Doctrine and Covenants 2025
EyeNkanga 3–9: “ILizwi loVuyelo lwabaPhilileyo nabaFileyo”: IMfundiso neMinqophiso 125–128


“EyeNkanga 3–9: ‘ILizwi loVuyelo lwabaPhilileyo nabaFileyo’” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)

“IMfundiso neMinqophiso 125–128,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025

umzobo wosapho kunye nezinyanya kwilizwe lemimoya

Us with Them and Them with Us [Thina kunye Nabo kwaye Nabo kunye Nathi], nguCaitlin Connolly

EyeNkanga 3–9: “ILizwi loVuyelo lwabaPhilileyo nabaFileyo”

IMfundiso neMinqophiso 125–128

KweyeThupha ngo–1840, uJane Neyman owayesentlungwini wayemamele umProfeti uJoseph ethetha kumngcwabo womhlobo wakhe uSeymour Brunson. Unyana kaJane osebutsheni obuvisayo uCyrus wayesandula ukusweleka kananjalo. Ukongeza kwintlungu yakhe yayikoko kokuba uCyrus wayengazange abhaptizwe, kwaye uJane wayexhalele ukuba oku kwakuya kuthetha ntoni ngomphefumlo wakhe wanaphakade. UJoseph wayezibuza into efanayo ngomntakwabo oyintanda u-Alvin, owathi kananjalo wasweleka ngaphambili kokuba abhaptizwe. Ngoko ke umProfeti wagqiba kwelokuba abelane naye wonke ubani owayesemngcwabeni into iNkosi eyayimtyhilele yona malunga nabo basweleka ngaphandle kokufumana imimiselo yevangeli—kwaye noko sinokukwenza ukuze sibancede.

Imfundiso yobhaptizelo lwabafileyo yaye yabonwabisa abaNgcwele; iingcinga zabo zaguqukela kwangoko nangoko kumalungu osapho angasekhoyo. Ngoku lalikhona ithemba kubo! UJoseph wabelana ngovuyo lwabo, kwaye kwileta efundisa le mfundiso, wasebenzisa ulwimi oluvuyayo, olunehlombe ukuchaza oko iNkosi yamfundisayo ngosindiso lwabafileyo: “Mazikhwaze uvuyo iintaba, nani nonke ziintanda khwazani kakhulu; nani nonke ziilwandle namazwe awomileyo xelani imimangaliso kaKumkani wenu waNaphakade!” (IMfundiso neMinqophiso 128:23)

Bona Saints, 1:415–27; “Letters on Baptism for the Dead,” in Revelations in Context, 272–76.

umfanekiso wokufunda

Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni.

IMfundiso neMinqophiso 126

INkosi ifuna ndikhathalele usapho lwam.

Emva kokubuya ebufundisini baseNgilane—enye yemininzi yobufundisi awakhonzayo—uBrigham Young wafumana olunye ubizo olubalulekileyo oluvela eNkosini. Wacelwa ukuba “akhathalele ngokukodwa usapho [lwakhe]” (imiqolo 3), olwalubandezelekile ngokungabikho kwakhe. Njengoko ufunda eli candelo, cinga kutheni iNkosi ngamanye amaxesha ifuna idini enkonzweni yethu. Yintoni onokuyenza ukuze ukhathelele usapho lwakho?

IMfundiso neMinqophiso 127:2–4

Ndinokwayama eNkosini ngamaxesha anzima.

Izityholo zobuxoki nesigrogriso sokubanjwa zanyanzela kwakhona uJoseph Smith ukuba aye kuzifihla kweyeThupha ngo-1842. Kodwa ngoku amazwi awayewabhalele abaNgcwele ngeli xesha (ngoku IMfundiso neMinqophiso 127) azele lithemba novuyo. Yintoni imiqolo 2-4 ekufundisa yona ngoThixo? ngokujamelana ukugculelwa okanye ukuchaswa? Ngawaphi amabinzana avela kule miqolo anokukunceda xa uziva utshutshiswa? Cinga ngokubhala indlela iNkosi ekuxhasa ngayo “emanzini anzulu” obomi bakho.

