“EyeDwarha 27–EyeNkanga 2: “INdlu Egameni Lam”: IMfundiso neMinqophiso 124,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)
“IMfundiso neMinqophiso 124,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025
Nauvoo the Beautiful [INauvoo Entle], nguLarry C. Winborg. Ilungelo lokushicilela lika-2025
EyeDwarha 27–EyeNkanga 2: “INdlu Egameni Lam”
IMfundiso neMinqophiso 124
Njengoko yayinzima iminyaka emithandathu eyayigqithileyo kwabo baNgcwele, izinto zaziqalisa ukulunga kwintwasahlobo ka-1839: AbaNgcwele ababeziimbacu babefumene imfesane ngaphakathi kubemi baseQuincy, Illinois. Abalindi baye bavumela umProfeti Joseph Smith nezinye iinkokeli zeBandla ukuba baqhweshe ekuthinjweni kwabo eMissouri. Kwaye iBandla lalisandulʼ ukuthenga umhlaba e-Illinois apho abaNgcwele babengahlanganela khona kwakhona. Ewe, yayingumhlaba owawungumgxobhozo, ugcwele iingcongconi, kodwa xa wawuthelekiswa nemingeni abaNgcwele ababesele bejongene nayo, mhlawumbi oku kwakubonakala ngathi kungalawuleka. Baye bakhupha amanzi emiseleni yomgxobhozo kwaye baceba iphepha lamalungelo esixeko esitsha, abathi basibiza ukuba yiNauvoo. Lona lithetha “ubuhle” ngesiHebhere, nangona laliyimvakaliso yokholo ngakumbi kunenkcazelo echanekileyo, ngobuncinane ekuqaleni. Kwangeloo xesha, iNkosi yayichukumisa umProfeti waYo ngengqondo yongxamiseko. Yona yayiseneenyaniso nemimiselo emininzi ekwakumele iyibuyise, kwaye Yona yayidinga itempile engcwele apho Yona “[inothwesa abangcwele baYo] ngembeko, ukungafi, nobomi obungunaphakade.” (IMfundiso neMinqophiso 124:55). Ngeendlela ezininzi, ezi mvakalelo zifanayo zokholo nezongxamiseko zibalulekile emsebenzini weNkosi namhlanje.
Bona Saints, 1:399–427; “Organizing the Church in Nauvoo,” in Revelations in Context, 264–71.
Funda ngakumbi malunga neendawo zembali yeBandla eIllinois.
Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni.
IMfundiso neMinqophiso 124:2–11
Ndingamema abanye ukuba beze kuKrestu.
INkosi yaxelela umProfeti uJoseph Smith ukuba “[y]enze isibhengezo esindilisekileyo sevangeli [yaYo]” “kookumkani bonke behlabathi” (bona IMfundiso neMinqophiso 124:2–11). Ukuba ufumene esi sabelo, isibhengezo sakho singathini ngoYesu Krestu nevangeli yaKhe ebuyisiweyo? Kananjalo cingisisa ngendlela onokwabelana ngayo ngobungqina bakho ngokwesiqhelo nangendalo nabantu onxibelelana nabo mihla le.
Bona kananjalo “UBuyiselo Olupheleleyo lweVangeli kaYesu Krestu: ISibhengezo esiseMthethweni seSikhumbuzo seMinyaka engaMakhulu Amabini kwiHlabathi,” Ithala leeNcwadi zeVangeli.
IMfundiso neMinqophiso 124:12–21
Ndingaba ngumfundi othenjwa yiNkosi.
Cinga ngokwabelana nabanye, njengoko uMsindisi wenzayo kuyo IMfundiso neMinqophiso 124:12–21, iimpawu ezifana nezikaKrestu ozibona kubo. Yena ulubonakalise njani kuwe uthando lwaKhe nethemba?
IMfundiso neMinqophiso 124:22–24, 60–61
INkosi ifuna ndamkele abanye.
Njengoko ucingisisa ngomyalelo weNkosi kuyo IMfundiso neMinqophiso 124:22–24, 60–61, cinga ngendlela ongenza ngayo ikhaya lakho newadi yakho ibe yindawo efana naleya iNkosi yayinombono ngeNauvoo.
