“EyoMnga 1–7: ‘UMbono wokuKhululwa kwabaFileyo: IMfundiso neMinqophiso 137–138,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)
“IMfundiso neMinqophiso 137–138,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025
Iinkcukacha ezivela Christ Preaching in the Spirit World [UKrestu Eshumayela Kwihlabathi Lomoya], nguRobert T. Barrett
EyoMnga 1–7: “UMbono wokuKhululwa kwabaFileyo”
IMfundiso neMinqophiso 137–138
Izityhilelo ezibhalwe kuyo IMfundiso neMinqophiso 137 kunye 138 zohlulwa ngeminyaka engaphaya kwama–80 kunye neemayile ezingama–1500 (2,400 km). Icandelo 137 lafunyanwa nguMprofeti uJoseph Smith ngo–1836 kwiTempile yaseKirtland, kwaye icandelo 138 lafunyanwa nguJoseph F. Smith, Umongameli wesithandathu weBandla, ngo–1918 kwisiXeko saseSalt Lake. Kodwa ngokwemfundiso, le mibono mibini iyahambiselana. Yomibini iphendula imibuzo abantu abaninzi—kuquka abaprofeti bakaThixo—abanayo ngobomi emva kokufa. UJoseph Smith wayezibuza ngekamva lomntakwabo uAlvin, owafa engekabhaptizwa. UJoseph F. Smith, wayelahlekene nabazali bakhe bobabini kunye nabantwana abali-13 ekufeni ngesiquphe, wayesoloko ecinga ngehlabathi lemimoya yaye ezibuza ngokushunyayelwa kwevangeli apho.
Icandelo 137 liphosa ukukhanya kokuqala kwikamva labantwana bakaThixo kubomi obulandelayo, kunye necandelo 138 ivula ikhethini ngokubanzi. Omabini, angqina “ngothando olukhulu nolumangalisayo [o]lwenziwa lwabonakala nguYise noNyana” (IMfundiso neMinqophiso 138:3).
Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni
Imfundiso neMinqophiso 137; 138:30–37, 57–60
Bonke abantwana bakaBawo oseZulwini bayakuba nethuba lokukhetha ubomi banaphakade.
U-Alvin Smith, umntakwabo Joseph oyintanda, wasweleka kwiminyaka emithandathu phambi kokuba uThixo abuyisele igunya lokubhaptiza. Ingqiqo eyayixhaphakile kumaKrestu ngo–1836 yayikokuba ukuba umntu wafa engekabhaptizwa, lamntu akanakuya ezulwini. UJoseph wazibuza ngosindiso luka-Alvin lwanaphakade iminyaka emininzi—wade wafumana isityhilelo kwi IMfundiso neMinqophiso 137.
Abantu abaninzi namhlanje banemibuzo efanayo. Kutheni uThixo efuna imimiselo neminqophiso xa abantu abaninzi kangaka bengaze babenalo ithuba lokuyifumana? Ungathini kumntu ozibuzayo lento? Ubunokulwakha njani ukholo lwabo kuThixo nakwiimfuneko zaKhe zosindiso? Khangela iinyaniso onokuthi ube nesabelo kuzo icandelo 137 kwaye kwi candelo 138:30–37, 57–60.
Njengoko ufunda kwaye ucingisisa, unokurekhoda izimvo zakho ngokugqibezela izivakalisi ezifana nezi:
-
Ngenxa yezi zityhilelo, ndiyazi ukuba uBawo oseZulwini .
-
Ngenxa yezi zityhilelo, ndiyazi ukuba icebo likaBawo losindiso .
-
Ngenxa yezi zityhilelo, ndiyafuna uku .
Bona kananjalo Saints, 1:232–35.
IMfundiso neMinqophiso 138:1–11, 25-30
Ukufunda nokucingisisa nzulu ngezibhalo ezingcwele kundilungiselela ukufumana isityhilelo.
Ngamanye amaxesha isityhilelo siyeza nangona singasikhangeli. Kodwa kumathuba amaninzi, siyeza kuba sisikhangela ngokukhuthala kwaye sizilungiselele sona. Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 138:1–11, 25–30, qaphela into eyayiphononongwa nguMongameli Joseph F. Smith xa “amehlo okuqonda [wakhe] avuleka.” Unokuthelekisa namava akhe ku 1 Nifayi 11:1–6; Imbali-kaJoseph Smith 1:12–19. Emveni koko ucingisise ngendlela ongalandela ngayo umzekelo kaMongameli Smith. Umzekelo, loluphi utshintsho oziva uphefumlelwe ukuba ulwenze kufundo lwakho lwezibhalo ukuze ufumane isityhilelo sobuqu esithe chatha?