IMfundiso neMinqophiso 127:5–8; 128:1–8

“Nakuphina enikubhalayo emhlabeni kuya kubhalwa nasezulwini”

Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 127:5–8;; 128:1–8, khangela izizathu zokuba kutheni iNkosi yanika uJoseph Smith imiyalelo ethe ngqo ngokubhala ubhaptizo lwabafileyo. Ingaba oku kukufundisa ntoni malunga neNkosi nomsebenzi waYo? Uvakalelwa njani ukuba lo myalelo unokusebenza kwiingxelo zentsapho yakho, ezinjengeejenali zobuqu?

umfana owenza imbali yosapho

Ukwenzela izinyanya zethu inkonzo yasetempileni kubophelela iintliziyo zethu kuzo.

IMfundiso neMinqophiso 128:5–25

umfanekiso weseminari
Usindiso lwezinyanya zam lubalulekile kusindiso lwam.

Kucacile kwinto etyhilwe nguThixo ngoJoseph Smith ukuba kutheni izinyanya zethu ezingabhaptizwanga kobu bomi zidinga thina: sibhaptizwa endaweni yabo ukuze bakhethe ukwamkela okanye ukugatya lo mmiselo. Kodwa umProfeti kananjalo wafundisa ukuba usindiso lwezinyanya zethu “luyimfuneko kwaye lubalulekile kolwethu usindiso.” Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 128:15–18, cinga ngokuba kutheni kunjalo.

Umqolo 5 ufundisa ukuba ummiselo wobhaptizelo lwabafileyo “wawulungisiwe phambi kwesiseko sehlabathi.” Yintoni le nyaniso ekufundisa yona malunga noThixo necebo laKhe?

UJoseph Smith wayesebenzisa amabinzana afana “namandla abophayo,” “unxibelelwano oludibanisayo,” kwaye “nomanyano olupheleleyo” xa wayefundisa ngemimiselo yobubingeleli nobhaptizelo lwabafileyo. Khangela la kunye namabinzana afana nawo njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 128:5–25. Ngaba unokucinga ngezinto onokuzisebenzisa ukuzekelisa la mabinzana, njengetyathanga okanye intambo? Kutheni la engamabinzana alungileyo ukuchaza le mfundiso?

Ukuqwalasela le mibuzo ilandelayo kusenokukunceda kananjalo ekufundeni kwakho le miqolo:

  • Ngokoluvo lwakho, kutheni ukubhaptizelwa abafileyo kunoqwalaselwa “[i]sihloko [e]sizuke ngokugqithisileyo sisesevangeli yanaphakade”? (umqolo 17). Ngawaphi amava akuncede wavakalelwa ngolu hlobo?

  • Umhlaba ungaqalekiswa ngayiphi ingqiqo ukuba akukho “unxibelelwano oludibanisayo … phakathi kooyise nabantwana”? (umqolo 18).

  • Yintoni ekuchukumisayo ngamazwi kaJoseph Smith kuyo imiqolo 19–25? Ingaba le miqolo iyichaphazela njani indlela oziva ngayo ngoYesu Krestu? ngenkonzo yasetempileni oyenzela izinyanya zakho?

Emva kokufunda le miqolo, ungaziva uphefumlelwe ukuba wenzele into izinyanya zakho? Izimvo eziku FamilySearch.org zinganceda.

Sebenzisa izixhobo zeBandla ezinxulumeneyo. Amakhonkco ku Yizani, Nindilandele kulwandlalo anika ufikelelo olulula kwizixhobo eziluncedo ezinokukunceda uqonde kwaye usebenzise iinyaniso zevangeli okanye wenze iimvakalelo ozifumeneyo. Ngokomzekelo, ikhonkco leFamilySearch elingentla likhokelela kwimisebenzi efana nokwakha owakho umthi wosapho, ukufumana izinyanya ezidinga imimiselo yetempile, ukubona apho izinyanya zakho zivela khona, okanye ukulayisha ibali losapho.

“ULungiselelo oluZukileyo noluMangalisayo.”

