“Amazwi eMuyiselo: UMbutho waManina,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)
“UMbutho waManina,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025
Amazwi eMbuyiselo
UMbutho waManina
Ngowama-1842, emva kokuba uMbutho waManina wawusekiwe eNauvoo, Illinois, umProfeti Joseph Smith wathi, “IBandla lalingekasekwanga ngokugqibeleleyo kude kube abafazi nabo balungelanisiwe.” Ngokufanayo, ufundo lweMbuyiselo yeBandla leNkosi nobubingeleli baYo aluphelelanga kude kube siquka isifundo soMbutho waManina, owona ngokunokwawo “lubuyiselo locwangco lwamandulo” lwabafundi abangamabhinqa bakaYesu Krestu.
U-Eliza R. Snow waye wadlala eyona ndima ibalulekileyo kwimbuyiselo. Yena wayekhona xa uMbutho waManina wawusekwa okokuqala kwaye, njengonobhala wombutho, wayebhala amanqaku ngelixa lemihlangano yawo. Yena wazibonela ngeliso lakhe okokuba uMbutho waManina wawusekelwe “emva kwendlela yobubingeleli.” Ngezantsi ngamazwi wakhe, awabhalwa xa wayekhonza njengowesibini uMongameli waJikelele woMbutho waManina, ukunceda oodade baqonde umsebenzi wobuthixo ophathiswe iintombi zikaThixo zomnqophiso.
Painting of the Relief Society organization [Umzobo woMbutho waManina] nguPaul Mann
U-Eliza R. Snow
“Nangona igama [uMbutho waManina] lisenokuba lelanamhla, eli ziko linemvelaphi yakudala. Saye saxelelwa [nguJoseph Smith], ukuba lo mbutho ufanayo wawukhona kwibandla lamandulo, owawumane ukhankanywa kwezinye zeencwadi ezishicilelwe kwiTestamente eNtsha, zisebenzisa isihloko, ‘inkosikazi enyuliweyo’ [bona Yohane II 1:1; IMfundiso neMinqophiso 25:3].
“Lo ngumbutho ongenako ukuphila ngaphandle koBubingeleli, okuphuma kwinyaniso yokuba ufumana igunya lawo nempembelelo yawo kuloo mthombo. Xa uBubingeleli babuthathiwe emhlabeni, eli ziko nalo ngokunjalo kwakunye naso nasiphi na isihlomelo socwangco lokwenene lwebandla likaYesu Krestu emhlabeni, nalo laye laphela. …
“Njengoko ndandikhona ekusekweni ‘koMbutho waManina aseNauvoo,’ … kwaye njengoko ndandinamava amaninzi kuloo mbutho, mhlawumbi ndisenokuthetha ngeengcebiso ezimbalwa ezinokuncedisa oodade baseZiyon abanyathelela phambili kwesi sikhundla sibaluleke kakhulu, esigcwele luxanduva olutsha kunye noluphindaphindeneyo. Ukuba nabani na kwiintombi noomama kuSirayeli baziva becinezelwe bembambekile emanqanabeni wabo abakuwo ngoku, ngoku baya kufumana ithuba lawo onke amandla kwaye nokukwazi ukuba namandla okwenza okulungileyo amandla abawaphathisiweyo ngenkululeko. …
UMbutho waManina wawusekelwe kwigumbi eliphezulu leVenkile Yezitena Ezibomvu.
“Ukuba umbuzo uyavela engqondweni, nawuphi na, Yintoni injongo yoMbutho waManina ongowaba baseTyhini? Ndingaphendula—ukwenza okulungileyo—ukuzisa kwiimfuno zonke iindlela esinazo zokwenza okulungileyo, hayi ekuncedeni amahlwempu kuphela kodwa nasekusindiseni imiphefumlo. Inzame emanyeneyo iya kuphumeza okungenakubalwa ngaphezulu koko kunokuphunyezwa ngawona mandla asebenzayo womntu ngamnye. …
“Ekuncedeni amahlwempu, uMbutho waManina uneminye imisebenzi ekumelwe yenziwe kunokuphumza nje iimfuno zomzimba. Ubuhlwempu bengqondo nokugula kwentliziyo, nako kufuna ukuhoywa; kwaye amaxesha amaninzi intetho yobubele—amazwi ambalwa esiluleko, okanye ukuxhawulana ngokufudumeleyo nangothando kuya kwenza okulungileyo ngakumbi yaye kuxatyiswe ngakumbi kunengxowa yegolide. …
“Xa abaNgcwele behlangana bevela phesheya, bengaziwa nangumntu wonke, kwaye bexhomekeke ekubeni baphambukiswe ngabo balindele ukukhohlisa, [uMbutho waManina] kumele ukhawulezise ekubancedeni [bona], kwaye ubazise eluntwini oluya kuthi lubacokise lubaphakamise, kwaye ngaphezu kwako konke oko lubomeleze elukholweni lweVangeli, kwaye ekwenzeni njalo, lube luncedo ekusindiseni abaninzi.
“Kuya kufuna imiqulu eya kuthi ibalule imisebenzi, amalungelo awodwa noxanduva olukwa yinxalenye yoxanduva loMbutho. … Yiya kuyo (phantsi kwesikhokelo sikabhishophu wakho) ngokupholileyo, ngabom, ngamandla, ngomanyano nangomthandazo, kwaye uThixo uya kuthwesa iinzame zakho ngempumelelo.”