Yizani, Nindilandele 2024
EyoMnga 21–27. “Simlindele Yena, kwaye Uya Kusisindisa”: IKrisimesi


“EyoMnga 21–27. ‘Simlindele Yena, kwaye Uya Kusisindisa’: IKrisimesi,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)

“EyoMnga 21–27. ‘Simlindele Yena, kwaye Uya kusisindisa,’” Yizani, Nindilandele: ITestamente eNdala 2026

umntwana uYesu elele

Kuba Sizalelwe Umntwana, nguSimon Dewey

NgoMnga 21–27: “Sithembele Kuye, kwaye Uya Kusisindisa”

IKrisimesi

ITestamente eNdala ithwele umoya wokulinda okunika umdla. Ngaloo ndlela, iphantse ifane kancinane nexesha leKrisimesi. Ukuqala ngo-Adam no-Eva, oosolusapho beTestamente eNdala, abaprofeti, iimbongi, nabantu babekhangele phambili kwiintsuku ezingcono, bezaliswe lithemba lokuvuselelwa nokuhlangulwa kukaMesiya. Kwaye amaSirayeli ayesoloko elidinga elo themba—nokokuba ayesekuthinjweni eYiputa okanye eBhabheli okanye ethinjiwe sisono sawo okanye yimvukelelo yawo. Kuko konke oko, abaprofeti babewakhumbuza ukuba uMesiya, uMhlanguli, wayeya “kumemeza inkululeko kwabathinjiweyo” (Isaya 61:1).

Elo themba laye laqala ukuqondakala xa uYesu Krestu wayezalwa eBhetelehem. UMkhululi onamandla wakwaSirayeli waye wazalelwa esitalini walaliswa emkhumbini wesitali (bona Luka 2:7). Kodwa Yena wayengenguye nje uMhlanguli wamaSirayeli wamandulo. Wayezokuku hlangula—ezokuthabathela phezu kwakhe izifo zakho, athwale umvandedwa wakho, atyunyuzwe ngenxa yezenzo zakho ezigwenxa, ukuze uphiliswe ngemivumbo yaKhe (bona Isaya 53:4–5). Yiyo loo nto iKrisimesi igcwele ngumlindo wemvuyo nanamhlanje. UMesiya weza eminyakeni engaphaya kwa-2,000 eyagqithayo, kwaye Yena uyaqhubeka ukuza ebomini bethu nanini na xa simfuna Yena.

umfanekiso wokufunda

Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni

umfanekiso weseminari
Ndivuya ngoMkhululi wam.

IKrisimesi yaziwa njengexesha elonwabisayo ngenxa yovuyo uYesu Krestu aluzisa emhlabeni. Kwiinkulungwane zeminyaka ngaphambili kokuba uMsindisi azalwe, abaprofeti beTestamente eNdala nabo babeyiva loo mvuyo njengoko babethetha ngoMesiya ozayo. Funda eminye yale mihlathi ilandelayo, kwaye ucinge ngokokuba kutheni kusenokwenzeka ukuba yayixabisekile kwabo babekhangele phambili kumsebenzi woMsindisi: IiNdumiso 35:9; Isaya 25:8–9; 44:21–24; 51:11; Zefaniya 3:14–20; Moses 5:5–11 Kutheni le mihlathi ixabisekile kuwe? Zeziphi izizathu ezizicatshulwa zezi zibhalo ukuze sibe novuyo?

Bona ngokunjalo uDallin H. Oaks, “Good Tidings of Great Joy” (First Presidency Christmas devotional, Dec. 4, 2022) , Ithala leencwadi zeVangeli; “Joy to the World,” Hymns, no 201.

inkwenkwezi eqaqambileyo esibhakabhakeni ebusuku

Imiqondiso ingandinceda ukuba ndikhumbule uYesu Krestu.

Izithethe ezininzi ezinxulumene neKrisimesi zingabaneentsingiselo ezinemiqondiso esikhomba kuKrestu. Njengoko ufunde iTestamente eNdala kulo nyaka, kusenokwenzeka ukuba uye waqaphela iimpawu ezininzi zoMsindisi. Eminye embalwa idweliswe ngezantsi. Cingisisa ngokuyifunda kwaye ubhale oko ikufundisa kona ngaYe.