UMongameli Gordon B. Hinckley wathi:

“Intlawulelo kaYesu esenzela bonke imele idini elikhulu lentlawulelo. Yena wamisela umzekelo awathi phantsi kwawo waba ngummeli walo lonke uluntu. Lo mzekelo apho umntu omnye anokwenzela omnye umntu uqhutyelwa phambili kwimimiselo yendlu yeNkosi. Apha sikhonza endaweni yabo bafe bengenalwazi lweendaba zevangeli. Olwabo lukhetho lokwamkela okanye ukwala ummiselo owenziweyo. Babekwe kwinqanaba elilinganayo nabo bahamba emhlabeni. Abafileyo banikwa ithuba elifanayo nabaphilayo. Kwakhona, olunjani lona ulungiselelo oluzukileyo nolumangalisayo uSomandla alenzileyo ngesityhilelo saKhe kumProfeti waKhe” (“The Great Things Which God Has Revealed,” Liyahona, UCanzibe 2005, 82–83).

icandelo labantwana umfanekiso 02

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

IMfundiso neMinqophiso 126:3

Ndinokuncedisa ekunyamekeleni intsapho yam.

  • Usenokugxininisa ibinzana elithi “ukhathalele ngokukodwa usapho lwakho” (umqolo 3) kwaye uthethe nabantwana bakho ukuba kuthetha ukuthini ukukhathalela ngokukodwa iintsapho zethu.

    1:33

    Chapter 50: The Saints in Nauvoo: January–July 1841

  • Kusenokuba mnandi kuwe nakubantwana bakho ukujonga imifanekiso yosapho (okanye ukuzoba imifanekiso) njengoko nithetha kunye ngeendlela esinokunceda ngazo “ukukhathalela” amalungu osapho.

IMfundiso neMinqophiso 128:5, 12

Bonke abantwana bakaThixo bayalidinga ithuba lokubhaptizwa.

  • Mema abantwana bakho ukuba bafumane kuyo IMfundiso neMinqophiso 128:1 ukuba yeyiphi ingongoma eyayihleli engqondweni kaJoseph Smith. Basenokuphengulula umqolo 17 ukuze bafumanise ukuba nguwuphi umbandela owayewuqwalasela “[o]zuke ngokugqithisileyo.” Bavumele babelane ngoko bakufumanayo baze bathethe kutheni lo mbandela ubangel’ umdla.

  • Ukongeza ekuncedeni abantwana bakho balungiselele (kwaye baphile) iminqophiso yabo yobhaptizo, ungabanceda bazi indlela yokunceda abantu abangazange benze le minqophiso ngexesha lobomi babo. Cinga ngokuxelela abantwana bakho ngomntu omaziyo owafa engabhaptizwanga. Emva koko ninokufunda kunye IMfundiso neMinqophiso 128:5 kwaye nijonge kumfanekiso wegumbi lokubhaptizela etempileni (njengalowo usekupheleni kolu lwandlalo). Xelela abantwana bakho ukuba uziva njani ngokubhaptizelwa ezitempileni endaweni yabantu abafileyo ukuze wonke umntu abe nethuba lokwenza iminqophiso noBawo waseZulwini.

IMfundiso neMinqophiso 128:18

UBawo waseZulwini ufuna ukuba ndifunde ngembali yosapho lwam.

  • Kusenokuba mnandi kuwe nakubantwana bakho ukwenza ikhonkco lephepha elinamagama abazali, oomakhulu, ootatomkhulu, ookhokho, njalo njalo (bona elale veki iphepha lomsebenzi). Emva koko ningabelana nabanye ngezinto enizaziyo ngezi zinyanya. Fundani kunye IMfundiso neMinqophiso 128:18 ukufumanisa ukuba yintoni “unxibelelwano oludibanisayo” olwenza imbali yosapho lwethu “[lo]lupheleleyo noluzeleyo nolugqibeleleyo.”

    1:38

    Courage: I Think I Get It From Him

  • Imisebenzi eyongezelelekileyo yokunceda abantwana bakho bathathe inxaxheba kwimbali yosapho inokufumaneka kuyo “ITempile neCebo loLonwabo” kwisihlomelo B okanye ku FamilySearch.org.

umama nentombi benza ikhonkco lephepha

Imimiselo yasetempileni iyasinceda ukuba simanyanise iintsapho njengamakhonkco kwityathanga.

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo

indawo yokubhaptizela yetempile

iqula lokubhaptizela kwiTempile yaseOgden Utah

iphepha lomsebenzi labantwana