“Amazwi oBuyiselo: Inguqulelo yeNcwadi kaMormoni,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)
“Inguqulelo yeNcwadi kaMormoni,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025
Amazwi oBuyiselo
Inguqulelo yeNcwadi kaMormoni
KuTshazimpuzi 1829, inyanga apho amacandelo 6–9 eMfundiso neMinqophiso afunyanwa ngayo, owona msebenzi ongundoqo kaJoseph Smith yayikukuguqulela iNcwadi kaMormoni. Thina asazi nkcukacha zininzi malunga nenkqubo emangalisayo yenguqulelo, kodwa siyazi ukuba uJoseph Smith wayeyimboni, eyancedwa zizixhobo uThixo awayezilungiselele: amatye amabini acacileyo ayebizwa ngokuba yiYurim neTumim nelinye ilitye elalibizwa ngokuba lilitye lemboni.
Xa wayecelwa kamva ukuba abalise indlela lo mqulu owawuguqulelwe ngayo, uJoseph wathi “kwakungenzelwanga ukuxelela ihlabathi zonke iinkcukacha.” Yena wayesoloko esithi nje ngokulula ukuba yaguqulelwa “ngesipho, nangamandla kaThixo.”
Ezi ngxelo zilandelayo, zisuka kumangqina okuzibonela kwinkqubo yenguqulelo, axhasa ubungqina bukaJoseph.
Kukholelwa ukuba le bhokisi, eyayi yekaHyrum Smith, yayisetyenziswa ukufihla amacwecwe egolide okwethutyana.
U-Emma Smith
“Xa umyeni wam wayeguqulela iNcwadi kaMormoni, mna ndabhala inxalenye yayo, njengoko wayebiza isivakalisi ngasinye, igama ngegama, kwaye xa wayefika kumagama okwenene awayengakwazi ukuwabiza, okanye amagama amade, wayewapela, kwaye xeshikweni ndandiwabhala, ukuba ndandenze impazamo yokuwapela, wayendimisa kwaye alungise upelo lwam nangona kwakungakwazeki ukuba abone ukuba ndandiwabhala njani ngeloxesha. Nkqu negama uSarah wayengakwazi ukulibiza ekuqaleni, kodwa kwakumele ukuba alipele, ndize ndimbizele lona.”
Amacwecwe ayesoloko ebekwe phezu kwetafile ngaphandle kwelinge lokuwafihla, esongelwe ngelaphu letafile elincinci lelineni, endandimnike lona ukuba awasongele ngalo. Mna ndakhe ndawampampatha amacwecwe, njengoko ayebekwe phezu kwetafile, ndiweva ulwandlalo awo nokumila kwawo. Ayekhangeleka epakishene okwephepha elomeleleyo, kwaye ayekhenkceza oku kwesandi sentsimbi xa amacala ayeshukunyiswa yinupha, njengoko umntu ngamanye amaxesha etyhila amaphepha encwadi. …
“Inkolelo yam kukuba iNcwadi kaMormoni yeyemvelo yobuthixo—andina kwa ntandabuzo tu ngoko. Ndanelisekile ukuba akukho mntu owayenokuyalela ukubhalwa kweengqangi zenguqulelo ngaphandle kokuba wayephenjelelwe; ngoba, xa ndandisebenza njengombhali wakhe, [uJoseph] wayendibizela iyure emva kweyure; kwaye xa ebuyela emva kwezidlo, okanye emva kweziphazamiso, wayeqalisa kanye apho wayeyeke khona, ngaphandle kokubona iingqangi zenguqulelo okanye abenenxalenye yazo ifundelwe yena. Le yayiyinto yesiqhelo yokwenza kuye. Kwakungenako ukulindeleka ukuba indoda efundileyo ikwazi ukwenza oku; kwaye, kumntu ongazi nto nongafundanga nje ngokuba wayenjalo, ngokulula nje kwakungenako ukwenzeka.”
U-Oliver Cowdery
“Mna ndandibhala ngosiba lwam iNcwadi kaMormoni yonke (ngaphandle nje kwamaphetshana ambalwa) njengoko ayesiwa emlonyeni womprofeti, njengoko wayeyiguqulela ngesipho nangamandla kaThixo, ngoncedo lweYurim neTumim, okanye, njengoko zibizwa yincwadi, iziguquleli ezingcwele. Mna ndazibonela ngala wam amehlo, kwaye ndawabamba ezandleni zam, amacwecwe egolide lawo yayiguqulelwe kuwo. Ndazibona kananjalo iziguquleli.”