Ufunda ntoni kumava akhe? Cingisisa ngendlela iNkosi ekulungiselele ngayo amava onawo—kwaye ingaba ikulungiselela njani amava akho kwixesha elizayo.
Ministry of Joseph F. Smith: A Vision of the Redemption of the Dead
Joseph F. Smith[UJoseph F. Smith], nguAlbert E. Salzbrenner
Mema uMoya. “Yintoni oyiqapheleyo enegalelo kubume bemeko yokomoya yokufunda ivangeli? Yintoni ephazamisayo kuyo?” (Ukufundisa Ngendlela yoMsindisi, 18). Njengoko ufunda ngamava kaMongameli Joseph F. Smith kwi IMfundiso neMinqophiso 138:1–11, cinga ngendlela onokuthi ukhuthaze ngayo ukucingisisa kwaye uzimemele impembelelo yokomoya kwaye, ukuba ungumfundisi, kubantu obafundisayo.
IMfundiso neMinqophiso 138:25–60
Umsebenzi woMsindisi uyaqhubeka kwelinye icala lomkhusane.
UMongameli Russell M. Nelson wafundisa, “Umyalezo wethu kwihlabathi ulula kwaye unyanisekile: simema bonke abantwana bakaThixo kuwo omabini amacala esigqubuthelo baze kuye uMsindisi wabo, bafumane iintsikelelo zetempile engcwele, bafumane ulonwabo olunenyameko, kwaye balungele ubomi obungonaphakade” (“Let Us All Press On,” Liyahona, Canzibe 2018, 118–19). Cinga nzulu ngale ngxelo njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 138:25–60. Ungacingisisa nangale mibuzo:
-
Yintoni oyifundayo kule miqolo emalunga nendlela umsebenzi woMsindisi ophunyezwa ngayo kwilizwe lemimoya? Kutheni kubalulekile kuwe ukwazi ukuba lo msebenzi uyenzeka?
-
Yintoni ekuchukumisayo ngabathunywa beNkosi kwilizwe lemimoya?
-
Esi sityhilelo someleza njani ukholo lwakho kwicebo likaThixo lentlawulelo?
Ukuba ungathanda ukufunda ngakumbi ngehlabathi lemimoya, ungafunda umyalezo kaMongameli Dallin H. Oaks “Trust in the Lord” (Liyahona, EyeNkanga. 2019, 26–29).
A Visit from Father
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
IMfundiso neMinqophiso 137:5–10; 138:18–35
Bonke abantwana bakaBawo waseZulwini bayakuba nethuba lokuva ivangeli.
-
Mhlawumbi ningathetha ngomntu enimaziyo owasweleka ngaphandle kokufumana ithuba lokubhaptizwa. Yintoni IMfundiso neMinqophiso 137:5–10 esifundisa yona malunga naloo mntu?
2:20Ministry of Joseph Smith: Temples
2:17Chapter 39: The Kirtland Temple Is Dedicated: January–March 1836
-
Emva koko ninokufunda kunye IMfundiso neMinqophiso 138:18–19, 23–24, 27–30 ukufunda ngoko kwenziwa nguYesu ngoxa wayelapho. Wandwendwela bani? Wabacela ukuba benze ntoni? Kwakutheni ukuze Ayenze le nto?
-
Ungasebenzisa kwakhona elale veki iphepha lomsebenzi ukunceda abantwana bakho bathelekise okufundiswa ngabafundisi bevangeli kweli cala lomkhusane (bona, umzekelo, IziVumo zoKholo 1:4) ngento abafundisi bevangeli abayifundisayo kwilizwe lemimoya (bona IMfundiso neMinqophiso 138:33). Yintoni efanayo kule miqolo , yaye yintoni eyahlukileyo? Oku kusifundisa ntoni ngoBawo waseZulwini kunye necebo laKhe?
Ukucingisisa ngezibhalo kumema uMoya oyiNgcwele.
IMfundiso neMinqophiso 138:1–11
Xa ndicingisisa ngezibhalo, uMoya oyiNgcwele angandinceda ukuba ndiziqonde.
-
Njengoko wena nabantwana bakho nifunda IMfundiso neMinqophiso 138:1–11 kunye, unokubamema ukuba benze ngathi banguMongameli Joseph F. Smith kwaye benze iintshukumo ezihamba kunye namagama kuyo imiqolo 6 kunye 11. Usenokubabonisa umfanekiso kaMongameli Smith (kukho omnye kolu lwandlalo) kwaye uchaze ukuba wayenguMongameli wesithandathu weCawa. Usenokuthetha nangexesha apho wawucinga ngento ethile kwizibhalo ezingcwele kwaye uMoya oyiNgcwele wakunceda ukuba uyiqonde.
-
Le ngoma ithi masenze ntoni ukuze siqonde izibhalo?
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.