Doctrine and Covenants 2025
EyoMqungu 27–EyoMdumba 2: “Umsebenzi Wam Uya Kuya Phambili”: IMfundiso neMinqophiso 3–5


“EyoMqungu 27–EyoMdumba 2: ‘Umsebenzi Wam Uya Kuya Phambili’: IMfundiso neMinqophiso 3–5,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla:: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)

“IMfundiso neMinqophiso 3–5,” Yizani, Nindilandele— EyeKhaya neBandla: 2025

umsebenzi entsimini

EyoMqungu 27–EyoMdumba 2: “Umsebenzi Wam Uya Kuya Phambili”

IMfundiso neMinqophiso 3–5

Kwixesha leminyaka embalwa yokuqala njengomprofeti weNkosi, uJoseph Smith wayengekayazi yonke into malunga “nomsebenzi omangalisayo” awayewubizelwe ukuwenza. Kodwa inye into awayifundiswa ngamava akhe wokuqala yayi yeyokuba ukuze awulungele umsebenzi kaThixo, iliso lakhe ngokwenene kufuneka “libe linye ekujongeni uzuko lukaThixo” (IMfundiso Neminqophiso 4:1, 5). Ngokomzekelo, ukuba iNkosi yayemcebisa ukuba enze into awayengaqinisekanga ukuba ufuna ukuyenza, kwakufuneka elandele iseluleko seNkosi. Kwaye nokokuba “wayenezityhilelo ezininzi …namandla okwenza imisebenzi emininzi enamandlakazi,” ukuba wayevakalelwa kukuba eyona nto wayeyifuna ibaluleke ngaphezu kwentando kaThixo, “wayemele ukuwa” (IMfundiso neMinqophiso 3:4). Kodwa uJoseph wayefunde okuthile okwakubalulekile malunga nokwenza umsebenzi kaThixo: “uThixo unenceba,” kwaye ukuba uJoseph wayeguquke ngokwenene, “wayesanyuliwe” (umqolo 10). Umsebenzi kaThixo, emva kwako konke, umsebenzi wentlawulelo. Kwaye loo msebenzi “awunakutyhafiswa” (umqolo 1).

umfanekiso wokufunda

Izimvo zokufunda eKhaya naseBandleni

IMfundiso neMinqophiso 3:1–16

umfanekiso weseminari
Ndingamthemba uThixo.

Ekuqaleni kobulungiseleli bukaJoseph Smith, kwakunzima ukufumana abahlobo abalungileyo—ingakumbi abahlobo abafana noMartin Harris, indoda ehloniphekileyo, ephumeleleyo eyenza amadini amakhulu ukuxhasa umsebenzi kaJoseph. Ngoko ke xa uMartin wacela imvume yokubonisa amaphepha okuqala ali-116 emibhalo-ngqangi yoguqulelo lweNcwadi kaMormoni kumfazi wakhe, uJoseph ngokwemvelo wayefuna ukuhlonipha isicelo sakhe, nangona iNkosi yayilumkisile ngokuchasene nayo. Okubuhlungu, kukuba amaphepha aye alahleka xeshikweni ayeselugcinweni lukaMartin, uJoseph noMartin bohlwaywa kabukhali yiNkosi (bona Saints,, 1:51–53).

Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 3:1–15, cingisisa ngento iNkosi efuna ukuba ufunde kumava wabo. Ngokomzekelo, ufunda ntoni malunga:

  • Umsebenzi kaThixo? (bona imiqolo 1–3, 16).

  • Iziphumo zokoyika abantu endaweni yokukholosa ngoThixo? (bona imiqolo 4–8).

  • Iintsikelelo ezifumaneka ngokuhlala uthembekile? (bona umqolo 8).

  • Indlela iNkosingokumbini yamlungisa kwaye yamkhuthaza ngayo uJoseph? (bona imiqolo 9–16).

