“EyoMdumba 10–16: ‘Uze Uphume Ungowoyisileyo’: IMfundiso neMinqophiso 10–11,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)
“IMfundiso neMinqophiso 10–11,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025
Ikopi yombhalo-ngqangi wokuqala weNcwadi kaMormoni
EyoMdumba10–16: “Uze Uphume Ungowoyisileyo”
IMfundiso neMinqophiso 10–11
Njengoko inguqulelo yeNcwadi kaMormoni yayiqhubekeka, umbuzo wazivelela: Yintoni uJoseph Smith no-Oliver Cowdery ekwakumele bayenze malunga naloo maphepha wenguqulelo ayelahlekile? Eyona nto eyenza ingqondo isenokuba kukubuyela umva kwaye kuguqulelwe kwakhona laa ndawana, kodwa iNkosi yayibona into bona ababengayiboni: iintshaba zabo zaziceba ukuguqula amagama awayekuloo maphepha ukwenza intandabuzo kumsebenzi ophenjelelweyo kaJoseph. UThixo wayenecebo lokuphepha loo ngxaki aze agcine umsebenzi uhambela phambili. Iminyaka engamawaka ngaphambili, uThixo wakhuthaza uNifayi ukuba abhale ingxelo yesibini eyayigubungela ixesha elifanayo “ngenjongo yobulumko kuYe” (1 Nifayi 9:5).
“Ubulumko bam,” yatsho iNkosi kuJoseph, “bukhulu ngakumbi kunobuqhetseba bomtyholi” (IMfundiso neMinqophiso 10:43). Lo ngumyalezo oqinisekisayo kumhla ofana nowethu, xa imizamo yotshaba yokwenza nkenenkene ukholo iya iqina. NjengoJoseph, thina singakwazi ukuba sibe “sithembekile kwaye siqhubekeke” kumsebenzi uThixo asibize ukuba siwenze (umqolo 3). Emva koko siya kufumanisa ukuba Yena sele ayenzile indlela yokuba “namasango esihogo awayi koyisa” ngokuchasene nathi (umqolo 69).
Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni
IMfundiso neMinqophiso 10:1–33
UThixo “akayi kuyekela abe uSathana uya kuphumelelisa injongo yakhe embi.”
USathana angakhetha ukuba silibale ngokuba yena uyaphila—okanye ukuba sehlulakale ekuqapheleni amalinge akhe wokusifaka ifuthe (bona 2 Nifayi 28:22–23 Kodwa amazwi eNkosi kwiMfundiso neMinqophiso 10 aqinisekisa ukuba uSathana ukho ngokwenene—yaye uyawuchasa ngenkuthalo umsebenzi weNkosi. Kuyo imiqolo 1–33, chonga oko uThixo wayekwazi ngemigudu kaSathana (bona kananjalo imiqolo 62–63). Ungacela kananjalo iNkosi ikuncede ubone ukuba inoba ukuhenda njani uSathana. Njengoko ufunda icandelo 10, cingsisa ngendlela uMsindisi anokunceda ngayo umelane nemigudu kaSathana.
IMfundiso neMinqophiso 10:34–52
ObeNkosi “ubulumko bukhulu ngakumbi kunobuqhetseba bomtyholi.”
UNifayi wayengazi ukuba kutheni waphenjelelwa ukuba enze amaqela amabini eembali zabantu bakhe. Kwaye uMormoni wayengazi ukuba kutheni waphefumlelwa ukuba abandakanye iqela lesibini kunye namacwecwe egolide. Kodwa bobabini aba baprofeti babenokholo lokuba uThixo “unenjongo yobulumko” (1 Nifayi 9:5; Amazwi kaMormoni 1:7). Namhlanje siyazi ubuncinci inxalenye yaloo njongo: ukuthatha indawo yamaphepha ali-116 alahlekileyo eNcwadi kaMormoni. Ucinga ukuba iNkosi ifuna ufunde ntoni kuyo yonke le nto? Cingisisa ngala mbuzo njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 10:34–52. Ungenza uluhlu lweenyaniso ozifunda ngeNkosi kule miqolo. Ezi nyaniso zibuchaphazela njani ubudlelwane bakho naYe? Yintoni ekuchukumisayo ngobulumko beNkosi nokubona kwangaphambili ekulungiseleleni ukulahleka kwamaphepha ali-116?
Ungaziva kananjalo ukuba uphenjelelwe ukuba ukhangele ubungqina bobulumko baKhe kunye nokubona kwangaphambili ebomini bakho. Cingisisa ngokububhala phantsi njengoko ziza kuwe. Ibisebenza njani iNkosi ebomini bakho? Ngokomzekelo, “ziziganeko” zini na Yena azilungiseleleyo? Zeziphi iziseko Yena azibekileyo ngeentsikelelo zakho? Ukukhokele nini Yena ukuba ulungiselele kumntu osweleyo?
Bona kananjalo KwabaseRoma 8:28; IMfundiso neMinqophiso 90:24.
Inkcukacha ivela ku Mormon Abridging the Plates [Mormoni Efinyeza amaCwecwe], nguTom Lovell
“Beka ithemba lakho kuMoya [weNkosi].”
