“EyoMsintsi 8–14: ‘Zolani kwaye Nazi Ukuba NdinguThixo’: IMfundiso Neminqophiso 98–101,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)
“IMfundiso neMinqophiso 98–101,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025
U-C.C.A Christensen (1831–1912), Saints Driven from Jackson County Missouri [Abangcwele beqhutyelwa ukusuka eJackson Country Missouri], c. 1878, itempera kwimuslin, 196 cm. x 287 cm. IMyuziyam yoBugcisa yeBrigham Young Yunivesithi, isipho sabazukulwana baka C. C. A. Christensen, 1970.
EyoMsintsi 8–14: “Zolani kwayeNazi Ukuba NdinguThixo”
IMfundiso neMinqophiso 98–101
KwabaNgcwele ngoo-1830, iIndependence, Missouri, yayingumhlaba othenjisiweyo uqobo. Yayi “yindawo engumbindi” weZiyon (bona IMfundiso neMinqophiso 57:3)—isixeko sikaThixo emhlabeni—kwaye ukuhlanganiswa kwabaNgcwele apho kwakusisandulela esichulumancisayo sokuBuya kweSibini. Kodwa abamelwane kulo mmandla babebona izinto ngohlobo olwahlukileyo. Balichasa ibango lokuba uThixo walinika abaNgcwele umhlaba, kwaye babengakhululekanga ziziphumo zopolitiko, ezoqoqosho, nezentlalo zabantu abaninzi abangabaziyo ababengena ngokukhawuleza. Kungekudala ukungonwabi kwajika kwaba yintshutshiso nogonyamelo. Ngowe-1833, i-ofisi yeBandla yokushicelela yaye yatshatyalaliswa, kwaye abaNgcwele banyanzelwa ukuba bashiye amakhaya abo.
UJoseph Smith wayengaphezu kweemayile ezingama-800 ukusuka eKirtland, kwaye ezi ndaba zathatha iiveki ukufikelela kuye. Kodwa iNkosi yayikwazi oko kwakusenzeka, kwaye yatyhilela kuMprofeti waYo imigaqo yoxolo neyenkuthazo yokuthuthuzela abaNgcwele—imigaqo enokusinceda nathi xa sijongene nentshutshiso, xa iminqweno yethu yobulungisa ihamba ingafezekiswanga, okanye xa sidinga isikhumbuzo sokuba iinkxwaleko zethu zemihla ngemihla ekugqibeleni, ngandlela ithile, “zisebenza kunye uku[si]lungiselela” (IMfundiso neMinqophiso 98:3).
Iingcebiso zokuFunda eKhaya naseBandleni.
IMfundiso neMinqophiso 98:1–3, 11–14, 22; 101: 1–16, 22– 31, 36
Izilingo zam zinokusebenza kunye ukulungelwa kwam.
Ezinye zeembandezelo zethu ebomini zibangelwa koko sikukhetha ngokwethu. Ezinye zibangelwa koko kukhethwa ngabanye. Kwaye ngamanye amaxesha izinto ziyazenzekela eziyinxalenye yobomi basemhlabeni. Kungakhathaliseki nokuba uthini unobangela, ubunzima bunganceda ukuzalisekisa iinjongo zobuThixo njengoko siphethukela kuThixo.
Oku kwakuyinyaniso kwabaNgcwele eMissouri ngo-1833, kwaye kuyinyaniso kuthi namhlanje. Njengokuba ufunda oko iNkosi yakuxelela abaNgcwele kuyo IMfundiso neMinqophiso 98 kunye 101, cingisisa ukuba umyalezo waYo usebenza njani kwiimvavanyo ezahlukeneyo okanye ubunzima onokuthi ube nabo. Nantsi eminye imibuzo nezixhobo zokunceda wena.
