“EyoMnga 22–28: ‘ISiphiwo Esingalinganisekiyo esinguNyana kaThixo Wezulu,’” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)
“IKrismesi,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025
Inkcukacha ivela Nativity in Copper and Umber(Ukuzalwa kukaYesu kwiCopper kunye ne-Umber), nguJ. Kirk Richards
EyoMnga 22–28: ISiphiwo Esingalinganisekiyo esinguNyana kaThixo Wezulu
IKrisimesi
UMprofeti Joseph Smith waye wabhengeza, “Imigaqo eyona esisiseko senkolo yethu ibubungqina babaPostile nabaProfeti, ngokuphathelele kuYesu Krestu, okokuba Yena wafa, wangcwatywa, kwaye wavuka kwakhona ngosuku lwesithathu, waze wanyukela ezulwini; kwaye zonke ezinye izinto ezinxulumene nenkolo yethu zizihlomelo kuyo” (Teachings of Presidents of the Church: Joseph Smith [2011], 49). Ngaphezu kweminyaka eli-160 emva koko, le ngxelo yaphefumlela uBongameli bokuQala kunye neQumrhu labaPostile abaliShumi elineSibini ukuba bapapashe. “UKrestu Ophilayo: Ubungqina BabaPostile” ngembeko yesikhumbuzo seminyaka engama-2,000 yokuzalwa koMsindisi (bona uRussell M. Nelson, “Drawing the Power of Jesus Christ into Our Lives,” Liyahona, UCanzibe 2017, 40).
NjengabaNgcwele beMihla yokuGqibela, siyagcoba kwintsikelelo yesityhilelo esiqhubekayo kubaprofeti nakubapostile banamhlanje. Siyabulela ngamazwi wengcebiso aphembelelweyo, wesilumkiso, kunye nenkuthazo. Kodwa ngaphezu kwako konke, sisikelelwa bubungqina babo obunamandla bukaYesu Krestu—ngexesha leKrismesi kwakunye nasenyakeni wonke. Wona angaphaya kunamazwi achukumisayo wababhali abanobuchule okanye wezithethi zasesidlangalaleni okanye iingqiqo ezivela kwiingcali zezibhalo. Wona ngamazwi abanyuliweyo bakaThixo, ababiziweyo, nabagunyazisiweyo “amangqina akhethekileyo egama likaKrestu kulo lonke ihlabathi” (IMfundiso neMinqophiso 107:23).
Iingcebiso zokuFunda eKhaya naseBandleni
“Akekho omnye oye waba nempembelelo enzulu.”
Ubuya kuthini ukuxhasa ibinzana elithi “akekho omnye oye waba nempembelelo enzulu [njengoYesu Krestu] phezu kwabo bonke abbaphilileyo kwaye abasazakuphila phezu komhlaba”? Khangela iinyaniso “kuKrestu Ophilayo” ezingqina ngempembelelo enkulu yoMsindisi. Ingaba Yena ukuphembelela njani?
Masithi umntu ongaqhelananga nobuKrestu ukubuza isizathu sokuba uyibhiyozele iKrismesi. Ubuya kusabela njani? Uphononongo “UKrestu Ophilayo” ngalo mbuzo engqondweni, kwaye ucinge ngokubhala phantsi naziphi na iingcinga okanye uluvo oluza kuwe.
Why We Need a Savior
“Wavuka engcwabeni.”
“KuKrestu Ophilayo,” abaPostile bangqina ngoVuko loMsindisi, bekhankanya ukuzibonakalisa okuthathu kweNkosi evukileyo (bona umhlathi 5). Cingisisa ngokufunda ezinye iingxelo zolu tyelelo ku Yohane 20; 3 Nifayi 11; kunye Imbali—kaJoseph Smith 1:14–20. Yintoni oyifunda ngoMsindisi evela emazwini nakwizenzo zaKhe ngelixa lokoo kuzibonakalisa?
Gxila kuMsindisi. “Ukufunda ngomthandazo ‘UKrestu Ophilayo’ kufana nokufunda ubungqina bukaMateyu, UMarko, uLuka, noYohane, kunye nabaprofeti beNcwadi kaMormoni. Iyakwandisa ukholo lwakho kuMsindisi kwaye ikuncede uhlale ugxile kuYe” (M. Russell Ballard, “Return and Receive,” Liyahona, UCanzibe 2017, 65).
“UBubingeleli baKhe neBandla laKhe zibuyisiwe.”
Ngexesha lokufunda kwakho iMfundiso neMinqophiso kulo nyaka, uye wabanethuba lokufunda ngakumbi malunga nokuba “ububingeleli boMsindisi neBandla laKhe zibuyisiwe.” Zeziphi iinyaniso ezibuyisiweyo okanye imigaqo ethe yabanentsingiselo ngakumbi kuwe? Cingisisa ngokujonga kwakhona ezinye zezibhalo ezilandelayo ezifundisa ngeMbuyiselo: IMfundiso neMinqophiso 1:17–23; 13; 20:1–12; 65; 110; 112:30–32; 124:39–42; 128:19–21. Cingisisa ukuba iinyaniso zevangeli ebuyisiweyo zikunceda njani ukuba wazi kwaye umthande uYesu Krestu.
“Uya kubuyela emhlabeni ngenye imini.”
