“EyeNkanga 17–23: ‘Lungiselelani Ukuza koMyeni”: IMfundiso neMinqophiso 133–134,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)
“IMfundiso neMinqophiso 133–134,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025
Ten Virgins [Iintombi Ezilishumi], nguJorge Cocco
EyeNkanga 17–23: “Lungiselelani Ukuza koMyeni”
IMfundiso neMinqophiso 133–134
Ngowe-1833, amahlokondiba ahlasela aza atshabalalisa umatshini wokushicilela weBandla. Phakathi kwemisebenzi yoshicilelo eyayiqhubeka ngelo xesha yayiyiNcwadi yeMithetho—ilinge lokuqala leBandla lokuhlanganisa izityhilelo zikaThixo zemihla yokugqibela zibe ngumqulu omnye. Ihlokondiba lachitha amaphepha awayengadityaniswanga, kwaye nangona abaNgcwele abakhaliphileyo baye bawakhusela amanye wawo, zimbalwa iikopi ezingaphelelanga zeNcwadi yeMithetho ezaziwa ngokuba zasinda.
Esikwazi ngoku njengalo icandelo 133 leMfundiso neMinqophiso kwakumele ukuba sisihlomelo kwiNcwadi yeMithetho, efana nendawo yokukhwaza ekupheleni kwezityhilelo ezipapashiweyo zeNkosi. Ilumkisa ngemini ezayo yomgwebo ize iphindaphinde ubizo olufumaneka kuso sonke isityhilelo sale mihla: Kubalekeni ukuthanda ihlabathi, njengoko kufuziselwa yiBhabhilon. Yakha iZiyon. Ukulungiselela uKuza kweSibini Kwaye nisasaze lo myalezo “kuso isizwe ngasinye, nesalamane, nolwimi, nabantu” (umqolo 37). Izicwangciso zoqobo zeNcwadi yeMithetho zazingazange zizalisekiswe, kodwa esi sityhilelo sisisikhumbuzo nobungqina bokuba umsebenzi weNkosi uyakuya phambili, “kuba iya kuyityhila ingalo yayo engcwele … , kwaye zonke iziphelo zomhlaba ziya kulubona usindiso lukaThixo wazo” (umqolo 3).
Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni.
IMfundiso neMinqophiso133:4–14
UYesu Krestu undibiza ukuba ndilahle iBhabhilon kwaye ndiye eZiyon.
Umoya ochasene neZiyon yiBhabhilon—isixeko sakudala esathi kuso sonke isibhalo safuzisela ubungendawo nobukhoboka bomoya. Njengoko ukufunda IMfundiso neMinqophiso 133:4–14, cingisisa ngokuba uMsindisi ukubiza njani, “[uphume] ngaphandle kweBhabhilon” (umqolo 5) kwaye “yiyani …ngaphambili …[e]Ziyon” (umqolo 9). Usabela njani kubizo lwaKhe?
IMfundiso neMinqophiso 133:1–19, 37–39
Ndingalungiselela ngoku ukuBuya Kwesibini koMsindisi.
Omabini icandelo 1, intshayelelo yeNkosi kwiMfundiso neMinqophiso, nalo icandelo 133, isihlomelo sasekuqaleni kwiNcwadi yeMithetho, ziqala ngesicelo esifanayo esivela eNkosini: “Phulaphulani, Owu nina bantu bebandla lam” (IMfundiso neMinqophiso 1:1; 133:1). Mhlawumbi ungafunda IMfundiso neMinqophiso 133:1–19, 37–39 kwaye wenze uluhlu lwemiyalezo iNkosi ekumema ukuba uyi “phulaphule” (umamele kwaye uthobele) njengokuba ulungiselela ukuBuya kwaYo kweSibini. Ngokukodwa, ungadwelisa izinto Yona efuna uzenze (1) ukuzilungiselela wena kwaye (2) uncede ulungiselele ihlabathi ukubuya kwaKhe. Yintoni oyifunda kolu luhlu?
(“Aaronic Priesthood Quorum Theme,” Ithala leeNcwadi zeVangeli).
IMfundiso neMinqophiso 133:19–56
Ukubuya kweSibini kuya kuba luvuyo kwabo bangamalungisa.
Njengoko ufunda inkcazelo yokubuya koMsindisi kuyo imiqolo 19–56, yintoni oyifumanayo ojonge phambili kuyo? Ngawaphi amagama okanye amabinzana awachaza uthando lweNkosi ebantwini baYo? Cinga ngokubhala amava angawakho “ngobubele obuthandekayo beNkosi [yakho], nako konke ekunikele phezu [kwakho] ngokokulunga kwayo” (umqolo 52).
Inkcukacha ivela Healer [Mphilisi], nguKelsy and Jesse Lightweave
“Oorhulumente bamiselwa nguThixo ukunceda uluntu.”
