Doctrine and Covenants 2025
EyeNkanga 24–30: “Yena ‘uTywine uBizo lwaKhe neMisebenzi yaKhe ngeGazi elilelaKhe’”: IMfundiso neMinqophiso 135–136


EyeNkanga 24–30: ‘Yena “uTywine uBizo lwaKhe neMisebenzi yaKhe ngeGazi elilelaKhe,”ʻ Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)

“IMfundiso neMinqophiso 135–136,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025

INtolongo yaseCarthage

INtolongo yaseCarthage

EyeNkanga 24–30: Yena “uTywine uBizo lwaKhe neMisebenzi yaKhe ngeGazi elilelaKhe”

IMfundiso neMinqophiso 135–136

Injikalanga yeSilimela 27, 1844, yafumana uJoseph noHyrum Smith besentolongweni kwakhona, bekhatshwa nguJohn Taylor noWillard Richards. Bona babekholelwa ukuba babemsulwa kulo naluphina ulwaphulo-mthetho, kodwa bazinikela ekubanjweni, benethemba lokugcina abaNgcwele eNauvoo bekhuselekile. Eli yayingeloxesha lokuqala iintshaba zeBandla zazifake umProfeti uJoseph entolongweni, kodwa kweli ixesha wayekhangeleka okokuba wayesazi ukuba wayengazukubuya ephila. Yena nabahlobo bakhe bazama ukuzithuthuzela omnye nomnye ngokufunda iNcwadi kaMormoni nangokucula amaculo. Kwaza kwavakala izithonga zompu, kwaze kwimizuzu embalwa ubomi bukaJoseph Smith nomntakwabo uHyrum bafikelela esiphelweni.

Kodwa yayingesiso isiphelo somsebenzi wobuthixo ababewamkele. Kwaye yayingesiso isiphelo seMbuyiselo yevangeli kaYesu Krestu. Kwakusekhona umsebenzi omninzi owawumelwe ukwenziwa nesityhilelo esingakumbi esasiya kukhokela iBandla ukuya phambili. Isiphelo sobomi bomProfeti yayingesosiphelo somsebenzi kaThixo.

Bona Saints, 1:521–52

umfanekiso wokufunda

Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni.

IMfundiso neMinqophiso 135; 136:37–39

UJoseph noHyrum Smith batywina ubungqina babo ngegazi labo.

Yibanomfanekiso-ngqondweni wendlela owawusenokuziva ngayo ukuba wawuphila eNauvoo ngelixa uJoseph noHyrum Smith babebulawa (bona Saints, 1:554–55.). Yeyiphi indlela owawunokuzama ngayo ukusiqonda esi siganeko sibuhlungu? IMfundiso neMinqophiso 135, eyapapashwa kwiinyanga ezintathu kamva, kusenokwenzeka ukuba yanceda. Njengoko ukhangela eli candelo, cinga ngento ebinokukuzisela ingqiqo nesiqinisekiso. Ungathini kumntu obuzayo, “Ingaba kutheni uThixo enokuvumela uMprofeti waKhe abulawe?” (bona IMfundiso neMinqophiso 136:37–39).

Ungakhangela kananjalo amagama okanye amabinzana kulo icandelo 135 akukhuthaza ukuba uthembeke kuKrestu kude kube sekupheleni, njengokuba babenjalo uJoseph noHyrum.

Bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 5:21–22; 6:29–30.

4:39

Testimony of the Book of Mormon

IMfundiso neMinqophiso 135:3

umfanekiso weseminari
UJoseph Smith wayengumprofeti nengqina likaYesu Krestu.

IMfundiso neMinqophiso 135:3 ikhankanya ezinye zezinto uJoseph Smith awazifezayo “kwithuba nje elifutshane leminyaka engamashumi amabini.” Ingaba ezi zinto zikuchaphazele njani wena nobudlelwane bakho noBawo waseZulwini noYesu Krestu? Cinga ukuba ungasigqibezela njani isivakalisi esifana nesi: Ngenxa yento iNkosi yayenzayo ngoJoseph Smith, Ndi… Ungabhala kananjalo kwaye wabelane ngobungqina bakho bomProfeti uJoseph Smith nabanye.

Enye indlela yokufunda malunga nomsebenzi kaJoseph Smith kukuzama ukubhala imbalana yobomi emfutshane okanye amazwi entlonipho yokugqibela kuye. Ungathini ukwakha ukholo kuKrestu nakwivangeli yaKhe ebuyisiweyo? Ungafuna ukuquka iziganeko ezibalulekileyo okanye okufezekisiweyo okufumaneka kuyo IMfundiso neMinqophiso 135 okanye ezo zikhankanywe kwizixhobo ezingezantsi.

UYesu Krestu watyhila iinyaniso ezininzi ngaYe buqu kunye neNtlawulelo yaKhe ngoJoseph Smith. Cingisisa ngokuphonononga ngamava onawo ngokufunda Imfundiso neMinqophiso kulo nyaka. Ziziphi iinyaniso eziye zacaca kuwe? Ungafuna ukwabelana ngezi nosapho lwakho, iklasi okanye amalungu equmrhu, okanye abanye njengokuba ufunda kule veki. Zikunceda njani ezi nyaniso ukuba uqonde kwaye usondele kuMsindisi?

62:4

Joseph Smith: The Prophet of the Restoration

Umculo Onxulumeneyo

Ukucula lamaculo okanye ukubukela umboniso bhanya-bhanya kunokumema uMoya oyiNgcwele okanye kuphembelele ingxoxo malunga nomsebenzi womProfeti uJoseph Smith namadini abaNgcwele aqhubeka emva kwakhe.

