Solomon Khangela kanjalo Bhatshebha; Davide KwiTestamente eNdala, nguNyana kaDavide noBhatshebha (Ⅱ Sam. 12:24). USolomon waba ngukumkani wakwaSirayeli ixeshana. UDavide wamthiya uSolomon njengokumkani, Ⅰ OoKum. 1:11–53. UDavide wamyala uSolomon ukuba ahambe ezindleleni zeNkosi, Ⅰ OoKum. 2:1–9. INkosi yamthembisa ngentliziyo enokuqonda, Ⅰ OoKum. 3:5–15. Wagweba phakathi koomama ababini waza waqondisisa ongunina womntwana ngokwenene, Ⅰ OoKum. 3:16–28. Wathetha imizekeliso neengoma, Ⅰ OoKum. 4:32. Wakha itempile, Ⅰ OoKum. 6; 7:13–51. Wanikela itempile, Ⅰ OoKum. 8. Watyelelwa ngukumkanikazi waseSebha, Ⅰ OoKum. 10:1–13. USolomon watshata ngaphandle kukaSirayeli, baze abafazi bakhe bayijikela ekunquleni oothixo bobuxoki intliziyo yakhe, Ⅰ OoKum. 11:1–8. INkosi yaba nomsindo kuSolomon, Ⅰ OoKum. 11:9–13. Wafa, Ⅰ OoKum. 11:43. UDavide waprofetha ngozuko lolawulo lukaSolomon, IiNd. 72. USolomon wafumana abafazi abaninzi namashweshwe, kodwa abanye babengamkelwanga yiNkosi, I&M 132:38 (Yakobi 2:24).