Umntakwabo kaJoseph omdala uHyrum wayenomdla wokwazi ngentando yeNkosi ngaye, ke wacela uJoseph ukuba afune isityhilelo egameni lakhe. UMprofeti wayekuvuyela ukwenza njalo, kodwa umyalezo ube mnye ubuncinane kweso sityhilelo (IMfundiso neMinqophiso 11) kukuba uHyrum angazifunela isityhilelo yena. Kwaye kunjalo “bonke abo baneminqweno elungileyo, kwaye bathe baphosela iirhengqe zabo ekuvuneni”(umqolo 27). Njengokuba ufunda icandelo 11, uva ukuba iNkosi ikufundisa ntoni ngesityhilelo sobuqu? Oku kunxulumana njani nento Yena awayifundisa u-Oliver Cowdery kumai candelo:6–9? Yeyiphi eminye imiyalezo anayo Yena ngawe?
Mema abafundi ukuba babuze imibuzo. Imibuzo idla ngokukhokelela kwisityhilelo. Ukuba ufundisa usapho lwakho okanye iklasi yeCawa, bakhuthaze ukuba babuze imibuzo, kwaye ubancede bafumane iimpendulo kwizibhalo. Ngokomzekelo, ukuba banemibuzo malunga nesityhilelo sobuqu, khangelani kunye iimpendulo kwiMfundiso neMinqophiso 11:12–14.
IMfundiso neMinqophiso 11:15–26
Njengoko ndifuna “ukuzuza ilizwi [likaThixo],” ndiya kufumana uMoya waKhe namandla.
Nkqu kwaphambi kokuba iNcwadi kaMormoni iguqulelwe, uHyrum Smith wayenenxalabo ukuncedisa kumsebenzi woBuyiselo. Njengoko ufunda impendulo yeNkosi kwiminqweno yakhe, cingisisa ngokuba kuthetha ntoni kuwe “ukuzuza ilizwi [likaThixo]”(umqolo 21). Kukunceda kanjani ukuzuza ilizwi likaThixo ukuba umkhonze Yena ngamandla?
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga Liyahona kunye Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
Njengoko ndithandaza rhoqo, ndifumana amandla kuThixo.
-
Ukwazisa le miqolo ebantwaneni bakho, unokubabuza ngezinto “abasoloko” bezenza. Ithi yintoni iNkosi emasisoloko siyenza kwiMfundiso neMinqophiso 10:5? Kutheni efuna Yena ukuba senze oku?
-
Ungabanceda njani abantwana bakho bakhumbule ukuthandaza rhoqo? Mhlawumbi banokuqokelela amatye amancinane ambalwa, agudileyo baze bapeyinte kuwo “IMfundiso neMinqophiso 10:5” okanye “Thandaza Rhoqo.” Babe nokubeka amatye abo kwiindawo ngeendawo apho bafuna ukukhunjuzwa ukuba bathandaze, njengakufutshane neebhedi zabo, kunye neencwadi zabo zesikolo, okanye apho batya khona. Ngokwe Mfundiso neMinqophiso 10:5, usisikelela njani uThixo xa sithandaza? Abantwana bakho banokufumana iimpendulo ezongezelelweyo kwingoma.
IMfundiso neMinqophiso 11:12–13
UMoya oyiNgcwele uyandikhokelela ekwenzeni okulungileyo.
-
Abantwana banokufunda ukuqaphela xa uMoya uthetha nabo. Ukubanceda, unokufihla ibhalbhu okanye isibane nomfanekiso wobuso obonwabileyo kwindawo ethile kwigumbi; uze ucele abantwana bakho ukuba bazikhangelele ezi zinto. Funda IMfundiso neMinqophiso 11:13, uze uncede abantwana bakho bachonge amagama anxibelelena nezinto abazifumeneyo. Yintoni esifundisa yona la mazwi ngendlela uMoya oyiNgcwele asinceda ngayo?
-
Ukwabelana ngamava akho omoya kunganceda abantwana bakho babone impembelelo yoMoya oyiNgcwele ebomini babo. Njengoko usabelana, bacele ukuba babelane ngamava abo nabo. Nisenako kananjalo ukufunda kunye IMfundiso neMinqophiso 11:12–13, nijonga indlela eninokuqonda ngayo xa uMoya oyiNgcwele enikhokela. Ngqina ukuba uBawo waseZulwini ufuna ukusikhokela ngoMoya oyiNgcwele.
IMfundiso neMinqophiso 11:21–26
Ndidinga ukwazi ivangeli ukuze ndikwazi ukunceda abanye bafumane inyaniso.
-
Kanje njengoHyrum Smith, abantwana bakho mhlawumbi bayakuba namathuba amaninzi okwabelana nabanye ngevangeli. Ningafunda kunye IMfundiso neMinqophiso 11:21, 26 kwaye ucele abantwana bakho ukuba bafumane oko iNkosi yakuxelela uHyrum ukuba kufuneka akwenze ukuze abe nokufundisa ivangeli. Kuthetha ukuthini “ukuzuza” ilizwi likaThixo? Singakwenza njani oku? “Siligcina” njani ilizwi likaThixo ezintliziyweni zethu? Mhlawumbi abantwana bakho bangadlala indima yokwabelana ngento ethile ngoYesu Krestu okanye ngeNcwadi kaMormoni nabanye.
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.