  • Inkwenkwezi (Numeri 24:17; Mateyu 2:2; ISityhilelo 22:16).

  • Umalusi (IiNdumiso 23; Luka 15:4–7; Yohane 10:11)

  • IMvana (Genesis 22:8; Eksodus 12:5; 1 Petros 1:18–20).

  • Amanzi (Eksodus 17:1–6; Yeremiya 2:13; Hezekile 47:1–12; Yohane 4:7–14).

  • ILiwa (Samuweli I 2:2; Samuweli II 22:2–3; INdumiso 118:22–23; Isaya 28:16; Efese 2:20).

  • Ihlumelo (Isaya 11:1–2; Yeremiya 23:5; 33:15).

  • Ukukhanya (IiNdumiso 27:1; Isaya 9:2; 60:19; Mika 7:8; Yohane 8:12).

Zeziphi ezinye iimpawu, imihlathi, neengxelo othe wazifumana kwizibhalo ezingcwele ezingqina ngoYesu Krestu?

Bona kananjalo 2 Nifayi 11:4; Mozaya 3:14–15; UMoses 6:63; “Yesu Krestu,” (Ithala Leencwadi zeVangeli).

“Igama laKhe liya kubizwa ngokuba nguMmangaliso.”

UYesu Krestu ubizwa ngamagama amaninzi ahlukileyo. Khangela imixholo kwezivesi zilandelayo: INdumiso 23:1; 83:18; Isaya 7:14; 9:6; 12:2; 63:16; Amosi 4:13; Zekariya 14:16; UMoses 7:53. Ngawaphi amanye amagama onokuwacinga? Usenokonwabela ukudwelisa amagama kaYesu Krestu owafumana emaculweni weKrisimesi. Ingaba igama ngalinye liyichaphazela kanjani indlela ocinga ngayo ngaYe?

Cingisisa ngokukhetha isihloko okanye indima yoMsindisi eyakunceda ukuba umkhumbule kuwo wonke unyaka ozayo.

The Herald Angels Sing,” Amaculo, no. 209.

Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomelela uLutsha.

umfanekiso wecandelo labantwana

Izimvo zokuFundisa Abantwana

ITestamente eNdala indifundisa ngoYesu.

  • Wena nabantwana bakho nisenokuhombisa iKrismesi eninokuyisebenzisa ukuze niqalise incoko engoYesu Kristu. Mhlawumbi ungathetha ngendlela inkwenkwezi yeKrisimesi, izibane, okanye isipho esikhumbuza ngoMsindisi. Emva koko unokukhangela into ethile efuzisela uYesu Kristu kwisibhalo esinye okanye ngaphezulu kwezilandelayo: Genesis 22:8; Numeri 24:17; INdumiso 23:1; 27:1. Mhlawumbi abantwana bakho banokuphakamisa umfanekiso okanye umhombiso ohamba nevesi nganye xa beyifunda. UYesu ufana njani nemvana, inkwenkwezi, umalusi okanye ukukhanya? Cinga ngokucula ingoma yeKrisimesi kunye, efana ne “Stars were Gleaming” (Children’s Songbook, 37).

  • Abantwana bakho banokujonga umfanekiso osekupheleni kolu lwandlalo njengoko ubafundela u-Isaya 9:6 . Cela abantwana bakho balathe kusana olunguYesu xa besiva ibinzana elithi “kuzelwe umntwana.” Yabelana ngobungqina bakho bokuba abaprofeti kwiTestamente eNdala babesazi ukuba uYesu wayeza kuzalwa.

  • Njengokuba ulungiselela ukufunda ubomi bukaYesu Krestu kwiTestamente eNtsha kulo nyaka uzayo, cinga ngokuphinda-phinda kunye nabantwana bakho abakufundileyo Ngaye kulo nyaka kwiTestamente eNdala. Usenokuhlolisisa ulwandlalo olukolu vimba kunye nawo nawaphi na amanqaku ofundisiso lobuqu ukuze akuncede ukhumbule oko ukufundileyo. Abantwana abancinci banokuzuza ngokujonga amabali eTestamente eNdala okanye imifanekiso ku Yizani, Nindilandele. Ziziphi iziprofeto okanye amabali ayebalasele? Sifunde ntoni ngoMsindisi?