Ufunda ntoni kwezi ngxelo? Ngawaphi amava oye waba nawo apho uthe wathembela eNkosini xa ujongene noxinzelelo lokwenza into eyahlukileyo? Zaba yintoni iziphumo zezenzo zakho?

IMfundiso neMinqophiso 4

Ndinokumkhonza uThixo ngentliziyo, ngamandla, ingqondo, nangamandla am onke.

Icandelo 4 lisoloko lisetyenziswa kubafundisi bevangeli besigxina. Nangona kunjalo, kunikisa umdla kakhulu ukuphawula ukuba esi sityhilelo sasinikwe uJoseph Smith Sr. ekuqaleni, owayengabizelwa emsebenzini wokufundisa ivangeli kodwa wayesese “neminqweno yokusebenzela uThixo” (umqolo 3).

Enye indlela yokufunda eli candelo kukuba nomfanekiso-ngqondweni walo njengenkcazelo yomsebenzi womntu ofuna ukunceda ngomsebenzi weNkosi. Yintoni iNkosi eyikhangelayo? Zeziphi iinzuzo Yena anikezela ngazo?

Ufunda ntoni ngokukhonza iNkosi kwesi sityhilelo?

UMongameli uRussell M. Nelson wayibiza indibano kaSirayeli “ngo owona mceli mngeni omkhulu, unobangela omkhulu, kunye nomsebenzi omkhulu emhlabeni” (“Hope of Israel” [worldwide youth devotional, June 3, 2018], Gospel Library). Ufumana ntoni kwintetho yakhe ekukhuthaza ukuba uthathe inxaxheba kulo msebenzi?

abafundisi bevangeli bethetha nebhinqa ngelixa benikela inkonzo

Wonke umntu onomnqweno wokukhonza uThixo ubizelwe emsebenzini.

IMfundiso neMinqophiso 5

NgoMoya oyiNgcwele, ndingafumana ubungqina beNcwadi kaMormoni.

NgoMatshi 1829, inkosikazi kaMartin Harris, uLucy, yafaka ibango enkundleni yokuba uJoseph Smith wayekhohlisa abantu ngokwenza ngathi uguqulela amacwecwe egolide (bona Saints [Abangcwele], 1:56–58). Ngoko ke uMartin wacela uJoseph ukuba amnike ubungqina obungakumbi bokuba amacwecwe egolide ayeyinyani. IMfundiso Neminqophiso 5 sisityhilelo esiyimpendulo kwisicelo sikaMartin. Ufunda ntoni kweli candelo malunga nokulandelayo:

  • Oko iNkosi ithi kuya kwenzeka ukuba amacwecwe egolide ebenokuboniswa ukuze ihlabathi liwabone (bona IMfundiso neMinqophiso 5:7). Kutheni ucinga ukuba kunjalo?

  • Indima yamangqina emsebenzini weNkosi (bona imiqolo 11–15; bona kananjalo Kwabasekorinte II 13:1).

  • Indlela yokuzizuzela ubungqina beNcwadi kaMormoni ngokunokwakho (bona imiqolo 16, 24; bona kananjalo Moronayi 10:3–5).

IMfundiso neMinqophiso 5:1–10

UYesu Krestu wasinika ilizwi laKhe ngoJoseph Smith.

Yintoni IMfundiso Neminqophiso 5:1–10 ekufundisa yona malunga nendima kaJoseph Smith kumhla wethu—nasebomini bakho? (Bona kananjalo 2 Nifayi 3:6–24.)

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona kunye Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

icandelo labantwana umfanekiso 02

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

IMfundiso neMinqophiso 3:5–10; 5:21–22

Ndingakhetha okulungileyo xa abanye bezama ukuba ndenze okungalunganga.