Ukuba uvavanyo lusisiphumo so:
-
Khetho oluluqilima lobuqu: Sisiphi isiluleko—kunye nezithembiso—ozifumana kuyo IMfundiso neMinqophiso 98:11–12; 101:1–9? Yintoni oyifundayo kule miqolo ngoBawo waseZulwini noYesu Krestu? Ucinga ukuba uThixo angathanda ukuba wena wenze ntoni?
-
Ukhetho lwabanye: Yeyiphi intuthuzelo oyifumana kuyo IMfundiso neMinqophiso 98:1–3, 22; 101:10–16, 22? INkosi ifuna sisabele njani kwimpatho-gadalala, ukuxhatshazwa, okanye ubundlobongela? Le miqolo isifundisa ntoni malunga nokubeka ithemba lakho eNkosini?
-
Ubunzima kwisimo sokufa: Yeyiphi imbono oyizuza kuyo IMfundiso neMinqophiso 98:1–3; 101:22–31, 36? Ufunda ntoni kwimbandezelo zakho? Wenza ntoni na ukuze umeme uncedo lukaThixo? Yena ukunceda njani?
Ukufunda ngakumbi malunga nendlela uThixo anokuthi enze ngayo “zonke izinto enibandezelwa ngazo … zisebenze kunye ukunilungiselela” (IMfundiso neMinqophiso 98:3), cinga ngokufunda umyalezo kaMdala u-Anthony D. Perkins “Remember Thy Suffering Saints, O Our God” (Liyahona, EyeNkanga. 2021, 103–5). Ungakhangela isicatshulwa kumyalezo wakhe esikunceda uqonde indlela uMsindisi akumema ngayo ukuba ujonge imiceli mngeni yakho. Iimbandezelo zakho ziye zasebenza kunye ngaziphi iindlela ukukulungiselela okanye zafezekisa iinjongo zikaThixo?
Bona kananjalo KwabaseRoma 8:28; 2 Nifayi 2:2; IMfundiso neMinqophiso 90:24.
Trial of Adversity
Feeling the Lord's Love and Goodness in Trials
The Refiner's Fire
IMfundiso neMinqophiso 98:23–48
INkosi ifuna ndifune uxolo ngendlela yaYo.
UMongameli Russell M. Nelson wafundisa: “Abalandeli bakaYesu Krestu bafanele bamisele umzekelo wokulandelwa lihlabathi lonke. Ndiyanicenga ukuba nenze konke eninako ukuphelisa iingxabano zobuqu ezigqubayo ngoku ezintliziyweni zenu nasebomini benu.” (“Amandla oMfutho woMoya,” Liyahona, UCanzibe 2022, 97).
Ngelixa yonke into ekuyo IMfundiso neMinqophiso 98:23-48 ingazukusebenza kwintsetyenziswano yakho nabanye, yeyiphi imigaqo oyifumanayo enokukhokelela ekupheliseni iingxabano zobuqu ebomini bakho? Ningafumana iinyaniso ezongezelweyo kwingoma emalunga noxolo okanye uxolelo.
Inkcukacha ivela Christ and the Rich Young Ruler [UKrestu neNkokheli eNcinci Esisityebi], nguHeinrich Hofmann
INkosi iyabanyamekela abo bayikhonzayo.
Izityhilelo ezikuwo amacandelo 99 kunye 100 zanikwa abantu ababenoxanduva olubalulekileyo kwiBandla kodwa kananjalo babezixhalabele iintsapho zabo. Yintoni oyifumanayo kwezi zityhilelo eyayinokubanceda? Ngowuphi umyalezo iNkosi enawo kuwe kwezi zityhilelo?
IMfundiso neMinqophiso 101:43–65
Ukulandela ingcebiso kaThixo kundigcina ndikhuselekile.
