumkani bakhe namadoda alishummi elinesibini ukuvula umnyango wevangeli kwizizwe zehlabathi, kwaye ngamadoda angamashumi asixhenxe phantsi kolawulo lwawo ukulandela imikhondo yawo, ngaphandle kokuba abathathe kumzimba wamadoda anikezele ngobomi bawo, kwaye awayenze idini elikhulu njengo–Abraham wenza.

“Ngoku, iNkosi ineShumi elineSibini kunye namaShumi asiXhenxe, kwaye kuya kubakho amanye amaqumrhu wamaShumi asiXhenxe abizwayo, awaya kwenza idini, kwaye abo bangenzanga dini labo neminikelo yabo ngoku, baya kuzenza emva kwalapha.”

UBrigham Young

Photograph of Brigham Young in stately side pose.

“Ukufika kwethu eMissouri iNkosi yathetha nesicaka sayo uJoseph kwaye yathi, ‘Ndiwamkele umnikelo wakho,’ kwaye saba nelungelo lokubuyela kwakhona. Ekubuyeleni kwam abahlobo abaninzi bandibuza ukuba yintoni inzuzo eyayikho ekubizeni abantu emsebenzi ukuya kunyuka baye eMissouri baze babuye, ngaphandle kokuba baphumeze nto. ‘Kwaye kwaxhamlisa bani oko?’ baye babuza. ‘Ukuba iNkosi yayiyalele ukuba yenziwe, yeyiphi into awayejonge kuyo ngokwenza oku?’ … Ndabaxelela abo bazalwane ukuba ndahlawulwa kakuhle—ndihlawulwe ngenzala enkulu—ewe umlinganiso wam uzele kukuphuphuma kolwazi endalufumana ngokuhamba nomProfeti.”

UWilford Woodruff

Portrait of Wilford Woodruff. He is depicted wearing a black suit, vest and bow tie, seated in a red chair and resting one arm on the arm rest and the other on a table.

“Ndandikwi Nkampu yeZiyon nomProfeti kaThixo. Ndayibona imisebenzi kaThixo kunye naye. Ndawabona amandla kaThixo kunye naye. Ndabona ukuba wayengumProfeti. Oko kwakubonakaliswa kuye ngamandla kaThixo phezu kwaloo msebenzi kwakuxabiseke kakhulu kum nakubo bonke abafumana imiyalelo yakhe.”

“Ngelixa amalungu eNkampu yeZiyon ayebizwa abaninzi bethu babengazange babonane ubuso ngobuso; sasingaqhelananga kwaye abaninzi babengazange bambone umprofeti. Sasisasazekile yonke indawo, njengombona ohluzelwe esihluzweni, kwisizwe siphela. Sasingamadodana amancinane, kwaye sasibizelwe phezulu ngaloo mhla ukuba siye phezulu kwaye sihlangule iZiyon, kwaye into ekwakufuneka siyenzile kwakufanele ukuba siyenze ngokholo. Saye sahlanganela ndawonye sisuka kwiindidi zaMazwe eKirtland kwaye senyuka ukuya kuhlangula iZiyon, ukuzalisekisa umyalelo kaThixo kuthi. UThixo wayamkela imisebenzi yethu njengoko Yena wenza kwimisebenzi ka–Abraham. Safezekisa okukhulu ngakumbi, nangona abakreqi nabangakholelwayo babebuza lo mbuzo amaxesha amaninzi ‘yintoni eniyenzileyo?’ Sasizuze amava ebesingenako ukuwazuza [nakuyo] nangayiphi na indlela. Saye sabanethuba lokubona ubuso bomprofeti, kwaye sabanethuba lokuhamba iimayile eziliwaka naye, kwaye sibona imisebenzi yoMoya kaThixo naye, kwaye nezityhilelo zikaYesu Krestu kuye nenzalisekiso yezo zityhilelo. Kwaye yena waye wahlanganisa abanye abadala abangamakhulu amabini ababesuka kuso sonke isizwe kuloo mini kwaye wasithumela ukuba sisasaze kulo lonke ihlabathi sishumayele ivangeli kaYesu Krestu. Ukuba ndandingayanga kwiNkampu yaseZiyon bekungamelanga ndilapha namhlanje [e-Salt Lake City, ndikhonza kwiQumrhu labaliShumi ElineSibini]. … Ngokuya khona sasilahlwe kwisidiliya ukushumayela ivangeli, kwaye iNkosi yayamkela imisebenzi yethu. Kwaye kuyo yonke imisebenzi nentshutshiso yethu, nobomi bethu obabusoloko busebungciphekweni, kwakufuneka sisebenze kwaye siphile ngokholo.”

“Amava [esa]wazuzayo ngokuhamba neNkampu yaseZiyon ayexabisekile ukwegqitha igolide”

Izikhumbuzo

  1. KuJoseph Young Sr., History of the Organization of the Seventies (1878), 14.

  2. “Discourse,” Deseret News, Dec. 3, 1862, 177.

  3. Kwingxelo yeNkomfa, kaTshazimpuzi 1898, 29-30; bona kananjalo Teachings of Presidents of the Church: Wilford Woodruff (2004), 135.

  4. “Discourse,” Deseret News, Dec. 22, 1869, 543; bona kananjalo Teachings: Wilford Woodruff, 138.

  5. Deseret News: Semi-Weekly, July 27, 1880, 2; bona kananjalo Teachings: Wilford Woodruff, 138.