  • To start a discussion about learning to trust Heavenly Father, you might want to review the story of the lost manuscript pages (bona Doctrine and Covenants Stories [Amabali eMfundiso neMinqophiso], 18–21). Ungadlala indima kunye nabantwana bakho kwiimeko apho banokuhendeka ukuba benze into abayaziyo ukuba ayilunganga. Ngawaphi amagama okanye amabinzana kuyo IMfundiso neMinqophiso 3:5–8; 5:21–22 anokubanceda ngelixesha lezi meko?

    4:39

    Martin Harris Helps Joseph: Learning to trust the Lord

IMfundiso neMinqophiso 4

INkosi iyandimema ukuba ndingene ekuphumleni kwaYo.

  • Umqolo namnye kuyo IMfundiso neMinqophiso 4 iqulethe iinyaniso ezixabisekileyo ezinokunceda abantwana bakho bafunde ngokukhonza uThixo. Nazi ezinye izimvo zokubanceda bafumane ezi nyaniso:

    • Ninokufunda kunye IMfundiso neMinqophiso 4:1 nize nibonise imifanekiso ebonisa umsebenzi “omangalisayo” kaThixo wemihla yokugqibela (njengabafundisi bevangeli, iitempile, neNcwadi kaMormoni).

    • Abantwana bakho banokucinga ngezenzo okanye bazobe imifanekiso enebinzana elithi “nimsebenzela ngentliziyo yenu yonke, ngamandlakazi, ngengqondo nangokomelela.” (IMfundiso neMinqophiso 4:2).

    • Ninokujonga kunye izixhobo ezisetyenziselwa ukusebenza entsimini. Zisinceda njani ezi zixhobo? Emva koko abantwana bakho banokufumana izinto kwiMfundiso neMinqophiso 4:5–6 ezifana nezixhobo zokwenza umsebenzi kaThixo.

    • Abantwana abadala banokukhangela IMfundiso neMinqophiso 4 ngokwabo baze benze uludwe lwezinto abazifundayo okokuba kuthetha ukuthini ukukhonza uThixo.

    • Nisenokucula kunye ingoma engomsebenzi wobuvangeli.

inkwenkwe encinci encedisa ukutyala umthi

Ndingancedisa ngomsebenzi kaThixo ngokukhonza abanye.

Lungelelanisa imisebenzi ukulungiselela abantu abakhubazekileyo. Ukulungiswa okuncinci kwimisebenzi kunokuqinisekisa ukuba wonke umntu unethuba lokufunda. Ngokomzekelo, ukuba umsebenzi ucebisa ukubonisa umfanekiso, ungacula ingoma endaweni yokubandakanya abantu abangaboniyo.

IMfundiso neMinqophiso 5:1–7, 11, 16, 23–24

Ndingaba lingqina lokuba iNcwadi kaMormoni iyinyani.

  • Ukuze ufundise abantwana bakho ngamangqina, unokubacela ukuba bacinge ukuba umhlobo wabo ubaxelele ukuba babone ikati ihamba ngemilenze yayo yangaphambili. Ngaba babeza kuyikholelwa? Ukuba omnye umhlobo uthethe into efanayo? Thetha malunga nokuba yintoni “ingqina” kwaye kutheni amangqina ebalulekile. Emva koko unokunceda abantwana bakho bakhangele IMfundiso neMinqophiso 5:1–3, 7, 11 iimpendulo kwimibuzo efana nale:

    • Yintoni uMartin Harris awayefuna ukuyazi?

    • Ngubani owayenokuboniswa nguJoseph Smith amacwecwe egolide?

    • Kutheni ukubona amacwecwe mhlawumbi kungenako ukuqinisekisa umntu iNcwadi kaMormoni iyinyani?

    • Singenza ntoni ukuze sibe ngamangqina eNcwadi kaMormoni? (bona IMfundiso neMinqophiso 5:16; kuMoroni 10:3–5).

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

umfanekiso kaJoseph Smith nabazali bakhe bebonakala bexhalabile

Devastating Weight of 116 Pages [Umthwalo Wobunzima Wamaphepha ali-116], nguKwani Povi Winder

iphepha lomsebenzi labantwana