6:16

Praise to the Man – The Tabernacle Choir at Temple Square

4:58

Come, Come, Ye Saints - Mormon Tabernacle Choir

5:32

Faith in Every Footstep - Mormon Tabernacle Choir

IMfundiso neMinqophiso 136

Ndinganceda ukufezekisa intando yeNkosi njengoko ndilandela ingcebiso yaYo.

Emva kokuba uJoseph Smith efile, abaNgcwele bagxothwa eNauvoo. Ngoku babejamelene nohambo oluziikhilomitha ezingama-2100 kwintlango enzima. UBrigham Young, uMongameli weQumrhu labaPostile Abalishumi Elinesibini, wayenexhala lokuba abaNgcwele babeyakusinda njani na kolohambo. Kwindawo yokuhlala yethutyana ebizwa ngokuba yiWinter Quarters, wacela isikhokelo. Impendulo yeNkosi ibhalwe kulo icandelo 136.

Ungacingisisisa nangayo indlela lengcebiso inokukunceda ngayo uphumeze intando yeNkosi ebomini bakho, njengoko yaye yanceda abaNgcwele kwiihambo zabo.

umzobo weWinter Quarters

Inkcukacha ivela Winter Quarters, nguGreg Olsen

icandelo labantwana umfanekiso 02

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

IMfundiso neMinqophiso 135:1–2, 4–5

UJoseph noHyrum Smith banikela ngobomi babo ngenxa kaYesu Krestu nevangeli yaKhe.

  • Shwankathelela abantwana bakho IMfundiso neMinqophiso 135:1. Eli inokuba lithuba elihle kuwe nakubantwana bakho lokwabelana ngeemvakalelo zakho malunga nedini uJoseph noHyrum abalenzayo besenzela uMsindisi nevangeli yaKhe.

    3:21

    Chapter 57: The Prophet Is Killed: June 1844

  • IMfundiso neMinqophiso 135:4–5 ithi uHyrum Smith wafunda isicatshulwa kwiNcwadi kaMormoni phambi kokuba aye kwiNtolongo yaseCarthage. Wena nabantwana bakho ninokufunda esi sicatshulwa kunye (bona Etere 12:36–38). Ngaba lemiqolo yayimthuthuzela njani uHyrum? Unokwabelana kananjalo ngezibhalo ezikuthuthuzelayo xa uxhalabile okanye ukhathazekile.

  • Wena nabantwana bakho ninokubukela imifanekiso yabaprofeti (bona Incwadi yoMsebenzi woBugcisa yeVangeli, iinombolo. 7, 14, 67) nize nithethe ngezinye izinto uThixo acela abaprofeti ukuba bazenze. Babingelela ntoni aba baprofeti besenzela uMsindisi?

    The Old Testament prophet Noah standing on a log as he preaches to a group of assembled people. The people are laughing and mocking Noah. The partially completed ark is visible in the background.

Ekhaya, ukufunda nokuphila akunakwahlulwa. “Ivangeli ithatha ukuphathelela kwangoko ekhayeni. Apho abantu ofunda nabo ivangeli ngabantu oyakuyiphila nabo—yonke imihla. Enyanisweni, ixesha elininzi, ukuphila ivangeli yindlela esifunda ngayo ivangeli” (Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi, 31).

IMfundiso neMinqophiso 135:3

UJoseph Smith wayengumprofeti nengqina likaYesu Krestu.

  • Ukunceda abantwana bakho bakhumbule kwaye baxabise indlela iNkosi esisikelele ngayo ngobufundisi bukaJoseph Smith, ungabonisa izinto ezimele izinto ezenziwa nguJoseph, njengeNcwadi kaMormoni, IMfundiso neMinqophiso, okanye umfanekiso wetempile (bona kananjalo elale iveki iphepha lomsebenzi). Emva koko abantwana bakho banokujonga kuyo IMfundiso neMinqophiso 135:3 kwezinye izinto uJoseph Smith awazenzayo ukusinceda ukuba sisondele kuBawo waseZulwini noYesu Krestu. Mema abantwana bakho ukuba babelane ngokuba kutheni benombulelo ngezi zinto.

umProfeti uJoseph Smith

American Prophet [UmProfeti waseMelika], nguDel Parson

IMfundiso neMinqophiso 136

INkosi inokundisikelela xa nditsala nzima.

  • Cinga ngokubeka umfanekiso weTempile yaseNauvoo kwelinye icala legumbi kwaye wenze ikhusi elilula kwelinye icala. Mema abantwana bakho ukuba bahlangane kufutshane nomfanekiso, kwaye ubaxelele ngabaNgcwele ekwafuneka bemke eNauvoo emva kokuba uJoseph Smith efile. Gxininisa ukholo lwaba baNgcwele ababenalo kuYesu Krestu, kwaye umeme abantwana bakho ukuba bahambe baye kwindawo ekhuselekileyo yokumela uhambo oluya eWinter Quarters.

    1:31

    Chapter 58: A New Leader for the Church: July–August 1844

    3:51

    Chapter 60: The Saints Leave Nauvoo: September 1845–September 1846

    2:29

    Chapter 62: The Saints Establish Winter Quarters: 1846–1847

  • Cacisa ukuba kuyo IMfundiso neMinqophiso136, iNkosi yanika ingcebiso yokunceda abaNgcwele kuhambo lwabo oluya eSalt Lake Valley. Nceda abantwana bakho bafumane into kwesi sityhilelo enokuthi ibanike ubukroti koluhambo (bona imiqolo 4, 10–11, 18–30). Esi siluleko sinokusinceda njani kwiimvavanyo esijamelana nazo namhlanje?

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo

Ihlokondiba lihlasela uJoseph Smith nabanye kwintolongo yaseCarthage

Greater Love Hath No Man [Akukho Namnye Onalo Uthando Olukhulu], nguCasey Childs

iphepha lomsebenzi labantwana