Doctrine and Covenants 2025
EyoMnga 8–14: “Sikholwa” :IziVumo zoKholo kunye neZibhengezo EziseMthethweni 1 kunye 2


“EyoMnga 8–14: ‘Sikholwa’: IziVumo zoKholo neZibhengezo EziseMthethweni 1 and 2:,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)

“IziVumo zoKholo neZibhengezo EziseMthethweni 1 and 2,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025

umthungo obonisa izandla zemibala yezikhumba emininzi

Inkcukacha ivela To All Worthy Male Members [Kuwo Onke Amalungu Angamadoda Afanelekileyo], nguEmma Allebes

EyoMnga 8–14: “Sikholwa”

IziVumo zoKholo kunye neZibhengezo EziseMthethweni 1 kunye 2

Ukusukela kuMbono wokuQala kaJoseph Smith, uThixo uqhubekile nokukhokela iBandla laKhe ngesityhilelo. Kwezinye iimeko, eso sityhilelo siquke utshintsho kwimigaqo-nkqubo nezenzo zeBandla. IZibhengezo EziseMthethweni 1 kunye 2 zazisa olu hlobo lwesityhilelo—esinye sakhokelela ekupheleni komtshato wesininzi, kwaye esinye senza ukuba iintsikelelo zobubingeleli zifumaneke kubantu bazo zonke iintlanga. Iinguqu ezifana nezi ziyinxalenye yoko kuthetha “eliyinyani neliphilayo ibandla” (IMfundiso neMinqophiso 1:30), elinomprofeti wenene ophilayo, okhokelwa nguThixo oyinyaniso ophilayo.

Kodwa inyaniso engunaphakade ayitshintshi, nangona ukuqonda kwethu ngayo kusenza. Kwaye ngamanye amaxesha isityhilelo sinika ukukhanya okongezelelekileyo enyanisweni. IziVumo zoKholo zisebenza le njongo icacisayo. IBandla lisekelwe ngokuqinileyo kwinyaniso yanaphakade kodwa linako ukukhula kwaye litshintshe, “ngokunxulumene njengoko iNkosi iya kuthanda, okufanele iinceba zayo ngokunxulumene kwiimeko zabantwana babantu” (IMfundiso neMinqophiso 46:15). Ngamanye amazwi, “Sikholwa kuko konke akutyhilileyo uThixo, konke akutyhila ngoku, kwaye sikholwa kukuba usaya kutyhila izinto ezininzi ezinkulu nezibalulekileyo ngokuphathelele eBukumkanini bukaThixo” (IziVumo zoKholo 1:9

umfanekiso wokufunda

Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni.

IziVumo zoKholo

umfanekiso weseminari
IziVumo zoKholo ziqulathe iinyaniso zesiseko zevangeli ebuyisiweyo.

Cinga ngale ndlela yokufunda IziVumo zoKholo: Ngesivumo ngasinye sokholo, yenza “isifundo esincinci” ukucacisa into oyikholelwayo. Isifundo sakho esincinci singaquka isibhalo esihambelanayo, umfanekiso, iculo okanye ingoma yabantwana, okanye amava obuqu ngokuphila inyaniso efundiswa sisivumo sokholo.

Zenza wuphi umahluko ezi nyaniso kubudlelwane bakho noBawo waseZulwini noYesu Krestu? Ingaba IZivumo zoKholo ziphucule njani ufundo lwakho levangeli okanye zikuncede njani ukuba wabelane ngevangeli nabanye?

Bona kananjalo IsiKhokelo kwiziBhalo, “IziVumo zoKholo.

IziVumo zoKholo 1:9; IziBhengezo Ezisemthethweni 1 kunye 2

IBandla likaYesu Krestu likhokelwa ngesityhilelo.

“Sikholwa ukuba [uThixo] usaya kutyhila izinto ezininzi ezinkulu nezibalulekileyo ngokuphathelele eBukumkanini bukaThixo” (IziVumo zoKholo 1:9). Ngalo mgaqo engqondweni, hlola IziBhengezo Ezisemthethweni 1 kunye 2, kwaye ukhangele amagama namabinzana awomeleza ukholo lwakho kwisityhilelo esiqhubekayo. Ingaba ezi zityhilelo zibuchaphazele kanjani ubomi bakho? Ziwuncede njani umsebenzi wobukumkani bukaBawo waseZulwini ukuba uqhubele phambili?

Bubuphi ubungqina obubonayo bokuba iCawa ikhokelwa “ngempefumlelo kaThixo uSomandla” namhlanje? (Isibhangezo esiseMthethweni 1). Mhlawumbi ungahlola omnye okanye engakumbi imiyalezo yamva nje yekomfa yajikelele, ujonge ukuba iNkosi ilikhokela njani iBandla yaYo—nobomi bakho. Owona myalezo wakutsha nje ovela kuMongameli weBandla unokuba yindawo elungileyo yokuqalisa.

Ungenza ntoni ukuba wena okanye umntu omthandayo uyasokola ukuqonda okanye ukwamkela oko iNkosi ikufundisayo ngabaprofeti Bayo? Kutheni unombulelo ngomprofeti?

Bona kananjalo Amos 3:7; 2 Nifayi 28:30.

Isibhengezo EsiseMthethweni 1

Umsebenzi kaThixo kumele uqhubekele phambili.