Umzekeliso kuyo IMfundiso neMinqophiso 101:43–62 ucacisa ukuba kutheni iNkosi yavumela abaNgcwele baqhutyelwe ngaphandle eZiyon. Njengoko ufunda le miqolo, ingaba uyakubona ukufana phakathi kwakho nezicaka ezikulo mzekeliso? Unokumbonisa njani uThixo ukuba “ufuna ukukhokelelwa kwindlela elungileyo nefanele usindiso [lwakho]”? (bona imiqolo 63–65).
Linganisa amabali okanye imizekeliso. Ngamanye amaxesha kulula ukufunda nokunxulumana namabali nemizekeliso kwizibhalo xa sizibeka endaweni yabantu ezibachazayo. Ukuba ufundisa IMfundiso neMinqophiso 101:43–62, unokumema abafundi ukuba balinganise umzekeliso njengoko umntu ewufunda ngokuvakalayo. Zeziphi iingqiqo ozifumanayo ngokubeka izenzo kumazwi?
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso zokuFundisa Abantwana
UThixo unokuzijika izilingo zam zibe ziintsikelelo.
-
Usenokuqalisa ingxoxo ngokubuza abantwana bakho malunga neminye imiceli mngeni abantwana abalingana nabo bajamelane nayo. Nisenokufunda kunye IMfundiso neMinqophiso 98:1–3 nithethe ngendlela uYesu Krestu anokuzijika ngayo izilingo zibe ziintsikelelo. Ungabelana nabantwana bakho ngemizekelo yendlela Yena azijike ngayo izilingo zakho zaba ziintsikelelo.
IMfundiso neMinqophiso 98:39–40
UMsindisi uyandinceda ndixolele.
Qaphela: Njengoko ufundisa abantwana bakho ngokubaluleka kokuxolela, qiniseka ukuba nabo bayaqonda ukuba xa kukho umntu obakhubekisileyo, kufanele besoloko bexelele umntu omdala othembekileyo.
-
Wena nabantwana bakho ninokuthetha ngendlela aba baNgcwele babenokuziva ngayo. Emva koko ningafunda kunye IMfundiso neMinqophiso 98: 23, 39–40 ukufumanisa ukuba yintoni na iNkosi eyayifuna ukuba bayenze. Wena nabantwana bakho ninokuthetha ngamaxesha enanidinga ukuxolela umntu nendlela uMsindisi anincede ngayo.
-
Ungabonisa kananjalo abantwana bakho imifanekiso yobuso obonwabileyo nobuso obulusizi. Thetha ngeemeko apho umntu angenabubele, uze ucebise iindlela zokuphendula. Nceda abantwana bakho bakhethe ukuba impendulo nganye iya kubenza bonwabe okanye babe lusizi ngokukhomba ubuso obuhambelanayo. Kutheni uYesu efuna ukuba sibaxolele abantu, kwanabo bangenabubele kuthi?
Chapter 34: God Warns the People of Zion: July–August 1833
Chapter 35: The Saints Leave Jackson County, Missouri: September–December 1833
IMfundiso NemiNqophiso 101:16, 23–32
UYesu Krestu unokuzisa uxolo kum.
-
Emva kokufunda IMfundiso neMinqophiso 101:16, nceda abantwana bakho babone iimvakalelo zoxolo ezifika xa sithe cwaka kwaye sicinga ngoYesu—ngokomzekelo, xa sithandaza okanye sithatha umthendeleko. Nisenokucula kunye ingoma ethetha ngentlonelo. Singaluva njani uxolo lwaKhe ekhayeni lethu?
-
Abantwana bakho basenokuba nomdla wokwazi ukuba buza kuba njani ubomi xa uYesu Krestu ebuya kwakhona. Fundani IMfundiso neMinqophiso 101:23–32 kunye, nize nithethe ngezinto enizifumana kule miqolo eza kunivuyisa xa Yena esiza. Kutheni kuluncedo ukwazi ngezi zinto xa sisentlungwini?
UYesu Krestu uyakuzisa uxolo novuyo xa Yena esiza kwakhona.
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.