Rubhen
KwiTestamente eNdala, ngunyana onguyena mkhulu kaYakobi noLeya (Gen. 29:32; 37:21–22, 29; 42:22, 37). Nangona uRubhen wayengowamazibulo, walahlekelwa lilungelo ngokuzalwa lakhe ngenxa yesono (Gen. 35:22; 49:3–4).
Isizwe sikaRubhen
Intsikelelo kaYakobi kuRubhen ifunyanwa kwiGenesis 49:3 nakwiDuteronomi 33:6. Amanani esizwe aya ephela, kwaye nangona isizwe saqhubeka ukubakho, saba nokubaluleka okunganeno ngokwakupolitiko. Ilungelo ngokuzalwa likaRubhen laya kuYosefu noonyana bakhe ngenxa yokuba uYosefu wayengunyana wamazibulo womfazi wesibini kaYakobi, uRakeli (Ⅰ IziKr. 5:1–2).