Izithethe zeKrismesi zinokusalatha kuYesu Krestu.

  • Iintsapho zamaSirayeli zazinazo izithethe, ezifana nePasika kunye nezinye izidlo, ezazenzelwe ukuba zalathise iintliziyo zawo neengqondo zawo kwiNkosi (bona Eksodus 12). Ziziphi izithethe eninazo wena nabantwana bakho ngeKrismesi ezikunceda unike ingqalelo kuYesu Krestu? Zeziphi izithethe ozaziyo eziphuma kwimbali yosapho lwakho? Unokucinga ngokuxoxa nabantwana bakho ngezithethe ofuna ukuziqala. Ezinye iimbono zinokubandakanya ukukhonza umntu osweleyo, ukukhetha into oya kuyinikela “njengesipho” kuMsindisi, umeme umhlobo wakho ukuba abukele ukuzinikela kweKrisimesi koBongameli BokuQala kunye nawe (broadcasts.ChurchofJesusChrist.org), ukubhala eyakho ingoma yeKrisimesi, okanye ukufumana indlela enobuchule yokwabelana ngomyalezo wokuzalwa kukaKrestu.

Ekhaya, ukufunda nokuphila akunakwahlulwa. “Ivangeli ithatha ukuphathelela kwangoko ekhayeni. Apho abantu ofunda nabo ivangeli ngabantu oyakuyiphila nabo—yonke imihla. Enyanisweni, ixesha elininzi, ukuphila ivangeli yindlela esifunda ngayo ivangeli. Ke njengokuba ufunda kwaye ufundisa ivangeli ekhaya, khangela iindlela zokunxulumanisa okufundayo noko ukwenzayo. Kwikhaya lakho, ivangeli mayibe yinto ozamela ukuphila ngayo, ingabi yinto nje othetha ngayo” (Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi31).

umfanekiso wokuZalwa kukaYesu

UMzobo wokuZalwa kukaYesu, ngu-Ethan Brown

UBawo waseZulwini undinike isipho soNyana waKhe ukuba abe nguMsindisi wam.

  • Ungabanceda njani abantwana bakho ukuba bayive intlonipho novuyo lokuzalwa kukaKrestu? Nisenokubukela ividiyo ethi “The Christ Child” (Ithala leencwadi zeVangeli) okanye nifunde kunye uMateyu 1:18–25; 2:1–12; Luka 1:26–38; 2:1–20. Umntwana ngamnye angakhetha umntu kwividiyo okanye kwingxelo yezibhalo kwaye abelane ngendlela loo mntu aziva ngayo ngoMsindisi. Emva koko ninokwabelana omnye nomnye ngeemvakalelo zenu ngaYe.

    17:57

    The Christ Child

  • Mhlawumbi wena nabantwana bakho ninokuthetha ngezipho eniziphe okanye eniye nazifumana kwiminyaka edlulileyo eziye zazisa uvuyo. Emva koko ninokufunda u-Isaya 25:9 kunye nize nithethe ngesizathu zokuba nivuye kuba uBawo waseZulwini ethumele thina uMsindisi. Ukunceda abantwana bakho bayiqonde ngcono indima kaYesu Krestu njengoMsindisi wethu, bacele ukuba bafunde uIsaya 25:8–9; 53:3–5; naku Hoseya 13:14. Ezi zibhalo zisifundisa ntoni ngendlela iNkosi esisindisa ngayo?

  • Nisenokuphinda nicule ingoma yeKrisimesi kunye, efana nethi “Away in a Manger” (Incwadi yeeNgoma yaBantwana, 42–43) okanye “O Little Town of Bethlehem” (Amaculo, no. 208). Nceda abantwana bakho bafumane amabinzana kwingoma ebanceda bazi ukuba uBawo waseZulwini kunye noYesu Krestu bayabathanda.

Ngokungambi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi UMhlobo.

umfanekiso wokuZalwa kukaYesu

The Nativity, nguN. C. Wyeth

iphepha lomsebenzi wePrayimari: ITestamente eNdala indifundisa ngoYesu