IKrismesi lixesha lokujonga ngasemva ngomhla awazalwa ngawo uYesu Krestu kwaye ukhangele phambili kumhla aya kubuya kwakhona. Yintoni oyifunda malunga nokubuya kwaKhe evel kumhlathi wesibini ukuya kowokugqibela “UKrestu Ophilayo”?
“Ukukukhanya, ubomi, kunye nethemba lehlabathi.”
Emhlathini wokugqibela “kuKrestu Ophilayo,” phawula iimpawu kunye namagama awanikwa uMsindisi. Cinga ngokuchitha ixesha ufunda ngezinye zazo. Umzekelo:
Ukukhanya: UYesu Krestu ufana njani nokhanyiso kuwe? Unokucinga ngokuzoba umfanekiso okanye ukuthatha ifoto, emele ukukhanya Akunika kona. Uziva uphefumlelwe ukuba wenze ntoni ukwabelana ngokukhanya kwaKhe? (Bona kwakho Yohane 8:12; 3 Nifayi 18:24; IMfundiso neMinqophiso 50:24.)
Ubomi: Kutheni ucinga ubomi ngaba ligama elilungileyo lokuchaza uYesu Krestu? Ukunika ubomi ngayiphi indlela? Ubomi bakho bebungahluka njani ngaphandle kwaKhe nevangeli yakhe? (Bona kananjalo Yohane10:10; 1 AbaseKorinte 15:19–23; IMfundiso neMinqophiso 66:2.)
Ithemba: Unethemba lantoni ngenxa kaYesu Krestu nevangeli yaKhe? Ngaba kukho umntu omaziyo oziva engenathemba ngekamva? Cingisisa ukuba ungabelana njani naloo mntu ngethemba ovakalelwa ngalo ngoYesu Krestu. (Bona kwakho AmaRoma 8:24–25; Etere 12:4; Moronayi 7:41.)
“UThixo makabulelwe ngesiphiwo esingalinganisekiyo esinguNyana waKhe wezulu.”
“KuKrestu Ophilayo,” abaPostile babhekisa kuMsindisi “njengesiphowo” esivela kuBawo wethu waseZulwini. Ngokusekwe kwinto oyifumana kuyo “UKrestu Ophilayo,” ungasigqibezela njani esi sivakalisi: “NgoYesu Krestu, uThixo undipha iziphowo ze…” Cingisisa ngento onokuyenza ukuze ufumane ezi ziphowo ngokuzeleyo.
Ingaba ukufunda “UKrestu Ophilayo” iluchaphazele kanjani ukholo lwakho kunye nothando lwakho kuMsindisi?
:
Excerpts from "The Living Christ: The Testimony of the Apostles"
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha
Iingcebiso zokuFundisa Abantwana
“Ndinokunikela [ubungqina] bam” ukubhiyozela ukuzalwa kukaYesu.
-
Cinga ngendlela onokubazisa ngayo abantwana bakho “UKrestu Ophilayo.” Mhlawumbi unokubanceda balathe igama Krestu kwisihloko kunye nemisayino yoBongameli bokuQala kunye nabaLishumi elineSibini. Usenokuchaza ukuba obu bubungqina babo ngoYesu Krestu ababefuna ukwabelana nabo nehlabathi.
-
Unganika umntwana ngamnye ibinzana elisuka kulo “UKrestu Ophilayo” kwaye ubacele ukuba bafumane okanye bazobe umfanekiso welo binzana. Emva koko unokubanceda bafumane eli binzana “UKrestu Ophilayo.” Usenokude uhlanganise loo mifanekiso namabinzana encwadini.
-
Yabelanani omnye nomnye ngendlela enazuza ngayo ubungqina benu ngoYesu Krestu. Mhlawumbi ungadlulisa umfanekiso woMsindisi kwaye nitshintshisane ngokwabelana ngento oyaziyo ngaYe (kuquka neenyaniso ezifundiswayo “UKrestu Ophilayo”).
“Wahamba-hamba esenza okulungileyo.”
-
Njengoko wena nabantwana bakho nifunda umhlathi wesibini “KaKrestu Ophilayo,” thetha nabo ngezinye zezinto ezenziwa nguYesu. Mema abantwana bakho ukuba bathethe ngento eyenziwa nguMsindisi emifanekisweni. Singabakhonza njani abanye njengoko wenzayo?
“Ukukukhanya, ubomi, kunye nethemba lehlabathi.”
-
Culani amaculo kunye, kwaye nivumele abantwana benu babelane ngendlela uYesu akuzise ngayo ukukhanya, ubomi, kunye nethemba ebomini babo.
“UThixo makabulelwe ngesiphiwo esingalinganisekiyo esinguNyana waKhe wezulu.”
-
Ziziphiwo zini esithe sazifumana ngenxa kaYesu Krestu? Mhlawumbi wena nabantwana bakho ningakhangela ezi ziphiwo “kuKrestu Ophilayo” okanye kwi ngoma elifana neli “He Sent His Son” (Children’s Songbook, 34–35). Emva koko babenokusonga isipho esimela ezo ziphowo. Ungacebisa ukuba abantwana bakho bavule iziphowo ngoSuku lweKrismesi ukubanceda bakhumbule uMsindisi kunye neziphowo zaKhe kuthi.
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.