Kuso “Izicatshulwa ezivela kwiiNtetho Ezintathu zikaMongameli Wilford Woodruff ngokubhekisele kuPapasho-Nkqubo” (ekupheleni kwaso Isibhengezo EsiseMthethweni 1, zizathu zini umprofeti awazinika zeNkosi zokuphelisa isenzo somtshato wesithembu? Yintoni efundiswa koku malunga nomsebenzi kaThixo?

UMongameli Wilford Woodruff

Wilford Woodruff, nguH. E. Peterson

Isibhengezo Esisemthethweni 2

Ndingathembela eNkosini, nokuba ndingenakuqonda okugqibeleleyo.

Asazi ukuba kutheni ukumiselwa kobubingeleli nemimiselo yasetempileni yayingafumaneki kumalungu eBandla ayinzalelwane yaseAfrika ixeshana. Naxa bejongene nemibuzo enzima engaphendulekiyo ngalo mgaqo-nkqubo, abaninzi abaNgcwele beMihla yokuGqibela abaNtsundu bathembela eNkosini (bona iMizekeliso 3:5) kwaye bahlala bethembekile kuYo ubomi babo bonke. Ukufunda ngokholo lwamalungu namava kungaba yimpembelelo kuwe. Nazi zezinye zeengxelo zabo, zifumaneka ku history.ChurchofJesusChrist.org:

Njengoko ufunda Isibhengezo Esisemthethweni 2, ufunda ntoni ngenkqubo yeNkosi yokukhokela imigaqo-nkqubo yeBandla laYo? Cingisisa ngendlela oye wafunda ngayo ukuthembela eNkosini naxa ungenayo ukuqonda okugqibeleleyo.

Bona kananjalo 2 Nifayi 26:33

Kulungile ukuthi “Andazi.” Ngelixa kufuneka uzame kangangoko ukunceda abantu obafundisayo ukuba ubaphendule imibuzo yabo ngevangeli, iNkosi ayilindelanga ukuba wazi yonke into. Xa ungayazi indlela yokuphendula into, yivume. Emva koko yalatha abafundi kwimfundiso etyhiliweyo, kwaye unike ubungqina obunyanisekileyo bento oyaziyo.

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

icandelo labantwana umfanekiso 01

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

IziVumo zoKholo

Ndiyakholelwa kwivangeli kaYesu Krestu.

  • Cinga ngokufumana kwaye ucule amaculo okanye iingoma zabantwana ezinokunceda abantwana bakho baqonde enye okanye ngaphezulu yazo IziVumo zoKholo. Mhlawumbi banokunceda ukhethe amaculo neengoma. Nceda abantwana bakho babone indlela iingoma ezinxulumana ngayo nazo IziVumo zoKholo.

  • Wena nabantwana bakho ningasebenza kunye ukubhala imibuzo abantu abanokuba nayo malunga nevangeli likaYesu Krestu okanye iBandla laKhe. Ninokusebenza kunye ekuphenduleni loo mibuzo usebenzisa IziVumo zoKholo. Yiyiphi enye indawo esinokuya kuyo xa sinemibuzo ngevangeli?

IziVumo zoKholo 1:9; IziBhengezo Ezisemthethweni 1 kunye 1

INkosi ikhokela iBandla laYo ngomprofeti waYo.

  • Ukunceda abantwana bakho baqonde isivimo sokholo sethoba, mhlawumbi ungabanika iseti yezibhalo nomfanekiso womprofeti ophilayo (okanye upapasho lwamva nje lwenkomfa yayo Liyahona). Bacele ukuba baphakamise izibhalo njengoko ufunda amazwi “konke akutyhilileyo uThixo” kwaye nomfanekiso okanye imagazini xa ufunda “konke akutyhila ngoku” (IziVumo zoKholo 1:9). Kutheni le nto sidinga abaprofeti bakudala naba namhlanje?

  • Abantwana bakho banokufunda indlela amazwi abaprofeti abasikhokela ngayo ngokulandela imiyalelo yokwenza into, enjengokutya okanye into yokudlala. Oku unokukuthelekisa nemiyalelo uYesu Krestu asinika yona ngomprofeti. Zeziphi ezinye izinto iNkosi esifundise zona ngomprofeti waYo ophilayo namhlanje?

abantwana bebukele inkomfa yajikelele

UThixo ubiza abaprofeti ukuba bakhokele iBandla laKhe.

Izibhengezo Ezisemthethweni 1 kunye 2

Abaprofeti bayasinceda ukuba sazi intando kaBawo waseZulwini.

  • Mhlawumbi ukubona indlela izibhalo ezinxulumana ngayo nesityhilelo sanamhlanje kunokunceda abantwana bakho baliqonde Izibhangezo esiseMthethweni. Unokubacela ukuba bafunde Izenzo 10:34–35 naye Yakobi 2:27–30 kwaye ubameme ukuba bagqibe ukuba sesiphi isibhalo esinxulumene naso Isibhengezo Esisemthethweni 1 (esakhokelela ekupheleni komtshato wesininzi) nesinxulumene naso Isibhengezo Esisemthethweni 2 (esazisa ukuba ukumiselwa kobubingeleli nemimiselo yetempile iyafumaneka kubantu bazo zonke iintlanga). Nika ubungqina bakho bokuba iNkosi ityhila intando yaYo kubaprofeti bakudala naba ngoku.

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.