A Friend to All
Inkcukacha ivela Joseph Smith at the Nauvoo Temple [Joseph Smith kwiTempile yaseNauvoo], nguGary E. Smith
IMfundiso neMinqophiso 124:25–45, 55
Sakha iitempile eNkosini ukufumana imimiselo engcwele.
Kutheni uva ukuba iNkosi “isoloko iyalela” abantu baYo “ukuba bakhe [iitempile] egameni [laYo] elingcwele”? Cinga ngokwenza uluhlu lwezizathu ozifumanayo kuyo IMfundiso neMinqophiso 124:25–45, 55 Ngaba umsebenzi wokwakha iitempile uluphawu lothando lweNkosi ngawe njani?
What Is a Temple?
Ukusukela oko yakhiwa iTempile yaseNauvoo ngeminyaka yoo-1840, ngaphezulu kwama-300 eetempile ezithe zakhiwa okanye zabhengezwa. UMongameli uRussell M. Nelson wafundisa: “Siyazi ukuba ixesha lethu etempileni libalulekile kusindiso lwethu nasekuphakanyisweni kwethu nakoko kweentsapho zethu. … Uhlaselo lotshaba luyanda ngokugqithisileyo, ngamandla kwaye ngokwahlukeneyo. Imfuno yethu yokuba sibe setempileni rhoqo ayizange ibenkulu ngakumbi” (“Becoming Exemplary Latter-day Saints.” Liyahona, EyeNkanga 2018, 114). Ingaba itempile ikuncede kanjani ukuba umelane “nohlaselo lotshaba”? Yintoni oyiva ikuchukumisa ukuba uyenze ukulandela ingcebiso kaMongameli Nelson?
IMfundiso neMinqophiso 124:45–55
INkosi isikelela abantu abazama ukuthobela imiyalelo yaYo.
AbaNgcwele babeyalelwe ukuba bakhe itempile eJackson County, eMissouri, kodwa “babethintelwe ziintshaba zabo” (IMfundiso neMinqophiso 124:51). Imiqolo 49–55 iqulethe umyalezo oqinisekisayo wabantu abafuna ukuthobela imiyalelo kaThixo kodwa abathintelwa ukwenjenjalo ngenxa yentsapho okanye ezinye iimeko. Sisiphi isiluleko osifumana kule miqolo enokunceda umntu okwimeko enjalo?
IMfundiso neMinqophiso 124:91–92
INkosi ingandikhokela ngentsikelelo yam kasolusapho.
Kufutshane nje emva kokuba uyise womProfeti, uJoseph Smith Omdala, eswelekile, iNkosi yabizela uHyrum Smith kubizo uyise awayenalo—uSolusapho kwiBandla. Ungafunda ngako oku kuyo IMfundiso neMinqophiso 124:91–92.
Ukufunda ngakumbi ngembali yoosolusapho neentsikelelo zikasolusapho cofa apha.
Ungayichaza njani intsikelelo kasolusapho kumntu ongazange eve ngayo? Ungathini ukukhuthaza umntu ukuba ayifumane? Khangela iimpendulo kule mibuzo kumyalezo kaMdala Randall K. Bennett “Your Patriarchal Blessing—Inspired Direction from Heavenly Father” (Liyahona, UCanzibe 2023, 42–43
Ngokusekelwe koko ukufundileyo namava akho, cinga ngendlela onokuthi usigqibezele ngayo esi sivakalisi: “Intsikelelo kasolusapho ifana .” Kutheni uBawo waseZulwini efuna ukuba abantwana baKhe bafumane intsikelelo kasolusapho?
Ukuba awukayifumani intsikelelo kasolusapho, ungenza ntoni ukuyilungiselela? Ukuba uyifumene intsikelelo kasolusapho, unokumbonisa njani uThixo ukuba uyasixabisa esi sipho?