Ubudlelwane babaNgcwele bamandulo norhulumente babumaxongo. Xa abaNgcwele babekhutshwa ngetshova eJackson County, Missouri, ngo-1833, bacela uncedo kurhulumente wasekuhlaleni nowelizwe baza abazange balufumane. Ngexesha elinye, abanye abantu ababengaphandle kweBandla baye batolika iimfundiso ngeZiyon ukuba zazithetha abaNgcwele bala igunya loorhulumente basemhlabeni. IMfundiso neMinqophiso 134 yaye yabhalwa, njengenxalenye, yokucacisa isikhundla seBandla koorhulumente. Eli candelo licebisa ntoni malunga nendlela abaNgcwele beNkosi ekufuneka bazive ngayo ngorhulumente?
Njengoko ufunda icandelo 134, cinga ngokujonga imigaqo karhulumente noxanduva lwabemi. Ingaba ezi ngcebiso bezinobaluncedo njani kubaNgcwele bamandulo? Ingaba zisebenza kanjani apho uhlala khona?
Bona kananjalo IziVumo zoKholo 1:11–12.
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
IMfundiso neMinqophiso 133:4–5, 14
INkosi ifuna ndikhwebuke kubungendawo obusehlabathini.
-
Wena kunye nabantwana bakho ningadwelisa ezinye iindawo neemeko iNkosi efuna sihlale kude kuzo. Emva koko unokuthelekisa ezo ndawo neemeko nengcaciso yegama elithi “Bhabheli, Bhabhilon” kwisiKhokelo kwiZibhalo (Ithala lweeNcwadi zeVangeli). Bona emva koko bangafunda IMfundiso neMinqophiso 133:4–5, 14. Kuthetha ukuthini kuwe “[ukuphuma] ngaphandle kweBhabhilon”? (umqolo 5). Unokwenza uluhlu olufanayo lweendawo neemeko iNkosi esimemela kuzo uze uthelekise olo luhlu nenkcazelo ye “Ziyon” kwisiKhokelo kwiZibhalo.
IMfundiso neMinqophiso 133:19–21, 25
UYesu Krestu uya kuza kwakhona.
-
Abantwana bakho banokukonwabela ukulinganisa into ekhangeleka ngayo xa uyilungiselela, efana netumente yezemidlalo, undwendwe olubalulekileyo, okanye iholide oyithandayo. Kutheni kubalulekile ukulungiselela? Ningafunda kunye IMfundiso neMinqophiso 133:17–19, 21 kwaye umeme abantwana bakho ukuba bajonge oko iNkosi isimemelayo ukuba sikulungiselele. Ungababonisa umfanekiso ophuma kulwandlalo lwale veki kwaye ubuze abantwana bakho ngento abayaziyo ngokuBuya kweSibini kukaYesu Krestu. Yintoni enye esiyifundayo kuyo imiqolo 19–25, 46–52? Yintoni esinokuyenza ukuze silungiselele esi siganeko sivuyisayo?
-
Ungayifihla imifanekiso eyahlukeneyo okanye izinto ezibonisa izinto esinokuzenza ukulungiselela ukuBuya kweSibini kukaYesu Krestu (ezifana nokufunda izibhalo, ukwabelana ngevangeli, okanye ukukhonza iintsapho zethu). Vumela abantwana bakho bafumane imifanekiso okanye izinto kwaye bathethe ngokuba ukwenza ezi zinto kusinceda njani ukuba silungele ukudibana noMsindisi xa Yena ebuya.
-
Nisenokucula kunye ingoma engokuBuya kweSibini. Yabelanani omnye nomnye ngothando lwenu loMsindisi neemvakalelo zenu ngokubuya kwaKhe.
IMfundiso neMinqophiso 133:52–53
UYesu Krestu unothando nobubele.
-
Wena nabantwana bakho ninokubukela imifanekiso ebonisa ukuba uYesu unothando nobubele. (Ngokomzekelo, bona Incwadi yoMsebenzi woBugcisa yeVangeli, amanani. 42, 47.) Yintoni enye eyenziwa nguYesu ukubonisa uthando nobubele baKhe? Fundani kunye IMfundiso neMinqophiso 133:52, kwaye uncede abantwana bakho bacinge ngeendlela abano “khankanya ububele obuthandekayo beNkosi yabo” kwabanye.
Inkcukacha ivela In His Light [KuKhanyo lwaKhe], nguGreg Olsen
Fundisa imfundiso ecacileyo nelula. INkosi ifundisa ivangeli yaYo “ngokucacileyo” “nangokulula” (IMfundiso neMinqophiso 133:57 Yintoni la magama ayicebisayo kuwe malunga nokufundisa ivangeli kusapho lwakho okanye iklasi?
IMfundiso neMinqophiso 134:1–2
INkosi ifuna ukuba ndithobele umthetho
-
Abantwana bakho banokudwelisa imithetho abayithobelayo. Bebuza kuba njani ubomi ukuba bekungekho mntu uyithobelayo le mithetho? Emva koko ningafunda IMfundiso neMinqophiso 134:1–2 kunye nabo, ubancede baqonde nawaphina amagama okanye amabinzana abanokuthi bangawaqondi. Kutheni iNkosi ifuna ukuba sithobele umthetho? (bona kananjalo IziVumo zoKholo 1:12).
Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lwencwadi Umhlobo.