Bona kananjalo Kazuhiko Yamashita, “When to Receive Your Patriarchal Blessing,” Liyahona, UCanzibe 2023, 88–90; General Handbook, 18.17, Ithala leeNcwadi zeVangeli.
Fundisa ngokusuka entliziyweni. Ukufundisa kunentsingiselo kakhulu xa kuquka amava obuqu nobungqina. Ngokomzekelo, ukuba ufumene intsikelelo kasolusapho, yihlole njengoko ulungiselela ukufundisa ngezi ntsikelelo zikhethekileyo. Kutheni unombulelo ngentsikelelo? Ungabakhuthaza njani abanye ukuba balungiselele ukufumana ezabo okanye ukufunda iintsikelelo zikasolusapho rhoqo?
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
IMfundiso neMinqophiso 124:15, 20
UYesu Krestu uyayithanda ingqibelelo.
-
Ukunceda abantwana bakho bakhumbule into abayifundayo evela kuyo IMfundiso neMinqophiso 124:15, 20, ungabanceda bazobe kwaye basike iintliziyo zephepha. Ezintliziyweni, unokubanceda babhale amabinzana aziintloko avela kule miqolo.
-
Emva kokufunda kunye IMfundiso neMinqophiso 124:15, 20, mhlawumbi unokunceda abantwana bakho bazi ukuba kuthetha ukuthini ukuphila ngengqibelelo iphepha 31 le For the Strength of Youth: A Guide to Making Choices. Yathini iNkosi ngokuthe ngqo ngoGeorge Miller kwivesi umqolo 20 “ngenxa yemfezeko yentliziyo [kaGeorge]”? Ungabelana kananjalo ngemizekelo yabantwana ababonisa imfezeko kumava akho okanye avela kuyo eyo Mhlobo incwadi. Mema abantwana bakho ukuba bazibekele usukelo lokubonisa imfezeko kule veki kwaye bakuxelele indlela abaziva ngayo xa besenza oko.
IMfundiso neMinqophiso 124:28–29, 39
UThixo uyalela abantu baKhe ukuba bakhe iitempile.
-
Abantwana bakho bangakonwabela ukujonga imifanekiso yeetempile, kuquka itempile yakudala netempile ekufutshane nalapho bahlala khona (bona ChurchofJesusChrist.org/temples/list). Unokusebenzisa le mifanekiso nayo IMfundiso neMinqophiso 124:39 ukucacisa ukuba uYesu Krestu wasoloko eyalela abantu baKhe ukuba bakhe iitempile—kumaxesha amandulo nakwimihla yethu (bona kananjalo elale veki iphepha lomsebenzi).
-
Ukuba uhlala kufutshane ngokwaneleyo netempile, cinga ngokusa abantwana bakho apho kwaye ngentlonipho uhambe kumabala etempile. Bameme ukuba bafumane amazwi athi “Ubungcwele kwiNkosi—Indlu yeNkosi” phezu komphandle wetempile. Thetha nabantwana bakho malunga nokuba la magama athetha ukuthini.
-
Cinga ngokusebenzisa izimvo eziku “UkuBhaptizelwa nokuQiniselelwa Izinyanya” kwisihlomelo A ukunceda abantwana bakho bajonge phambili kumhla xa bengena etempileni (bona kananjalo “ITempile neCebo loLonwabo” kwisihlomelo B).
Solomon’s Temple [ITempile kaSolomon], by Sam Lawlor
IMfundiso neMinqophiso 124:91–92
INkosi iya kundisikelela ngentsikelelo kasolusapho.
-
Njengokuba nifunda kunye IMfundiso neMinqophiso 124:91–92, nceda abantwana bakho bafumane into iNkosi eyayibizela uHyrum Smith ukuba ayenze. Thetha malunga nokuba yintoni na intsikelelo kasolusapho: yintsikelelo ekhethekileyo apho iNkosi isifundisayo malunga neziqu zethu nento afuna siyenze kwaye sibe yiyo. Cinga ngokusebenzisa icandelo “Ukufumana Intsikelelo kaSolusapho” kwisihlomelo A ukunceda abantwana bakho balungiselele ukufumana intsikelelo kasolusapho.
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo